Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukukhonza Kwibandla Elisebenzisa Lwimi Lumbi

Ukukhonza Kwibandla Elisebenzisa Lwimi Lumbi

Ukukhonza Kwibandla Elisebenzisa Lwimi Lumbi

UMPOSTILE uYohane wabhala wathi: “Ndabona enye ingelosi iphaphazela esazulwini sezulu, ineendaba ezilungileyo ezingunaphakade ukuba izivakalise njengesigidimi esichulumancisayo kwabo bahleli emhlabeni, nakuzo zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu.” (ISityhilelo 14:6) Ngokuvisisana neso siprofeto, iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo zivakaliswa ehlabathini lonke ngeelwimi ezahlukahlukeneyo. Ezininzi kwezo lwimi zithethwa ngabaphambukeli abahlala kude namazwe abo okuzalwa. AmaNgqina kaYehova aye afunda ezinye iilwimi aza avakalisa iindaba ezilungileyo kwaba baphambukeli.

Ngaba nawe uphakathi kwaloo maNgqina akhonza kwibandla elisebenzisa olunye ulwimi? Okanye mhlawumbi ngaba uceba ukwenjenjalo? Ukuze uphumelele, kufuneka ube nomoya wokungazingci nesimo sengqondo esifanelekileyo. Ekubeni injongo yakho ikukunceda abanye bafunde inyaniso eseLizwini likaThixo, ufanele ushukunyiswe kukuthanda uThixo nommelwane. (Mateyu 22:37-39; 1 Korinte 13:1) Umnqweno wokunceda abanye bazi uThixo ubangela ukuba umntu angathandi nje unxulumano, ukutya nendlela abaphila ngayo abantu bolunye uhlanga. Ngaba ukufunda olunye ulwimi kubonakala kunzima kuwe? Ukuba kunjalo, ukuba nembono efanelekileyo kuya kukunceda. UJames owafunda isiJapan uthi: “Xa ufunda olunye ulwimi musa ukudimazeka.” Ukwazi ukuba abantu abaninzi baye baphumelela kunokukunceda ube nomonde yaye uhlale unesimo sengqondo esifanelekileyo. Ngoko ke, unokulufunda njani olunye ulwimi? Yintoni eya kukunceda ukwazi ukwenza uhlengahlengiso kwibandla ekuthethwa olo lwimi kulo? Yaye yintoni omele uyenze ukuze uhlale womelele ngokomoya?

Indlela Yokufunda Olunye Ulwimi

Zininzi iindlela zokufunda olunye ulwimi. Abo bafunda olunye ulwimi kwanabo bafundisayo basebenzisa iindlela ezahlukahlukeneyo. Noko ke, uninzi lwabafundi lufunda ngokukhawuleza xa lufundiswa ngutitshala oqeqeshiweyo. Ukufunda iBhayibhile noncwadi olusekelwe eBhayibhileni nokuphulaphula iikhasethi ezifumanekayo ngolo lwimi kuya kukunceda ufunde isigama esingakumbi yaye uqhelane namabinzana asetyenziswa kwiintlanganiso. Iinkqubo ezifanelekileyo zikanomathotholo nezikamabonwakude nazo zinokukunceda ufunde ngokukhawuleza ulwimi nendlela abaphila ngayo abantu abaluthethayo. Ukufunda okuncinane suku ngalunye kudla ngokuba yingenelo ngakumbi kunokufunda into eninzi kube kanye emva kwexesha elide.

Ukufunda olunye ulwimi kufana nokufunda ukuqubha. Akunakufunda ukuqubha encwadini kuphela. Kufuneka ungene emanzini ukuze ufunde kakuhle. Kunjalo ke naxa ufunda olunye ulwimi. Akunakuphumelela ngokufunda nje encwadini. Kufuneka unxulumane nabantu abathetha olo lwimi—ubaphulaphule xa bethetha uze uzame ukuthetha nabo ngolwimi lwabo! Imisebenzi eyenziwa ngamaKristu ibangela kube lula ukwenza oku. Amagama amatsha owafundileyo unokuwasebenzisa kubulungiseleli basentsimini. UMidori ofunda isiTshayina uthi: “Usenokoyika kodwa abaninimzi banokubona ukuba thina maNgqina siyazama yaye oku kunokubabangela basiphulaphule. Xa umninimzi ekuva usithi, ‘Ndiyavuy’ ukukwazi’ ngolwimi lwakhe, uye atsho ngolugoso uncumo!”

Enye into eluncedo ziintlanganiso zamaKristu. Zama ukugqabaza nokuba kukanye kwintlanganiso nganye. Enoba woyika kangakanani ekuqaleni, musa ukukhathazeka. Ibandla lifuna uphumelele! UMonifa ofunda isiKorea, uthi: “Ndiyambulela kakhulu udade ohlala ecaleni kwam kwiintlanganiso aze andibhalele intsingiselo yamagama athile. Uyandinceda kakhulu yaye ubonakalisa uthando nomonde.” Njengoko isigama sakho siya sityeba ngakumbi, unokukwazi ukuqiqa ngolo lwimi—ukwazi ukufumana intsingiselo yomongo kungekhona igama negama.

Injongo ephambili yokufunda iilwimi ezahlukahlukeneyo ifanele ibe ‘kukuthetha intetho eqondakala ngokulula.’ (1 Korinte 14:8-11) Nangona abantu besenokuba nomonde, iimpazamo okanye indlela othetha ngayo isenokubaphazamisa bangakwazi ukuphulaphula isigidimi sakho. Ukuzama ukuwabiza kakuhle amagama nokufunda igrama zisuka nje, kuya kukunceda uphephe ukwenza iimpazamo ekunokuba nzima ukuziyeka. UMark owafunda isiSwahili, uthi: “Cela abantu abalwazi kakuhle olo lwimi bakulungise xa usenza iimpazamo uze ubabulele xa bekunceda!” Kambe ke, ufanele ubacingele abo bakuncedayo kuba bachitha ixesha namandla abo bekunceda. Nangona usenokucela umntu ahlole iimpazamo kwintetho yakho oyilungiseleleyo, zama ukusebenzisa amagama osele uwazi kakuhle xa ulungiselela. Oku kuya kukunceda ufunde ngokukhawuleza yaye uqiniseke ngento oyithethayo.

Yenza Inkqubela

UMonifa uthi: “Ukufunda olunye ulwimi yeyona nto inzima kwendakha ndazenza. Ngamanye amaxesha ndiye ndifune ukunikezela. Kodwa ndiye ndikhumbule indlela umfundi weBhayibhile avuya ngayo xa ndimchazela iinyaniso zokomoya ezinzulu ngolo lwazana lwam lwesiKorea lungephi nendlela abavuya ngayo abazalwana xa ndisenza inkqubela enoba incinane kangakanani.” Ingongoma kukuba, musa ukunikezela ngokukhawuleza. Usukelo lwakho kukufuna ukufundisa abanye inyaniso yeZibhalo esindis’ ubomi. (1 Korinte 2:10) Ngoko ke, ukuzama ukufundisa abanye iBhayibhile ngolwimi lwasemzini kufuna umgudu. Njengoko usenza inkqubela, kuphephe ukuzithelekisa nabanye. Inkqubela eyenziwa ngabantu abafunda olunye ulwimi ayifani. Noko ke, xa unikela ingqalelo kwinkqubela oyenzayo uya kuncedakala. (Galati 6:4) UJoon ofunda isiTshayina uthi: “Ukufunda olunye ulwimi kufana nokuhamba kwizinyuko. Xa kanye ucinga ukuba uyoyisakala, uye ufumanise ukuba eneneni wenze inkqubela ethile.”

Ukufunda ulwimi olutsha kuthabatha ixesha elide. Ngoko ke, umele ukunandiphe yaye ungalindeli ukuba akuyi kwenza zimpazamo. (INdumiso 100:2) Akunakungazenzi iimpazamo. Kufundwa ngaloo ndlela. Xa wayeqala ukushumayela ngesiTaliyane omnye umKristu wabuza umninimzi wathi, “Uyawazi umtshayelo wobomi?” Wayefuna ukuthi “injongo yobomi.” Elinye iNgqina elalifunda isiPolish lathi ebandleni makuculwe inja endaweni yokuthi makuculwe ingoma. Ngokutshintsha imvakalo-zwi omnye umntu owayefunda isiTshayina wathi abaphulaphuli bamele babe nokholo kwikhabhathi yeencwadi kaYesu endaweni yokuthi kwintlawulelo. Ukwenza iimpazamo kunceda ekuthini akufane ulilibale igama elichanileyo oye walifunda.

Ukusebenzisana Nebandla

Ulwimi akuphela komqobo owahlukanisa abantu. Ukwahluka kwendlela yokuphila okanye kohlanga kudla ngokuvula umsantsa omkhulu phakathi kwabantu. Noko ke, oko akuthethi kuthi le miqobo ayinakoyiswa. Omnye umphengululi owayesenza uphando kumaqela onqulo afunda isiTshayina eYurophu wathi amaNgqina kaYehova “adibanisa izizwe zonke.” KumaNgqina, “into yokuba umntu ngowaluphi uhlanga ayibalulekanga yaye ulwimi lusetyenziselwa ukufunda ilizwi likaThixo,” watsho njalo lo mphengululi. Eneneni, into enceda amaKristu oyise imiqobo yobuhlanga kukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Kwabo bambatha ‘ubuntu obutsha akukho mGrike namYuda namntu wasemzini.’—Kolose 3:10, 11.

Ngoko ke, onke amalungu ebandla afanele azabalazele ukuba kubekho umanyano. Oku kuthetha ukuba umntu ufanele akulungele ukwamkela iimbono ezintsha nendlela eyahlukileyo yokwenza izinto. Unokukuthintela ukungquzulana ngokunganikeli ingqalelo ngokugqithiseleyo kukhetho lobuqu phakathi kweentlanga ezahlukahlukeneyo. (1 Korinte 1:10; 9:19-23) Jonga izinto ezintle onokuzifunda kwiintlanga ngeentlanga. Khumbula ukuba, uthando lokungazingci ngunozala woxolo nomanyano.

Amabandla amaninzi asebenzisa ulwimi lwasemzini aqala njengamaqela amancinane yaye uninzi lwamalungu alo idla ngokuba ngabo bafunda ulwimi olutsha nabo basandul’ ukuqalisa ukufunda imigaqo yeBhayibhile. Ngenxa yoko, kusenokubakho ukungaboni ngasonye phakathi kwamaqela anjalo kunakumabandla amakhulu. Ngoko ke, amaKristu aqolileyo afanele azabalazele ukuba nempembelelo eyakhayo ebandleni. Ukubonisa uthando nobubele kunokulakha ibandla ukuze abasebatsha bakwazi ukukhula ngokomoya.

Abo bafuna ukuya kunceda kumabandla asebenzisa intetho yasemzini kufuneka babe ngabalungeleleneyo bangalindeli ukuba abanye benze okungaphaya kokusemandleni. URick ongumdala kwibandla elinjalo, uthi: “Abanye abasandul’ ukuba ngamaNgqina basenokungabi nabuchule bungako kwimisebenzi yentlangano njengabo bakumabandla asebenzisa ulwimi lwasekuhlaleni. Kodwa ke ezo nkalo basilela kuzo zidla ngokuthatyathelw’ indawo luthando nokuzimisela. Yaye abantu abaninzi abanomdla bayayamkela inyaniso.” Xa usibakho rhoqo naxa uzibhokoxa koko ukwenzayo, ibandla liya kungenelwa ngokwenene kwanokuba usafunda olunye ulwimi. Xa kukho intsebenziswano, onke amalungu ebandla anokuba negalelo kwinkqubela yokomoya.

Ukugcina Ibandla Lomelele Ngokomoya

Omnye umzalwana owayesemtsha kwibandla elisebenzisa intetho yasemzini weva omnye umama ethetha nomntwana wakhe, emncedisa ukulungiselela. Lo mntwana wathi: “Mama, asinakuyenza ibe mfutshane le mpendulo?” Umama waphendula wathi: “Hayi sana lwam, iimpendulo ezimfutshane masiziyekele abantu abasafunda olu lwimi lwethu.”

Xa umntu omdala engakwazi ukuthetha nabanye ngokutyibilikayo kangangeenyanga okanye iminyaka, usenokutyhafa. UJanet, okwaziyo ngoku ukuthetha iSpanish ngokutyibilikayo uthi: “Ndandiye ndizive ndidandathekile ngenxa yokungakwazi ukuthetha ngokutyibilikayo.” UHiroko owayefunda isiNgesi, wayedla ngokuthi: ‘Ndedlulwa nazizinja neekati ngokwazi isiNgesi.’ Yaye uKathie uthi: “Xa ndatshintshela kwibandla leSpanish, ndafika andabi naso nesifundo esi sinye kanti kwibandla endandikulo ngaphambili ndandinezifundo zeBhayibhile ezininzi nenqwaba yamabuyelo. Ndaziva ndingento yanto.”

Kwimeko enjalo, ukuba nesimo sengqondo esifanelekileyo kuba luncedo. Xa edandathekile, uHiroko wayedla ngokuthi: “Ukuba abanye bayaphumelela nam ndinako ukuphumelela.” UKathie uthi: “Ndandiye ndicinge ngenkqubela eyayisenziwa ngumyeni wam nomsebenzi omninzi awayenawo ebandleni. Oko kwandinceda ndawoyisa loo mqobo. Kusenzima kodwa ngokuthe ngcembe ndiyakwazi ukushumayela nokuqhuba izifundo yaye kuyandivuyisa oko.” Umyeni wakhe uJeff, uthi: “Kubuhlungu ukungeva yonke into xa kusenziwa izaziso nakwiintlanganiso zabadala. Kuye kufuneke ndinyaniseke yaye ndizithobe ndicele abazalwana bandicacisele oko ndingakuvanga kakuhle yaye bayakuvuyela ukundinceda.”

Ukuze ungalahlekelwa ngokomoya xa ukwibandla ekuthethwa olunye ulwimi kulo, umele uzigcine uphilile ngokomoya. (Mateyu 5:3) UKazuyuki okhonze kwintsimi yesiPhuthukezi kangangeminyaka emininzi, uthi: “Kubalulekile ukuba sizondle ngokwaneleyo ngokomoya. Kungenxa yoko le nto mna nentsapho yam sifundisisa yaye silungiselela iintlanganiso ngolwimi lwethu nangesiPhuthukezi.” Ngamathub’ athile abanye bamane besiya kwiintlanganiso zolwimi lwabo. Ngaphezu koko, kubalulekile ukuphumla ngokwaneleyo.—Marko 6:31.

Ukubala Iindleko

Ukuba ucinga ngokutshintshela kwibandla ekuthethwa ulwimi lwasemzini kulo, umele uqale ubale iindleko. (Luka 14:28) Kule nkalo, eyona nto ibaluleke kakhulu bubumoya bakho nolwalamano lwakho noYehova. Thandaza ngalo mbandela. Cinga ngeqabane lakho nabantwana bakho. Zibuze, ‘Ngaba iimeko zam ziya kundivumela ukuba nditshintshele kwelinye ibandla ngokusisigxina?’ Elona khondo lobulumko kukwenza oko kuya kugcina intsapho yakho iphilile ngokomoya. Enoba ukhonza phi na njengomvakalisi woBukumkani, mninzi umsebenzi onokuwenza yaye uwunandiphe.

Zininzi iingenelo ezifunyanwa ngabo banako ukukhonza kwibandla ekusetyenziswa ulwimi lwasemzini kulo. UBarbara, owatshintshela kwibandla leSpanish kunye nomyeni wakhe uthi: “Le yenye yezona zinto zakha zandonwabisa ebomini. Ingathi kungokuya ndandiqala ukufunda inyaniso. Ndinombulelo ongazenzisiyo kuba asinakukwazi ukuya kuba ngabavangeli basemazweni kwelinye ilizwe.”

Ehlabathini lonke, amawaka abantu abadala nabaselula afunda olunye ulwimi ukuze akwazi ukuhambisela phambili iindaba ezilungileyo. Ukuba ungomnye wabo, hlala unesimo sengqondo esifanelekileyo. Ngapha koko, yiba nentembelo yokuba uYehova uya kukusikelela kwimigudu yakho.—2 Korinte 4:7.

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Ukufundiswa ngutitshala oqeqeshiweyo kunokwenza umfundi afunde ngokukhawuleza

[Umfanekiso okwiphepha 20]

Ungavumeli ukuba impilo yakho yokomoya idodobale ngoxa ufunda olunye ulwimi