Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimbalasane Zencwadi KaHezekile—II

Iimbalasane Zencwadi KaHezekile—II

ILizwi LikaYehova Liphilile

Iimbalasane Zencwadi KaHezekile—II

KUNGODISEMBA 609 B.C.E. Ukumkani waseBhabhiloni uqalisa ukungqinga iYerusalem okwesihlandlo sokugqibela. Ukuza kuthi ga ngoku, kwabo basekuthinjweni eBhabhiloni uHezekile ushumayela ngokuwa nokutshatyalaliswa kwesixeko sabo abasithandayo, iYerusalem. Noko ke, ngoku iziprofeto zikaHezekile ziyatshintsha uthetha ngokutshatyalaliswa kweentlanga ezingabahedeni eziya kuvuyiswa yintlekele eya kwehlela abantu bakaThixo. Ekuweni kweYerusalem emva kweenyanga ezili-18, isigidimi sikaHezekile siyatshintsha kwakhona, uthetha ngokubuyiselwa konqulo lokwenyaniso oluzukileyo.

UHezekile 25:1–48:35 uqulethe iziprofeto eziphathelele iintlanga ezingqonge uSirayeli nokuhlangulwa kwabantu bakaThixo. a Ngaphandle kukaHezekile 29:17-20, le ngxelo ibhalwe ngokulandelelana kweziganeko nemibandela. Nangona ezi ndinyana zine zingabhalwanga ngokulandelelana kweziganeko kodwa zibhalwe ngokwemibandela. Njengenxalenye yeZibhalo eziphefumlelweyo, incwadi kaHezekile inesigidimi ‘esiphilileyo nesinamandla.’—Hebhere 4:12.

‘ELO LIZWE LIZA KUBA NJENGOMYEZO WASE-EDEN’

(Hezekile 25:1–39:29)

Ebona kwangaphambili indlela ezaziya kusabela ngayo iintlanga ngokuwa kweYerusalem, uYehova uphefumlela uHezekile ukuba aprofete nxamnye noAmoni, uMowabhi, uEdom, amaFilisti, iTire neSidon. IYiputa iza kuphangwa. ‘UFaro ukumkani waseYiputa nesihlwele sakhe’ bafaniswa nomsedare oza kugawulwa ‘ngekrele lokumkani waseBhabhiloni.’—Hezekile 31:2, 3, 12; 32:11, 12.

Malunga neenyanga ezintandathu emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E., kufika umntu obaleke apho aze athi kuHezekile: “Isixeko sixatyelwe!” Lo mprofeti ‘uyakwazi ukuthetha kwakhona’ kwabo basekuthinjweni. (Hezekile 33:21, 22) Uprofeta ngokubuyiselwa kwabo kwilizwe labo. UYehova ‘uya kuvelisa phezu kwabo umalusi omnye, umkhonzi [wakhe] uDavide.’ (Hezekile 34:23) UEdom uza kuba yinkangala, kodwa yena uYuda uza kuba “njengomyezo wase-Eden.” (Hezekile 36:35) UYehova uthembisa ukubakhusela abantu bakhe ababuyiselweyo ekuhlaselweni “nguGogi.”—Hezekile 38:2.

Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:

29:8-12—Kwakunini xa iYiputa yaba yinkangala kangangeminyaka engama-40? Emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E., intsalela yamaYuda yasabela eYiputa nangona uYeremiya wayelumkisile. (Yeremiya 24:1, 8-10; 42:7-22) Leyo ayizange ibe yindawo ekhuselekileyo yokusabela kuba uNebhukadenetsare wahlasela iYiputa waza wayoyisa. Iminyaka engama-40 yokuba senkangala kweYiputa inokuba yaba semva kolo loyiso. Nangona imbali ingathethi nto ngokuba yinkangala kweYiputa, sinokuqiniseka ukuba oku kwenzeka kuba uYehova nguMzalisekisi weziprofeto.—Isaya 55:11.

29:18—Kwenzeka njani ukuba ‘zonke iintloko zichetywe iinkqayi, namagxalaba onke atyabuke’? Ukungqingwa kwesixeko saseTire yayingumsebenzi onzima noqobayo kangangokuba iintloko zomkhosi kaNebhukadenetsare zaphuma impandla ngenxa yokukhuthulwa zizigcina-ntloko ibe amagxalaba awo ayetyabukile ngenxa yokuthwala izinto zokwakha iinqaba.—Hezekile 26:7-12.

Oko Sikufundayo:

29:19, 20. Ekubeni abemi baseTire babalekela kwisixeko sabo esisesiqithini nobutyebi babo obuninzi, uKumkani uNebhukadenetsare akazange afumane maxhoba angako eTire. Nakuba wayenekratshi, engumlawuli ongumhedeni ozingcayo, uYehova wamvuza ngenkonzo awayiphumezayo wanikela kuye iYiputa yaba “ngumvuzo womkhosi wamajoni akhe.” Ngaba asimele sixelise uThixo oyinyaniso ngokuhlawula irhafu koorhulumente ngenxa yeenkonzo abasenzela zona? Enoba abasemagunyeni baziphethe njani okanye bayisebenzisa njani irhafu asinaso isizathu sokungayihlawuli.—Roma 13:4-7.

33:7-9. Udidi lomlindi lwanamhlanje—intsalela ethanjisiweyo—namaqabane ayo imele ingaze irhoxe ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani nokulumkisa abantu ‘ngembandezelo enkulu’ ezayo.—Mateyu 24:21.

33:10-20. Ukusinda kwethu kuxhomekeke ekutyekeni kwethu kwiindlela ezimbi nasekuthobeleni uThixo. Ewe, indlela kaYehova ‘ilungiswe kakuhle.’

36:20, 21. Ngokutyeshela kwabo oko bakwaziyo, “abantu bakaYehova,” amaSirayeli alihlambela igama likaThixo phakathi kweentlanga. Kwanga singangaze simnqule ngegama nje kuphela uYehova.

36:25, 37, 38. Iparadesi yokomoya esikuyo namhlanje izaliswe ‘ngumhlambi wabantu abangcwele.’ Ngenxa yoko simele sizabalazele ukuyigcina icocekile.

38:1-23. Kukhuthaza ngokwenene ukwazi ukuba uYehova uya kubahlangula abantu bakhe xa behlaselwa nguGogi welizwe lakwamaMagogi! UGogi ligama elanikwa “umlawuli weli hlabathi,” uSathana uMtyholi, emva kokukhutshelwa ngaphandle kwakhe emazulwini. Ilizwe lakwaMagogi libhekisela kummandla womhlaba, angenakudlula naphelele kuwo uSathana needemon zakhe.—Yohane 12:31; ISityhilelo 12:7-12.

“BEKA INTLIZIYO YAKHO KUKO KONKE ENDIKUBONISA KONA”

(Hezekile 40:1–48:35)

Ngunyaka we-14 emva kokuba isixeko saseYerusalem sitshatyalalisiwe. (Hezekile 40:1) AmaYuda aseza kuhlala iminyaka engama-56 ekuthinjweni. (Yeremiya 29:10) Ngoku uHezekile sele eza kugqiba iminyaka engama-50 ubudala. Kumbono wakhe, usiwa kwilizwe lakwaSirayeli. Uxelelwa oku: “Nyana womntu, bona ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, ukubekele intliziyo yakho konke oko ndikubonisa kona.” (Hezekile 40:2-4) UHezekile umele ukuba uvuya ngokwenene xa ebona umbono wetempile entsha.

Itempile ezukileyo ebonwa nguHezekile inamasango ama-6, amagumbi okutyela angama-30, iNgcwele, Eyona Ngcwele, isibingelelo somthi nesibingelelo seminikelo etshiswayo. Apho etempileni ‘kwakuphuma’ amanzi awayesiba ngumsinga. (Hezekile 47:1) UHezekile wafumana nombono wezabelo zezizwe zakwaSirayeli ngasinye sisahlulelwa umhlaba olilifa laso ukusuka empuma ukusa entshona, kuquka isiqwenga sesabelo somhlaba wesikhulu esiphakathi koYuda noBhenjamin. “Ingcwele kaYehova” ‘nesixeko’ ekuthiwa ukubizwa “UYehova Ngokwakhe Ulapho” (Jehovah-Shammah) nazo zikwesi siqwenga somhlaba.—Hezekile 48:9, 10, 15, 35, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.

Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:

40:3–47:12—Yintoni efanekiselwa yitempile esembonweni? Le tempile inkulu kangaka yabonwa nguHezekile embonweni ayizange yakhiwe ngokwenene. Yayifanekisela itempile yokomoya kaThixo—ilungiselelo lakhe elibutempile yonqulo olunyulu kulo mhla wethu. (Hezekile 40:2; Mika 4:1; Hebhere 8:2; 9:23, 24) Umbono wetempile uzaliseka “ngemihla yokugqibela,” xa sele kusulungekiswa ububingeleli. (2 Timoti 3:1; Hezekile 44:10-16; Malaki 3:1-3) Noko ke, uya kuzaliseka ngokupheleleyo eParadesi. Le tempile yasembonweni yayinika amaYuda asekuthinjweni ithemba lokubuyiselwa konqulo olunyulu ize indlu nganye yomYuda ifumane ilifa elizweni.

40:3–43:17—Yintoni ebalulekileyo ngokulinganiswa kwetempile? Ukulinganiswa kwetempile ngumqondiso wokuba iza kuzaliseka ngokwenene injongo kaYehova yonqulo olunyulu.

43:2-4, 7, 9—Ziziphi ‘izidumbu zookumkani babo’ ekwakufuneka zisuswe etempileni? Kuyabonakala ukuba zazibhekisela kwizithixo. Abalawuli baseYerusalem nabantu babengcolise itempile kaThixo ngezithixo—eneneni bezenza ookumkani babo.

43:13-20—Yintoni efuziselwa sisibingelelo esabonwa nguHezekile embonweni? Esi sibingelelo sokomfuziselo simela ukuthanda kukaThixo ngokuphathelele idini lentlawulelo likaYesu Kristu. Ngenxa yeli lungiselelo abathanjiswa bavakaliswa bengamalungisa ibe ‘nesihlwele esikhulu’ sihlambulukile yaye sinyulu emehlweni kaThixo. (ISityhilelo 7:9-14; Roma 5:1, 2) Mhlawumbi yiloo nto “ulwandle olutyhidiweyo” lwetempile kaSolomon—isitya esikhulu samanzi ababehlambela kuso ababingeleli—lungekho kule tempile yombono.—1 Kumkani 7:23-26.

44:10-16—Ngubani omelwa ludidi lwababingeleli? Udidi lwababingeleli lwalufanekisela iqela lamaKristu athanjisiweyo anamhlanje. Ukusulungekiswa kwabo kwenzeka ngowe-1918 xa uYehova wezayo wahlala “njengomsulungekisi nomcoci” kwitempile yakhe yokomoya. (Malaki 3:1-5) Abo babecocekile okanye beguqukile baqhubeka nelungelo labo lokukhonza. Emva koko, kwafuneka basebenze nzima ukuze bazigcine ‘bengenabala kulo ihlabathi,’ ngoko besiba yimizekelo ‘kwisihlwele esikhulu,’ esimelwa zezo zizwe zingezozababingeleli.—Yakobi 1:27; ISityhilelo 7:9, 10.

45:1; 47:13–48:29—Yintoni emelwa ‘lilizwe’ nezabelo zamafa akulo? Ilizwe limela ummandla abasebenza kuwo abantu baThixo. Kungakhathaliseki ukuba uphi na umnquli kaYehova, loo ndawo akuyo lilizwe elibuyiselweyo logama nje ebambelele kunqulo lokwenyaniso. Izabelo zamafa emihlaba yelizwe ziya kuzaliseka ngokupheleleyo kwihlabathi elitsha xa umntu ngamnye othembekileyo efumana ilifa lendawo yakhe.—Isaya 65:17, 21.

45:7, 16—Yintoni efanekiselwa ngumnikelo wabantu kubabingeleli nakwisikhulu? Kwitempile yokomoya, ngokuyintloko oku kubhekisela kwinkxaso yokomoya—ukuncedisana nentsebenziswano.

47:1-5—Yintoni efuziselwa ngamanzi omlambo osembonweni kaHezekile? Amanzi afuzisela amalungiselelo okomoya kaYehova obomi, kuquka idini lentlawulelo likaYesu Kristu nolwazi ngoThixo olufumaneka eBhayibhileni. (Yeremiya 2:13; Yohane 4:7-26; Efese 5:25-27) Lo mlambo uya usiba nzulu ukuze ukwazi ukulungiselela inkitha yabasebatsha abangena kunqulo olunyulu. (Isaya 60:22) Lo mlambo uya kuqhubeka uqukuqela amanzi obomi ebudeni beMinyaka Eliwaka, ibe amanzi awo aya kuquka ukuqonda okungakumbi okuya kufunyanwa “kwimisongo” eya kuvulwa ngoko.—ISityhilelo 20:12; 22:1, 2.

47:12—Yintoni emelwa yimithi yeziqhamo? Le mithi ifuzisela amalungiselelo okomoya kaThixo okubuyisela uluntu emfezekweni.

48:15-19, 30-35—Yintoni efanekiselwa sisixeko esikulo mbono kaHezekile? Esi sixeko “UYehova Ngokwakhe Ulapho” simi kanye phakathi lwelizwe “elingahlambulukanga,” nto leyo ebonisa ukuba simele sibe semhlabeni. Kubonakala ukuba esi sixeko simela ulawulo lwasemhlabeni oluya kunceda loo malungisa abumba “umhlaba omtsha.” (2 Petros 3:13) Ukuba namasango kwaso nxazonke kubonisa indlela ekulula ngayo ukungena kuso. Kumele kube lula ukuya kubaveleli babantu bakaThixo.

Oko Sikufundayo:

40:14, 16, 22, 26. Imikrolo eseludongeni yemithi yesundu esekungeneni kwetempile ibonisa ukuba ngabo baziphethe kakuhle kuphela abavumeleke ukungena kuyo. (INdumiso 92:12) Oku kusifundisa ukuba unqulo lwethu lwamkela kuYehova kuphela xa singamalungisa.

44:23. Simele sibe nombulelo ongazenzisiyo ngenkonzo esiyifumana kudidi lwababingeleli banamhlanje. “Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liyakhokela ekulungiseleleni ukutya kokomoya okufika ngexesha elifanelekileyo nokusinceda sikwazi ukuqonda umahluko phakathi koko kungacocekanga noko kucocekileyo emehlweni kaYehova.—Mateyu 24:45.

47:9, 11. Ulwazi—eyona nto ibalulekileyo kumanzi okomfuziselo—luye lwafeza izinto ezimangalisayo kulo mhla wethu. Naphi na xa abantu belufumana, batsho baphile ngokomoya. (Yohane 17:3) Kwelinye icala, abo bangawamkeliyo amanzi anika ubomi baya ‘kunikwa ityuwa’—batshatyalaliswe ngonaphakade. Ibaluleke gqitha ke into yokuba ‘senze unako-nako ukuze siliphathe ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’—2 Timoti 2:15.

“Ngokuqinisekileyo Ndiya Kulingcwalisa Igama Lam Elikhulu”

Emva kokushenxisa ukumkani wokugqibela womnombo kaDavide, uThixo oyinyaniso wavumela ukuba kudlule ixesha elide ngaphambi kokuza kwaLowo “unelungelo elisemthethweni” lokulawula njengokumkani. Noko ke, uThixo akazange awulibale umnqophiso wakhe noDavide. (Hezekile 21:27; 2 Samuweli 7:11-16) Isiprofeto sikaHezekile sithetha ‘ngomkhonzi wam uDavide,’ owayeza kuba “ngumalusi” ‘nokumkani.’ (Hezekile 34:23, 24; 37:22, 24, 25) Akakho omnye ngaphandle kukaYesu Kristu osemandleni oBukumkani. (ISityhilelo 11:15) UYehova uya “kulingcwalisa igama [lakhe] elikhulu” ngokusebenzisa uBukumkani bukaMesiya.—Hezekile 36:23.

Sele kumbovu ukuba, bonke abo bangcolisa igama elingcwele likaThixo batshatyalaliswe. Kodwa abo balingcwalisayo ngendlela abaphila ngayo ngokunqula uYehova baya kuzuza ubomi obungunaphakade. Kwanga sonke singawasebenzisa ngokupheleleyo amanzi obomi aqukuqelayo namhlanje luze unqulo oluyinyaniso lube yeyona nto iphambili kubomi bethu.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane ingxubusho yencwadi kaHezekile 1:1–24:27, funda “Iimbalasane Zencwadi KaHezekile—I,” kwiMboniselo kaJulayi 1 2007.

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Itempile ezukileyo yombono kaHezekile

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Yintoni efuziselwa ngumlambo wobomi okumbono kaHezekile?

[Inkcazelo]

Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.