Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ngamnye Uya Kuthwala Owakhe Umthwalo”

“Ngamnye Uya Kuthwala Owakhe Umthwalo”

“Ngamnye Uya Kuthwala Owakhe Umthwalo”

“Ngamnye wethu uya kuziphendulela kuThixo.”—ROMA 14:12.

1. Nguwuphi umthwalo awawuthwala ngokuphumelelayo amaHebhere aselula amathathu?

 AMAHEBHERE aselula amathathu ahlala eBhabhiloni ajamelene nesigqibo esithetha ubomi nokufa. Ngaba afanele aqubude phambi komfanekiso omkhulu njengoko umthetho welizwe ufuna enjenjalo? Okanye afanele angawunquli lo mfanekiso aze aphoswe kwidike elivuthayo? Lalingekho ixesha lokuba uShadraki, uMeshaki noAbhednego baye kuchwetha othile bembuza ukuba bafanele benze ntoni; phofu kwakungekho nemfuneko yokuba benze loo nto. Bengathandabuzi bathi: “Makwazeke kuwe, kumkani, ukuba asiyi kubakhonza oothixo bakho, nomfanekiso wegolide owumisileyo asiyi kuwunqula.” (Daniyeli 3:1-18) La maHebhere mathathu azithwalela umthwalo owawusemagxeni awo.

2. UPilato owayeyirhuluneli yaseRoma wasenzelwa ngubani isigqibo ngoYesu Kristu, yaye ngaba ukwenzelwa kwakhe isigqibo kwamenza wamsulwa?

2 Kwiinkulungwane ezintandathu kamva, irhuluneli izivile izityholo emangalelwa ngazo enye indoda. Xa iliphonononga eli tyala, ayithandabuzi ukuba le ndoda ayinatyala. Sekunjalo, isihlwele sinyanzelisa ukuba mayibulawe. Le rhuluneli iyazama ukuxhathisa, kodwa iyanikezela. Ihlamba izandla zayo ithi: “Ndimsulwa egazini lalo mntu.” Emva koko iyinikezela kwisihlwele ukuba mayibethelelwe. Kunokuba uPontiyo Pilato azenzele isigqibo ngento emayenziwe kuYesu Kristu, usenzelwa ngabanye. Enokuba wayenokuzihlamba kumanzi angakanani na izandla zakhe, wayengenakulisusa ityala elalikwezo zandla ngesigwebo awasinika uYesu owayengenatyala.—Mateyu 27:11-26; Luka 23:13-25.

3. Kutheni singafanele sivumele abanye basenzele izigqibo?

3 Kuthekani ngawe? Xa kufuneka wenze isigqibo, ngaba wenza ngokufanayo nala maHebhere mathathu okanye usenzelwa ngabanye? Akuyondlwan’ iyanetha ukwenza isigqibo. Ukuze umntu enze ukhetho olufanelekileyo, kufuneka abe ngoqolileyo. Ngokomzekelo, abazali kufuneka babenzele izigqibo ezifanelekileyo abantwana babo abancinane. Liyinyaniso elokuba, akulula ukwenza isigqibo kwiimeko ezinzima naxa kufuneka kwenziwe ukhetho. Sekunjalo, ukwenza isigqibo ‘akuloxanduva’ onokude ufune ukuluthwaliswa ngabo ‘baneemfaneleko zokomoya.’ (Galati 6:1, 2) Kunoko, ngumthwalo oya kubangela ukuba ‘ngamnye wethu aphendule kuThixo.’ (Roma 14:12) IBhayibhile ithi: “Ngamnye uya kuthwala owakhe umthwalo.” (Galati 6:5) Ngoko ke, sinokukwazi njani ukwenza izigqibo ngobulumko ebomini? Okokuqala, simele siyiqonde imilinganiselo esinayo size siyazi into esifanele siyenze ukuze senze ngokuvumelana nayo.

Eyona Nto Ibalulekileyo Efunekayo

4. Xa sisenza isigqibo, sisiphi isifundo esibalulekileyo esifanele sisifunde kwimeko yokungathobeli kwesibini sokuqala?

4 Mandulo phayaa kwimbali yoluntu, isibini sokuqala senza isigqibo esaba nemiphumo eyintlekele. Sakhetha ukutya isiqhamo somthi wokwazi okulungileyo nokubi. (Genesis 2:16, 17) Isigqibo sesi sibini sasisekelwe entwenini? IBhayibhile ithi: “Umfazi wabona ukuba umthi wawulungele ukudliwa kwanokuba wawulangazeleleka emehlweni, ewe, kwakunqweneleka ukuwujonga umthi lowo. Ngoko wathabatha eziqhameni zawo wadla. Emva koko wanika nendoda yakhe isakuba kunye naye yaza nayo yadla.” (Genesis 3:6) Indlela awakhetha ngayo uEva yayisekelwe kumnqweno wokuzingca. NoAdam wenza ngokufanayo. Ngenxa yoko, isono nokufa “kwasasazeka kubo bonke abantu.” (Roma 5:12) Ukungathobeli kuka-Adam noEva kusisifundo esibalulekileyo kuthi: Ukuba umntu akaluthobeli ukhokelo lukaThixo, wenza izigqibo eziphosakeleyo.

5. UYehova usalathisa njani, yaye simele senze ntoni ukuze singenelwe kulwalathiso lwakhe?

5 Hayi indlela efanele isivuyise ngayo into yokuba uYehova uThixo engasishiyanga nje sifathula ebumnyameni! IZibhalo zisixelela oku: “Iindlebe zakho ziya kuva ilizwi emva kwakho lisithi: ‘Nantsi indlela. Hambani ngayo,’ nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo.” (Isaya 30:21) UYehova uthetha nathi ngeLizwi lakhe eliphefumlelweyo, iBhayibhile. Simele sifundisise iZibhalo size sizazi ngendlela echanileyo. Ukuze sikwazi ukukhetha ngendlela efanelekileyo, sifanele sitye ‘ukutya okuqinileyo kwabantu abaqolileyo.’ Kwakhona, xa ‘sisebenzisa amandla ethu okuqonda siwaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.’ (Hebhere 5:14) Sinokuqeqesha amandla ethu okuqonda ngokwenza oko sikufunda kwiLizwi likaThixo.

6. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze izazela zethu zisebenze kakuhle?

6 Into ebalulekileyo xa sisenza isigqibo sisazela sethu. Isazela siyakwazi ukugweba, yaye ‘sinokusimangalela okanye sisingxengxezele.’ (Roma 2:14, 15) Noko ke, ukuze isazela sethu sisebenze kakuhle, simele sisikhanyisele ngolwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo size sisenze sisebenze ngokwenza oko likutshoyo. Isazela esingaqeqeshwanga kakuhle siphenjelelwa lula ngamasiko nemikhwa yasekuhlaleni. Sinokulahlekiswa nazizinto ezisingqongileyo neembono zabanye abantu. Yintoni eyenzekayo kwisazela sethu xa sisoloko singakunanzi oko sisixelela kona naxa sisaphula imilinganiselo kaThixo? Ekugqibeleni sinokuphawulwa “ngokungathi kungentsimbi yokutshisela,” sifane nenyama etshileyo—sife. (1 Timoti 4:2) Kwelinye icala, isazela esiqeqeshwe ngeLizwi likaThixo sisikhokela kakuhle.

7. Yiyiphi eyona nto ifunekayo ukuze sikwazi ukwenza izigqibo ngobulumko?

7 Eyona nto ifunekayo ukuze ukwazi ukwenza izigqibo ngobulumko kukuzazi ngendlela echanileyo iZibhalo uze ukwazi ukuzisebenzisa. Kunokuba sikhawuleze senze izigqibo xa kufuneka sikhethe, masiziphe ixesha elaneleyo lokuhlolisisa ukuba uThixo uthini ngemeko efana nale size sicingisise nzulu ngokwenza isigqibo esivumelana noko akutshoyo. Kwanaxa kufuneka senze isigqibo esikhawulezileyo—njengoko kwakunjalo ngoShadraki, uMeshaki noAbhednego—kuba lula xa silazi ngokuchanileyo iLizwi likaThixo yaye nezazela zethu ziqeqeshwe lilo. Ukuze siqonde indlela ukuxhinela ekuqoleni okunokusinceda ngayo sikwazi ngakumbi ukwenza izigqibo, makhe siqwalasele ezi nxalenye zimbini zobomi.

Ngoobani Esifanele Sinxulumane Nabo?

8, 9. (a) Yiyiphi imigaqo ebonisa ukuba kufuneka siziphephe izinxulumani ezibi? (b) Ngaba unxulumano olubi lubhekisela kubantu abangenamthetho kuphela? Cacisa.

8 Umpostile uPawulos wabhala wenjenje: “Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” (1 Korinte 15:33) UYesu Kristu wathi kubafundi bakhe, ‘Aniyonxalenye yehlabathi.’ (Yohane 15:19) Xa siyazi le migaqo, sisiqonda ngokulula isizathu sokuba kuyimfuneko ukuphepha ukunxulumana nabahenyuzi, abakrexezi, amasela, amanxila kunye nabanye abanjalo. (1 Korinte 6:9, 10) Njengoko sisenza inkqubela ekwazini inyaniso yeBhayibhile, siyayiqonda indlela ekonakalisa ngayo ukuchitha ixesha ngokubukela abantu abanjalo kwimifanekiso eshukumayo, koomabonwakude okanye kwiikhompyutha nokufunda iincwadi ezithetha ngabo. Kunokutshiwo okufanayo nangokuncokola nabantu ‘abazifihla oko bakuko’ kwi-Internet.—INdumiso 26:4.

9 Kuthekani ukuba unxulumene ngokusondeleyo nabantu abaziphethe kakuhle kodwa babe bengamnquli uThixo oyinyaniso? IZibhalo zithi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) Siyaqonda ukuba asingobantu bangoovula-zibhuqe okanye abanokuziphatha okuphantsi kuphela abazizinxulumani ezibi. Ngoko, senza ngobulumko xa abahlobo bethu ingabantu abathanda uYehova kuphela.

10. Yintoni esincedayo ukuze senze izigqibo ezifanelekileyo ngokuphathelele ukunxulumana kwethu nehlabathi?

10 Akuthiwa luqhawule ngokupheleleyo unxulumano nabantu behlabathi kuba yinto engenakwenzeka leyo. (Yohane 17:15) Udibana nabantu behlabathi kubulungiseleli bamaKristu, esikolweni naxa usiya emsebenzini. UmKristu otshate nomntu ongakholwayo usenokuba nezinto ezimnxulumanisa nabantu behlabathi ngakumbi kunamanye amaKristu. Noko ke, xa siqeqeshe amandla ethu okuqonda, siyazi ukuba kuthetha enye into ukunxulumana nehlabathi ngokulinganiselweyo yaye ukunxulumana nalo ngokusondeleyo kuthetha nto yimbi. (Yakobi 4:4) Ngoko, sinokukwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo ngokuphathelele ukuba nenxaxheba kwimicimbi yasemva kweeyure zesikolo okanye zomsebenzi, njengemidlalo nemidaniso, nokuya kumatheko nezidlo ezikhethekileyo ezilungiselelwe abo sisebenza nabo.

Ukukhetha Umsebenzi Wempangelo

11. Yintoni esifanele siqale siyijonge xa sisenza isigqibo ngomsebenzi wempangelo?

11 Ukusebenzisa kakuhle imigaqo yeBhayibhile kusinceda sikwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo ngokuphathelele imbopheleleko yethu ‘yokulungiselela amalungu endlu yethu.’ (1 Timoti 5:8) Okokuqala kufuneka sijonge ukuba luhlobo olunjani lomsebenzi—yintoni esiza kuyenza. Ngokuqinisekileyo kuphosakele ukukhetha umsebenzi ongqubanayo neBhayibhile. Ngoko amaKristu okwenyaniso awasebenzi kwindawo ebandakanya ukunqulwa kwezithixo, ubusela, ukusetyenziswa kakubi kwegazi okanye ezinye izinto ezingqubanayo neZibhalo. Kwakhona asifanele sixoke okanye sikhohlise, enoba sinyanzelwa ngumqeshi ukuba senjenjalo.—IZenzo 15:29; ISityhilelo 21:8.

12, 13. Ziziphi ezinye izinto ezibalulekileyo ekufuneka siziqwalasele xa sisenza isigqibo ngomsebenzi wempangelo?

12 Kuthekani ukuba uhlobo lomsebenzi aluchasananga nezinto ezifunwa nguThixo? Njengoko lusiya lukhula ulwazi lwethu ngenyaniso yaye siziqonda ngakumbi izinto, sifumanisa ezinye izinto esifanele siziqwalasele. Kuthekani ukuba loo msebenzi uza kusibangela ukuba senze izinto ezichasene neZibhalo, njengokuphendula iifowuni kwindawo yokungcakaza? Kwakhona sifanele sihlolisise nokuba imali ohlawula ngayo loo msebenzi ifumaneka njani, kwanendawo okuyo. Ngokomzekelo, ngaba umKristu onenkampani yokwakha ebeya kuwamkela umsebenzi wokupeyinta iicawa zeNgqobhoko nto leyo ebiya kumenza afak’ isandla ngandlel’ ithile kunqulo lobuxoki?—2 Korinte 6:14-16.

13 Kuthekani ukuba lowo usiqeshileyo wenza isivumelwano sokulungisa indawo yonqulo lobuxoki? Kule meko, bekuya kufuneka sicinge ngegunya esinalo kuloo nto yenziwayo nendlela esibandakanyeke ngayo. Yaye kuthekani ngomsebenzi ongachasananga nemilinganiselo yeBhayibhile, njengokuhambisa iposi ekuhlaleni kuquka iindawo ezikhuthaza izenzo ezibi? Ngaba umbhalo kaMateyu 5:45 ubungayi kufak’ isandla kwisigqibo esisenzayo? Enye into esingafanele siyityeshele yindlela esinokuchaphazeleka ngayo isazela sethu xa lowo ingumsebenzi wethu wemihla ngemihla. (Hebhere 13:18) Liyinyaniso elokuba imbopheleleko esinayo yokwenza izigqibo ngokwabantu abaqolileyo xa kufikelelwa kumsebenzi wempangelo ifuna ukuba siphucule amandla ethu okuqonda yaye siqeqeshe izazela zethu esizinikwe nguThixo.

“Uze Umgqale Yena Ezindleleni Zakho Zonke”

14. Xa sisenza izigqibo, yintoni esifanele siyiqwalasele?

14 Kuthekani ngezigqibo esizenza kwezinye izinto, ezifana nemfundo nokwamkela okanye ukungamkeli unyango oluthile? Xa kufuneka senze isigqibo, sifanele siqiniseke ngoko kuthethwa yiBhayibhile size sisebenzise ingqiqo. Mandulo uKumkani uSolomon wakwaSirayeli owayesisilumko wathi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.”—IMizekeliso 3:5, 6.

15. Yintoni esiyifundayo kumaKristu enkulungwane yokuqala ngokwenza izigqibo?

15 Ngokufuthi ukhetho esilwenzayo luyabachaphazela abanye, ngoko kufuneka sicingisise kakuhle. Ngokomzekelo, ngenkulungwane yokuqala amaKristu ayengabotshelelwanga zizinto ezininzi ezazikuMthetho kaMoses ngokuphathelele izinto emazityiwe nemazingatyiwa. Ayenokuzitya ezinye zezinto ezazigqalwa njengezingacocekanga kuMthetho kodwa zibe zingenayo enye into eziphosakele ngayo. Noko ke, xa wayebhala ngenyama yesilwanyana enento yokwenza netempile yezithixo umpostile uPawulos wathi: “Ukuba ukutya kuyamkhubekisa umzalwana wam, andisayi kuze ndiyitye kwakhona inyama konke konke, ukuze ndingamkhubekisi umzalwana wam.” (1 Korinte 8:11-13) AmaKristu enkulungwane yokuqala ayekhuthazwa ukuba abe nolwazelelelo ngezazela zabanye ukuze angabakhubekisi. Izigqibo esizenzayo azifanele zibangele ukuba sibe “zizikhubekiso” kwabanye.—1 Korinte 10:29, 32.

Funa Ubulumko BukaThixo

16. Umthandazo unokusinceda njani xa siza kwenza izigqibo?

16 Eyona nto engundoqo xa uza kwenza izigqibo ngumthandazo. Umfundi uYakobi uthi: “Ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko, makaqhubeke ebucela kuThixo, kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi; yaye uya kubunikwa.” (Yakobi 1:5) Ngaphandle kwamathandabuzo sinokuthandaza kuYehova simcele asiphe ubulumko bokwenza izigqibo ezifanelekileyo. Xa sixelela uThixo oyinyaniso izinto ezisixhalabisayo size sifune ulwalathiso lwakhe, umoya oyingcwele unokusinceda siziqonde kakuhle izibhalo esizifundayo uze usikhumbuze nezinye.

17. Abanye abantu banokusinceda njani xa kufuneka senze isigqibo?

17 Ngaba abanye banokusinceda xa sisenza izigqibo? Ewe, ebandleni sinabantu abaqolileyo esibanikwe nguYehova. (Efese 4:11, 12) Sinokuya kubo, ngokukodwa ukuba kufuneka senze isigqibo ekungelula ukusenza. Abantu abanembono enzulu ngezinto zokomoya nabanamava ebomini banokusinceda sicingisise nzulu ngemigaqo yeBhayibhile eyongezelelekileyo enokufak’ isandla kwisigqibo esifuna ukusenza nenokusibangela ‘siqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’ (Filipi 1:9, 10) Sekunjalo, eyona nto kufuneka siyilumkele yile: Masingaze sivumele abanye abantu basenzele izigqibo. Leyo yimbopheleleko yethu.

Imiphumo—Ngaba Isoloko Incumisa?

18. Kunokuthiwani ngemiphumo yesigqibo esenziwe kakuhle?

18 Ngaba izigqibo ezenziwe ngokusekelwe kwimigaqo yeBhayibhile nezenziwe ngokunyanisekileyo zisoloko zisiba nemiphumo encumisayo? Ewe, ekugqibeleni kuba njalo. Noko ke, maxa wambi zisenokubangela imiphumo engathandekiyo yexeshana nje elifutshane. UShadraki, uMeshaki noAbhednego babesazi ukuba isigqibo abasenzayo sokungawunquli umfanekiso omkhulu sisenokubangela ukuba babulawe. (Daniyeli 3:16-19) Ngokufanayo, emva kokuba abapostile bexelele iSanhedrin yakwaYuda ukuba bamele bathobele uThixo njengomlawuli kunabantu, bakatswa ngaphambi kokuba bakhululwe. (IZenzo 5:27-29, 40) Ngaphezu koko, ‘ixesha nesihlo’ zinokuyenza mibi imiphumo yaso nasiphi na isigqibo. (INtshumayeli 9:11) Ukuba ngandlel’ ithile siyabandezeleka nakubeni senze isigqibo esifanelekileyo, sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kusinceda sinyamezele yaye ekugqibeleni uya kusisikelela.—2 Korinte 4:7.

19. Sinokuwuthwala ngenkalipho njani umthwalo wethu wokwenza izigqibo?

19 Ngoko ke, xa sisenza izigqibo simele sihlolisise imigaqo yeZibhalo size siyisebenzise ngendlela ecingisiswe kakuhle. Hayi indlela esimbulela ngayo uYehova ngoncedo lomoya wakhe oyingcwele nabantu abaqolileyo asinike bona ebandleni! Ngoncedo lolo lwalathiso lukaYehova nezinye iindlela ezahlukahlukeneyo asinceda ngazo, masiwuthwale ngenkalipho umthwalo wethu wokwenza izigqibo ngobulumko.

Ufunde Ntoni?

• Yintoni eyona nto ingundoqo ukuze wenze izigqibo ezifanelekileyo?

• Ukukhulela ekuqoleni kuyichaphazela njani indlela esizikhetha ngayo izinxulumani?

• Xa sisenza izigqibo ngokuphathelele umsebenzi wempangelo, ziziphi izibakala ezibalulekileyo ekufuneka siziqwalasele?

• Luluphi uncedo olufumanekayo xa usenza izigqibo?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 22]

Ukungathobeli kuka-Adam noEva kusisifundo esibalulekileyo kuthi

[Umfanekiso okwiphepha 24]

Ngaphambi kokuba wenze isigqibo esibalulekileyo, hlolisisa imigaqo yobuthixo