Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba UMtyholi Ngumntu Wokwenene?

Ngaba UMtyholi Ngumntu Wokwenene?

Ngaba UMtyholi Ngumntu Wokwenene?

UCINGA ntoni xa kuthethwa ngoMtyholi? Ngaba ucinga ngaye njengomntu wokwenene olinga abantu ukuba benze izinto ezingendawo, okanye bububi nje obukhoyo? Ngaba uMtyholi ngumntu esifanele simoyike, okanye sifanele sikugqale oku njengokuba neenkolelo ezingenasihlahla okanye umntu nje wasentsomini? Ngaba igama elithi “mtyholi” libhekisela kumandla atshabalalisa ihlabathi? Ngaba eli gama libhekisela kwiimpawu ezimbi ezisebantwini, njengokuba besitsho abefundisi bale mihla?

Akumangalisi ke ngoko ukuba abantu abaninzi beneembono ezahlukahlukeneyo xa kubuzwa ukuba ngubani uMtyholi. Cinga indlela ekunokuba nzima ngayo ukufumanisa umntu okwaziyo ukuzifihla! Oku kuba nzima ngakumbi ukuba uzimisele ukubugquma ubuso bakhe ukuze angaziwa. IBhayibhile imchaza uMtyholi njengomntu onjalo. Ibhekisela kuye njengoSathana, ithi: “NoSathana ngokwakhe uzimilisa okwengelosi yokukhanya.” (2 Korinte. 11:14) Nakuba engendawo, uMtyholi uzenza ilungisa ukuze alahlekise abantu. Yaye ukuba abantu bakholelwa ukuba akakho, bavumelana neenjongo zakhe.

Ngoko ke, ngubani uMtyholi? Uvela phi yaye kwakutheni ukuze abe nguMtyholi? Ubaphembelela njani abantu namhlanje? Ngaba ikho into esinokuyenza ukuze sixhathise loo mpembelelo? IBhayibhile iyasichazela apho wayevela khona uMtyholi ukususela ekuqaleni yaye ineempendulo ezichanileyo kule mibuzo.

[Umfanekiso okwiphepha 3]

Hayi indlela ekunzima ngayo ukwazi umntu ozimisele ukuzifihla!