Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Iindlela ZikaYehova Zithe Tye”

“Iindlela ZikaYehova Zithe Tye”

“Iindlela ZikaYehova Zithe Tye”

“Iindlela zikaYehova zithe tye, yaye amalungisa aya kuhamba ngazo.”—HOSEYA 14:9.

1, 2. UYehova wayewanike amaSirayeli isiqalo esinjani, kodwa kwenzeka ntoni kuwo?

 UYEHOVA wenza ukuba amaSirayeli abe nesiqalo esithe tye ngemihla yomprofeti uMoses. Noko ke, ngasebutsheni benkulungwane yesibhozo Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, imeko yawo yayimbi kangangokuba uThixo wawafumanisa enetyala lezono ezimasikizi. Oku kucaca xa sihlolisisa oko kubhalwe kuHoseya isahluko 10 ukusa kwese-14.

2 Intliziyo kaSirayeli yayihanahanisa. Abantu bobukumkani bezizwe ezilishumi ‘babelima ubungendawo’ baze bavune ububi. (Hoseya 10:1, 13) UYehova wathi: “Xa uSirayeli wayeyinkwenkwe, ndamthanda, yaye ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.” (Hoseya 11:1) Nangona uThixo wayewakhulule amaSirayeli kubukhoboka baseYiputa, ambuyekeza ngokuxoka nangokuqhatha. (Hoseya 11:12) UYehova wamyala esithi: “Ufanele ubuyele kuThixo wakho, ugcine ububele bothando nokusesikweni.”—Hoseya 12:6.

3. Kwakuza kwenzeka ntoni kwiSamariya enemvukelo, kodwa yintoni ekwakufuneka ayenze amaSirayeli ukuze enzelwe inceba?

3 ISamariya kunye nokumkani wayo owayenemvukelo babeza kufel’ emanyaleni. (Hoseya 13:11, 16) Kodwa isahluko sokugqibela sesiprofeto sikaHoseya siqalisa ngesi sibongozo: “Buya, Sirayeli, uze kuYehova uThixo wakho.” Ukuba amaSirayeli ayenokuguquka aze acele uxolo, uThixo wayeya kuwenzela inceba. Phofu ke, kwakufanele avume ukuba “iindlela zikaYehova zithe tye,” aze ahambe ngazo.—Hoseya 14:1-6, 9.

4. Yiyiphi imigaqo esiza kuyiqwalasela kwisiprofeto sikaHoseya?

4 Eli candelo lesiprofeto sikaHoseya linemigaqo emininzi enokusinceda ukuze sihambe noThixo. Siza kuqwalasela le ilandelayo: (1) uYehova ufuna unqulo olungenaluhanahaniso, (2) UThixo ubonisa uthando olunyanisekileyo kubantu bakhe, (3) sifanele sithembele kuYehova ngamaxesha onke, (4) Indlela zikaYehova zisoloko zithe tye, yaye (5) aboni banokubuyela kuYehova.

UYehova Ufuna Unqulo Olungenaluhanahaniso

5. UThixo ulindele ukuba simnqule njani?

5 UYehova ulindele ukuba sinikele inkonzo engcwele kuye ngendlela ehlambulukileyo nengenaluhanahaniso. Noko ke, uSirayeli ‘ngumdiliya ongcakachileyo’ ongavelisi siqhamo. Abemi bolo hlanga ‘bandisa izibingelelo’ ababeza kuzisebenzisa kunqulo lobuxoki. Aba bawexuki bada bamisa iintsika—mhlawumbi amatye ambombone ezikhumbuzo awayesetyenziselwa unqulo olungcolileyo. UYehova wayeza kuziqhekeza ezo zibingelelo aze azitshabalalise ezo ntsika.—Hoseya 10:1, 2.

6. Ukuze sihambe noThixo, luluphi uphawu esifanele siluphephe?

6 UYehova akafuni ukuba abakhonzi bakhe babe ngabahanahanisi. Kodwa yintoni eyenzeka kumaSirayeli? Kaloku, ‘intliziyo yawo yayinohanahaniso’! Nangona ayenze umnqophiso noYehova njengohlanga olwaluzinikele kuye, wawafumanisa enetyala lokuhanahanisa. Yintoni esinokuyifunda kule nto? Ukuba siye sazahlulela kuThixo, asimele sibe ngabahanahanisi. IMizekeliso 3:32 ilumkisa isithi: “Umntu otenxayo uyinto ecekisekayo kuYehova, kodwa ukusondelelana Naye kokwabo bathe tye.” Ukuze sihambe noThixo, simele sibonise uthando “oluphuma kwintliziyo ehlambulukileyo noluphuma kwisazela esilungileyo noluphuma kukholo olungenaluhanahaniso.”—1 Timoti 1:5.

UThixo Ubonakalisa Uthando Olunyanisekileyo Kubantu Bakhe

7, 8. (a) Uthando olunyanisekileyo lukaThixo sinokulufumana kwiziphi iimeko? (b) Yintoni esifanele siyenze ukuba senze isono esinzulu?

7 Ukuba sinqula uYehova singahanahanisi nangendlela ethe tye, uya kusibonisa ububele bothando, okanye uthando olunyanisekileyo. USirayeli otenxileyo waxelelwa oku: “Zihlwayelele imbewu ngobulungisa; vuna ngokuvumelana nobubele bothando. Zikhubeleleni umhlaba olimekayo, xa kukho ixesha lokumfuna uYehova de afike aze anikele uyalelo lobulungisa kuni.”—Hoseya 10:12.

8 Akwaba amaSirayeli ebenokuguquka aze amfune uYehova! Wayeya kwandule ke ‘awanike uyalelo lobulungisa.’ Ukuba siye senza isono esinzulu, masimfune uYehova, sithandaze kuye sicela ukuba asixolele kwaye sicele noncedo kubadala abangamaKristu. (Yakobi 5:13-16) Sifanele sifune nokhokelo lomoya oyingcwele kaThixo, kuba “loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona; kuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama uya kuvuna ukonakala ngokwasenyameni, kodwa lowo uhlwayelela umoya uya kuvuna ubomi obungunaphakade ngokwasemoyeni.” (Galati 6:8) Ukuba ‘sihlwayelela umoya,’ siya kuqhubeka sizuza uthando lukaThixo olunyanisekileyo.

9, 10. UHoseya 11:1-4 usebenza njani kuSirayeli?

9 Sinokuqiniseka ukuba uYehova usoloko ebaphatha ngothando abantu bakhe. Ubungqina baloo nto sibufumana kuHoseya 11:1-4, othi: “Xa uSirayeli wayeyinkwenkwe, ndamthanda, yaye ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa. . . . Wabingelela kwimifanekiso kaBhahali, waza waqhumisa kwimifanekiso eqingqiweyo. Kodwa mna, ndamfundisa ukuhamba uEfrayim [amaSirayeli], ndamphatha ngeengalo zam; yaye akazange aqonde ukuba ndimphilisile. Ndamtsala ngeentsontelo zomntu wasemhlabeni, ngeentambo zothando, ukuze kuye ndibe njengabo baphakamisa idyokhwe emihlathini yabo, yaye ngothantamiso ndazisa ukutya kuye ngamnye.”

10 Apha uSirayeli ufaniswa nomntwana omncinane. Ngothando uYehova wawafundisa ukuhamba amaSirayeli, ewafunqula ngeengalo zakhe. Ibe waqhubeka ewatsala “ngeentambo zothando.” Lo ngumbono ochukumisa ngokwenene. Yiba nomfanekiso wakho ungumzali, ufundisa umntwana wakho omncinane ukuhamba. Wolule iingalo. Usenokude usebenzise iintambo ukuze umntwana wakho abambelele kuzo, angawi. Injalo kanye ke indlela uYehova akuthanda nakuthantamisa ngayo. Uyakuvuyela ukukukhokela “ngeentambo zothando.”

11. UThixo waba ‘njengomntu ophakamisa idyokhwe’ njani?

11 Xa wayeqhubana namaSirayeli, uYehova waba “njengabo baphakamisa idyokhwe emihlathini yabo, yaye ngothantamiso [wazisa] ukutya kuye ngamnye.” UThixo wafana nomntu owayesusa okanye owayeshenxisa idyokhwe ukuze isilwanyana sikwazi ukutya kakuhle. Emva kokuba amaSirayeli eyisusile idyokhwe yokuthobela uYehova, acinezelwa ziidyokhwe zeentshaba zawo. (Duteronomi 28:45, 48; Yeremiya 28:14) Ngamana singangaze sithiwe nqo ngempumlo lutshaba lwethu oluphambili, uSathana, nto leyo eya kusenza sive iintlungu zedyokhwe yakhe ecinezelayo. Kunoko, masiqhubeke sihamba noThixo wethu onothando.

Thembela KuYehova Ngalo Lonke Ixesha

12. Ngokutsho kukaHoseya 12:6, yintoni efunekayo ukuze siqhubeke sihamba noThixo?

12 Ukuze sihambe noThixo, simele sithembele kuye ngalo lonke ixesha. Kwathiwa kumaSirayeli: “Wena ke, ufanele ubuyele kuThixo wakho, ugcine ububele bothando nokusesikweni; yaye hlala uthembele kuThixo wakho rhoqo.” (Hoseya 12:6) Abemi bakwaSirayeli babenokubonisa ukuba bayaguquka baze babuyele kuYehova ngokubonakalisa ububele bothando, ngokwenza okusesikweni, ‘nangokuthembela kuThixo rhoqo.’ Kwanokuba besihamba noThixo ngokuthembeka kangangexesha elingakanani, simele sizimisele ukubonakalisa ububele bothando, senze okusesikweni, kwaye sithembele kuThixo rhoqo.—INdumiso 27:14.

13, 14. UPawulos umsebenzisa njani uHoseya 13:14, yaye oko kusinika siphi isizathu sokuthembela kuYehova?

13 Isiprofeto sikaHoseya esiphathelele amaSirayeli sisinika isizathu esikhethekileyo sokuthembela kuThixo. UYehova wathi: “Ndiya kumkhulula esandleni seShiyol; ekufeni ndiya kumkhulula. Luphi na ulwamvila lwakho, Kufa? Kuphi na ukutshabalalisa kwakho, Shiyol?” (Hoseya 13:14) UYehova wayengayi kuwahlangula amaSirayeli ekufeni ngelo xesha, kunoko, ekugqibeleni uYehova wayeya kukuginya ukufa aze aphelise namandla okufa.

14 Ebhalela amanye amaKristu athanjisiweyo, uPawulos wacaphula isiprofeto sikaHoseya waza wathi: “Xa oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali noku kufayo kwambatha ukungafi, liya kwandula ke lenzeke ilizwi elibhaliweyo kwathiwa: ‘UKufa kuginywe ngonaphakade.’ ‘Kufa, luphi na uloyiso lwakho? Kufa, luphi na ulwamvila lwakho?’ Ulwamvila oluvelisa ukufa sisono, kodwa amandla esono nguMthetho. Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu!” (1 Korinte 15:54-57) UYehova wamvusa uYesu kwabafileyo, esinika isiqinisekiso sokuba abantu abakwinkumbulo Yakhe baya kuvuswa. (Yohane 5:28, 29) Esi sisizathu esihle sokuthembela kuYehova. Noko ke, ngaphandle kwethemba lovuko, ikho nenye into esikhuthaza ukuba sihambe noThixo.

Iindlela ZikaYehova Zisoloko Zithe Tye

15, 16. Yintoni eyaprofetwa ngeSamariya, yaye eso siprofeto sazaliseka njani?

15 Ukukholelwa kwethu ngokupheleleyo ukuba “indlela zikaYehova zithe tye” kusinceda siqhubeke sihamba noThixo. Abemi baseSamariya babengahambi ngeendlela zikaThixo zobulungisa. Ngenxa yoko, babeya kuyiva imiphumo yesono sabo nokungabi nalukholo kwabo kuYehova. Kwaprofetwa kwathiwa: “ISamariya iya kugqalwa inetyala, kuba inemvukelo nxamnye noThixo wayo. Iya kuwa likrele. Abantwana bayo baya kutyunyuzwa, nabafazi bayo abamithiyo baya kuqhaqhwa.” (Hoseya 13:16) Iingxelo zibonisa ukuba ama-Asiriya, awoyisa iSamariya, enza amasikizi anjalo.

16 ISamariya yayilikomkhulu lobukumkani bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli. Noko ke, apha igama elithi Samariya lisetyenziswa ukubhekisa kuwo wonke umhlaba wobo bukumkani. (1 Kumkani 21:1) UKumkani uShalmanesere V waseAsiriya wasingqinga isixeko saseSamariya ngowama-742 B.C.E. Xa ekugqibeleni iSamariya yawa ngowama-740 B.C.E., uninzi lweendwalutho zayo lwathunyelwa elubhacweni eMesopotamiya nakwelamaMedi. Akuqinisekwanga enoba nguShalmanesere V okanye ngowangena ezihlangwini zakhe uSargon II owoyisa iSamariya. (2 Kumkani 17:1-6, 22, 23; 18:9-12) Noko ke, iingxelo zikaSargon zibonisa ukuba amaSirayeli angama-27 290 agxothwa aza asiwa kummandla okumNtla womEfrati nakwelamaMedi.

17. Kunokuba siyidelele imigaqo kaThixo, yintoni esifanele siyenze?

17 Abemi baseSamariya bawufumana umvuzo wokungamthobeli uYehova nokungahambi ngeendlela zakhe ezithe tye. Nathi njengamaKristu azahluleleyo, siya kwehlelwa zizinto ezimbi ukuba siqhubeka sisenza isono, siyidela imilinganiselo kaThixo yobulungisa. Ngamana singangaze silandele elo khondo lingendawo! Kunoko, masisithobele isiluleko sompostile uPetros esithi: “Makungabikho namnye kuni obandezeleka ngenxa yokuba engumbulali okanye isela okanye umenzi-bubi okanye ugqada-mbekweni kwimicimbi yabanye abantu. Kodwa ukuba ubandezeleka njengomKristu, makangaziva eneentloni, kodwa makaqhubeke ezukisa uThixo ngalo elo gama.”—1 Petros 4:15, 16.

18. Yintoni esinokuyenza ukuze ‘sihlale sizukisa uThixo’?

18 ‘Siqhubeka sizukisa uThixo’ ngokuhamba ngeendlela zakhe ezigqibeleleyo kunokuba senze unothanda. UKayin wabulala ngenxa yokufuna ukwenza ukuthanda kwakhe ibe kuba engazange asithobele isilumkiso sikaYehova sokuba isono sasiza kumosela kungekudala. (Genesis 4:1-8) UBhileham wamkela intlawulo eyayivela kukumkani wakwaMowabhi kodwa wazama wancama ukuqalekisa uSirayeli. (Numeri 24:10) Kwaye uThixo wambulala umLevi ogama linguKora nabanye ngenxa yokuvukela kwabo igunya likaMoses noAron. (Numeri 16:1-3, 31-33) Ngokuqinisekileyo asifuni ‘kuhamba ngomendo kaKayin’ wokubulala, size sigxalathelane ukuya ‘kwikhondo lesiphoso sikaBhileham’ okanye sitshabalale ‘kwintetho yemvukelo kaKora.’ (Yude 11) Ukanti, ukuba sinokwenza isono, isiprofeto sikaHoseya siyasithuthuzela.

Aboni Banokubuyela KuYehova

19, 20. AmaSirayeli aguqukileyo ayenokunikela yiphi imibingelelo?

19 Kwanabo baye bakhubeka baza benza isono esinzulu banokubuyela kuYehova. KuHoseya 14:1, 2, sifumana esi sibongozo: “Buya, Sirayeli, uze kuYehova uThixo wakho, kuba ukhubekile ngesiphoso sakho. Thabathani amazwi nibuyele kuYehova. Yithini kuye nonke, ‘Sixolele isiphoso sethu; uze wamkele okulungileyo, yaye siya kunikela njengembuyekezo amathole eenkomo aziinkunzi, amazwi emilebe yethu.’”

20 AmaSirayeli aguqukileyo ayenokukwazi ukunikela kuThixo ‘amathole eenkomo aziinkunzi angamazwi emilebe yawo.’ Le yayiyimibingelelo yendumiso enyanisekileyo. UPawulos wayebhekisa kwesi siprofeto xa wabongoza amaKristu angamaHebhere ukuba ‘anikele kuThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo semilebe evakalisa ekuhleni igama lakhe.’ (Hebhere 13:15) Sinelungelo elikhethekileyo namhlanje lokunikela loo mibingelelo.

21, 22. Yintoni eyayiza kubuyiselwa kumaSirayeli aguqukileyo?

21 AmaSirayeli awashiya ikhondo lawo elitenxileyo aza abuyela kuThixo anikela kuye ‘amathole eenkomo aziinkunzi angamazwi emilebe yawo.’ Ngenxa yoko, abuyiselwa kwimeko entle ngokomoya kanye njengokuba uYehova wayethembisile. UHoseya 14:4-7 uthi: “[Mna Yehova] ndiya kukuphilisa ukungathembeki kwabo. Ndiya kubathanda ngokuzithandela, ngenxa yokuba umsindo wam ubuyile kuye. Ndiya kufana nombethe kuSirayeli. Uya kutyatyamba njengenyibiba, yaye endelisele iingcambu zakhe njengeLebhanon. Amasetyana akhe aya kunaba, isidima sakhe siya kuba njengesomnquma, yaye ivumba lakhe elimnandi liya kuba njengelaseLebhanon. Kwakhona baya kubuya bahlale emthunzini wakhe. Baya kulima ukudla okuziinkozo, yaye baya kumila amathupha njengomdiliya. Isikhumbuzo sakhe siya kuba njengewayini yaseLebhanon.”

22 AmaSirayeli aguqukileyo ayeya kuphiliswa ngokomoya aze uThixo aphinde awathande. UYehova wayeya kufana nombethe ohlaziyayo kuwo ngengqiqo yokuba wayeya kuwasikelela ngokuyintabalala. Abantu bakhe ababuyiselweyo babeya kuba ‘nesidima njengomnquma,’ kwaye ngokuqinisekileyo babeya kuhamba ezindleleni zikaThixo. Ekubeni nathi sizimisele ukuhamba noYehova uThixo, yintoni elindelekileyo kuthi?

Qhubeka Uhamba Ezindleleni ZikaYehova Ezithe Tye

23, 24. Incwadi kaHoseya iqukumbela ngasiphi isiprofeto esikhuthazayo, yaye sisichaphazela njani?

23 Ukuze siqhubeke sihamba noThixo, simele sibonakalise “ubulumko obuvela phezulu” size ngamaxesha onke sihambe kwiindlela zakhe ezithe tye. (Yakobi 3:17, 18) Indinyana yokugqibela yesiprofeto sikaHoseya ithi: “Ngubani na onobulumko, ukuze eziqonde ezi zinto? Ngubani na ingqondi, enokuzazi? Kuba iindlela zikaYehova zithe tye, yaye amalungisa aya kuhamba ngazo; kodwa abanxaxhayo baya kukhubeka kuzo.”—Hoseya 14:9.

24 Kunokuba sikhokelwe bubulumko nemilinganiselo yeli hlabathi, sikhetha ukuhamba ngekhondo lobulumko nangeendlela ezigqibeleleyo zikaThixo. (Duteronomi 32:4) UHoseya wahamba ngeendlela ezithe tye zikaThixo kangangeminyaka engama-59 nengaphezulu. Wazidlulisa ngokuthembeka izigidimi zikaThixo, esazi ukuba abo balumkileyo nabanengqondo babeya kuwaqonda loo mazwi. Kuthekani ngathi? Logama nje uYehova esivumela ukuba sinikele ubungqina, siya kuqhubeka sifuna abo baya kusebenzisa ubulumko baze babamkele ububele bakhe obungasifanelanga. Ibe siyakuvuyela ukwenjenjalo sisebenza ngaxhathalinye ‘nekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’—Mateyu 24:45-47.

25. Ukuqwalasela kwethu isiprofeto sikaHoseya kufanele kusincede senze ntoni?

25 Ngokuqinisekileyo ukuqwalasela kwethu isiprofeto sikaHoseya kufanele kusincede siqhubeke sihamba noThixo sinethemba lokufumana ubomi obungunaphakade kwihlabathi lakhe elitsha alithembisileyo. (2 Petros 3:13; Yude 20, 21) Hayi indlela elichulumancisa ngayo elo themba! Kwaye elo themba liya kuzaliseka xa siqhubeka singqina ngamazwi nangezenzo ukuba sinyanisile xa sisithi: “Iindlela zikaYehova zithe tye.”

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Ukuba sinikela inkonzo engcwele kuThixo, uya kusiphatha njani?

• Kutheni sifanele ngamaxesha onke sithembele kuYehova?

• Kutheni uqinisekile ukuba iindlela zikaYehova zithe tye?

• Sinokuqhubeka njani sihamba kwiindlela zikaYehova ezithe tye?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Lwamkele uncedo olungokomoya oluvela kubadala abangamaKristu

[Umfanekiso okwiphepha 29]

Isiprofeto sikaHoseya sisinika isizathu sokuzikholelwa izithembiso zikaYehova zovuko

[Imifanekiso ekwiphepha 31]

Qhubeka uhamba noThixo unethemba lokufumana ubomi obungunaphakade