Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba UThixo Uyakubona?

Ngaba UThixo Uyakubona?

Ngaba UThixo Uyakubona?

NGABA uYehova, iNkosi enguMdali, iyakwazi ukubona? Kakade kunjalo! IBhayibhile ikubeka ngokucacileyo oku ithi: “Lowo uyila iliso, akanakukhangela na?” (INdumiso 94:9) UYehova ubona izinto ezingenakubonwa ngabantu. Akaneli nje ukubona umphandle kuthi kodwa ukwanguye ‘nomgocagoci weentliziyo,’ ibe unako ‘nokucikida iintliziyo.’ (IMizekeliso 17:3; 21:2) Ewe, uyakwazi ukuhlolisisa iingcamango, iintshukumisa, neyona minqweno yethu.

UYehova uyabazi ubunzima esityhubela kubo, ibe uyaziva izibongozo zethu. Umdumisi wathi: “Amehlo kaYehova akumalungisa, neendlebe zakhe zibhekiswe ekukhaleleni kwawo uncedo. UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.” (INdumiso 34:15, 18) Kuthuthuzela gqitha ukwazi ukuba uYehova uyaziqonda iimeko esikuzo aze ayiphendule imithandazo yethu.

UYehova uThixo uyazibona nezinto ezenziwa ekhusini. Ewe, “zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.” (Hebhere 4:13) Ngoko enoba senza izinto ezilungileyo okanye ezimbi, zonke ziyabonwa nguThixo. (IMizekeliso 15:3) Ngokomzekelo, iGenesis 6:8, 9 isixelela ukuba “uNowa yena wakholeka emehlweni kaYehova” kwanokuba “wahamba noThixo oyinyaniso.” Ewe, uYehova wakholiswa nguNowa waza wamsikelela kuba wayethobekile ebambelele kwimilinganiselo kaThixo yobulungisa. (Genesis 6:22) Ngokwahlukileyo kuye, abantu bomhla wakhe babenogonyamelo yaye bonakele. Yayingamsithelanga uThixo le meko. “Wabona ukuba ububi bomntu bandile emhlabeni yaye zonke iingcamango zentliziyo yakhe zityekele ebubini ngalo lonke ixesha.” Ekugqibeleni, uYehova wabatshabalalisa abangendawo kodwa wasindisa uNowa nentsapho yakhe.—Genesis 6:5; 7:23.

Ngaba uYehova uya kukholiswa nguwe? Ewe, amehlo kaYehova “asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.” (2 Kronike 16:9) Kungekudala uza kushenxisa bonke abangendawo emhlabeni aze ahlangule abo bantliziyo zilulamileyo.—INdumiso 37:10, 11.