Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unokuba Nguye Njani—Umntu Wokomoya?

Unokuba Nguye Njani—Umntu Wokomoya?

Unokuba Nguye Njani—Umntu Wokomoya?

UMPOSTILE uPawulos wathi: “Ukunyamekela inyama kuthetha ukufa, kodwa ukunyamekela umoya kuthetha ubomi noxolo.” (Roma 8:6) Ngala mazwi, wayebonisa ukuba, ukuba ngumntu wokomoya asingombandela wokuzikhethela okanye indlela esivakalelwa ngayo. Eneneni ngumbandela wokufa nokuphila. Umntu wokomoya ubufumana ngayiphi ingqiqo “ubomi noxolo”? IBhayibhile ibonisa ukuba, umntu wokomoya uba seluxolweni nesiqu sakhe noThixo—kwaye uya kusikelelwa ngobomi obungunaphakade kwixesha elizayo. (Roma 6:23; Filipi 4:7) Siyaqondakala isizathu sokuba uYesu athi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya”!—Mateyu 5:3.

Ukufunda kwakho eli phephancwadi kubonisa ukuba unomdla kwizinto zokomoya—yaye likhondo lobulumko elo. Umnqa kukuba, izimvo ziwa ngokuwa ngalo mbandela, kangangokuba usenokuzibuza oku: ‘Unjani umntu wokomoya? Yintoni onokuyenza ukuze ube nguye?’

“Ingqondo KaKristu”

Ukongezelela ekubalaseliseni iingenelo nokubaluleka kokuthanda izinto zokomoya, umpostile uPawulos wayenento eninzi anokuyithetha ngokuba ngumntu wokomoya ngokwenene. Xa wayebhalela amaKristu esixeko samandulo saseKorinte, uPawulos wachaza umahluko phakathi komntu wokwenyama, umntu olawulwa yiminqweno yakhe yokwenyama, naphakathi komntu wokomoya, umntu ozixabisayo izinto zokomoya. UPawulos wathi: “Umntu wokwenyama akazamkeli izinto zomoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye.” Kwangaxeshanye, wachaza ukuba umntu wokomoya ubonakala ngokuba ‘nengqondo kaKristu.’—1 Korinte 2:14-16.

Ukuba ‘nengqondo kaKristu’ kuthetha ukuba “nesimo sengqondo esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu.” (Roma 15:5; Filipi 2:5) Ngamanye amazwi, umntu wokomoya ngumntu ocinga njengoYesu aze ahambe emanyathelweni akhe. (1 Petros 2:21; 4:1) Xa umntu esiya esiba nengqondo efana nekaKristu, kokukhona esomelela ngokomoya kwaye uba namathuba angakumbi okufumana “ubomi noxolo.”—Roma 13:14.

Indlela Yokwazi “Ingqondo KaKristu”

Noko ke, ukuze ubani abe nengqondo kaKristu, kufuneka aqale azi indlela acinga ngayo. Ngoko ke, inyathelo lokuqala ukuze ube ngumntu wokomoya kukwazi indlela acinga ngayo uYesu. Kodwa umntu unokuyazi njani ingqondo yomntu owayephila kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo? Kanene wenza njani ukuze wazi abantu abadumileyo kwimbali yelizwe lakho? Ngokuqinisekileyo wafunda ngabo. Ngendlela efanayo, ukufunda imbali kaYesu ebhaliweyo yeyona ndlela yokwazi indlela awayecinga ngayo.—Yohane 17:3.

Kwimeko kaYesu, kukho iincwadi ezine ezithetha ngembali yakhe ecacileyo—iincwadi zeVangeli ezibhalwe nguMateyu, uMarko, uLuka noYohane. Ukufunda ezi ngxelo kuya kukunceda uqonde indlela awayecinga ngayo uYesu, iindlela awayevakalelwa ngayo ngezinto nesizathu sokuba enze izinto ngendlela awayezenza ngayo. Xa ucamngca ngezinto ozifunda ngoYesu, uba nomfanekiso ngqondweni wohlobo lomntu awayelulo. Enoba sele ungumlandeli kaKristu, ukufunda nokucamngca ngaloo ndlela kuya kukunceda ‘uqhubeke ukhula ebubeleni obungasifanelanga naselwazini lweNkosi noMsindisi wethu uYesu Kristu.’—2 Petros 3:18.

Usacinga ngaloo ndlela, makhe sihlole iindinyana ezithile kwiincwadi zeVangeli ukuze sibone izinto ezabangela uYesu abe ngumntu wokomoya. Emva koko, umele uzibuze ukuba unokulixelisa njani ikhondo awasibekela lona.—Yohane 13:15.

Ubumoya “Nesiqhamo Somoya”

Umbhali wencwadi yeVangeli kaLuka uthi umoya oyingcwele kaThixo wehlela kuYesu xa wayebhaptizwa waza ke uYesu ‘wazaliswa ngumoya oyingcwele.’ (Luka 3:21, 22; 4:1) Kamva, uYesu, wabonisa ukubaluleka kokukhokelwa ngumoya oyingcwele, okanye “amandla kaThixo asebenzayo.” (Genesis 1:2; Luka 11:9-13) Kutheni kubalulekile nje ukukhokelwa ngomoya oyingcwele? Kungenxa yokuba umoya oyingcwele kaThixo unamandla okuguqula ingqondo kabani, ukuze ifane nekaKristu. (Roma 12:1, 2) Umoya oyingcwele uvelisa emntwini iimpawu ‘ezinjengothando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali nokuzeyisa.’ Ezi mpawu—iBhayibhile ethi “sisiqhamo somoya”—zizo ezibonisayo ukuba ubani ungumntu wokomoya ngokwenene. (Galati 5:22, 23) Ngeliphandle sinokuthi, umntu wokomoya ngumntu okhokelwa ngumoya kaThixo.

UYesu wabonisa isiqhamo somoya kubo bonke ubulungiseleli bakhe. Iimpawu ezinjengothando, ububele nokulunga zazibonakala ngokukhethekileyo kwindlela awabaphatha ngayo abo babejongelwa phantsi ekuhlaleni. (Mateyu 9:36) Ngokomzekelo, khawuve isiganeko athetha ngaso umpostile uYohane. Siyafunda: “Njengoko [uYesu] wayedlula wabona umntu owayeyimfama kwasekuzalweni.” Nabo abafundi bakaYesu babeyibona le ndoda kodwa bona bebona umoni. Babuza oku: “Ngubani na owonayo, ngulo mntu okanye ngabazali bakhe?” Abamelwane bayo nabo babeyibona le ndoda, kodwa bebona umngqibi. Bathi: “Lo ngula mntu ubefudula ehlala aze angqibe, akunjalo?” Noko ke, yena uYesu, wabona umntu oyimfama ofuna uncedo. Wathetha naye waza wamphilisa.—Yohane 9:1-8.

Esi siganeko sikuxelela ntoni ngesimo sengqondo sikaKristu? Okokuqala, sisifundisa ukuba uYesu wayengababukuli abantu abaphantsi kunoko wayebaphatha ngemfesane. Okwesibini, wayengarhuq’ inyawo xa kufuneka kuncedwe abantu. Ngaba ucinga ukuba uyawuxelisa lo mzekelo kaYesu? Ngaba ubajonga ngendlela awayebajonga ngayo uYesu abantu, uyabanceda baphucule ubomi babo batsho babe nethemba ngekamva? Okanye unomdla kubantu abasezintweni kunabo bangathathi ntweni? Ukuba ujonga abantu njengoYesu, uya kuba wenza kakuhle kuba ulandela umzekelo wakhe.—INdumiso 72:12-14.

Ubumoya Nomthandazo

Ingxelo zencwadi zeVangeli zibonisa ukuba uYesu wayesoloko ethandaza kuThixo. (Marko 1:35; Luka 5:16; 22:41) Ngexesha lobulungiseleli bakhe apha emhlabeni, wayebekela bucala ixesha lokuthandaza. Umfundi uMateyu wathi: “Akuba ezindulule izihlwele, [uYesu] wenyuka waya entabeni yedwa ukuze athandaze.” (Mateyu 14:23) Ngezo zihlandlo zokunxibelelana noYise wasezulwini, uYesu wayefumana amandla. (Mateyu 26:36-44) Nanamhlanje, abantu abatyekele kwizinto zokomoya babekela bucala ixesha elithile ukuze bathethe noThixo, bayazi ukuba oku kuya komeleza ulwalamano abanalo noMdali wabo kuze kubancede bacinge njengoKristu.

UYesu wayesoloko echitha ixesha elide ethandaza. (Yohane 17:1-26) Ngokomzekelo, ngaphambi kokuba akhethe amadoda ali-12 awayeza kuba ngabapostile bakhe, “waya kuthandaza entabeni, yaye waqhubeka ethandaza kuThixo ubusuku bonke.” (Luka 6:12) Nangona kungeyomfuneko ukuba bade bathandaze ubusuku bonke ngokoqobo, abo batyekele kwizinto zokomoya balandela umzekelo kaYesu. Ngaphambi kokuba benze izigqibo ezibalulekileyo ebomini, baqala bathandaze kuThixo, befuna ukhokelo lomoya oyingcwele xa bekhetha izinto eziza komeleza ubumoya babo.

Kumthandazo wakhe, uYesu waveza iimvakalelo ezinzulu esifanele sibe nazo xa sithandaza. Phawula oko kwabhalwa nguLuka ngendlela awathandaza ngayo uYesu kubusuku obandulela ukubulawa kwakhe. “Esekungcungcuthekeni, kwaba kukhona ethandaza ngenyameko; kwaza ukubila kwakhe kwaba njengamathontsi egazi esiwa emhlabeni.” (Luka 22:44) UYesu wayedla ngokuthandaza ngokunyanisekileyo ngaphambili, kodwa ekubeni kwesi isihlandlo wayejamelene nolona vavanyo luqatha kubomi bakhe, wathandaza “ngenyameko”—kwaye waphendulwa umthandazo wakhe. (Hebhere 5:7) Abantu abatyekele kwizinto zokomoya balandela umzekelo kaYesu. Xa bejamelene neemvavanyo eziqatha, bathandaza “ngenyameko” kuThixo becela umoya oyingcwele, ukhokelo noncedo.

Ekubeni uYesu wayesoloko ethandaza, akumangalisi ukuba abafundi bakhe babefuna ukumxelisa kule nkalo. Ngenxa yoko bamcela bathi: “Nkosi, sifundise ukuthandaza.” (Luka 11:1) Ngokufanayo namhlanje, abo bazixabisayo izinto zokomoya bafuna ukukhokelwa ngumoya oyingcwele kaThixo belandela umzekelo kaYesu ngendlela abathandaza ngayo kuThixo. Enyanisweni ubumoya nokuthandaza ngumtya nethunga.

Ukuba Ngumntu Wokomoya Nokushumayela Iindaba Ezilungileyo

Kwincwadi yeVangeli kaMarko, kukho ingxelo echaza ukuba uYesu waphilisa abantu abaninzi, wabaphilisa kwade kwahamba ubusuku. Ekuseni ngentsasa elandelayo xa wayeyedwa ethandaza, abafundi bakhe beza kuye bamxelela ukuba abantu abaninzi babemkhangela, mhlawumbi befuna ukuphiliswa. Noko ke, uYesu wathi kubo: “Masiye kwenye indawo, kwiidolophu ezikufuphi, ukuze ndishumayele kwanalapho.” UYesu wachaza isizathu esithi: “Kuba ndiphumele oko.” (Marko 1:32-38; Luka 4:43) Nangona ukuphilisa abantu kwakubalulekile kuYesu, ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo yayilolona thumo luphambili.—Marko 1:14, 15.

Nanamhlanje ukuxelela abanye ngoBukumkani bukaThixo iselelona phawu lubalaseleyo lwabo banengqondo kaKristu. Kubo bonke abo bafuna ukuba ngabalandeli bakhe, uYesu wabanika lo myalelo: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke . . . nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Ukongezelela, uYesu waxela kwangaphambili ukuba: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Ekubeni iLizwi likaThixo libonisa ukuba umsebenzi wokushumayela ufezwa ngamandla omoya oyingcwele, ukuba nenxaxheba kulo msebenzi kubonisa ukuba ungumntu wokomoya.—IZenzo 1:8.

Ukushumayela isigidimi soBukumkani kubantu behlabathi lonke kufuna ukutsala ngaxhatha linye kwezigidi zabantu. (Yohane 17:20, 21) Abo benza lo msebenzi abamele batyekele kwizinto zokomoya kuphela kodwa kufuneka balungelelane ehlabathini lonke. Ngaba unako ukubabona abantu abalandela emanyathelweni kaKristu nabashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ehlabathini jikelele?

Uqhuba Njani Wena Kule Nkalo?

Kakade ke, zikho nezinye izinto ezibonisa umntu wokomoya, kodwa uqhuba njani kwezi sele kuthethwe ngazo? Ukuze ufumanise zibuze: ‘Ngaba ndilifunda rhoqo iLizwi likaThixo iBhayibhile, ndize ndicamngce ngezinto endizifundileyo? Ngaba siyabonakala isiqhamo somoya kubomi bam? Ngaba ndiyathandaza? Ngaba ndinxulumana nabantu abashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo ehlabathini jikelele?’

Ukuzihlolisisa ngokunyanisekileyo kunokukunceda ubone ukuba ungumntu wokomoya kusini na. Siyakubongoza ukuba uthabathe amanyathelo ngoku ukuze ufumane “ubomi noxolo.”—Roma 8:6; Mateyu 7:13, 14; 2 Petros 1:5-11.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 7]

IIMPAWU ZOMNTU WOKOMOYA

◆ Ukuthanda iLizwi likaThixo

◆ Ukubonisa isiqhamo somoya

◆ Ukuthandaza kuThixo rhoqo nangokunyanisekileyo

◆ Ukwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani

[Umfanekiso okwiphepha 5]

IBhayibhile ikunceda wazi ‘ingqondo kaKristu’