Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubakhathalela NjengoYehova Abanye?

Ngaba Ubakhathalela NjengoYehova Abanye?

Ngaba Ubakhathalela NjengoYehova Abanye?

“LIPHOSENI [kuThixo] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” (1 Petros 5:7) Esinjani sona ukufudumala isimemo sothando! UYehova uThixo ubakhathalele abantu bakhe. Sinokuziva sinqabisekile xa siphantsi kwephiko lakhe.

Nathi simele sibaphathe ngendlela efanayo abanye. Ekubeni singafezekanga, simele silumkele imigibe ethile kwindlela esibonisa ngayo umdla kwabanye. Ngaphambi kokuba sixubushe ngeminye yale migibe, makhe sibone ezinye iindlela uYehova abanyamekela ngazo abantu bakhe.

Umdumisi uDavide wenza umzekelo ngomalusi, ukuchaza indlela anenyameko ngayo uThixo, wathi: “UYehova ngumaLusi wam. Andiyi kuswela nto. Undilalisa kumadlelo anengca; undikhaphelela kwiindawo zokuphumla ezinamanzi amaninzi. Uyawuhlaziya umphefumlo wam. . . . Nangona ndihamba kwintlambo yethunzi elimnyama, andoyiki nto imbi, kuba unam wena.”—INdumiso 23:1-4.

Ekubeni naye wayengumalusi, uDavide wayekwazi oko kuthethwa kukwalusa umhlambi. Umalusi ukhusela izimvu zakhe kwizilwanyana eziyingozi, njengeengonyama, iingcuka neebhere. Ugcina umhlambi undawonye, akhangele izimvu ezilahlekileyo, athwale amatakane adiniweyo aze anyange ezo zigulayo nezenzakeleyo. Umhlambi uwuseza amanzi yonke imihla. Oku akuthethi kuthi ulawula kwanto eziyenzayo. Izimvu ziyakhululeka xa zisidla ngoxa yena ezikhusele.

Le yindlela uYehova abanyamekela ngayo abantu bakhe. Umpostile uPetros wathi: “Nilondolozwa ngamandla kaThixo.” Ibinzana elithi ‘ukulondolozwa’ elisetyenziswe apha, ngokoqobo lithetha ‘ukulindwa.’ (1 Petros 1:5) Ekubeni esikhathalele, uYehova uhlala esilindile, elungele ukusinceda nanini na sikhala kuye. Noko ke, uYehova wasidala sanenkululeko yokuzikhethela, ngoko akalawuli yonk’ into esiyenzayo nezigqibo zethu. Sinokumxelisa njani kule nkalo?

Nyamekela Abantwana Bakho NjengoThixo

“Oonyana balilifa elivela kuYehova.” Ngenxa yoko, abazali bamele babakhusele baze babanyamekele abantwana babo. (INdumiso 127:3) Oko kunokuquka ukukhuthaza abantwana baphalaze imbilini yabo uze ucingele ezo mvakalelo zabo kwindlela obaphatha ngayo. Ukuba abazali bazama ukulawula yonke into eyenziwa ngabantwana babo, bayityeshele tu iminqweno yabo, bebeya kufana nomalusi olawula indlela ezitya ngayo izimvu. Akakho umalusi obeya kuphatha umhlambi ngalo ndlela; ibe noYehova akasiphathi njalo.

UMariko * uyavuma esithi: “Kangangeminyaka ndandidla ngokuxelela abantwana bam ukuba benze le bangenzi leya. Njengomzali ndandicinga ukuba ndimele ndenjenjalo. Ndandingayazi into ekukuncoma, ndingazange khe ndincokole nabo.” Nakuba intombi yakhe yayikwazi ukuncokola nabahlobo bayo emnxebeni kangangeeyure, yayingakwazi ukuncokola elo xesha nonina. UMariko uthi: “Ethubeni ndakubona oko. Xa ithetha nabahlobo bayo, intombi yam yayisebenzisa amazwi ovelwano, njengokuthi ‘Ewe, unyanisile’ okanye ‘Nam ndicinga njalo.’ Nam ndaqalisa ukusebenzisa lo mazwi ndizama ukufikelela intliziyo yayo ibe zange kube kudala sancokola kamnandi ixesha elide.” Oku kubethelela ukubaluleka kokuncokola kakuhle, okudla ngokuthetha ukuphulaphulana kungekhona ukuthetha wedwa.

Abazali kufuneka bancede abantwana baphalaz’ imbilini yabo, nabantwana baqonde isizathu sokuba abazali baxhalabe. IBhayibhile iluleka abantwana ukuba bathobele abazali babo; ize ichaze nesizathu isithi: “Ukuze kulunge kuwe uze uhlale ixesha elide emhlabeni.” (Efese 6:1, 3) Kuba lula kubantwana ukuthobela abazali xa bekuqonda ukuba luncedo koku.

Ukunyamekela Umhlambi KaYehova

Inyameko anayo uYehova icaca kakuhle kwibandla lamaKristu. Njengentloko yebandla, uYesu Kristu walathisa abadala ukuba banyamekele umhlambi wakhe. (Yohane 21:15-17) Igama lesiGrike elithi umveleli liyavisisana nesenzi esithetha “ukulinda ngenyameko.” Egxininisa indlela ekumele kwenziwe ngayo oku, uPetros uyalela abadala athi: “Waluseni umhlambi kaThixo eniwunyamekelayo, kungengakunyanzelwa, kodwa ngokuzithandela; kungekhona ngokuthanda inzuzo yokunganyaniseki, kodwa ngentumekelelo; ningabi ziinkosi phezu kwabo balilifa likaThixo, kodwa yibani yimizekelo emhlambini.”—1 Petros 5:2, 3.

Ewe, umsebenzi wabadala uyafana nowomalusi. Abadala abangamaKristu banyamekela abagulayo ngokomoya baze balungise indlela abacinga ngayo ukuze baphile ngemilinganiselo yobulungisa. Abadala banembopheleleko yokulungelelanisa izinto ebandleni, balungiselele iintlanganiso baze baqinisekise ukuba izinto zihamba ngendlela.—1 Korinte 14:33.

Noko ke, la mazwi angasentla kaPetros, asilumkisa nangenye ingozi—leyo yokuba abadala bazenze “iinkosi” ebandleni. Omnye umzekelo woko kuxa umdala ebeka imithetho engeyomfuneko. Ecinga ukuba ukhusela umhlambi, umdala usenokugabadela. Kwelinye ibandla kwiMpuma, abadala babeka imithetho ngokuphathelele indlela yokubulisa abanye kwiHolo yoBukumkani—njengokuba ngubani omele athethe kuqala—becinga ukuba lo mithetho yayiya kwenza uxolo ebandleni. Ngoxa kucacile ukuba babeneenjongo ezintle bona, ngaba babexelisa indlela uYehova anyamekela ngayo abantu bakhe? Imbono kampostile uPawulos ibonakala kumazwi akhe athi: “Asikuko ukuba siziinkosi phezu kokholo lwenu, kodwa singabasebenzi abangamadlelane ukuze nibe novuyo, kuba nimi ngokholo lwenu.” (2 Korinte 1:24) UYehova uyabathemba abantu bakhe.

Ukongezelela ekuphepheni ukubekela ibandla imithetho engekho Zibhalweni, abadala abanenyameko babonisa uthando ngokungayityhili imibandela eyimfihlo. Basoloko bekhumbula isilumkiso sikaThixo esithi: “Uze ungalityhili igqugula lomnye.”—IMizekeliso 25:9.

Umpostile uPawulos wafanisa ibandla lamaKristu athanjisiweyo nomzimba womntu esithi: “UThixo uwumanye umzimba . . . khon’ ukuze kungabikho kwahlukana emzimbeni, kodwa ukuze amalungu awo anyamekelane.” (1 Korinte 12:12, 24-26) Ibinzana lesiGrike elithi “anyamekelane” ngokoqobo lithetha ukuba ‘amele abe nenkxalabo ngamanye.’ Amalungu ebandla lamaKristu amele abe nomdla ongazenzisiyo kwamanye.—Filipi 2:4.

AmaKristu okwenyaniso anokubonisa njani ukuba ‘anenkxalabo ngamanye’? Oku anokukubonisa ngokuwathandazela nokuwanceda lawo asweleyo. Oku kuvelisa ezona mpawu zintle banazo abantu. Phawula indlela okwamnceda ngayo oko uTadataka. Ekubhaptizweni kwakhe xa wayeneminyaka eli-17 ubudala, yayinguye kuphela kowabo okhonza uYehova. Uthi: “Intsapho ethile ebandleni yayidla ngokundimema xa yenze isidlo naxa ineembutho. Phantse yonk’ imihla ndandidlula kuloo mzi xa ndisiya esikolweni ukuze sixubushe itekisi yosuku. Ndandifumana amacebiso okujamelana neengxaki esikolweni, size sithandaze ngazo kunye. Le ntsapho yandifundisa ukupha.” Ngenxa yoko wakufunda apho, namhlanje uTadataka ukhonza kwenye yeeofisi zamasebe amaNgqina kaYehova.

Umpostile uPawulos walumkisa ngomgibe wokubonisa umdla kwabanye ngendlela ephosakeleyo. Wathetha ngabafazi abathile ‘ababehamba behleba, begxuphuleka kwimicimbi yabanye abantu, bethetha izinto abangafanele bazithethe.’ (1 Timoti 5:13) Ngoxa kufanelekile ukuba nomdla kwabanye, simele silumke singagxuphuleki kwimicimbi yabo. Ukubonisa umdla ngendlela engafanelekanga kunokubonakala xa ‘sithetha izinto esingafanele kuzithetha,’ njengaxa sibagxeka.

Simele sikhumbule ukuba amaKristu anokuzenza ngendlela engafaniyo izinto, njengokutya akukhethayo nendlela azihlaziya ngayo. Ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile, ngamnye umele azenzele isigqibo ngento afuna ukuyenza. UPawulos walumkisa amaKristu aseRoma wathi: “Masingabi sagwebana. . . . Masisukele izinto ezisingisa eluxolweni nezinto ezakhayo komnye nomnye.” (Roma 14:13, 19) Inkathalo yokwenene esinayo ngabanye ebandleni simele siyibonise, kungekhona ngokugxuphuleka kwimicimbi yabo, kodwa ngokuhlala sikulungele ukubanceda. Xa sinyamekelana ngale ndlela, kuya kubakho uthando nomanyano entsatsheni nasebandleni.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 9 Amanye amagama atshintshiwe.

[Umfanekiso okwiphepha 19]

Khuthaza abantwana bakho baphalaze imbilini yabo ngokubancoma nangokuba novelwano