Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Hamba NoThixo, Uze Uvune Okulungileyo

Hamba NoThixo, Uze Uvune Okulungileyo

Hamba NoThixo, Uze Uvune Okulungileyo

“Ngumoya aqhubeka ewuhlwayela, yaye uya kuvuna umoya wesaqhwithi.”—HOSEYA 8:7.

1. Sinokuhamba njani noYehova?

 UKUBA ubuhamba kummandla oyingozi, ubuya kuziva ukhuselekile ukuba ubuhamba nomntu oyazi kakuhle loo ndlela. Bekuya kuba bubulumko ukuhamba nomntu onjalo kunokuhamba wedwa. Ngandlel’ ithile, oku kuyizekelisa kakuhle imeko esikuyo. Ngokungathi kunjalo, uYehova ufuna ukusikhokela kwinkqantosi elihlabathi elingendawo esiphila kulo. Kububulumko ukuhamba naye kunokuzama ukwalathisa amanyathelo ethu. Sinokuhamba njani noThixo? Ngokulandela ulwalathiso olufumaneka kwiLizwi lakhe.

2. Yintoni eza kuqwalaselwa kweli nqaku?

2 Inqaku elandulelayo lithethe ngomdlalo wokomfuziselo ofumaneka kwincwadi kaHoseya isahluko 1 ukusa kwesesi-5. Njengokuba sibonile, loo mdlalo unemfundiso enokusinceda sihambe noThixo. Ngoku makhe sithethe ngeengongoma ezibalaseleyo ezifumaneka kwisahluko 6 ukusa kwese-9. Kuya kuba luncedo ukuba siqale sithi gqaba gqaba ngezi zahluko zine.

Amagqabantshintshi

3. Khawuthi gqaba gqaba nje ngoko kuqulethwe yincwadi kaHoseya isahluko 6 ukusa kwese-9.

3 UYehova wathuma uHoseya ukuba aprofete ngokuyintloko kubukumkani basentla bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli. Eso sizwe, esikwabizwa ngokuba nguEfrayim ngenxa yendlu eyiyeyona inkulu kuso, sasimfulathele uThixo. UHoseya isahluko 6 ukusa kwese-9, sifunda ukuba abantu bazingqina benganyanisekanga ngokuwutyeshela umnqophiso kaYehova baze benze ubungendawo. (Hoseya 6:7) Benza izivumelwano nabantu behlabathi kunokubuyela kuYehova. Ngenxa yokuba babeqhubeka betyala okubi, babeza kuvuna ububi. Ngamany’ amazwi, kungekudala babeza kohlwaywa. Kodwa ke, isiprofeto sikaHoseya sinaso nesigidimi sethemba esivuyisayo. Abantu baqinisekiswa ukuba babenokubuyela kuYehova baze benzelwe inceba ukuba nje babenokuguquka ngokunyanisekileyo.

4. Ziziphi izifundo eziluncedo esiza kuziqwalasela ezifumaneka kwisiprofeto sikaHoseya?

4 Kwezi zahluko zine zesiprofeto sikaHoseya, sinokufumana ulwalathiso olungakumbi oluya kusinceda sihambe noThixo. Makhe siqwalasele izifundo ezine eziza kusinceda: (1) Inguquko yokwenene ayipheleli nje emlonyeni, kodwa ibonakala ngezenzo; (2) uThixo akakholiswa yimibingelelo yodwa; (3) uYehova uba buhlungu xa abanquli bakhe bemshiya; kwaye (4) ukuze sivune okulungileyo, simele sihlwayele okulungileyo.

Indlela Yokubonakalisa Inguquko Yokwenene

5. Chaza umongo wamazwi akuHoseya 6:1-3.

5 Kwisiprofeto sikaHoseya sifundisa okuninzi ngenguquko nenceba. KuHoseya 6:1-3, sifunda la mazwi: “Yizani, sibuyele kuYehova, kuba uqwengile kodwa uya kusiphilisa. Waqhubeka exabela, kodwa uya kusibopha. Uya kusenza siphile emva kweentsuku ezimbini. Ngosuku lwesithathu uya kusiphakamisa, yaye siya kuphila phambi kwakhe. Yaye siya kwazi, siya kukusukela ukwazi uYehova. Njengesifingo, ukuphuma kwakhe kumiselwa ngokuqinileyo. Yaye uya kuza njengokugaleleka kwemvula kuthi; njengemvula yasentwasahlobo enyakamisa umhlaba.”

6-8. Yintoni le eyayiphosakele ngenguquko kaSirayeli?

6 Ngubani owathetha la mazwi abhalwe kwezi ndinyana? Abanye bathi yayingamaSirayeli angathembekanga, yaye bathi abo bantu batenxileyo babezenza ngathi baguqukile, bexhaphaza inceba kaThixo. Noko ke, abanye bathi ngumprofeti uHoseya owayethetha la mazwi, ecenga abantu ukuba babuyele kuYehova. Enoba ngubani na owathetha loo mazwi, umbuzo obalulekileyo ngulo, Ngaba izizwe ezilishumi zobukumkani bukaSirayeli zabuyela kuYehova, zibonakalisa inguquko yokwenene? Akunjalo. UYehova uthuma uHoseya ukuba athi: “Ndiya kwenza ntoni na kuwe, Efrayim? Ndiya kwenza ntoni na kuwe, Yuda, xa ububele bothando benu bunjengamafu akusasa nanjengombethe omka ekuseni?” (Hoseya 6:4) Oku kwabonisa indlela ababenxaxhe ngayo ngokomoya abantu bakaThixo. Ububele bothando, okanye uthando olunyanisekileyo lwaluthe shwaka—njengenkungu ekhawuleza ithi shwaka kwakuphuma ilanga. Nangona abantu babezenza ngathi baguqukile, uYehova akazange asibone isizathu sokubenzel’ inceba. Yintoni le yayixabile?

7 USirayeli wayengaguqukanga ngokusuk’ entliziyweni. KuHoseya 7:14, uYehova, engakholisekanga ngabantu bakhe uthi: “Abamemezanga kum ukucela uncedo ngentliziyo yabo, nangona babeqhubeka bebhomboloza kwiimandlalo zabo.” Indinyana 16 yongezelela isithi: “Baye babuya, kodwa ababuyelanga kophezulu”—oko kukuthi, njengoko (umbhalo osemazantsi weNW enembekiselo) usitsho, “ababuyelanga kunqulo oluphakamileyo.” Abantu babengakulungelanga ukubuyela kunqulo oluphakamileyo lukaYehova ngokwenza iinguqulelo eziyimfuneko ukuze bakhe ubuhlobo babo naye kwakhona. Enyanisweni, babengakufuni ngokwenene ukuhamba noThixo.

8 Kwakukho nenye ingxaki ngenguquko kaSirayeli. Abantu babesaqhubeka besenza isono—enyanisweni, intaphane yezono—ezaziquka ubuqhetseba, ukubulala, ubusela, ukunqula izithixo, ukwenza izivumelwano ezingezozabulumko nezinye iintlanga. KuHoseya 7:4, aba bantu bafaniswa ‘neziko,’ okanye ioveni yombhaki, ekubonakala ukuba oku kwakungenxa yeenkanuko eziphosakeleyo ezazivutha ngaphakathi kubo. Xa sijonga loo meko ilisikizi yokomoya ababekuyo, ngaba aba bantu babefanele benzelwe inceba? Nakanye! UHoseya uxelela aba bantu banemvukelo ukuba uYehova uya “kusikhumbula isiphoso sabo” aze ‘azinikele ingqalelo izono zabo.’ (Hoseya 9:9) Babengayi kuyichola naphantsi inceba yakhe!

9. Yintoni esiyifunda kumazwi kaHoseya ngenguquko nenceba?

9 La mazwi kaHoseya asifundisa ntoni ngokuguquka nangenceba? Umzekelo osisilumkiso wamaSirayeli angenalukholo usifundisa ukuba xa sifuna inceba kaYehova, simele siguquke ngokunyanisekileyo. Inguquko enjalo ibonakaliswa njani? UYehova akaqhathwa ziinyembezi zenkawu okanye ngamazwi nje. Inguquko yokwenene ibonakala ngezenzo. Ukuze umenzi wobubi enzelwe inceba, umele asishiye ngokupheleleyo isono abesenza aze aphile ngemilinganiselo ephakamileyo yonqulo lukaYehova oluzukileyo.

Imibingelelo Iyodwa Ayimkholisi UYehova

10, 11. Kanye njengokuba kuboniswe kwimeko kaSirayeli, kutheni imibingelelo iyodwa ingamkholisi uYehova?

10 Ngoku makhe sithethe ngesifundo sesibini esinokusinceda sihambe noYehova. Nasi ke esi sifundo: UThixo akakholiswa yimibingelelo yodwa. KuHoseya 6:6 uthi: “[Mna Yehova] ndiyoliswa bububele bothando, kungekhona imibingelelo; ndiyoliswa kukwazi uThixo kuneminikelo etshiswa kuphele.” Phawula ukuba uYehova uyoliswa bububele bothando—okanye uthando olunyanisekileyo oluluphawu olusuka entliziyweni—nakukumazi. Mhlawumbi uyazibuza: ‘Kutheni le ndinyana isithi uYehova akayoliswa ‘yimibingelelo neminikelo etshiswa kuphele’? Zazingeyomfuneko na kanti ezi zinto kuMthetho kaMoses?’

11 Kunjalo kanye, imibingelelo neminikelo yayifuneka kuMthetho. Noko ke, abantu ababephila ngomhla kaHoseya babenengxaki enzulu. Kubonakala ukuba, kwakukho amaSirayeli awayesele eyenza njee loo minikelo ukuze abonakale ezinikele. Ukanti, kwelinye icala, ayeqhubeka esona. Ngokona kwawo ayebonisa ukuba iintliziyo zawo zazingenalo uthando olunyanisekileyo. Kwakhona ayebonisa ukuba ayengalufuni ulwazi ngoThixo, kuba ayengaphili ngokuvisisana nalo. Xa iintliziyo zabantu zazinganyanisekanga yaye bengaphili ngendlela efanelekileyo, yayiya kunceda ntoni loo minikelo yabo? Loo minikelo yayimcaphukisa uYehova uThixo.

12. Sisiphi isilumkiso esifumaneka kuHoseya 6:6?

12 Amazwi kaHoseya asisilumkiso kumarhamente amaninzi namhlanje. Anikela kuThixo ngokwenza imisebenzi nezithethe zonqulo. Noko ke, unqulo lwawo lunempembelelo encinane, ukuba lunayo kwaukuba nayo kwindlela aziphatha ngayo imihla ngemihla. Ngaba abantu abanjalo bamkholisa ngokwenene uThixo ukuba iintliziyo zabo azibenzi bangenise ulwazi oluchanileyo ngaye baze balusebenzise olo lwazi ngokuphepha ukwenza isono? Ungaze ucinge ukuba imisebenzi yonqulo iyodwa nje iyamkholisa uThixo. UYehova akakholiswa ngabantu abathi kunokuba baphile ngeLizwi lakhe, benze nje inkwalambisa yonqulo.—2 Timoti 3:5.

13. Luhlobo olunjani lwemibingelelo esiyinikelayo, kodwa yintoni esifanele siyikhumbule ukuze yamkeleke?

13 Nathi njengamaKristu okwenyaniso, simele sikhumbule ukuba uThixo akakholiswa yimibingelelo nje kuphela. Liyinyaniso elokuba asisamenzeli uYehova imibingelelo yezilwanyana. Sekunjalo, “sinikela kuThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo semilebe evakalisa ekuhleni igama lakhe.” (Hebhere 13:15) Kubalulekile ukuba singabi njengamaSirayeli awayenesono omhla kaHoseya, sicinge ukuba sinokuzihlawulela iziphoso esizenzayo ngokunikela kuThixo imibingelelo. Ngokomzekelo, enye intombazana yayiyifihla into yokuba iziphatha kakubi ngokwesini. Kamva yavuma isithi: “Ndaba ngathi ndiyaqinisa entsimini, ndicinga ukuba ngandlel’ ithile oko kuya kusigubungela eso sono ndandisenza.” AmaSirayeli atenxileyo ayezama ukwenza kanye loo nto. Noko ke, umbingelelo wethu wendumiso wamkeleka kuYehova kuphela xa siwenza sineenjongo ezifanelekileyo kwaye siziphethe ngendlela ebonisa ukuba siyamhlonela uThixo.

UYehova Uba Buhlungu Xa Abakhonzi Bakhe Bemshiya

14. Isiprofeto sikaHoseya sityhila ntoni ngendlela uThixo avakalelwa ngayo?

14 Isifundo sesithathu esisifumana kuHoseya isahluko 6 ukusa kwese-9 siphathelele indlela uYehova avakalelwa ngayo xa abanquli bakhe bemshiya. UThixo ungqongqo kodwa uyakwazi nokuthantamisa. Uyabathantamisa yaye uyavuya xa abathile beguquka ezonweni zabo. Noko ke, xa abantu bakhe bengaguquki, ubohlwaya ngokuqatha. Ekubeni uThixo esixhalabele ngokunzulu, kuyamvuyisa ukusibona sihamba naye ngokuthembeka. INdumiso 149:4 ithi: “UYehova uyakholiswa ngabantu bakhe.” Phofu ke, uYehova uvakalelwa njani xa abakhonzi bakhe bengathembekanga?

15. Ngokutsho kukaHoseya 6:7, yintoni eyayisenziwa ngamanye amaSirayeli?

15 Ethetha ngamaSirayeli angathembekanga, uYehova uthi: “Bona ngokwabo, njengomntu wasemhlabeni, bawugqithile umnqophiso. Kukho apho baqhubene ngobuqhophololo nam.” (Hoseya 6:7) Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “baqhubene ngobuqhophololo” likwathetha ukuthi “benze amaqhinga, ukungathembeki.” KuMalaki 2:10-16, kwaeli gama linye lisetyenziswa ukuchaza ukunganyaniseki kwamaSirayeli awayengathembekanga kumaqabane awo omtshato. Ngokuphathelele ukusetyenziswa kweli binzana kuHoseya 6:7, enye incwadi ithi “ukwenza umzekelo ngomtshato kulwenza olo lwalamano lubonakale lulolwabantu . . . Le nto iba yingxaki yobuqu, apho elinye iqabane liye laphelelwa luthando.”

16, 17. USirayeli wenza ntoni ngokuphathelele umnqophiso uThixo awenza nolo hlanga? (b) Yintoni esifanele siyikhumbule ngokuphathelele izinto esizenzayo?

16 UYehova wayemgqala uSirayeli njengomfazi wakhe wokomfuziselo ngenxa yomnqophiso awayewenze nolo hlanga. Ngoko xa abantu bakhe babewaphula loo mnqophiso, kwakunjengokuba babekrexeza. UThixo wayenjengomyeni othembekileyo, kodwa abantu bakhe bamshiya!

17 Kuthekani ngathi? Enoba sihamba noThixo okanye siyamshiya, oko kuyamchaphazela. Singaze silibale ukuba “uThixo uluthando” kwaye izinto esizenzayo ziyayichaphazela indlela avakalelwa ngayo. (1 Yohane 4:16) Ngoko ukuba silandela ikhondo elibi, simvisa ubuhlungu uYehova yaye ngokuqinisekileyo oko akusayi kumkholisa. Ukucinga ngaloo nto kunokusikhusela kuze kusincede singanikezeli kwizilingo.

Indlela Esinokuvuna Ngayo Okulungileyo

18, 19. Nguwuphi umgaqo ofumaneka kuHoseya 8:7 yaye wazaliseka njani kumaSirayeli?

18 Makhe siqwalasele into yesine esiyifunda kwisiprofeto sikaHoseya—indlela esinokukuvuna ngayo okulungileyo. Xa ebhala ngobudenge bekhondo elalilandelwa nguSirayeli, uHoseya uthi: “Ngumoya aqhubeka ewuhlwayela, yaye uya kuvuna umoya wesaqhwithi.” (Hoseya 8:7) Lo mprofeti uchaza umgaqo esifanele sihlale siwukhumbula ongulo: Kukho ulwalamano olungqalileyo phakathi koko sikwenzayo ngoku noko kuza kwenzeka kuthi kwixesha elizayo. Lo mgaqo wangqineka uyinyaniso njani kumaSirayeli angathembekanga?

19 Ngokuqhubeka kwawo esona, loo maSirayeli ayetyala okubi. Ngaba ayenokuqhubeka esenza loo nto aze angohlwaywa? Unotshe! UHoseya 8:13 uthi: “Ngoko [uYehova] uya kusikhumbula isiphoso sakhe amphendulise ngezono zakhe.” Kwaye kuHoseya 9:17, sifunda la mazwi: “UThixo wam uya kumgatya, kuba akamphulaphulanga, yaye uya kuba yimbacu phakathi kweentlanga.” Ewe, uYehova wayeya kuwaphendulisa amaSirayeli ngezono zawo. Ngenxa yokuba babeye bahlwayela okubi, babeya kuvuna okubi. Afikelwa nguloo mgwebo kaThixo ngowama-740 B.C.E. xa ama-Asiriya abhukuqa ubukumkani bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli aza athimba abemi bazo.

20. Kusifundisa ntoni oko kwenzeka kumaSirayeli?

20 Okwenzeka kuloo maSirayeli kusifundisa inyaniso engenakuphepheka: Siya kukuvuna oko sikuhlwayelayo. ILizwi likaThixo liyasilumkisa: “Ningalahlekiswa: UThixo akanakwenziwa intlekisa. Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.” (Galati 6:7) Ukuba sihlwayela okubi, siya kuvuna okubi. Ngokomzekelo, abo baphila ubomi bokuziphatha okubi baya kuyicel’ ivuthiwe. Yaye umoni ongaguqukiyo uya kuvun’ inkunzane.

21. Yintoni esimele siyenze ukuze sivune okulungileyo?

21 Kodwa sinokwenza njani ukuze sivune okulungileyo? Loo mbuzo sinokuwuphendula ngomzekeliso olula. Ukuba umlimi ufuna ukuvuna umbona, ngaba ebeya kutyala ingqolowa? Akunjalo! Umlimi uyazi ukuba umele atyale oko afuna ukukuvuna. Ngokufanayo ke, ukuba sifuna ukuvuna okulungileyo, simele sityale okulungileyo. Ngaba ufuna ukuqhubeka uvuna okulungileyo—uphila ubomi obonwabisayo nobanelisayo kwaye unethemba lokuphila ubomi obungunaphakade kwihlabathi likaThixo elitsha? Ukuba kunjalo, umele uqhubeke utyala okulungileyo ngokuhamba noThixo nangokuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe yobulungisa.

22. Sifunde ntoni kuHoseya isahluko 6 ukusa kwese-9?

22 KuHoseya isahluko 6 ukusa kwese-9, siye safunda izinto ezine ezinokusinceda sihambe noThixo: (1) Inguquko yokwenene ibonakaliswa ngezenzo; (2) uThixo akakholiswa yimibingelelo yodwa; (3) uYehova uva ubuhlungu xa abanquli bakhe bemshiya; yaye (4) ukuze sivune okulungileyo, simele sityale okulungileyo. Izahluko ezihlanu zokugqibela zale ncwadi yeBhayibhile zinokusinceda njani sihambe noThixo?

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Inguquko yokwenene ibonakaliswa njani?

• Kutheni uBawo wethu osezulwini engakholiswa yimibingelelo kuphela?

• UThixo uvakalelwa njani xa abanquli bakhe bemshiya?

• Yintoni esifanele siyityale ukuba sifuna ukuvuna okulungileyo?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Njengamafu ekuseni, uthando olunyanisekileyo lukaSirayeli lwathi shwaka

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Iminqweno emibi kaSirayeli yayivutha njengeziko lomlilo

[Umfanekiso okwiphepha 24]

Kwakutheni ukuze uYehova angayamkeli imibingelelo yabantu bakhe?

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Ukuze sivune okulungileyo, simele sityale okulungileyo