Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ekuphela Kwesicombululo Sokufa!

Ekuphela Kwesicombululo Sokufa!

Ekuphela Kwesicombululo Sokufa!

INDODA egama linguLazaro kunye noodade wabo, uMarta noMariya bahlala kwidolophu yaseBhethani, emalunga nomgama oziikhilomitha ezintathu ngaphandle kweYerusalem. Ngenye imini uLazaro uhlaselwa kukugula engekho umhlobo wabo uYesu. Oodade wabo baxhalabile kakhulu kukugula komntakwabo. Bathumela umyalezo kuYesu. Emva kokuba eve ezi ndaba, uYesu uyanduluka aye kubona uLazaro. Xa esendleleni, uYesu uxelela abafundi bakhe ukuba uyokuvusa uLazaro ebuthongweni. Ekuqaleni abafundi bakhe abamqondi kakuhle ukuba uthetha ukuthini, kodwa uYesu uyabacacisela esithi: “ULazaro ufile.”—Yohane 11:1-14.

Ekufikeni kukaYesu engcwabeni likaLazaro, uqale abayalele ukuba basuse ilitye elikumnyango wengcwaba. Emva kokuthandaza ngokuvakalayo, uthi: “Lazaro, phuma!” Yaye uLazaro uyaphuma. Indoda ebineentsuku ezine ifile, ivusiwe.—Yohane 11:38-44.

Le ngxelo iphathelele uLazaro ibonisa ukuba ekuphela kwesicombululo sokufa luvuko. Kodwa ngaba lo mmangaliso wokuvuswa kukaLazaro wenzeka ngokwenene? IBhayibhile ibonisa ukuba wenzeka ngokwenene. Funda ingxelo ekuYohane 11:1-44 yaye uya kuyibona indlela ezicace ngayo ezo nkcukacha. Ngaba unokukhanyela ukuba oku kwenzeka ngokwenene? Oku kunokukwenza uthandabuze neminye imimangaliso ekuthethwa ngayo eBhayibhileni kuquka ukuvuswa kukaYesu Kristu. Yaye “ukuba uKristu akavuswanga,” iBhayibhile ithi “ukholo lwenu alunamsebenzi.” (1 Korinte 15:17) Uvuko ngoyena ndoqo wemfundiso yeZibhalo. (Hebhere 6:1, 2) Noko ke, lithetha ntoni igama elithi “uvuko”?

Lithetha Ntoni Igama Elithi “Uvuko”?

KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, igama elithi “uvuko” livela izihlandlo ezingaphezu kwama-40. Liguqulelwe ngokusuka kwigama lesiGrike ngokoqobo elithetha “ukuma kwakhona.” Igama lesiHebhere elithetha ntonye neli libhekisela “ekuvusweni kwabafileyo.” Noko ke, akuba umntu efile kuvuswa ntoni? Akunakuvuswa laa mzimba ebefe enawo kuba uyabola uze ubuyele kuthuli lomhlaba. Kuvuswa umntu obefile kodwa enomzimba owahlukileyo. Ngaloo ndlela, uvuko luquka ukubuyiselwa kobomi bomntu obefile—ubuntu bakhe, indlela awayephila ngayo nazo zonke iinkcukacha eziphathelele iimpawu zakhe.

UYehova uThixo okwaziyo ukukhumbula yonke into, akanangxaki yokukhumbula iinkcukacha eziphathelele abantu abafileyo. (Isaya 40:26) Ekubeni enguMsunguli wobomi, uYehova unako ukumvusa ngokulula nje umntu, emvusa enomzimba omtsha. (INdumiso 36:9) Ngapha koko, iBhayibhile ithi uYehova uThixo ‘unolangazelelo’—umnqweno onyanisekileyo—wokuvusa abafileyo. (Yobhi 14:14, 15) Hayi indlela esivuya ngayo kuba uYehova akanamandla okuvusa abantu nje kuphela kodwa unomnqweno wokwenza oko!

NoYesu Kristu unendima ebalulekileyo ekuvuseni abafileyo. Kwisithuba esingaphezu nje konyaka emva kokuqalisa ubulungiseleli bakhe, uYesu wathi: “Kuba kanye njengoko uYise ebavusa abafileyo aze abenze baphile, ngokunjalo noNyana ubenza baphile abo afunayo ukubenza baphile.” (Yohane 5:21) Ngaba ukuvusa kukaYesu Kristu uLazaro akubonisi ukuba unamandla kwanomnqweno wokuvusa abafileyo?

Kuthekani ke ngengcamango yokuba kukho nto ithile emntwini eqhubeka iphila emva kokuba efile? Eneneni, imfundiso yovuko nengcamango yomphefumlo womntu ongafiyo ziyaphikisana. Ukuba kukho nto ithile eqhubeka iphila emva kokufa, iyintoni ke imfuneko yovuko? UMarta, udadeboLazaro wayengakholelwa ekubeni emva kokuba umntakwabo efile uyaphila kummandla womoya. Wayekholelwa eluvukweni. Xa uYesu wamqinisekisa ngala mazwi: “Umntakwenu uza kuvuka,” uMarta wathi kuye: “Ndiyazi ukuba uza kuvuka eluvukweni ngomhla wokugqibela.” (Yohane 11:23, 24) Naye uLazaro emva kokuba evusiwe, akazange abalise ukuba ubephila kwenye indawo. Wayefile. “Abafileyo abazi nto konke konke,” itsho njalo iBhayibhile. “Akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka eShiyol [kwingcwaba eliqhelekileyo loluntu], kwindawo oya kuyo.”—INtshumayeli 9:5, 10.

Ngoko ke, ngokutsho kweBhayibhile ekuphela kwesicombululo sokufa, luvuko. Kodwa kwizihlwele ngezihlwele zabantu abafayo, ngoobani abaya kuvuswa yaye baya kuvuselwa phi?

Ngoobani Abaya Kuvuswa?

UYesu wathi: “Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe [uYesu] baze baphume.” (Yohane 5:28, 29) Ngokuvisisana nesi sithembiso, abo bakumangcwaba enkumbulo—abakwinkumbulo kaYehova—baya kuvuswa. Umbuzo ophakamayo ke ngulo, Kubantu abafileyo, ngoobani abakwinkumbulo kaThixo nabalindele uvuko?

Kwincwadi yeBhayibhile yamaHebhere isahluko 11, kukho uluhlu lwamagama amadoda namabhinqa awakhonza uThixo ngokuthembeka. Bona kunye nabanye abakhonzi bakaThixo abanyanisekileyo abaye bafa kwiminyaka yakutshanje baya kuba phakathi kwabantu abaya kuvuswa. Kuthekani ngabantu abaye basilela ukufikelela imilinganiselo kaThixo yobulungisa, mhlawumbi ngenxa yokungabi nalwazi? Ngaba nabo bakwinkumbulo kaThixo? Ewe, abaninzi babo bakwinkumbulo kaThixo kuba iBhayibhile ithembisa oku: “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.”—IZenzo 24:15.

Noko ke, abantu abafileyo abazukuvuswa bonke. IBhayibhile ithi: “Ukuba siqhelisela isono ngabom emva kokufumana ulwazi oluchanileyo lwenyaniso, akusekho mbingelelo wezono useleyo, kodwa siya kulindelwa ngumgwebo owoyikekayo.” (Hebhere 10:26, 27) Abanye benza izono ezingaxolelekiyo. Abakho Hadesi (kwingcwaba eliqhelekileyo loluntu) kodwa baseGehena, indawo efuzisela intshabalalo kanaphakade. (Mateyu 23:33) Noko ke kufuneka silumke, singagqibi ukuba umntu othile uya kuvuswa okanye akayi kuvuswa. NguThixo owenza izigqibo ezinjalo. Uyazi ukuba ngoobani abaseHadesi nabaseGehena. Into esimele siyenze thina kukuphila ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo.

Ngoobani Abaya Kuvuselwa Ezulwini?

Olona vuko lubalaseleyo lolo lukaYesu Kristu. ‘Wabulawa esenyameni, kodwa wenziwa waphila esemoyeni.’ (1 Petros 3:18) Wayengumntu wokuqala ukuvuswa ngaloo ndlela. UYesu wathi: “Akukho mntu unyukele ezulwini ngaphandle kwalowo wehla evela ezulwini, uNyana womntu.” (Yohane 3:13) Eneneni, uNyana womntu waba ngowokuqala ukuvuswa enomzimba womoya. (IZenzo 26:23) Yaye bakho nabanye ababeza kuvuswa ngale ndlela. IZibhalo zithi: “Ngamnye kuluhlu lwakhe: UKristu intlahlela, emva koko abo bangabakaKristu ebudeni bobukho bakhe.”—1 Korinte 15:23.

Abantu abambalwa—“abo bangabakaKristu”—baza kuvuselwa ezulwini ukuze baye kuphumeza injongo ekhethekileyo. (Roma 6:5) Baya kulawula noKristu “njengookumkani phezu komhlaba.” (ISityhilelo 5:9, 10) Ngapha koko, baya kuba ngababingeleli kuba baya kuba nenxaxheba ekususeni imiphumo yesono uluntu olwasizuz’ ilifa kumntu wokuqala, uAdam. (Roma 5:12) Abo baya kulawula noKristu njengookumkani nababingeleli, bali-144 000. (ISityhilelo 14:1, 3) Bavuswa benomzimba onjani? IBhayibhile ithi bavuswa ‘benomzimba womoya.’ Loo nto iya kubenza bakwazi ukuphila ezulwini.—1 Korinte 15:35, 38, 42-45.

Lwenzeka nini uvuko lwasezulwini? “Ebudeni bobukho [bukaKristu],” itsho njalo eyokuqala yabaseKorinte 15:23. Iziganeko zehlabathi ezaqalisa ngowe-1914 zibonisa ngokucacileyo ukuba ubukho bukaKristu ‘nokupheliswa kwenkqubo yezinto’ kwaqalisa ngaloo nyaka. (Mateyu 24:3-7) Ngoko sinesizathu sokugqiba kwelokuba uvuko lwasezulwini lwamaKristu athembekileyo sele luqalisile nangona kungekho mntu ukubonayo oko. Oku kuthetha ukuba abapostile namaKristu enkulungwane yokuqala sele bevuselwe ezulwini. Kuthekani ngamaKristu aphila ngoku, athenjiswe nguThixo ukuba aza kulawula noKristu ezulwini? Avuswa “ngokuqhwanyaza kweliso,” okanye ngoko nangoko emva kokuba efile. (1 Korinte 15:52) Uvuko lwaba bantu bali-144 000 lubizwa ngokuba ‘luvuko lokuqala’ kuba bavuswa ngaphambi kwesihlwele esingabalekiyo esiza kuphila emhlabeni.—Filipi 3:11; ISityhilelo 20:6.

Ngoobani Abaya Kuvuselwa Ukuphila Emhlabeni?

Ngokutsho kweZibhalo, uninzi lwabantu abafileyo luya kuvuselwa ukuphila emhlabeni. (INdumiso 37:29; Mateyu 6:10) Echaza umbono awawubonayo omangalisayo wabo bavusiweyo, umpostile uYohane wabhala wenjenje: “Ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa neHadesi kwabakhupha abafileyo abalapho, bagwetywa elowo ngokwezenzo zakhe. Kwaza ukufa neHadesi kwaphoswa edikeni lomlilo. Oku kuthetha ukufa kwesibini, idike lomlilo.” (ISityhilelo 20:11-14) Abo baseHadesi okanye eShiyol—kwingcwaba eliqhelekileyo loluntu—bakwinkumbulo kaThixo. Ngamnye wabo uya kuvuswa. (INdumiso 16:10; IZenzo 2:31) Yaye ngamnye kubo uya kugwetywa ngokwezenzo aya kuzenza emva kokuba evusiwe. Yintoni eya kwenzeka emva koko ngokufa neHadesi? Ziya kuphoswa “edikeni lomlilo.” Oku kuthetha ukuba abantu abasayi kuphinda bafe ngenxa yesono sika-Adam.

Khawucinge nje ngendlela elivuyisa ngayo ithemba lovuko kwabo baye bafelwa ngabantu ababathandayo! Hayi indlela amele ukuba wavuya ngayo umhlolokazi waseNayin xa uYesu wavusa okuphela konyana wakhe! (Luka 7:11-17) Ibhekisela kubazali bentwazana eneminyaka eli-12 ubudala eyavuswa nguYesu, iBhayibhile ithi: “Bathi phithi kwaoko bethabatheke ngokugqithiseleyo.” (Marko 5:21-24, 35-42; Luka 8:40-42, 49-56) Kwihlabathi elitsha likaThixo, siya kukuvuyela ukwamkela abantu abavusiweyo esibathandayo.

Ukwazi inyaniso ngokuphathelele uvuko kunokuba yingenelo njani kuthi? IThe World Book Encyclopedia ithi: “Abantu abaninzi bayakoyika ukufa yaye baye bangafuni nokucinga ngako.” Ngoba? Kuba kubantu abaninzi, ukufa ngumnqa—yinto engaziwayo neyoyikekayo. Ukwazi eyona nyaniso ngemeko yabafi nokuba nethemba lovuko kunokusenza singoyiki xa sijamelene ‘notshaba lokugqibela, ukufa.’ (1 Korinte 15:26) Olu lwazi lwenza sikwazi ukunyamezela intlungu yokufelwa ngumhlobo osondeleyo okanye isalamane.

Luya kuqalisa nini uvuko lwabo baza kuphila emhlabeni? Namhlanje umhlaba uzaliswe lugonyamelo, iingxwabangxwaba, uphalazo-gazi nokungcoliswa komhlaba. Ukuba abantu abafileyo bebenokuvuselwa kumhlaba onje, ngokuqinisekileyo bebeya konwaba nje ixeshana. Noko ke, uMdali uthembisa ukuba kungekudala, uya kulitshabalalisa eli hlabathi lilawulwa nguSathana. (IMizekeliso 2:21, 22; Daniyeli 2:44; 1 Yohane 5:19) Injongo kaThixo ngomhlaba sele iza kuzaliseka. Emva koko, abantu abangamawaka ezigidi abalele ekufeni baya kuvuselwa kwihlabathi elitsha likaThixo elinoxolo.

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Inkoliso yabantu abafileyo iya kuvuselwa ukuphila emhlabeni