Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova Uyakuxabisa Ukuthobela Kwakho

UYehova Uyakuxabisa Ukuthobela Kwakho

UYehova Uyakuxabisa Ukuthobela Kwakho

“Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam.”—IMIZEKELISO 27:11.

1. Nguwuphi umoya ogqugqisileyo ehlabathini namhlanje?

 UMOYA wokuzimela geqe nokungathobeli ugqugqisile ehlabathini namhlanje. Echaza isizathu soku umpostile uPawulos wathi kwileta eya kumaKristu ase-Efese: “Enanikhe ngaxesha lithile nahamba kuzo ngokwenkqubo yezinto yeli hlabathi, ngokomlawuli wegunya lomoya, moya lowo ngoku osebenza koonyana bokungathobeli.” (Efese 2:1, 2) Ewe, uSathana uMtyholi, ‘umlawuli wegunya lomoya’ uye waphembelela ihlabathi liphela ngomoya wokungathobeli. Wayesenjenjalo kwinkulungwane yokuqala, ibe ebeqhubeka esenjenjalo nangakumbi ukususela oko wakhutshelwa ngaphandle kwamazulu malunga neMfazwe Yehlathi I.—ISityhilelo 12:9.

2, 3. Ziziphi izizathu ezenza simthobele uYehova?

2 Noko ke, njengamaKristu thina siyazi ukuba simele simthobele ngokusuka entliziyweni uYehova uThixo kuba nguye uMdali, uMlondolozi wobomi bethu, uMongami onothando noMhlanguli wethu. (INdumiso 148:5, 6; IZenzo 4:24; Kolose 1:13; ISityhilelo 4:11) Ngomhla kaMoses amaSirayeli ayesazi ukuba nguYehova uMniki-bomi noMhlanguli wawo. Ngoko, uMoses wathi kuwo: “Nize nikunyamekele ukwenza kanye njengoko eniyalele uYehova uThixo wenu.” (Duteronomi 5:32) Ewe, ayefanele amthobele uYehova, ukanti akazange akwenze oko.

3 Kubaluleke kangakanani ukuthobela uMdali wendalo iphela? UThixo wakhe wathumela umprofeti uSamuweli ukuba aye kuthi kuKumkani uSawule: “Ukuthobela kulunge ngakumbi kunombingelelo.” (1 Samuweli 15:22, 23) Kulunge njani ngakumbi?

Isizathu Sokuba “Ukuthobela Kulunge Ngakumbi Kunombingelelo”

4. Yiyiphi indlela esinokukwazi ngayo ukupha uYehova?

4 Ekubeni enguMdali, uYehova zezakhe zonke izinto esinazo. Ekubeni kunjalo, ngaba ikho into esinokumpha yona? Ewe, ikho yaye ixabiseke gqitha. Yintoni leyo? Impendulo sinokuyifumana kwesi sibongozo: “Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam, ukuze ndimphendule ondingcikivayo.” (IMizekeliso 27:11) Isipho esinokumpha sona uThixo kukumthobela. Nakuba zisenokwahluka iimeko nemvelaphi yethu, xa simthobela uYehova, siya kuba siphikisa ibango lobuxoki likaSathana uMtyholi lokuba abantu abayi kuhlala benyanisekile kuThixo xa bejamelene nezilingo. Lilungelo ngokwenene elo!

5. Ukungamthobeli kwethu kumchaphazela njani uMdali? Yenza umzekelo.

5 UThixo uzikhathalele izigqibo esizenzayo. Xa sikhetha ukungamthobeli, oko kuyamchaphazela. Njani? Uba buhlungu xa ebona umntu esenza obo budenge. (INdumiso 78:40, 41) Makhe sithi umntu onesifo seswekile utyeshela imiyalelo kagqirha yezinto amele angazityi. Ucinga ukuba ebeya kuvakalelwa njani loo gqirha? Sinokuqiniseka ke ukuba uYehova uba buhlungu xa abantu bengamthobeli, kuba uyazi kakuhle imiphumo yokutyeshela ulwalathiso lwakhe ebomini.

6. Yintoni eya kusinceda simthobele uThixo?

6 Yintoni enokunceda ngamnye wethu athobele? NjengoKumkani uSolomon, ngamnye kuthi umele acele kuThixo “intliziyo ethobelayo.” USolomon wacela intliziyo ethobelayo eyayiza kumnceda akwazi “ukuqonda phakathi kokulungileyo nokubi” ukuze agwebe amaSirayeli. (1 Kumkani 3:9) Kufuneka sibe ‘nentliziyo ethobelayo’ ukuze sikwazi ukwahlula okulungileyo kokubi kweli hlabathi lizaliswe ngumoya wokungathobeli. UThixo ulungiselele iLizwi lakhe, uncwadi lokufundisisa iBhayibhile, iintlanganiso zamaKristu, nabadala bebandla abanenyameko ukuze sibe ‘nentliziyo ethobelayo.’ Ngaba siwasebenzisa kakuhle la malungiselelo?

7. Kutheni uYehova efuna ukuthotyelwa ngaphezu kwemibingelelo?

7 Khumbula ukuba uYehova wabonisa abakhonzi bakhe bamandulo ukuba ukuthobela kwakubaluleke ngakumbi kunemibingelelo yezilwanyana. (IMizekeliso 21:3, 27; Hoseya 6:6; Mateyu 12:7) Kwakubaluleke njani ngaphezu kwayo, ekubeni inguYehova owayalela abantu bakhe ukuba benze lo mibingelelo? Yintoni kanene injongo yemibingelelo? Awenzelwa ukukholisa uThixo na kanene? Ngaba kukulandela nje isiko? Ukuba umnquli ulangazelela ukholisa uThixo, umele aqiniseke ukuba uyithobela yonke imiyalelo kaThixo. UThixo akaswelanga mibingelelo yezilwanyana, kodwa kukumthobela eyona nto ixabisekileyo kuye.

Umzekelo Osisilumkiso

8. Kwakutheni ukuze uThixo ahluthe uSawule ubukumkani?

8 Ingxelo yeBhayibhile ngoKumkani uSawule ibonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuthobela. Ukuqala kwakhe ukulawula uSawule wayethobekile yaye ethozamile, ‘emncinane emehlweni akhe.’ Noko ke, ngenxa yekratshi nokuzikhohlisa waphetha esenza izigqibo eziphosakeleyo. (1 Samuweli 10:21, 22; 15:17) Ngesinye isihlandlo, kwafuneka aye kulwa namaFilisti. USamuweli wayalela lo kumkani ukuba amlinde abingelele kuYehova nokuze amnike ulwalathiso olungakumbi. Noko ke, uSamuweli walibazisa, baza abantu baqala ukuchithakala. Wathi akubona oko, uSawule “wanikela umbingelelo otshiswayo.” Oku akuzange kumkholise uYehova. Ekufikeni kwakhe uSamuweli, ukumkani wazithethelela, esithi ngenxa yokulibala kukaSamuweli ‘wazinyanzela’ ukuba anikele umbingelelo otshiswayo ukuze afumane intsikelelo kaYehova. KuKumkani uSawule, eyona nto yayibalulekile nguloo mbingelelo ngaphezu komyalelo wokulinda uSamuweli owayeza kuwenza ngokwakhe. USamuweli wathi kuye: “Wenze ngobudenge. Akuwugcinanga umyalelo kaYehova uThixo wakho akuyalele wona.” Ukungathobeli kukaSawule uYehova, kwamphulukanisa nobukumkani bakhe.—1 Samuweli 10:8; 13:5-13.

9. USawule wakubonisa njani ukungathobeli uThixo?

9 Ngaba ikho into awayifundayo lo kumkani kwesi siganeko? Nakanye! Kamva uYehova wayalela uSawule ukuba atshabalalise uhlanga lwama-Amaleki, olwaluhlasele amaSirayeli ngaphandle kwesizathu. Wayengamele asindise nemfuyo le yawo. Wamthobela uYehova waza “wamxabela uAmaleki esusela eHavila ukuya kufikelela eShure.” Xa kweza uSamuweli, ukumkani wayenemincili ngenxa yoloyiso ibe wathi: “Mawusikelelwe wena nguYehova. Ndiliphumezile ilizwi likaYehova.” Nalapha, uSawule nabantu bakhe abazange bawuthobele ngokupheleleyo umyalelo ababewunikiwe, bamsindisa uKumkani uAgagi “nezona zilungileyo emhlambini wezimvu nasemhlambini weenkomo nezityebileyo nakwiinkunzi zeegusha nakuko konke oko kwakulungile.” UKumkani uSawule wakuthethelela ukungathobeli kwakhe esithi: “Abantu baye banemfesane ngezona zilungileyo emhlambini wezimvu nasemhlambini weenkomo, ngenjongo yokubingelela kuYehova uThixo wakho.”—1 Samuweli 15:1-15.

10. Yintoni uSawule angazange akwazi ukuyifunda?

10 Xa kwenzeka oko, uSamuweli wathi kuSawule: “Ngaba uYehova lo uyoliswa yiminikelo etshiswayo nemibingelelo na njengoko kunjalo ngokuthotyelwa kwelizwi likaYehova? Khangela! Ukuthobela kulunge ngakumbi kunombingelelo, ukunikela ingqalelo kunamanqatha eenkunzi zeegusha.” (1 Samuweli 15:22) Ekubeni uYehova wayeyalele ukuba zitshatyalaliswe ezo zilwanyana, yayingenakufaneleka into yokuba kubingelelwe ngazo.

Thobela Kwizinto Zonke

11, 12. (a) UYehova uyijonga njani imigudu yethu yokumkholisa kwindlela esimnqula ngayo? (b) Umntu unokuzikhohlisa njani acinge ukuba wenza ukuthanda kukaThixo ngoxa eneneni engamthobeli?

11 UYehova uvuyiswa gqitha xa ebona abakhonzi bakhe abathembekileyo bengagungqi phezu kwayo intshutshiso, bebhengeza uBukumkani ngoxa bechaswa ngabaninzi baze babekho kwiintlanganiso zamaKristu nakuba kunzima ukufumana izinto zokuphila! Ukumthobela kwethu kwezi zinto zokomoya zibalulekileyo kuyayivuyisa intliziyo yakhe! UYehova uyixabisa gqitha imigudu yethu yokumkhonza xa siyenza ngothando. Abantu basenokungakuxabisi ukuzibhokoxa kwethu, kodwa yena uThixo uyakubona ukuzincama kwethu okusuka entliziyweni aze akukhumbule.—Mateyu 6:4.

12 Noko ke, ukuze simkholise ngokupheleleyo uThixo, simele simthobele kuzo zonke iinkalo zobomi bethu. Masingaze sizikhohlise sicinge ukuba sinako ukwaphula imilinganiselo ethile kaThixo logama nje simnqula ngezinye iindlela. Ngokomzekelo, umntu unokuziqhatha ngelithi xa enqula esenza izinto ezithile eziqhelekileyo, angabhungca xa enokuziphatha kakubi okanye esinye isenzo esinzulu esiphosakeleyo. Ibiya kuba yimpazamo enkulu leyo!—Galati 6:7, 8.

13. Kunokuvavanywa njani ukuthobela kwethu uYehova xa singekho phambi kwabantu?

13 Sisenokuzibuza oku, ‘Ngaba ndiyamthobela uYehova kwizinto zonke endizenza mihla le, nkqu nakwizinto zobuqu?’ UYesu wathi: “Umntu othembekileyo kokona kuncinane uthembekile nakokukhulu, nomntu ongelolungisa kokona kuncinane akalolungisa nakokukhulu.” (Luka 16:10) Ngaba ‘sihamba ngengqibelelo yentliziyo yethu’ kwanaxa ‘singaphakathi kwizindlu zethu,’ apho kungekho mntu usibonayo? (INdumiso 101:2) Kaloku, ingqibelelo yethu inokuvavanywa naphakathi ezindlwini zethu. Kumazwe amaninzi apho phantse yonke imizi inekhompyutha, kusenokuba lula gqitha ukuyivula ubukele imifanekiso yamanyala. Kwiminyaka engaphambili, kwakungelula ukubona le mifanekiso de ube uye kwindawo yayo. Ngaba siya kuwathobela amazwi kaYesu athi: “Kodwa mna ndithi kuni wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.” Ngaba asiyi kukuphepha nkqu nokuyijonga le mifanekiso? (Mateyu 5:28; Yobhi 31:1, 9, 10; INdumiso 119:37; IMizekeliso 6:24, 25; Efese 5:3-5) Kuthekani ngeenkqubo zikamabonwakude ezinogonyamelo? Ngaba senza ngokuvisisana noThixo wethu, omphefumlo wakhe ‘umthiyileyo ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo’? (INdumiso 11:5) Kuthekani ngokuzintyintya ngotywala xa singekho phambi kwabanye? IBhayibhile iyakwalela ukunxila, kodwa iphinda ilumkise amaKristu ukuba angazinikeli ‘kwiwayini eninzi.’—Tito 2:3; Luka 21:34, 35; 1 Timoti 3:3.

14. Yiyiphi eminye imicimbi yemali esinokubonakala kuyo ukuba siyamthobela uThixo?

14 Enye inkalo esimele silumke kuyo, yimibandela yemali. Ngokomzekelo, ngaba besiya kubandakanyeka kwiindlela zokutyeba ngokukhawuleza eziphantse ibe zezondlela mnyama? Ngaba sikhe sifune ukusebenzisa iindlela ezingekho mthethweni kuba sifuna ukuphepha ukuhlawula irhafu? Okanye, ngaba ngesazela esihle sithobela umyalelo othi “nikani bonke oko kubafaneleyo, lowo kufuneka irhafu kuye, mnikeni irhafu”?—Roma 13:7.

Ukuthobela Ngenxa Yothando

15. Kutheni uthobela imiyalelo kaYehova?

15 Ukuthobela uThixo kuzisa iintsikelelo. Ngokomzekelo, xa siphepha ukutshaya, siziphathe kakuhle sihlonele nobungcwele begazi, sinokusinda kwizifo ezithile. Enye into xa sithobela iBhayibhile kwezinye iinkalo zobomi, sinokuzuza ngokoqoqosho, entlalweni nakubomi basekhaya. (Isaya 48:17) Oku kumele kujongwe njengeentsikelelo ezingqina ukuba imithetho kaThixo iyingenelo. Nalapho, esona sizathu sokuthobela uYehova kukuba siyamthanda. Asikokuzingca okwenza sikhonze uThixo. (Yobhi 1:9-11; 2:4, 5) UThixo wasinika inkululeko yokuzikhethela ukuba sifuna ukunqula bani. Sizikhethele ukuthobela uYehova kuba sifuna ukumkholisa nangenxa yokuba sifuna ukwenza okulungileyo.—Roma 6:16, 17; 1 Yohane 5:3.

16, 17. (a) UYesu wabonisa njani ukuba umthobela kuba emthanda uThixo? (b) Sinokumxelisa njani thina?

16 UYesu wamisela umzekelo ogqibeleleyo ethobela uYehova kuba emthanda ngokwenene. (Yohane 8:28, 29) Xa wayesemhlabeni, uYesu “wafunda ukuthobeka ngeembandezelo awazifumanayo.” (Hebhere 5:8, 9) Njani? UYesu “wazithoba kwada kwasa ekufeni, ewe, ukufa kwisibonda sentuthumbo.” (Filipi 2:7, 8) Nakuba uYesu wayethobekile kakade esesezulwini, ukuthobeka kwakhe kwavavanywa ngakumbi emhlabeni. Sinokuqiniseka ukuba uYesu ukulungele ngandlela zonke ukuba nguMbingeleli Ophakamileyo kubazalwana bakhe bokomoya nabanye abantu abanokholo.—Hebhere 4:15; 1 Yohane 2:1, 2.

17 Kuthekani ngathi? Sinokuxelisa uYesu xa ukuthanda kukaThixo kuyeyona nto iphambili kuthi. (1 Petros 2:21) Kungathi ngco kuthi ukuba kukumthanda uYehova okwenza sithobele imiyalelo yakhe, nokuba silingelwa ukuba siyaphule. (Roma 7:18-20) Oku kuquka ukulungela ukuthobela ulwalathiso lwabo bakhokelayo kunqulo lokwenyaniso, nakuba bengafezekanga. (Hebhere 13:17) UYehova uyixabisa gqitha into yokuba sithobele imiyalelo yakhe nokuba sele singekho emehlweni abanye.

18, 19. Iba yintoni imiphumo yokumthobela ngokusuka entliziyweni uThixo?

18 Namhlanje, ukuthobela uYehova kusenokuquka intshutshiso ukuze silondoloze ingqibelelo yethu. (IZenzo 5:29) Nokuthobela umyalelo kaYehova wokushumayela nokufundisa abanye kufuna sinyamezele de kube sekupheleni kwale nkqubo yezinto. (Mateyu 24:13, 14; 28:19, 20) Simele sinyamezele ukuze siqhubeke sihlanganisana nabazalwana bethu, nakuba sisenokuba siva iingcinezelo zeli hlabathi. UThixo wethu onothando uyiqonda kakuhle imigudu esiyenzayo ukuze simthobele kwezi nkalo. Noko ke, ukuze simthobele ngokupheleleyo simele silwe nenyama yethu enesono sityeke ebubini, ngoxa sihlakulela ukuthanda okulungileyo.—Roma 12:9.

19 Xa uYehova simkhonza ngothando nentliziyo enombulelo, utsho ‘abe ngumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.’ (Hebhere 11:6) Imibingelelo efanelekileyo iyimfuneko yaye iyanqweneleka, kodwa ukumthobela ngokupheleleyo uYehova ngenxa yothando yeyona nto imkholisayo.—IMizekeliso 3:1, 2.

Unokuphendula Uthini?

• Sitsho njani ukuba ikho into esinokumpha yona uYehova?

• Ziziphi iimpazamo ezenziwa nguSawule?

• Ungabonisa njani ukuba uyayikholelwa into yokuba ukuthobela kulunge ngakumbi kunemibingelelo?

• Yintoni ekwenza umthobele uYehova?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Ugqirha onenkathalo ebeya kuziva njani xa isigulana sakhe sityeshela imiyalelo yakhe?

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Kwakutheni ukuze uYehova ayeke ukukholiswa nguKumkani uSawule?

[Imifanekiso ekwiphepha 30]

Ngaba uyayithobela imiyalelo kaThixo naxa ungekho emehlweni abanye kwikhaya lakho?