Ukuzinza Ngenxa Yemilinganiselo Engatshintshiyo
Ukuzinza Ngenxa Yemilinganiselo Engatshintshiyo
BONKE abantu bazenzela imilinganiselo ethile yokuziphatha. Ngaba akuvumi ukuba ukunyaniseka, ububele, imfesane nokucingela abanye ziimpawu ezithandwayo sithi sonke bantu ehlabathini?
Ngubani Obeke Le Milinganiselo?
Ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, kwakukho sifundiswa sithile sendoda ekwakusithiwa nguSawule eyaphila phakathi kweentlobo ezintathu zabantu ababenempembelelo Roma 2:14, 15.
gqitha kwimilinganiselo yokuziphatha—amaYuda, amaGrike namaRoma. Phezu kwabo nje ubuceducedu nemithetho yokuphila yabo bantu, uSawule wayeqonda ukuba ngokuqhelekileyo abantu balawulwa ngumthetho wemvelo, isazela sethu. Emva kokuba engumKristu, umpostile uPawulos wathi: “Xa sukuba abantu beentlanga abangenawo umthetho besenza ngemvelo izinto zomthetho, aba bantu, nangona bengenawo umthetho, bangumthetho kubo ngokwabo. Bona babonakalisa ukuba umthetho ubhalwe ezintliziyweni zabo, nesazela sabo siyakungqina oko.”—Ngaba kwanele ukuba silawulwe ngumthetho ‘wemvelo’ kuphela xa siza kugqiba ngokulungileyo nokubi? Nawe usenokuba uyazi ukuba, imbali yabantu izaliswe ziintsilelo zabo. Oku kwenze abaninzi baqonda ukuba simele salathiswe nguthile owongamileyo oza kumisela imilinganiselo efanelekileyo yokuphila. Abaninzi bayavuma ukuba nguMenzi wabantu onokusinika imilinganiselo engaphelelwa xesha. Kwincwadi yakhe ethi The Undiscovered Self, uGqr. Carl Jung wathi: “Umntu okude noThixo akanako ukulwa nenkanuko yenyama yakhe xa esesilingweni.”
Le mbono iyavisisana noko kwabhalwa ngumprofeti wamandulo esithi: “Ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) UMdali wethu uthi: ‘Ndikufundisa okuyingenelo kuwe, ndikubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.’—Isaya 48:17.
Umthombo Wemilinganiselo Enokuthenjwa
La mazwi acatshulwe apha akwiZibhalo Ezingcwele—eyona ncwadi isasazwe gqitha nengumthombo ofanelekileyo wemilinganiselo yokuziphatha. Ehlabathini lonke izigidi zabantu, abo bangengomaKristu nabo bangahambi cawa, baye bafunda iZibhalo befuna ubulumko nengqiqo. Imbongi yaseJamani uJohann Wolfgang von Goethe wathi: “Ndiyayithanda yaye ndiyayihlonela [iBhayibhile], kuba ndayifunda kuyo yonke imilinganiselo yokuziphatha endinayo.” Inkokeli yamaHindu uMohandas Gandhi kuthiwa yathi: “Wasebenzise kangangoko unako amacebiso eNtshumayelo yaseNtabeni [eyinxalenye yeemfundiso zikaYesu Kristu eziseBhayibhileni] . . . Iimfundiso zale Ntshumayelo zalungiselelwa ngamnye wethu.”
Umpostile uPawulos, okhe wacatshulwa, wabalaselisa indima yeZibhalo Ezingcwele kwimilinganiselo yethu yokuziphatha esithi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni.” (2 Timoti 3:16) Ngaba siphefumlelwe ngokwenene?
Kutheni ungazifundeli ukuze ubone ukuba oko kuyinyaniso kusini na? Hlolisisa imigaqo edweliswe kwiphepha elilandelayo. Khangela indlela eyingenelo ngayo le migaqo. Camngca ngendlela ezi mfundiso ezinamandla nezinokubuphucula ngayo ubomi nolwalamano lwakho nabanye.
Ngaba Uza Kungenelwa?
Le migaqo ichazwe apha yimizekelo nje embalwa yendlela eziluncedo ngayo iziluleko zeZibhalo Ezingcwele. Kwelinye icala, iLizwi likaThixo lisilumkisa gqitha nxamnye neengcamango, intetho nezenzo ezinokuba nemiphumo emibi.—IMizekeliso 6:16-19.
Ewe, iimfundiso zeBhayibhile zinento abayiswele gqitha abantu—isiluleko esibanceda babe nemilinganiselo yokuziphatha efanelekileyo. Abo bazamkelayo baze baphile ngazo ezi mfundiso benza utshintsho oluphawulekayo kubomi babo. Indlela abacinga ngayo iyaphucuka, nobomi babo bube nenjongo. (Efese 4:23, 24) Ukufunda imilinganiselo kaThixo njengokuba iboniswa yiBhayibhile kuye kwanceda abaninzi bakwazi ukubusiphula neengcambu ezintliziyweni zabo ubuhlanga, ucalucalulo, nentiyo. (Hebhere 4:12) IZibhalo nemilinganiselo ekuzo iye yanceda abantu bashiya zonke iintlobo zogonyamelo nobungendawo baba ngabantu abalungileyo.
Ewe, imilinganiselo yeBhayibhile iye yanceda izigidi zoyisa imikhwa eyendeleyo njengezenzo ezonakalisa ubomi babanye. (1 Korinte 6:9-11) Iimfundiso zeBhayibhile ziye zatshintsha abantu—kungekuphela nje kwimikhwa yabo kodwa zatshintsha iintliziyo, amathemba neentsapho zabo. Nakuba lisonakala kangaka nje ihlabathi, emhlabeni wonke abantu bayaqhubeka betshintsha babe ngabalungileyo, ibe oku kuseza kuqhubeka kunjalo. “Ingca eluhlaza yomile, intyatyambo ibunile; kodwa ke lona ilizwi loThixo wethu, liya kuhlala ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Isaya 40:8.
Umbuzo ngulo, ngaba wena lingakunceda “ilizwi loThixo wethu”? AmaNgqina kaYehova angakuvuyela ukukubonisa indlela onokwenza ngayo ukuze uncedwe yimilinganiselo yeBhayibhile. Ukuphila ngokuvisisana nayo kuya kuthetha ukuba uThixo uya kukholiswa nguwe ngoku kuze oko kukhokelele ekubeni uzuze ubomi obungunaphakade obulawulwa yimilinganiselo kaThixo, engaphelelwa lixesha.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 6, 7]
IMIGAQO ENGAPHELELWAYO
UMthetho Omkhulu. “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo; oku, enyanisweni, koko kuthethwa nguMthetho nabaProfeti.”—Mateyu 7:12.
Thanda ummelwane wakho. “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” (Mateyu 22:39) “Uthando alusebenzi bubi kummelwane kabani; ngoko ke uthando lukukuzaliseka komthetho.”—Roma 13:10.
Hlonipha abanye. “Ngokuphathelele uthando lobuzalwana yibani nomsa omnye komnye. Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.”—Roma 12:10.
Zama ukuba seluxolweni nabanye. “Hlalani ninoxolo phakathi kwenu.” (Marko 9:50) “Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.” (Roma 12:18) “Masisukele izinto ezisingisa eluxolweni.”—Roma 14:19.
Xolela. “Sixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.” (Mateyu 6:12) “Yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane, nixolelane ngesisa.”—Efese 4:32.
Thembeka. “Thembeka kumfazi wakho, uyotywe luthando lwakhe kuphela. . . . Yoliswa ngumfazi wakho, ube nemihlali yintombi owayitshatayo . . . Chwayita ngobuhle bakhe; uhlale uthabathekile luthando lwakhe. . . . Kutheni uthanda omnye umfazi nje? Kutheni utsaleleka kumfazi wenye indoda nje?” (IMizekeliso 5:15-20, Today’s English Version) “Umntu othembekileyo kokona kuncinane uthembekile nakokukhulu, nomntu ongelolungisa kokona kuncinane akalolungisa nakokukhulu.” (Luka 16:10) “Okufunekayo kumagosa kukuba ahlale ethembekile.”—1 Korinte 4:2.
Nyaniseka. “Ndingaba ngohlambulukileyo na ngokuziphatha ndinezikali zokungendawo nengxowa yamatye okulinganisa enkohliso?” (Mika 6:11) “Siyathemba ukuba sinesazela esinyanisekileyo, njengoko sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—Hebhere 13:18.
Thetha inyaniso, wenze ngobulungisa. “Thiyani okubi, nithande okulungileyo, vulelani okusesikweni indawo esangweni.” (Amosi 5:15) “Thethani inyaniso omnye nomnye. Gwebani emasangweni enu ngenyaniso nomgwebo woxolo.” (Zekariya 8:16) “Ekubeni nikulahlile ukuxoka, ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane wakhe.”—Efese 4:25.
Khuthala, uzibhokoxe emsebenzini. “Uyambona na umntu onobuchule emsebenzini wakhe? Uya kuma phambi kookumkani.” (IMizekeliso 22:29) “Musani ukutshivela emsebenzini wenu.” (Roma 12:11) “Nayiphi na into eniyenzayo, yenzeni ngomphefumlo uphela ngokungathi niyenzela uYehova, kungekhona abantu.”—Kolose 3:23.
Yiba nobulali, imfesane nobubele. “Yambathani umsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo.”—Kolose 3:12.
Yoyisa ububi ngokulungileyo. “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.” (Mateyu 5:44) “Musa ukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokulungileyo.”—Roma 12:21.
Mnike konke okusemandleni akho uThixo. “‘Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.’ Lo ngowona myalelo mkhulu nowokuqala.”—Mateyu 22:37, 38.
[Imifanekiso]
Ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile kungakunceda ube nomtshato owonwabisayo, intsapho emanyeneyo, nobuhlobo obanelisayo