Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kwakutheni ukuze uKumkani uSawule abuze uDavide athi, “Ungunyana kabani na, mfanandini?” emva kokuba uDavide ebulele uGoliyati, nakuba ngaphambili wayekhe wathumela ukuba abizwe eze kuba ngumlindi wakhe?—1 Samuweli 16:22; 17:58.

Impendulo elula ibiya kuba kukuthi uSawule wayemlibele uDavide kuba babonana ithutyana nje elingephi ngaphambili. Kodwa esi ayinakuba sisizathu, kuba ingxelo ekweyoku-1 kaSamuweli 16:18-23 ibonisa ukuba uKumkani uSawule wayethumele ngokukhethekileyo ukuba kubizwe uDavide waza wamthanda kakhulu wada wamenza umphathi wezikrweqe zakhe. USawule umele ukuba wayeqhelene gqitha noDavide.

Bambi abaphengululi beBhayibhile bacinga ukuba eyoku-1 kaSamuweli 17:12-31 nesahluko 17:55–18:5 zizahluko ezafakelwa kamva kuba ezi ndinyana azifumaneki kwimibhalo ethile yeSeptuagint yesiGrike inguqulelo yeZibhalo zesiHebhere eyagqitywa kwinkulungwane yesibini ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Noko ke, asibobulumko ukusuka nje ugqibe kwelo, ngenxa yemibhalo enjalo yeSeptuagint kuba ezi ndinyana ziyavela kweminye imibhalo ethembekileyo yeZibhalo zesiHebhere. a

Kuyabonakala ukuba, ngokubuza uAbhinere aze abuze noDavide, uSawule wayengenamdla nje wokufuna ukwazi uyise kaDavide kuphela. Ekubeni ngoku wayefumanisa into entsha ngoDavide, indoda enokholo olukhulu nenkalipho eyayisandul’ ukoyisa uGoliyati, uSawule wayefuna ukwazi ukuba yindoda enjani na eyakhulisa loo nkwenkwe. USawule usenokuba wayecinga ngokuquka uyise kaDavide, uYese, okanye amanye amalungu entsapho yakowabo emkhosini, kuba nabo kwakusenokwenzeka ukuba babekhaliphe njengoDavide.

Nakuba eyoku-1 kaSamuweli 17:58 iquka impendulo emfutshane kaDavide ethi, “ndingunyana womkhonzi wakho uYese waseBhetelehem,” amazwi alandelayo abonisa ukuba ininzi into eyavela kuloo ncoko. Ngokuphathelele le ngongoma, phawula oko kuthethwa nguC. F. Keil noF. Delitzsch: “Oku kubonakala kumazwi [akweyoku-1 kaSamuweli 18:1] athi, ‘akugqiba ukuthetha noSawule,’ ukunaba ngakumbi kukaSawule ngentsapho kaDavide, kubonisa ukuba bathetha ixesha elide.”

Konke oku, kusenza sigqibe ekubeni ngombuzo wakhe owawusithi, “Ungunyana kabani na, mfanandini?” uSawule wayengafuni nje ukwazi ukuba wayengubani na uDavide, nto leyo wayesele eyazi, kodwa wayefuna ukwazi imvelaphi yakhe.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ngokuphathelele ukuchana kweendinyana ezishiyiweyo kwiSeptuagint, funda i-Insight on the Scriptures, Umqulu 2, iphepha 855, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Umfanekiso okwiphepha 31]

Kwakutheni ukuze uSawule abuze uDavide ukuba wayengunyana kabani na?