Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuzincama Kusizisela Iintsikelelo ZikaYehova

Ukuzincama Kusizisela Iintsikelelo ZikaYehova

“Uncedo Lwam Luvela KuYehova”

Ukuzincama Kusizisela Iintsikelelo ZikaYehova

INDODA ethile ikhwele ibhayisekile, ihamba kwintsunguzi yehlathi laseCameroon. Kangangeeyure eziliqela, ihamba kwiindlela ezimanzi nodaka, ijongene nengozi ukuze yomeleze abanye. Abazalwana ababini baseZimbabwe babehamba iikhilomitha ezili-15 bewela imilambo ephuphumayo, bethwele iimpahla nezihlangu entloko ukuze zingabi manzi ukuya kunceda iqela elikwanti. Kweny’ indawo, elinye ibhinqa livuka ngentsimbi yesine ekuseni ukuya kufundisa umongikazi othile iBhayibhile nofumaneka iyure kuphela ngolo suku.

Yintoni abafana ngayo aba bantu bathathu? Bangabashumayeli bexesha elizeleyo abangamaNgqina kaYehova nabenza umsebenzi wokufundisa abantu inyaniso yeBhayibhile. Ukuba ngumshumayeli wexesha elizeleyo kuquka ukuba nguvulindlela othe ngxi, okhethekileyo, ukuba ngumvangeli wasemazweni, umveleli ohambahambayo, nokuba ngabaninzi abazinikele ngokuzithandela kumakhaya aseBheteli asehlabathini lonke. Yaye ukuzincama lolona phawu abalasele ngalo. a

Iinjongo Ezintle

AmaNgqina kaYehova athobela isiluleko sikampostile uPawulos esasisiya kuTimoti esithi: “Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsebénzi ongenazintloni nganto, uliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.” (2 Timoti 2:15) Kodwa yintoni ebangela ukuba amaNgqina amaninzi abe ngabashumayeli bexesha elizeleyo?

Xa abashumayeli bexesha elizeleyo bebuzwa isizathu sokuba bazinikele ngokupheleleyo ekukhonzeni uYehova, iimpendulo zabo ziquka ukuthanda uThixo nommelwane. (Mateyu 22:37-39) Oku kufanelekile, kuba ngaphandle kothando nantoni na esiyenzayo ililize.—1 Korinte 13:1-3.

Inkonzo Yokuzincama

Onke amaKristu azahluleleyo aye amkela la mazwi kaYesu: “Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makazincame, athabathe isibonda sakhe sentuthumbo aze aqhubeke endilandela.” (Mateyu 16:24) Ukuzincama kuthetha ukukulungela ukuba ngokaYehova uThixo nokwalathiswa nguYe noYesu Kristu. Kwabaninzi, oku kuye kwakhokelela ekubeni bazinikele ukuze babe ngabashumayeli bexesha elizeleyo.

AmaNgqina amaninzi enza umzamo wokwandisa inkonzo yawo kuYehova. Cinga nje ngoJúlia oneminyaka engama-56 ubudala, nonguvulindlela othe ngxi eSão Paulo, eBrazil. Uthi: “Umzalwana oliTshayina wandifowunela wandibuza enoba ndandikulungele kusini na ukufunda isiTshayina. Ngenxa yobudala, ndandingacingi ngokufunda ulwimi olutsha. Kodwa emva kweentsuku ezimbalwa, ndasamkela isicelo sakhe. Namhlanje, ndiyakwazi ukushumayela ngesiTshayina.”

Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova ePeru inikela le ngxelo: “Kwiminyaka yakutshanje, oovulindlela abaninzi baye bafudukela kwintsimi engabelwanga bani, ngalo ndlela bebonisa inkalipho nomoya wokuzincama. Bafudukela kwiidolophu ezikude ezingenazo izinto zezi mini yaye nemisebenzi inqabile. Abazalwana noodade benza nantoni na abanokuyenza ukuze bahlale kwizabelo zabo. Kodwa okona kubalulekileyo, umsebenzi wabo wokushumayela uba nemiphumo emihle kwiindawo ezininzi. Abaveleli abahambahambayo bathi kuye kwasekwa amaqela amatsha ngoncedo lwaba vulindlela bazincamileyo.”

Amanye amaKristu aye abeka ubomi bawo esichengeni ukuze ancede abanye abazalwana. (Roma 16:3, 4) Umveleli wesiphaluka okummandla othwaxwa yimfazwe eAfrika uthi: “Ngaphambi kokuba sifike kwindlela evaliweyo yokugqibela phakathi kwemimandla eyayinabavukeli naleyo yayilawulwa ngurhulumente, mna nomfazi wam sangqongwa ngamagosa ayintloko abavukeli abane nabalindi babo, nababefuna sizazise. Njengokuba babejonga amakhadi ethu egazi, babona ukuba sisuka kummandla olawulwa ngurhulumente, ngoko ke asirhanela. Ndatyholwa ngokuba nguntamnani. Ngenxa yoko bagqiba ekubeni bandiphose emngxunyeni. Sazichaza, yaye ekugqibeleni basiyeka sahamba.” Hayi indlela abulela ngayo amabandla ngenxa yokuba lo mzalwana nodade wakwazi ukuwatyelela!

Phezu kwabo nje ubunzima abaye bajamelane nabo, amanani abashumayeli bexesha elizeleyo bayanda ehlabathini lonke. (Isaya 6:8) Aba basebenzi bakhutheleyo bayalixabisa ilungelo abanalo lokukhonza uYehova. Zinomoya ofanayo wokuzincama, izigidi ngezigidi ngoku zidumisa uYehova. Kwelinye icala, uYehova uyazisikelela kakhulu. (IMizekeliso 10:22) Ziqinisekile ukuba ziya kuqhubeka zisikelelwa kwaye zixhaswa, zibonisa isimo sengqondo somdumisi owavuma esithi: “Uncedo lwam luvela kuYehova.”—INdumiso 121:2.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona iKhalenda yamaNgqina kaYehova yowe-2005, kwinyanga kaNovemba noDisemba.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]

“Abantu bakho baya kuzinikela ngokuvumayo ngemini yomkhosi wakho wamajoni.”—INDUMISO 110:3

[Ibhokisi ekwiphepha 8]

UYEHOVA UYABAXABISA ABAKHONZI BAKHE ABAZINIKELEYO

“Qinani, ningabi nakushukuma, nisoloko ninokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi, nisazi ukuba ukusebenza kwenu akulolize eNkosini.”—1 Korinte 15:58.

“UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.”—Hebhere 6:10.