Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba ‘Usisityebi KuThixo’?

Ngaba ‘Usisityebi KuThixo’?

Ngaba ‘Usisityebi KuThixo’?

“Kuba njalo ngomntu oziqwebela ubuncwane kodwa engesosityebi kuThixo.”—LUKA 12:21.

1, 2. (a) Yintoni abantu ebebesoloko bekulungele ukuncama izinto ezinkulu ngenxa yayo? (b) Luluphi ucelomngeni neengozi ajamelana nazo amaKristu?

 UKUZINGELA UBUTYEBI yinto yokwenene ebiqhubeka ukutyhubela iminyaka kwiindawo ezahlukeneyo. Ngokomzekelo, ukufumaneka kwegolide ngenkulungwane ye-19 eOstreliya, eMzantsi Afrika, eKhanada naseUnited States abantu abavela kwiindawo ezikude bathontelana apho kwezo ndawo bangazaziyo, nekwakunzima kuzo beshiya ngasemva imizi neentsapho zabo kuba befuna ubutyebi. Ewe, abantu abaninzi bakulungele ukuzibeka emngciphekweni bencama nezinto ezinkulu ukuze nje bafumane ubutyebi ababunqwenelayo.

2 Nakuba inkoliso yabantu namhlanje ingabuzingeli ngokoqobo ubutyebi, kufuneka isebenze nzima ukuze ifumane iindlela zokuphila. Kobu bomi banamhlanje kuba nzima gqitha ukwenjenjalo, yaye kuluxanduva. Kulula ukuxhalabela ukutya, impahla nendawo yokufihla intloko kangangokuba ezona zinto zibaluleke ngakumbi zibekelwa bucala okanye zide zilityalwe. (Roma 14:17) UYesu wenza umzekeliso oluchaza ngokuchanileyo utyekelo lwabantu. Lo mzekeliso ufumaneka kuLuka 12:16-21.

3. Chaza nje ngokufutshane umzekeliso kaYesu okuLuka 12:16-21.

3 Lo mzekeliso uYesu wawenza kanye ngeso sihlandlo wayethetha ngaso ngokuzilinda kwinkanuko, esiye saxubusha ngayo kwinqaku elandulela eli. Emva kokulumkisa ngenkanuko, uYesu wathetha ngendoda esisityebi eyayinganeliswa ngoovimba bayo abazaliswe zizinto ezilungileyo eyayisele inazo kodwa yabachitha yaza yakha abakhulu ngakumbi ukuze izigcinele izinto ezilungileyo ezingakumbi. Kwathi kanye njengoko yayicinga ukuba ilungele ukuphumla ukuze inandiphe ubomi obulungileyo, uThixo wathi kuyo ubomi bayo babusele buza kuphela, ibe zonke ezo zinto zilungileyo yayiziqwebele zona ziza kufunyanwa ngomnye umntu. Emva koko uYesu wongezelela la mazwi: “Kuba njalo ngomntu oziqwebela ubuncwane kodwa engesosityebi kuThixo.” (Luka 12:21) Yintoni esinokuyifunda kulo mzekeliso? Sinokusisebenzisa njani esi sifundo kubomi bethu?

Umntu Onengxaki

4. Singayichaza njani indoda ekumzekeliso kaYesu?

4 Lo mzekeliso kaYesu uqhelekile. Siphawula ukuba uYesu waqalisa eli bali lakhe ngokusuka nje athi: “Umhlaba wesityebi esithile wachuma kakhulu.” Apha akathi le ndoda yafumana ubutyebi bayo ngondlela-mnyama. Ngamanye amazwi akazange ayibeke bala lokuba ngendawo. Enyanisweni, ngokusuka koko wakutshoyo, umntu usenokuba uchanile xa ecinga ukuba le yindoda eyayisebenza nzima. Sinokuyiqonda njengendoda eyayiceba neyayisongela ikamva, mhlawumbi icingela intsapho yayo. Ngoko, xa sicinga ngokwabantu isenokugqalwa njengomntu ozibhokoxayo oyithabatha nzulu imbopheleleko anayo.

5. Yiyiphi ingxaki eyehlela indoda ekumzekeliso kaYesu?

5 Enoba kwakunjani na, uYesu wayibiza ngokuba sisityebi le ndoda ikulo mzekeliso, into ethetha ukuba yayisele inentabalala yezinto eziphathekayo ezilungileyo. Kodwa njengokuba uYesu wachazayo, esi sityebi sasinengxaki. Umhlaba waso wavelisa ngakumbi kunokuba sasilindele, ngaphezu koko sasikufuna okanye sinokukunyamekela. Yintoni esasimele siyenze?

6. Luluphi ukhetho abajamelana nalo abakhonzi bakaThixo abaninzi namhlanje?

6 Abakhonzi bakaYehova abaninzi namhlanje bajamelana neemeko ezifanayo nale yale ndoda isisityebi. AmaKristu okwenyaniso azabalazela ukuba ngabasebenzi abanyanisekileyo, abakhutheleyo nabanesazela esihle. (Kolose 3:22, 23) Enoba aqeshiwe okanye aneshishini lawo, asoloko eqhuba kakuhle ade abalasele kwizinto azenzayo. Xa enyuselwa okanye kuvela amathuba amatsha, kuye kufuneke enze isigqibo. Ngaba aza kusamkela ukuze afumane imali engakumbi? Ngokufanayo, abantwana abaninzi bamaNgqina baqhuba kakuhle esikolweni. Ngenxa yoko, basenokuwongwa ngeembasa okanye imali yokutyhalela phambili nezifundo kumaziko aphambili. Ngaba baza kusuka benze oko kwenziwa ngabaninzi bamkele oko bakunikwayo?

7. Indoda ekulo mzekeliso kaYesu yayicombulula njani ingxaki yayo?

7 Xa sibuyela kumzekeliso kaYesu, yintoni eyenziwa yiloo ndoda isisityebi xa umhlaba wayo wavelisa intabalala awayengenandawo yakuyigcina? Yagqiba ekubeni ichithe oovimba bayo ukuze yakhe abakhulu ngakumbi eyayinokugcina kubo konke oko kutya nezinto ezilungileyo ezingakumbi. Kuyabonakala ukuba elo cebo layitsho yaziva inqabisekile yaye yanelisekile kangangokuba yacinga oku: “Ndiza kuthi kumphefumlo wam: ‘Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo eziqwetyelwe iminyaka emininzi; khululeka, yitya, sela, ziyolise.’”—Luka 12:19.

Kutheni ‘Kungekho Ngqiqweni’ Nje?

8. Yiyiphi eyona nkalo ibalulekileyo engazange icinge ngayo indoda ekumzekeliso kaYesu?

8 Noko ke, njengokuba uYesu echaza, eli cebo laliyinkohliso. Kukho nto ithile ebalulekileyo ekubonakala ukuba esi sityebi sayilibala—ukuthanda kukaThixo. Sasicinga ngesiqu saso nje kuphela, ukuphumla kwaso sitye, sisele, size sonwabe. Sasicinga ukuba ekubeni ‘sasinezinto ezininzi ezilungileyo’ sasiza kuphila “iminyaka emininzi.” Kodwa okubuhlungu kukuba izinto azizange zihambe ngolo hlobo. Kanye njengokuba uYesu watshoyo ngaphambili, “kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.” (Luka 12:15) Ngabo kanye obo busuku, yonk’ into esasiyisebenzele nzima yafikelela esiphelweni ngephanyazo, kuba uThixo wathi kuso: “Wena ungenangqiqo, ngobu busuku bayawufuna kuwe umphefumlo wakho. Ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uziqwebileyo?”—Luka 12:20.

9. Kwakutheni ukuze kuthiwe ayinangqiqo nje indoda ekulo mzekeliso?

9 Ilapha kanye ke eyona ngongoma ibalulekileyo yalo mzekeliso kaYesu. UThixo wabiza le ndoda ngokuba ayinangqiqo. IExegetical Dictionary of the New Testament icacisa ukuba igama lesiGrike elisetyenziswe apha “lisoloko libonisa ukuswela ukuqonda.” Esi sichazi-magama sibonisa ukuba kulo mzekeliso, uThixo uchazwa njengosebenzisa eli gama ukubhenca “ukuba ngamampunge kwamacebo esi sityebi.” Eli gama alibhekiseli kumntu ongaphangalalanga kangako, kodwa libhekisela “kumntu ongavumiyo ukuba uxhomekeke kuThixo.” Indlela uYesu achaza ngayo esi sityebi isenza sicinge ngoko wakuthethayo kamva kumaKristu enkulungwane yokuqala ebandla laseLawodike, eAsia Minor esithi: “Uthi: ‘Ndisisityebi, ndizuze ubutyebi, andiswele nto,’ kodwa akwazi ukuba uludwayi nosizana nehlwempu nemfama kwaye uhamba ze.”—ISityhilelo 3:17.

10. Kutheni ukuba nentabalala ‘yezinto ezininzi ezilungileyo’ kungesiso isiqinisekiso sokuphila “iminyaka emininzi”?

10 Simele sicamngce nzulu ngesi sifundo. Ngaba ingenzeka into yokuba sifane nale ndoda—sizibhokoxe emsebenzini kuba sifuna ukuqinisekisa ukuba ‘sinezinto ezininzi ezilungileyo’ ngoxa silibele ngoko kubalulekileyo ukuze sibe nethemba lokuphila “iminyaka emininzi”? (Yohane 3:16; 17:3) IBhayibhile ithi: “Izinto ezixabisekileyo aziyi kuba yingenelo ngemini yokuvutha komsindo,” ibe “okholosa ngobutyebi bakhe—uya kuwa.” (IMizekeliso 11:4, 28) Ngenxa yoko, enikela isilumkiso sokugqibela uYesu wongezelela wathi kulo mzekeliso wakhe: “Kuba njalo ngomntu oziqwebela ubuncwane kodwa engesosityebi kuThixo.”—Luka 12:21.

11. Kutheni kulilize nje ukubeka ithemba nonqabiseko kwizinto eziphathekayo?

11 Xa uYesu wayesithi “kuba njalo,” wayebonisa ukuba oko kwehlela loo ndoda isisityebi kuya kuba njalo nakwabo basekela ubomi babo—amathemba nonqabiseko—kwizinto eziphathekayo ngokupheleleyo. Ingxaki ayikho ‘sekuziqwebeleni komntu ubuncwane ngokwabo’ kodwa isekusileleni ukuziqwebela ‘ubutyebi kuThixo.’ Umfundi uYakobi wenza isilumkiso esifanayo xa wathi: “Yizani kaloku, nina bathi: ‘Namhlanje okanye ngomso siza kuya kwisixeko esithile, sihlale unyaka wonke, size sishishine sizuze ingeniso,’ kanti anikwazi oko ubomi benu buya kuba kuko ngomso.” Yintoni abamele bayenze? ‘Kunoko, bafanele bathi: “Ukuba uYehova uyathanda, siza kuphila senze oku nokuya.”’ (Yakobi 4:13-15) Enoba umntu unokuba sisityebi kangakanani okanye abe nentabalala engakanani yezinto eziphathekayo, zonke aziyi kumnceda nganto de abe sisityebi kuThixo. Kuthetha ukuthini ke ukuba sisityebi kuThixo?

Ukuba Sisityebi KuThixo

12. Simele senze ntoni ukuze sibe zizityebi kuThixo?

12 Kumazwi kaYesu, ukuba sisityebi kuThixo kwahlukile ekuziqwebeleni ubuncwane okanye izinto eziphathekayo. Ngoko ke, uYesu wayesithi eyona nto simele siyixhalabele ebomini asikokuziqokelelela ubutyebi okanye ukuzonwabisa ngezinto esinazo. Endaweni yoko, simele sisebenzise ubuncwane bethu ngendlela eza kwenza sibe nolwalamano oluhle noYehova. Oko kuya kwenza sibe zizityebi kuThixo nakanjani na. Kutheni kunjalo nje? Kungenxa yokuba kusivulela amasango eentsikelelo zikaThixo. IBhayibhile isixelela oku: “Intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo, yaye akongezi ntlungu kuyo.”—IMizekeliso 10:22.

13. Intsikelelo kaYehova ‘ityebisa’ njani?

13 Xa uYehova esikelela abantu bakhe, usoloko ebanika okona kulungileyo. (Yakobi 1:17) Ngokomzekelo, xa wayenika amaSirayeli indawo yokuhlala, wawanika ‘ilizwe eliqukuqela ubisi nobusi.’ Nakuba ilizwe laseYiputa lalichazwa ngaloo ndlela, ilizwe elanikwa amaSirayeli nguYehova lalahlukile, ubuncinane ngento enye ebalulekileyo. UMoses wathi kumaSirayeli: “Lilizwe alinyamekelayo uYehova uThixo wakho.” Ngamanye amazwi, ayeya kuphumelela kuba uYehova wayeza kuwanyamekela. Logama nje amaSirayeli ayeza kuhlala ethembekile kuYehova, ayeza kusikelelwa nguye aze aphile ngendlela egqwesileyo kunaleyo yazo zonke ezinye iintlanga ezaziwangqongile. Ewe, yintsikelelo kaYehova “etyebisayo”!—Numeri 16:13; Duteronomi 4:5-8; 11:8-15.

14. Yintoni enanditshwa ngabo bazizityebi kuThixo?

14 Ibinzana elithi ‘isityebi kuThixo’ liguqulelwa nangokuthi “isityebi phambi koThixo” (ngokweToday’s English Version) okanye “isityebi emehlweni kaThixo.” (ngokweThe New Testament in Modern English, kaJ. B. Phillips) Abo bazizityebi ngezinto eziphathekayo badla ngokuxhalabela indlela abajongwa ngayo ngabanye abantu. Oku kudla ngokubonakala kwindlela abaphila ngayo. Bathanda ukwenza oko iBhayibhile ithi ‘kukuqhayisa ngezinto zobu bomi.’ (1 Yohane 2:16) Ngokwahlukileyo kwaba abantu abazizityebi kuThixo baxhamla inkoliseko kaThixo nentabalala yobubele obungasifanelanga kuquka ulwalamano olusenyongweni naye. Ekubeni bekwimeko entle ngolo hlobo baziva bemi kakuhle yaye bekhuselekile, ngaphezu kwalo naluphi na unqabiseko olunokufumaneka kubutyebi bezinto eziphathekayo. (Isaya 40:11) Umbuzo osalayo ngulo, Yintoni esimele siyenze ukuze sibe zizityebi emehlweni kaThixo?

Ukuba Sisityebi Emehlweni KaThixo

15. Yintoni esimele siyenze ukuze sibe zizityebi kuThixo?

15 Indoda ekulo mzekeliso kaYesu yaceba yaza yasebenza nzima ngenjongo yokuzityebisa, ibe ekugqibeleni yabizwa njengengenangqiqo. Ngoko ke, ukuze sibe zizityebi kuThixo simele sisebenze nzima yaye sizibandakanye ngokupheleleyo kwimisebenzi ebalulekileyo emehlweni kaThixo. Phakathi kwale misebenzi kukho lowo wayalelwa nguYesu esithi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke.” (Mateyu 28:19) Ukusebenzisa ixesha, amandla, nezakhono zethu, kungekhona ukuze siziqokelelele ubutyebi, kodwa kumsebenzi wokushumayela uBukumkani nowokwenza abafundi, kunokufaniswa nokuziqwebela ubuncwane. Abo baye benjenjalo baye bazuza iintsikelelo ezingayiwayo zokomoya kanye njengokuba la mava alandelayo ebonisa.—IMizekeliso 19:17.

16, 17. Ngawaphi amava onokuwabalisa ukuze ubonise indlela yobomi obenza ubani abe sisityebi emehlweni kaThixo?

16 Khawucinge ngale meko yendoda engumKristu kwelinye ilizwe laseMpuma. Emsebenzini wayo yayihlawulwa engayiwayo kuba yayiligcisa leekhompyutha. Noko ke, umsebenzi wayo wawuyithabathela phantse lonke ixesha layo isale iziva iliqokobhe ngokomoya. Kunokuba ityhalele phambili kumsebenzi wayo yagqibela ngokuwuyeka yaqalisa ishishini lokuthengisa iayiskhrim esitratweni ukuze ibe nexesha elingakumbi lokunyamekela iintswelo neembopheleleko zokomoya. Abo babesebenza nayo bahlekisa ngayo, kodwa kwaba njani ekugqibeleni? Ithi: “Enyanisweni, ndandime kakuhle kunangelo xesha ndandisebenza kwiikhompyutha. Lo msebenzi wawundonwabisa kuba ndandingenalo uinezeleko nexhala endandiba nalo kula msebenzi weekhompyutha. Eyona nto ibalulekileyo kukuba ngoku ndiziva ndisondele ngakumbi kuYehova.” Olu tshintsho lwanceda lomKristu wangenelela ubulungiseleli bexesha elizeleyo, ibe ngoku ukhonza kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova yelizwe lakhe. Ngokwenene intsikelelo kaYehova ‘iyatyebisa.’

17 Omnye umzekelo ngowelinye ibhinqa elakhulela kwintsapho eyayixatyiswa gqitha imfundo kuyo. Laya kwiiyunivesithi zaseFransi, eMexico naseSwitzerland ibe yayilindelwe yimisebenzi ephambili. Lithi: “Ndafumana impumelelo; udumo namalungelo akhethekileyo, kodwa ngaphakathi ndiziva ndiligobhogobho ndinganelisekanga.” Emva koko lafunda ngoYehova. Lithi: “Njengoko ndandisenza inkqubela ngokomoya, umnqweno wam wokufuna ukukholisa uYehova nokumbuyisela okuncinane koko wandinceda ngako ukuze ndiyibone kakuhle eyona ndlela ndimele ndihambe ngayo—ukumkhonza ixesha elizeleyo.” Lawushiya umsebenzi walo laza labhaptizwa kungekudala. Kule minyaka ingama-20 idluleyo, liye lakhonza ngovuyo kubulungiseleli bexesha elizeleyo. Lithi: “Abanye bavakalelwa kukuba ndiye ndadlala ngesiphiwo sam, kodwa bayabona ukuba ndonwabile ibe bayayihlonela imilinganiselo endiphila ngayo. Mihla le ndihlala ndithandaza kuYehova ukuba andincede ndithobeke ukuze akholiswe ndim.”

18. Singenza njani ukuze sibe zizityebi kuThixo njengoPawulos?

18 USawule, owaba ngumpostile uPawulos kamva, wayenamathuba amahle kubomi bakhe. Ukanti, kamva wathi: “Ndikwazigqala zonke izinto ziyilahleko ngenxa yexabiso eligqwesileyo lolwazi olungoKristu Yesu iNkosi yam.” (Filipi 3:7, 8) KuPawulos, ubutyebi awabuzuza ngenxa kaKristu babungaphezu kwayo nantoni na awayenokuyinikwa lihlabathi. Ngokufanayo, nathi xa sigatya nawaphi na amabhongo okuzingca sisukele ubomi bokuzinikela kuThixo, siya kuxhamla ubomi bokuba zizityebi emehlweni kaThixo. ILizwi likaThixo lisiqinisekisa lisithi: “Umphumo wentobeko nokoyika uYehova bubutyebi, uzuko nobomi.”—IMizekeliso 22:4.

Ungachaza Na?

• Yiyiphi ingxaki eyayinayo indoda ekumzekeliso kaYesu?

• Kwakutheni ukuze le ndoda kuthiwe ayinangqiqo?

• Kuthetha ukuthini ukuba sisityebi kuThixo?

• Singenza njani ukuze sibe zizityebi kuThixo?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Kwakutheni ukuze indoda esisityebi kuthiwe ayinangqiqo?

[Umfanekiso okwiphepha 27]

Amathuba okuphumelela asenokuba luvavanyo njani lokwenene?

[Umfanekiso okwiphepha 28, 29]

“Intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo”