Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ngaba Uyalazi Igama LikaThixo?”

“Ngaba Uyalazi Igama LikaThixo?”

“Ngaba Uyalazi Igama LikaThixo?”

LOO mbuzo wavusa umdla webhinqa elalihlala kumzantsi-ntshona woMbindi Asia. Lo mbuzo wawukwiphepha elingaphandle lenkupho yeqabane leli phephancwadi, uVukani! kaFebruwari 8, 2004. Eli bhinqa labhalela abapapashi beli phephancwadi lathi: “Kwangoko ndaba nomdla kweli phephancwadi lenu, ibe landinceda ndanikel’ ingqalelo kwimilinganiselo efanelekileyo yokuziphatha. Ngoku ubomi ndibujonga njengobunenjongo. Ndixelela wonk’ umntu ngoThixo wethu nangoxolo olubangelwa kukuba nolu lwazi.”

Enyanisweni, kwiindawo ezininzi “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba,” abantu baya beqhelana negama likaThixo, uYehova. (IZenzo 1:8) Ngokomzekelo, ngolwimi lwesiTurkmen eli gama libizwa ngokuthi nguYehowa, ibe likhona kwinguqulelo yesiTurkmen yeZibhalo Ezingcwele. INdumiso 8:1 ifundeka ngolu hlobo: “Yehova Nkosi yethu, hayi indlela elinobungangamsha ngayo igama lakho emhlabeni wonke!”

Ukuze lifunde ngakumbi ngoYehova uThixo, eli bhinqa lacela ukufumana incwadana enemifanekiso enamaphepha angama-32 ethi Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade. Nawe unokuzicelela le ncwadana enemifanekiso kumaNgqina kaYehova.