Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Imimangaliso” Emibini KwiNdibano YaseGeorgia

“Imimangaliso” Emibini KwiNdibano YaseGeorgia

“Imimangaliso” Emibini KwiNdibano YaseGeorgia

NGOWAMA-2006 eGeorgia kwenzeka isiganeko esingenakulibaleka, ekwathi kuso kwenzeka “imimangaliso” emibini. NgoJulayi 7-9 kwaqhutywa iNdibano Yesithili YamaNgqina KaYehova ‘Yokusondela Kwentlangulo!’ kwiindawo ezintandathu zelo lizwe. Eso yaba sisidlo sokomoya esaxhanyulwa ngabantu abangaphezu kwe-17 000.

NgoJanuwari 2006, kwenziwa imigudu yokufumana indawo efanelekileyo eza kuba nendibano yamawaka kwisixeko esiphambili saseTbilisi, ikomkhulu laseGeorgia. Iindibano ezikwezinye iindawo zaziza kunxityelelaniswa ngomnxeba.

IGeorgia yayithe ngcembe ifumana inkululeko yonqulo ukususela kwiminyaka embalwa edluleyo. Ngoko ke, phezu kwayo nje inkcaso eyayikade ikho kwelo, amaNgqina atyhalela phambili, eqinisekile ukuba aza kuyifumana kweso sixeko indawo yokuqhuba loo ndibano. Abantu baseGeorgia ngabantu abanobubele ngendalo. Kodwa, kukho amagosa athile aluthiy’ egazini unqulo. Ngaba ayeza kuyibekela bucala indlela avakalelwa ngayo aze avumele amaNgqina ukuba aqeshe isakhiwo?

Abazalwana abakwiKomiti Yendibano batyelela amabala neeholo ezinkulu ezahlukeneyo zemidlalo. Abaphathi bezo ndawo babebathembisa abazalwana ngokusebenzisa ezo zakhiwo kodwa kusiba nzima xa bechaza imihla abazifuna ngayo. Ngoko ke, le komiti yamangaliswa xa abaphathi beholo yekonsathi iTbilisi Philharmonic bevuma ukuqeshisa ngesakhiwo sabo kumaNgqina kaYehova. Loo holo yekonsathi isembindini kanye wesixeko, apho kuqhutyelwa khona iziganeko eziliqela ezibalulekileyo.

Ikhuthazwa kukuphumelela kwemigudu yayo ekugqibeleni, le komiti yaqalisa ukulungiselela indibano eza kuba lapho eTbilisi, nakwezinye iidolophu nezixeko zelo lizwe, kuquka eTsnori, eKutaisi, eZugdidi, eKaspi, naseGori. Kwenziwa umsebenzi omkhulu kulungiselelwa ukuqhagamshelanisa zonke ezi ndibano ngocingo ukuze ucwangciso luqhutywe ngaxeshanye. Yonke into yayisele ime ngendlela. Kwathi ke kusenjalo, sekusele iveki nje enye ngaphambi kwaloo ndibano, abaphathi baloo holo yekonsathi iTbilisi Philharmonic basitshitshisa eso sivumelwano. Abazange bachaze sizathu.

“Ummangaliso” Wokuqala

Babeza kuthini ke abazalwana xa sele beshiywe lixesha kangaka? Ekuphela kwento ababenokuyenza kukubuyela eMarneuli, indawo yasezifama kwiikhilomitha ezingama-40 ngaphandle kweTbilisi. Iindibano ezininzi zaziqhutyelwa apho kumhlaba wenye intsapho engamaNgqina kaYehova. Le ndawo yayikade iyigadi enkulu. Kangangeminyaka elishumi edluleyo, ibisoloko ikuphela kwendawo amabandla aseTbilisi awayenokuqhubela kuyo iindibano. Noko ke, iMarneuli ikwayindawo aye abandezeleka gqitha kuyo amaNgqina kaYehova ehlaselwa ngamahlokondiba.

Esinye sezi ziganeko senzeka ngoSeptemba 16, 2000. Amapolisa esixeko saseMarneuli avala indlela ukuze amaNgqina angakwazi ukuya kwindawo eyayinendibano. Kwathi kusenjalo kwagaleleka ibhasi izaliswe ngoonqalintloko ababekhokelwa nguVasili Mkalavishvili owayesuswe kubufundisi yiCawa yamaOthodoki. Bamisa iimoto neebhasi ezazisiya apho kwindibano yaseMarneuli, barhuqela ngaphandle abantu ababekwezo zithuthi, bebangomba kanobom, ngoxa abanye babephangwa ubuncwane babo kuquka iiBhayibhile nencwadi zabo ezisekelwe eBhayibhileni.

Nalapho kuloo ndawo yayinendibano kwafika ihlokondiba labantu abangama-60 beze kuhlasela. Kwenzakala amaNgqina amalunga nama-40. Omnye umzalwana wahlatywa esifubeni ngemela. Bambi kwabo bahlaseli bakhupha imikhono yekati baza ngomsindo badubula emoyeni. Omnye wakhomba umnikazi waloo ndawo yendibano waza waphanga imali nezacholo zakhe. Elo hlokondiba lagqogqa indlu yakhe eyayikwelinye icala leso siza laza lathabatha izinto zexabiso. Emva kokwaphula iifestile zaloo ndlu, abo bantu batshisa uncwadi lweBhayibhile nezihlalo ezazenzelwe loo ndibano. Bonakalisa itoni enesiqingatha yeencwadi ezazilapho. Kunokuba anqande olo lwaphulo-mthetho, amapolisa ancedisa. a

IKomiti Yendibano yayingajamelananga nje nezisongelo zogonyamelo kodwa yayinengxaki yokuba yayiza kwenza njani ukuze ifake abantu abakuma-5 000 kuloo ndawo yayidla ngokwanela abantu abangama-2 500. Yayiza kuconjululwa njani loo ngxaki kwelo xesha lalingasekho? Kwaba ngathi ngummangaliso xa abaninimzi ababini abasecaleni kwaloo ndawo yendibano beza kubazalwana befuna ukuqeshisa ngeegadi zabo.

Kwakuza kuba ngumsebenzi onzima gqitha ukuguqula igadi ibe yindawo yendibano. Imozulu yenza izinto zanzima ngakumbi, kuba imvula yana iveki yonke ngaphambi kwendibano. Kwezo ndawo aba bamelwane babetyale iitapile, ibe kwakuza kufuneka ziqale zivunwe. Okokuqala, amatshantliziyo ahlanganisana kuloo mvula yayigalela esomba iitapile. Emva koko asusa ucingo amisa izinto ezaziza kukhusela abantu elangeni nasemvuleni. Kwafuneka kwenziwe izihlalo ezingakumbi kwaza kongezelelwa nezixhobo ezingakumbi zesandisi-lizwi. Kwakukhala isikhonkwane nje, loo matsha-ntliziyo exakekile imini nobusuku, wambi engabazi ubuthongo.

Wonk’ umntu wayezibuza oku: “Siza kuthini ukuba le mvula iyaqhubeka isina nasebudeni bendibano? Ngaba bethu abantu abeze endibanweni abazukutshona eludakeni?” Kwathengwa iindiza ukuze kugqunywe elo bala limanzi. Ekugqibeleni, lavela ilanga! Kuzo zontathu ezo ntsuku zendibano, amabala ayegqatswe lilanga, elihle nelifudumele kamnandi.

Ukufika kwazo iindwendwe, zamkelwa bubuhle obungayiwayo baloo ndawo. Ngenxa yobo buhle basemaphandleni laba ngathi sele lifikile ihlabathi elitsha. Zithe zava kamnandi, ezo ndwendwe zazingqongwe yimithi yamakhiwane neminye imithi yeziqhamo kuquka amasimi ombona neetumato. Phayaa eqongeni kwakuyokozela imithi yeediliya. Ebudeni bolo cwangciso, kwakukhe kukhale imiqhagi nezikhukukazi njengoko zilinde amaqanda azo. Kwakukho ingxolo yezinto ezahlukahlukeneyo zasemaphandleni, kodwa isitsho kamnandi kwabo babekuloo ndibano. Ayizange ibaphazamise nakancinane kuba babephulaphule ngenyameko loo mfundiso yeBhayibhile isemagqabini. Noko ke, zikho nezinye izinto ezingalibalekiyo ngale ndibano.

“Ummangaliso” Wesibini

Ekuqukunjelweni kocwangciso lwakusasa ngoLwesihlanu, abo babekuloo ndibano bamangaliswa xa ilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, uGeoffrey Jackson, wakhulula iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele epheleleyo ngolwimi lwaseGeorgia. b Bemangalisiwe, kwabaninzi zehla iinyembezi. Ichulumancile enye intsapho yathi: “Asinamazwi ombulelo ngalo mmangaliso—ummangaliso kaYehova. Umsebenzi ongaka kwithutyana nje elingephi!”

Omnye udade owayevela kwidolophu yaseTsalendjikha owayephulaphule olo cwangciso ngomnxeba wathi: “Andazi ukuba ndingayichaza njani na indlela endavuya ngayo xa ndandifumana iBhayibhile epheleleyo. Ndinibulela gqitha ngale ndibano ibalaseleyo yeentsuku ezintathu. Iya kuhlala iyimbali ngokwenene.” Enye intsapho kwelinye ibandla elikwintshona yeGeorgia, kumda woLwandle Olumnyama, yathi: “De kube ngoku, besikade sineBhayibhile enye kuphela ekhaya, kodwa ngoku sobane ngamnye uneyakhe INguqulelo Yehlabathi Elitsha. Ngamnye kuthi ngoku uza kukwazi ukuzifundela kweyakhe iBhayibhile.”

Noko ke, ekhusini izinto zazingahambi kakuhle kangako. Ngokomzekelo, nakuba INguqulelo Yehlabathi Elitsha epheleleyo yayishicilelwe yaza yathunyelwa eGeorgia kwangethuba ukuze ifike endibanweni, abasemagunyeni kwiSebe Lezinto Ezingenayo bala ukuba ingeniswe kwelo lizwe. Abazalwana babhenela kwiOfisi Yezikhalazo. Loo ofisi yagunyazisa ukungeniswa kwezo Bhayibhile kanye ngelo xesha lendibano. Umphathi wayo wada wathumela umncedisi wakhe kulo ndibano yaseMarneuli ukuze aye kufunela iofisi yakhe imibhalo yaloo Bhayibhile intsha.

Ukwamkelwa Ngobubele, Yinto YaseGeorgia

Sikho nesinye isizathu esenza le ndibano yaseMarneuli yaba yimbalasane kumaNgqina kaYehova aseGeorgia. Kucwangciso lwayo kwakukho nelungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Bonke abo babelapho babenemincili kangangokuba ngamnye wayefuna ukulamkela ngobubele. UMzalwan’ uJackson kwafuneka eme iiyure ukuze abulise abazalwana noodade ngaphambi, ebudeni nasemva kwaloo ndibano, ibe wakuvuyela gqitha ukwenjenjalo.

Emva phaya ngowe-1903 ekupheleni kwenye indibano, omnye umzalwana wathi: “Nakuba ndilihlwempu kangaka, ubuhle obulapha abunakulinganiswa namali.” Ngaphezu kwenkulungwane kamva, ayesavakalelwa ngaloo ndlela amaNgqina awayekwezo ndibano zehlobo lowama-2006 kwilizwe laseGeorgia.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokutshutshiswa kwamaNgqina kaYehova eGeorgia, funda uVukani! wesiNgesi kaJanuwari 22, 2002 iphepha 18-24.

b INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike yolwimi lwaseGeorgia yakhululwa ngowama-2004.

[Ibhokisi ekwiphepha 19]

“Omncinane” Uye Wakhula

La mazwi kaIsaya 60:22 aye azaliseka eGeorgia: “Omncinane uya kuba liwaka, nophantsi abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako.” Ngaphantsi nje kweminyaka engama-20, inani labavakalisi boBukumkani baseGeorgia liye landa ukususela kwabali-100 baya kutsho kwi-16 000. Aba balungiseleli banenzondelelo beLizwi likaThixo baqhuba izifundo zeBhayibhile zasekhaya eziphantse zibe ngama-8 000 veki nganye—ibe oko kubonisa ukuba baseza kwanda ngendlela emangalisayo eGeorgia.

[Umzobo/Iimaphu ezikwiphepha 16]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

RUSSIAN FEDERATION

GEORGIA

⇨ Zugdidi

⇨ Kutaisi

Marneuli ⇨ Gori

⇨ Kaspi

⇨ Tsnori

TBILISI

TURKEY

ARMENIA

AZERBAIJAN

[Inkcazelo]

Globe: Based on NASA/Visible Earth imagery

[Umfanekiso okwiphepha 16]

Umfanekiso oqingqiweyo eTbilisi

[Imifanekiso ekwiphepha 17]

Indibano yaseMarneuli yayinxityelelaniswe ngomnxeba nezinye ezintlanu ezazikwezinye iindawo

[Imifanekiso ekwiphepha 18]

Abo babeze endibanweni bavuyiswa kukukhululwa okumangalisayo kwe-“Nguqulelo Yehlabathi Elitsha” epheleleyo yolwimi lwaseGeorgia