Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ubuhle Bendalo Buzukisa UYehova

Ubuhle Bendalo Buzukisa UYehova

Ubuhle Bendalo Buzukisa UYehova

UYEHOVA UTHIXO uphakame ngakumbi kunendlela abantu abangafezekanga abacinga ngayo. Imisebenzi yakhe yasemhlabeni nasezulwini izisa indumiso kuye ize isishiye sibamb’ ongezantsi.—INdumiso 19:1-4.

NjengoMdali noMongami Wendalo Iphela, uYehova ukufanele ukuphulaphulwa xa ethetha. Kodwa hayi indlela ebesiya kothuka ngayo ukuba ebenokuthetha nathi apha emhlabeni! Masithi uthethe nawe, mhlawumbi ngokuthumela ingelosi. Ngokuqinisekileyo ubuya kuphulaphula. Kwiminyaka emalunga nama-3 500 eyadlulayo, indoda ethe tye uYobhi imele ukuba yayiphulaphule ngenyameko njengoko uThixo wayethetha naye. Yintoni esinokuyifunda kumazwi uThixo awawathetha kuYobhi malunga nomhlaba nendalo iphela?

Ngubani Umseki Womhlaba Nomlawuli Wolwandle?

Ekwisaqhwithi somoya, uThixo wabuza uYobhi ngomhlaba nangolwandle. (Yobhi 38:1-11) Akukho namnye umntu onobugcisa bokwakha osenokugqiba ngobukhulu bomhlaba aze ancedise ekuwudaleni. Ethelekisa umhlaba nesakhiwo, uThixo ubuza uYobhi: “Ngubani owabeka ilitye lembombo?” Akukho namnye kuluntu. Oonyana bakaThixo abaziingelosi babebukele ibe bagcoba njengoko uYehova wayedala isijikelezi-langa sethu.

Ulwandle lusana lwayizolo xa luthelekiswa noThixo, othe ngokufuziselayo walwambesa ngengubo yalo. “Lwaqalisa ukuphuma njengaxa ligqabhuka esibelekweni.” UThixo waluvalela ulwandle ngokungathi ngeentsimbi, watshixa iingcango zalo waza wenza amaza alo alawulwa yinyanga nelanga.

IWorld Book Encyclopedia ithi: “Amaza olwandle abangelwa ngumoya, ukusuka kumaza nje aqhelekileyo ukuya kwinkayamba enokuba ziimitha ezingama-30 ubude. . . . Emva kokuba umoya udambile, la maza ayaqhubeka ehamba umgama omde ukusuka apho aqale khona. Etha amandla aze athi yaba kuwo wonke ummandla wonxweme. Ekugqibeleni, amaza afika kunxweme lolwandle aze enze igwebu.” Ulwandle luphulaphula umyalelo kaThixo othi: “Ungazokufikelela apha, ungadluli; yaye amaza akho adlokovayo apheleliselwa apha.”

Ngubani Owenza Intsasa?

Ngokulandelayo uThixo ubuza uYobhi ngokukhanya nezinto azidalileyo. (Yobhi 38:12-18) Akukho namnye unokuyalela umjikelo wosuku. Ukukhanya kwentsasa okubonakala ekupheleni komhlaba kushukumisa nabangendawo. Aboni benza izenzo zabo zokungalungisi “ukutshona kwelanga.” (Yobhi 24:15, 16) Ukuthi qheke kokusa bayavumbuluka abenzi bobubi.

Ngezandla zikaThixo, ukukhanya kokusa kushiya umhlaba usithi ndijonge. Ilanga livelisa imibala emininzi ngokungathi umhlaba uvathiswe ngengubo eqaqambileyo. UYobhi akazange abeke nomnwe lo ekwenzeni ezi zinto ibe akakanyatheli enzulwini yolwandle ukuze abone ubutyebi balo. Kaloku, de kube namhlanje abaphengululi banofifi nje ngendalo eselwandle.

Baphi Oovimba Bekhephu Nesichotho?

Akukho mntu ulaziyo ikhaya lokukhanya nobumnyama okanye angene koovimba bekhephu nesichotho apho uThixo azigcinele “imini yokulwa nemfazwe.” (Yobhi 38:19-23) Xa uYehova wasebenzisa isichotho ukubetha iintshaba zakhe eGibheyon, “baninzi ngakumbi abafa ngenxa yamatye esichotho kunabo babulawa ngekrele ngoonyana bakaSirayeli.” (Yoshuwa 10:11) Usenokusebenzisa amatye angenakulinganiswa ngobukhulu ukuze atshayele kuthi tu abantu abangendawo abakhokelwa nguGogi, oko kukuthi uSathana.—Hezekile 38:18, 22.

Amatye esichotho anokulingana neqanda lenkuku abulala abantu abangama-25 aza angxwelerha abangama-200 kumbindi wePhondo iHenan, eTshayina, ngoJulayi 2002. Umkroli waseItali, uBenvenuto Cellini, wabhala wathi ngesichotho sowe-1545: “Sasimalunga nomgama ongathabatha usuku ukuya eLyons (idolophu yaseFransi) . . . xa kwasuka kwagqekreza iindudumo ngesona sithonga. . . . Emva kwaloo ndudumo, izulu latsho ngesona sandi soyikekayo de ndacinga ukuba umgwebo ufikile; ndabamba imikhala yehashe lam okomzuzwana, njengoko amatye esichotho ayesitsho kungekho nethontsi lemvula. . . . Isichotho sasingathi ziilamuni ezinkulu. . . . Sagaleleka ke isichotho kangangexesha elithile, saza ekugqibeleni sathi cwaka. . . . Sabonisana imikrwelo nemigruzuko, kodwa malunga nekhilomitha ukusuka apho, sabona umbono ombi gqitha, owenza loo mikrwelwana yethu ibonakale iyinto enganamsebenzi, yaye loo mbona andikwazi nokuwuchaza. Amagqabi ayevuthuluke kuyo yonke imithi, izilwanyana zazifile, inkoliso yabelusi yayifile; kukho iimbokotho zesichotho obungayi kuzigquma nangezandla ezibini.”—Autobiography (Incwadi II, 50), Harvard Classics, Umqulu 31, iphepha 352-3.

Yintoni eya kwenzeka xa uYehova evula oovimba bakhe bekhephu nesichotho xa esilwa neentshaba zakhe? Akukho namnye uya kusinda xa esebenzisa ikhephu nesichotho ukuze afeze injongo yakhe.

Ngubani Odale Imvula, Umbethe, Iqabaka Nomkhenkce?

Ngoku uYehova ubuza uYobhi ngemvula, umbethe, iqabaka nomkhenkce. (Yobhi 38:24-30) UThixo nguMenzi wemvula akakho omnye, ude ayenze ine “elizweni ekungekho mntu kulo” ukuze banandiphe intsikelelo yakhe. Imvula, umkhenkce neqabaka azenziwanga zizandla zomntu.

INature Bulletin ithi: “Eyona nto ingaqhelekanga neyona yenza umkhenkce ubalasele kukuba xa amanzi esiba ngumkhenkce ayanda.. . . Ebusika ichibi liba nomkhenkce ngaphezulu, izityalo neentlanzi ezilapho ziqhubeka ziphila. Kodwa . . . ukuba amanzi ebenokurhwaqela aze abe nzima njengoko eya eqina, umkhenkce ubuya kuba nzima kunamanzi uze uzike uye ezantsi. Bekuya kubakho umkhenkce ongakumbi ngaphezulu de ichibi lonke libe ngumkhenkce.. . . Kumazwe abandayo, imilambo, amachibi, kunye nolwandle bezinokuba ngumkhenkce ngalo lonke ixesha.

Hayi indlela esimele sibe nombulelo ngayo ekubeni amanzi amaninzi engaqini abe ngumkhenkce. Ibe sivuyiswa nangakumbi ngumsebenzi owenziwe nguYehova, imvula nombethe ezinyakamisa ngayo izityalo emhlabeni.

Ngubani Onike Amazulu Imimiselo?

UThixo ngoku ubuza uYobhi ngamazulu. (Yobhi 38:31-33) Imixokelelwane yekroza leKima ngokuqhelekileyo ibizwa ngokuba ziiPleiade, iqela leenkwenkwezi ezinkulu ezisixhenxe kunye neenkwenkwezi ezincinane ezimalunga nama-380 yeminyaka yokukhanya ukusuka elangeni. Umntu ‘akanakuyibopha iqine imixokelelwane yekroza leKima’ ukuze azidibanise kwikroza elinye. Akakho umntu ‘onokuzikhulula iintambo zekroza leKesile,’ ezibizwa ngokuqhelekileyo ngokuba ziiOrion. Nokuba libizwa njani namhlanje ikroza leMazaroti kunye neleAsh, akakho umntu onokuwakhokela okanye awalawule la makroza. Umntu akanakuyitshintsha “imimiselo yamazulu,” imithetho elawula ummandla wendalo.

UThixo unemithetho kummandla wendalo echaphazela imozulu esemhlabeni, amaxesha, imeko-bume yomhlaba nkqu nobukho bobomi kule planethi. Khawucinge nje ngelanga. Ithetha ngalo, IEncyclopedia Americana (uhlelo lowe-1996) ithi: “Imitha yelanga inika umhlaba ubushushu nokukhanya, yenza izityalo zikhule, yenze amanzi olwandle namanzi aphuma kwezinye iindawo abe ngumphunga, inendima ekuveliseni umoya, lingatshona sibala eminye imisebenzi yalo ukuze kubekho ubomi emhlabeni.” Yalek’ umsundulu le ntyila-lwazi ngokuthi: “Ukuze siwaqonde kakuhle amandla elanga, simele sicinge ngamandla omoya ovuthuzayo, amadama, imilambo, iinkuni zokubasa, amalahle kunye neoli, zonke zibangelwa ngamandla elanga agcinwe kule planethi encinane [umhlaba] emalunga neekhilomitha ezizizigidi ezili-150 ukusuka elangeni.

Ngubani Ofaka Ubulumko Emafini?

UYehova uxelela uYobhi ukuba acinge ngamafu. (Yobhi 38:34-38) Umntu akanakuyalela amafu ukuba akhuphe amanzi akuwo. Kodwa hayi indlela abantu abaxhomekeke ngayo kumjikelo wamanzi obangelwe nguMdali!

Uyintoni wona umjikelo wamanzi? Enye incwadi ithi: “Umjikelo wamanzi unamanqanaba amane abonakalayo: amanzi ayagcinwa, abe ngumphunga, anethe njengemvula, aze aqukuqelele kwimisinga. Amanzi anokugcinwa okwexeshana ngaphantsi komhlaba, elwandle, kumachibi, emilanjeni okanye abe ngumkhenkce. Amanzi asuka emhlabeni engumphunga, aze aqokelelane abe ngamafu, aze abuyele emhlabeni njengemvula okanye ikhephu aze enjenjeya ukubuyela elwandle okanye aphelele esithubeni. Phantse wonke amanzi emhlabeni sele ewenzile lo mjikelo izihlandlo ezininzi gqitha.”—Microsoft Encarta Reference Library 2005.

Xa amafu ethwele imvula, afana neengqayi zamanzi zasezulwini. Xa uYehova ezichitha, zitsho ngeyona mvula eyenza uthuli lube ngumgxobhozo lize lushiye ibubutyididi ludaka. UThixo unokuvelisa imvula okanye ayibambe ingani.—Yakobi 5:17, 18.

Imvula idla ngokuhamba nemibane, kodwa umntu akanakukwenza oku enob’ uyathanda. Kuthiwa imibane ixelela uThixo isithi: “Sithi aba!” ICompton’s Encyclopedia ithi: “Umbane uvelisa amachiza enza utshintsho olubonakalayo kwimeko-bume. Njengoko umbane ubetha emoyeni, uvelisa ubushushu obukhulu obudibanisa initrojen neoksijini ukuze iyile iinitrate neminye imixube yemichiza. Le mixube iwela eMhlabeni nemvula. Ngale ndlela, isibhakabhaka siqhubeka sibuyisela izondlo ezifunekayo emhlabeni ukuze kuveliswe izityalo. NguThixo kuphela onolwazi oluphangaleleyo ngombane, umntu yena usafun’ isitya emnyameni.

Imimangaliso Yendalo Izisa Indumiso KuThixo

Enyanisweni, indalo iyamzukisa uMdali wazo zonke izinto. (ISityhilelo 4:11) UYobhi umele ukuba washiyeka ebamb’ ongezantsi xa esiva oko kuthethwa nguYehova ngomhlaba nesibhakabhaka.

Izinto ezimangalisayo zendalo esithethe ngazo aziphenduli yonke imibuzo eyabhekiswa kuYobhi. Sekunjalo, oko siye sathi gqaba-gqaba ngako, kusenza sidanduluke sithi: “Yabona! UThixo uphakame ngakumbi kunokuba sinokwazi.”—Yobhi 36:26.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 14]

Snowflake: snowcrystals.net

[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 15]

Pleiades: NASA, ESA, and AURA/Caltech; fish: U.S. Fish & Wildlife Service, Washington, D.C./William W. Hartley