Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba inyoka eyathetha noEva yayinemilenze?

Njengokuba iGenesis 3:14 ibonisa, uYehova uThixo wathetha ebhekisa kwinyoka eyakhohlisa uEva kumyezo wase-Eden. Wathi: “Ngenxa yokuba uyenzile le nto, uqalekisiwe wena ngaphezu kwazo zonke izilwanyana zasekhaya nangaphezu kwawo onke amarhamncwa asendle. Uya kuhamba ngesisu uze udle uthuli yonke imihla yobomi bakho.” IBhayibhile ayitsho phandle ukuba eso silwanyana sasetyenziswayo ukuhenda uEva sasinemilenze kusini na ngaphambili. Nakuba amazwi akwiGenesis 3:14 enokwenza abanye bacinge ukuba sasinayo, akukho sizathu sakugqiba ekubeni iinyoka zazinemilenze ngaphambi kwesi siqalekiso. Kutheni singenakugqiba njalo?

Esona sizathu kukuba oyena mntu sasibhekiswa kuye esi sigwebo nguSathana—isidalwa sokomoya esingabonakaliyo esasebenzisa kakubi esi silwanyana. IBhayibhile ichaza uSathana ‘njengoyise wabo ubuxoki,’ ‘nenyoka yantlandlolo.’ Omabini la mabinzana abonisa ukuba nguSathana owasebenzisa inyoka yaba sisithethi sakhe ukuze alukuhle uEva ayeke ukuthobela umyalelo kaThixo.—Yohane 8:44; ISityhilelo 20:2.

NguThixo owadala iinyoka, ibe kuyacaca ukuba nguAdam owazithiya njalo ngaphambi kokuba bakhohliswe nguSathana. Asinakubeka ityala kolo sizana lwenyoka eyathetha noEva. Yayingenakuyazi into yokuba isetyenziswa kakubi nguSathana, ibe yayingenakusiqonda neso sigwebo sikaThixo kwabo boni.

Kwakutheni ke, ukuze uThixo athethe ngokuthotywa kwenyoka? Ngokwemvelo inyoka, irhubuluza ngesisu ize iman’ ukuletshezelisa ulwimi ngokungathi ilenca uthuli, zimbo ezo zikufanekisela kakuhle ukuthotywa kukaSathana. Ekubeni wayekade ekwisigxina esiphakamileyo njengenye yeengelosi zikaThixo, uSathana wathotyelwa phantsi kwindawo iBhayibhile eyibiza ngokuthi yiTartaro.—2 Petros 2:4.

Ukongezelela koko, kanye njengokuba inyoka yokoqobo inokumlimaza isithende umntu, ngenxa yokuthotywa kwakhe uSathana, naye wayeza ‘kutyumza isithende sembewu’ kaThixo. (Genesis 3:15) Inxalenye ephambili yaloo mbewu yaba nguYesu Kristu, owakhe wabandezelwa okwexeshana ngamahlakani kaSathana. Kodwa ngexesha elifanelekileyo, intloko yenyoka yokomfuziselo iseza kutyunyuzwa ngokupheleleyo nguKristu namaqabane akhe athanjisiweyo aye avuswa ekufeni. (Roma 16:20) Ngoko ke, isiqalekiso sikaThixo awasibhekisa kwinyoka yokoqobo sasibonisa nje ukuthotywa nokutshatyalaliswa ngokupheleleyo kwaloo “nyoka yantlandlolo” ingabonakaliyo, uSathana uMtyholi.