Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Senziwe Ngokumangalisayo’

‘Senziwe Ngokumangalisayo’

‘Senziwe Ngokumangalisayo’

“Ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo.”—INDUMISO 139:14.

1. Kutheni abantu abaninzi besithi nguThixo nje odale izinto ezimangalisayo zomhlaba?

 IHLABATHI lizaliswe yindalo emangalisayo. Yabakho njani? Bambi abakholelwa ukuba ingumsebenzi woMdali okrelekrele. Kodwa kukho abathi asinakuze siyiqonde kakuhle indalo ukuba simbekela bucala uMdali. Bakholelwa ukuba indalo esemhlabeni intsonkothe gqitha, iziintlobo ngeentlobo, yaye imangalisa gqitha ukuba ingasuke izivelele. Kubantu abaninzi, kuquka izazinzulu ezithile, ezi zinto zibonisa ukuba indalo inoMenzi olumkileyo, onamandla nonothando. *

2. Yintoni eyashukumisela uDavide ukuba adumise uYehova?

2 UKumkani uDavide wamandulo kwaSirayeli ngomnye wabantu ababeqinisekile ukuba uMenzi umele azukiswe ngendalo yakhe emangalisayo. Nakuba zazingekho izazinzulu ngemihla yakhe, uDavide wayiqonda into yokuba ungqongwe yindalo emangalisayo kaThixo. UDavide wachukunyiswa yindlela enziwe ngayo yena kuqala watsho wawaqonda amandla okudala kaThixo. Wathi: “Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo. Imisebenzi yakho iyamangalisa, njengoko umphefumlo wam uqonda kakuhle.”—INdumiso 139:14.

3, 4. Kutheni kubalulekile ukuba ngamnye wethu acamngce nzulu ngemisebenzi kaYehova?

3 Kukucamngca nzulu okwanceda uDavide wakuqonda oko. Namhlanje, imfundiso yesikolo namajelo osasazo ikhuthaza ukungayikholelwa into yokudalwa. Nathi kufuneka sicamngce nzulu ukuze sibe nokholo olufana nolo lukaDavide. Asinakuvumela abanye basenzele izigqibo, ngakumbi kwimibandela ebaluleke njengale yokubakho koMdali nendima yakhe ekudaleni.

4 Ukucamngca ngemisebenzi kaYehova kusenza simthande size simbulele ngakumbi yaye siqiniseke ngezithembiso zakhe zekamva. Oko kunokusenza sifune ukumazi ngakumbi uYehova size simkhonze. Makhe sibone indlela inzululwazi yanamhlanje evumelana ngayo noDavide xa wathi ‘senziwe ngokumangalisayo.’

Indlela Emangalisayo Esiyileka Ngayo

5, 6. (a) Bayileka njani ubomi bethu sonke? (b) Yintoni umsebenzi wezintso emzimbeni?

5 “Kuba wena wavelisa izintso zam; wandibiyela esiswini sikama.” (INdumiso 139:13) Wonke umntu wayileka kwisisu sikanina eyiseli encinane engaphantsi nakwesi singxi sisekupheleni kwesi sivakalisi. Loo seli incinane nenokubonwa kuphela ngemikroskopu intsonkothe ngendlela engathethekiyo. Yakhula ngokukhawuleza. Xa wawuza kugqiba iinyanga ezimbini esibelekweni, ayesele eyilekile amalungu akho. Phakathi kwawo kwakukho izintso zakho. Ukuzalwa kwakho, izintso zakho zazisele zikwazi ukucoca igazi—zikhupha ubumdaka namanzi angafunekiyo ngoxa zishiya izinto eziyimfuneko. Xa ziphile kakuhle zombini izintso zakho, zicoca amanzi asegazini alingana neelitha ezintlanu kumntu omdala rhoqo emva kwemizuzu engama-45.

6 Zizintso ezilawula ityuwa esegazini kuquka iasidi neblood pressure. Zenza neminye imisebenzi ebalulekileyo, ziguqule ivithamin D ikhulise amathambo ivelise nedlala ekuthiwa yierythropoietin, lona elivelisa iiseli ezibomvu emathanjeni. Yilo nto abantu bebamb’ ongezantsi xa becinga ngoko kwenziwa zizintso emzimbeni! *

7, 8. (a) Chaza indlela ekhula ngayo imveku engekazalwa. (b) Kutshiwo ngayiphi indlela ukuba imveku esesibelekweni ‘yalukwa kwezona nxalenye zisezantsi zomhlaba’?

7 “Amathambo am ayengafihlakalanga kuwe ukwenziwa kwam emfihlekweni, xa ndalukwayo kwezona nxalenye zisezantsi zomhlaba.” (INdumiso 139:15) La seli yokuqala ayilwe yiyo umntu yaqhubeka ivelisa ezinye, zaza nezo zintsha zaqhubeka ngendlela efanayo. Emva koko iiseli zahlukana ezinye zavelisa imithambo, ezinye izihlunu, ezinye ulusu, njalo njalo. Ezo zifanayo zadibana zayila amalungu. Ngokomzekelo, kwiveki yesithathu ukhawuliwe, waqalisa ukuba namathambo. Xa wawuneeveki ezisixhenxe ubudala usenobude nje beesentimitha ezi-2,5, onke amathambo akho angama-206 aye sele eme ngeendawo zawo, nakuba eyesetyhamtyham engekaqini.

8 Konke oku kwakusenzeka esibelekweni sikanyoko, indawo efihlakeleyo ebantwini ngokungathi isemathunjini omhlaba. Eneneni, kuninzi esingakwaziyo ngokuyileka kwethu. Ngokomzekelo, yintoni ebangela iiseli zomntu zahlukane ukuze zivelise amalungu ahlukeneyo omzimba? Inzululwazi isenokude ikwazi oko ekugqibeleni, kodwa njengokuba uDavide ebonisa kumazwi akhe alandelayo, yena uMenzi wethu—uYehova—kudala ekwazi konke oku.

9, 10. Kutshiwo njani ukuba ukuyileka kwembumba ‘kubhalwe phantsi encwadini’ kaThixo?

9 “Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, yaye zonke iinxalenye zam zazibhalwe phantsi encwadini yakho, ngokubhekisele kwiimini ezayilwa ngazo kwakungekabikho nanye phakathi kwazo.” (INdumiso 139:16) Iseli yokuqala yakho yayiqulethe yonke inkcazelo ngendlela yokwakheka komzimba wakho. Yile nkcazelo eyayilawula ukukhula kwakho kwiinyanga ezisithoba usesibelekweni nakwiminyaka engaphezu kwama-20 yokukhula kwakho. Ngelo xesha umzimba wakho wawudlula kumanqanaba amaninzi, onke elawulwa yinkcazelo eyayikula seli yokuqala wayileka kuyo.

10 UDavide wayengazi nto ngeeseli nemizila yemfundo, engenayo kwamikroskopu leyo. Sekunjalo wayiqonda into yokuba umzimba wakhe ukhula ngendlela eyacetywa kusengaphambili. UDavide usenokuba wayenolwazi ngokukhula kwembumba esibelekweni, waza ke waqonda ukuba nto nganye eyenzekayo ilungelelaniswe kusengaphambili ngokucetywa kwayo. Ngolwimi lwembongi wachaza oku kuyilwa ngokuthi ‘kukubhalwa phantsi encwadini’ kaThixo.

11. Yintoni egqibayo ukuba iza kuba njani inkangeleko yethu?

11 Namhlanje, iyaziwa into yokuba imfuza yenza umntu abe neempawu zabazali nookhokho bakhe—njengesithomo, ingxam yobuso, umbala wamehlo noweenwele, njalo njalo. Seli nganye yakho inamawaka emizila yemfuza, ibe mzila ngamnye uyinxalenye yodederhu lweDNA (deoxyribonucleic acid). Iinkcukacha zomzimba wakho “zibhalwe” kule michiza yeDNA. Rhoqo iiseli zakho zivelisa ezintsha okanye zitshitshisa ezindala iDNA idlulisela ezo nkcukacha, ukuze uqhubeke uphila yaye uhlale unguwe. Lo ngumzekelo obalaseleyo wokuba namandla nobulumko koMenzi wethu wasezulwini!

Ingqondo Yethu Engenakuthelekiswa Nanto

12. Yintoni eyenza abantu bahluke kwizilwanyana?

12 “Ngoko, hayi indlela ezixabiseke ngayo iingcamango zakho kum! Owu Thixo, hayi indlela esisikhulu ngayo isimbuku sazo! Ukuba bendingazama ukuzibala, zininzi ngakumbi kunentlabathi.” (INdumiso 139:17, 18a) Nazo izilwanyana zenziwe ngendlela emangalisayo, ibe kukho ezinezivamvo nezinokwenza izinto ezithile abangakwaziyo ukuzenza abantu. Kodwa uThixo wanika abantu ingqondo eyodlula lee eyaso nasiphi na isilwanyana. Enye incwadi yenzululwazi ithi: “Nakuba sifana ngezinto ezininzi nezinye izidalwa, thina bantu sahlukile kuzo zonke izidalwa ezisemhlabeni kuba siyakwazi ukuthetha nokucinga. Sithi sodwa nabafuna ukwazi ngokuyilwa kwethu.” Koku kanye awayefuna ukukwazi naye uDavide.

13. (a) UDavide wakwazi njani ukucamngca ngeengcamango zikaThixo? (b) Sinokwenza njani ukuze sixelise umzekelo kaDavide?

13 Eyona nto ibalulekileyo sahluke ngayo kwizilwanyana, kukuba thina siyakwazi ukucinga ngoThixo. * Esi sipho sikhethekileyo siyenye yeendlela ezibonisa ukuba senziwe “ngokomfanekiso kaThixo.” (Genesis 1:27) UDavide wasisebenzisa kakuhle esi sipho. Wacamngca ngobungqina obubonisa ubukho bukaThixo neempawu zakhe ezintle ezibonakala kwindalo yakhe. Wayenazo neencwadi zokuqala zeZibhalo Ezingcwele, ezazinamazwi kaThixo asichazela ngaye nemisebenzi yakhe kuwo. Le mibhalo iphefumlelweyo yanceda uDavide waziqonda iingcamango zikaThixo, ubuntu neenjongo zakhe. Ukucamngca ngeZibhalo, ngendalo nendlela uThixo awaphathwa ngayo uDavide, kwabangela ukuba amdumise uMenzi wakhe.

Oko Kuthethwa Kukuba Nokholo

14. Kutheni kungeyomfuneko ukwazi yonke into ngoThixo ukuze sibe nokholo kuye?

14 Okukhona uDavide ecamngca ngendalo neZibhalo, kokukhona wayebona ukuba akanakuluqonda lonke ulwazi namandla kaThixo. (INdumiso 139:6) Kunjalo ke nangathi. Asinakuze siyazi yonke into edalwe nguThixo. (INtshumayeli 3:11; 8:17) Kodwa, uThixo uye ‘wabonakalisa’ ulwazi olwaneleyo ngeZibhalo nendalo ukuze abantu abafuna inyaniso enoba baphila nini na bakwazi ukuba nokholo olusekelwe kubungqina.—Roma 1:19, 20; Hebhere 11:1, 3.

15. Yenza umzekelo wendlela oludibana ngayo ukholo nolwalamano esinalo noThixo.

15 Ukuba nokholo akuthethi kwamkela nje into yokuba ubomi nendalo zadalwa nguMntu othile okrelekrele. Kuquka ukukholosa ngoYehova uThixo njengomntu ofuna simazi size sigcine ulwalamano oluhle naye. (Yakobi 4:8) Olu lwalamano unokulufanisa nentembelo yomntwana kuyise onothando. Ukuba kukho othandabuzayo ukuba utata wakho ebeya kukunceda xa usengxakini, usenokungakwazi kumqinisekisa ngoko. Kodwa ukuba unobungqina bokuba unothando, unokuqiniseka ukuba akayi kukuyekela. Ngokufanayo, ukwazi uYehova ngokufunda iZibhalo, sicamngce ngendalo yakhe, nokuphendula kwakhe imithandazo yethu kusenza sikholose ngaye. Kwenza sifune ukwazi ngakumbi ngaye nokumdumisa ngonaphakade ngenxa yokumthanda nokuzinikela kuye ngokupheleleyo. Leyo yeyona njongo ibalulekileyo simele sibe nayo.—Efese 5:1, 2.

Funa Ukhokelo LoMenzi Wethu!

16. Yintoni esinokuyifunda kulwalamano oluhle uDavide awayenalo noYehova?

16 “Ndigocagoce, Thixo, uze uyazi intliziyo yam. Ndihlolisise, uze uzazi iingcamango zam eziphazamisayo, ubone enoba kukho nayiphi na indlela yobubi kum, undikhokelele endleleni yexesha elingenammiselo.” (INdumiso 139:23, 24) UDavide wayeqonda ukuba waziwa kakuhle nguYehova—zonke iingcamango, intetho okanye izenzo zakhe zazize kuMenzi wakhe. (INdumiso 139:1-12; Hebhere 4:13) Ukuqonda ukuba wayesaziwa ngolo hlobo nguThixo kwamnceda waziva enqabisekile, kanye njengomntwana osezandleni zabazali abanothando. Wayeluxabisa gqitha ulwalamano awayenalo noYehova waza wazabalazela ukuhlala enalo ngokucamngca ngemisebenzi yakhe nokuthandaza. Eneneni, iindumiso ezininzi zikaDavide—kuquka nale ye-139—ziyingoma yomthandazo. Nathi ukucamngca nokuthandaza kunokusinceda sisondele kuYehova.

17. (a) Yintoni eyabangela uDavide afune uYehova agocagoce intliziyo yakhe? (b) Indlela esiyisebenzisa ngayo inkululeko yethu yokuzikhethela ibuchaphazela njani ubomi bethu?

17 Ekubeni senziwe ngomfanekiso kaThixo, sinikwe inkululeko yokuzikhethela. Sisenokukhetha ukwenza okuhle okanye okubi. Ekubeni sinalo nkululeko simele siziphendulele. UDavide wayengafuni kubotshwa ngabande-linye nabangendawo. (INdumiso 139:19-22) Wayezimisele ukuphepha nantoni na eza kumbangela intlungu. Ngoko, emva kokucamngca ngazo zonke izinto azaziyo uYehova, uDavide wathobeka ecela uThixo agocagoce intliziyo yakhe aze amkhokelele kwiindlela zobomi. Imilinganiselo yokuziphatha kaThixo isebenza kubo bonke abantu; ngoko nathi simele senze ukhetho olufanelekileyo. UYehova usibongoza sonke ukuba simthobele. Xa simthobela uyakholiswa sithi aze asisikelele. (Yohane 12:50; 1 Timoti 4:8) Ukuhamba noYehova yonk’ imihla kusinceda sihlale sizolile, nokuba sele sineengxaki ezinzulu.—Filipi 4:6, 7.

Ukulandela UMenzi Wethu Omangalisayo!

18. Sisiphi isigqibo awafikelela kuso uDavide emva kokucamngca ngendalo?

18 Eselula, uDavide wayehlala ezindle esalusa umhlambi. Ngoxa izimvu zajonga phantsi zisidla utyani, yena wayephakamisa amehlo akhe ondele emazulwini. Kubumnyama basebusuku, uDavide wayecamngca ngokuzuka kwendalo noko kuthethwa kuko. Wabhala wathi: “Amazulu avakalisa uzuko lukaThixo; yaye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe. Usuku emva kolunye usuku lubangela ukumpompoza kwentetho, yaye ubusuku emva kobunye ubusuku bubonakalisa ulwazi.” (INdumiso 19:1, 2) UDavide waqonda ukuba umele amfune aze amlandele Lowo wenza zonke ezo zinto zimangalisayo. Nathi simele simfune.

19. Yintoni enokufundwa ngabaselula nabakhulileyo kwisibakala sokuba ‘senziwe ngokumangalisayo’?

19 UDavide waba ngumzekelo kanye welo cebiso lanikelwa ngunyana wakhe uSolomon kwabaselula kamva esithi: “Khumbula uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobufana bakho . . . Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu.” (INtshumayeli 12:1, 13) Eselula uDavide wayesele eqonda ukuba ‘wenziwe ngokumangalisayo.’ Ukuphila ngokuvisisana nolu lwazi kwenza izinto zamhambela kakuhle ebomini. Ukuba nathi, abaselula nabadala siyamzukisa size simkhonze uMdali wethu Ozukileyo, siya kuzuza ubomi obonwabisayo ngoku nakwixesha elizayo. Ithetha ngabo bahlala besondelelene noYehova nabaphila ngeendlela zakhe zobulungisa, iBhayibhile ithi: “Baya kuqhubeka bechuma ebudeni bokuba nezimvi, baya kuqhubeka betyebile yaye besiba nentlahla, ukuze baxele ukuba uYehova uthe tye.” (INdumiso 92:14, 15) Siya kuba nethemba lokufumana ulonwabo kwimisebenzi emangalisayo yoMenzi wethu ngonaphakade.

[Imibhalo esemazantsi]

^ isiqe. 1 Funda inkupho kaVukani! kaJulayi 8, 2004 epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 6 Funda inqaku elithi “Your Kidneys—A Filter for Life,” kuVukani! wesiNgesi ka-Agasti 8, 1997

^ isiqe. 13 Amazwi kaDavide akwiNdumiso 139:18b abonisa ukuba xa wayenokuchitha imini yonke de kube sebusuku aze alale ebala iingcamango zikaYehova, wayeya kuthi ukuvuka kwakhe kwintsasa elandelayo kube kusekho ezingakumbi asamele azibale.

Ngaba Unokuchaza?

• Indlela eyileka ngayo imbumba esibelekweni ibonisa njani ukuba ‘senziwe ngendlela emangalisayo’?

• Kutheni simele sicamngce ngeengcamango zikaYehova?

• Ukholo nolwalamano esinalo noYehova zidibana njani?

[Imibuzo YeSifundo]

[Imifanekiso ekwiphepha 23]

Indlela ekhula ngayo imveku esibelekweni ilawulwa yinkcazelo eba kwiseli yokuqala

I-DNA

[Inkcazelo]

Unborn fetus: Lennart Nilsson

[Umfanekiso okwiphepha 24]

Njengomntwana othembele kuyise onothando, nathi sikholose ngoYehova

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Ukucamngca ngemisebenzi emangalisayo kaYehova kwashukumisela uDavide ukuba amzukise