Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukholo LukaMama Loyisa Imiphumo Yentlekele

Ukholo LukaMama Loyisa Imiphumo Yentlekele

Ukholo LukaMama Loyisa Imiphumo Yentlekele

“Ukuba nifunda le leta, loo nto iya kuthetha ukuba utyando aluphumelelanga kwaye andisaphili.”

LA NGAMAZWI okuqala eleta eyabhalwa ngomnye umama ongumKristu, uCarmen eyibhalela iintombi zakhe ezintathu eziqala kwiminyaka engama-25, 19 neli-16 ubudala. Njengokuba kwenzakayo utyando lwakhe aluzange luhambe kakuhle ibe okubuhlungu kukuba uCarmen wafa.

Kwaba buhlungu gqitha ukufa kwakhe xa ucinga ukuba wayeshiya iintombi ezintathu kuloo ntlungu. Kodwa ukholo olomeleleyo lwalo mama kuYehova nezithembiso zakhe ezicacileyo zayenza ayavakala kangako loo ntlungu, kuba le leta yakhe yenza kwacaca phandle ukuba wafa eseluxolweni olungummangaliso. Khawuve oko wakuthethayo kwiintombi zakhe.

“Okokuqala, ndifuna nazi ukuba ndinithanda ngentliziyo yam yonke. . . . Akukho bantwana bangaphezu kwenu nawuphi na umama anokuba nabo, ibe ndinelunda ngani.

“Bendinqwenela ukuhlala nani de kufike ihlabathi elitsha esilithenjiswe nguThixo . . . , kodwa andikwazanga, ndaza ndamcela ukuba anincede ukuze nihlale nithembekile njengokuba benisoloko ninjalo. Siye satyhubela kwizilingo ezininzi kunye, ibe uYehova akazange asishiye. . . . Ngoko hlalani nikholose ngaye ukuba uya kuninceda ngentlangano yakhe nize niqhubeke nixhasa ibandla nabadala. Hlalani nishumayela kangangoko ninako, yaye nithande bonke abazalwana.

“Oku kwahlukana kwethu yinto nje yomzuzwana. . . . Nincede nindixolele ngazo zonke iimpazamo endiye ndazenza nangazo zonke izihlandlo endiye andaniqonda ngazo okanye andanixelela ngazo ukuba ndinithanda kangakanani na. . . . Ndiyazi ukuba ngamnye kuni uneentswelo zakhe ezahlukileyo. UYehova uzazi bhetele ngakumbi kunani, ibe uya kuninika zonke izinto enizisweleyo ibe uya kunivuza ngako konke ukunyamezela kwenu.

“Ningalulibali olona sukelo lwenu—ukuphila kwihlabathi elitsha—yaye nimele niqhubeke nizabalazela ukulufikelela. Ngamana uYehova anganisikelela aniphe amandla ukuze nithembeke de kube sekupheleni. . . . Ningabi buhlungu gqitha, zintanda zam ezisenyongweni. Andiziva kwaphela ngani!”

Intlungu inokwehlela nabani na nangaliphi na ixesha. UKumkani uSolomon wathi: “Bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshumayeli 9:11) Noko ke, abo banokholo olomeleleyo kuThixo, banokuqiniseka ngendlela efanayo nompostile uPawulos, owathi: “Ndeyisekile kukuba nakufa nabomi . . . nasiphi na esinye isidalwa aziyi kuba nako ukusahlula eluthandweni lukaThixo olukuye uKristu Yesu iNkosi yethu.”—Roma 8:38, 39; Hebhere 6:10.