Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Zilindeni Kulo Lonke Uhlobo Lwenkanuko’

‘Zilindeni Kulo Lonke Uhlobo Lwenkanuko’

‘Zilindeni Kulo Lonke Uhlobo Lwenkanuko’

“Kuba kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.”—LUKA 12:15.

1, 2. (a) Yintoni oyiphawuleyo ngezinto abanomdla nabasemva kwazo abantu namhlanje? (b) Sinokuchatshazelwa njani thina seso simo sengqondo?

 IMALI, umzi, udumo, umsebenzi ohlawula kakuhle, intsapho—ezi zezinye zezinto ejongwa ngazo impumelelo yomntu okanye njengezisisiqinisekiso sekamva eliqaqambileyo. Kuyabonakala ukuba kumazwe afumileyo nalawo ahlwempuzekileyo, eyona nto banomdla kuyo nabasemva kwayo abaninzi zizinto eziphathekayo nempumelelo. Kwelinye icala, umdla wabo kwizinto zokomoya, ukuba banawo phofu, uya uphela.

2 Oku kunjengokuba kanye iBhayibhile yatshoyo. Ithi: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, . . . abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo, benembonakalo yozinikelo lobuthixo kodwa bengaphili ngokuvisisana nalo.” (2 Timoti 3:1-5) Ekubeni ephila nabantu abanjalo mihla le, amaKristu okwenyaniso aphantsi kwengcinezelo enkulu yokuba anikezele kule ndlela yokucinga nendlela yokuphila. Yintoni enokusinceda sikwazi ukuxhathisa imigudu yeli hlabathi yokuzama ‘ukusenza sifane nalo’?—Roma 12:2, ngokweThe New Testament in Modern English, kaJ. B. Phillips.

3. Sisiphi isiluleko sikaYesu esiza kunikela ingqalelo kuso ngoku?

3 Ekubeni ‘enguMmeli Oyintloko noMgqibelelisi wokholo lwethu,’ uYesu Kristu wasifundisa isifundo esibalulekileyo ngokuphathelele le nkalo. (Hebhere 12:2) Ngesinye isihlandlo uYesu ethetha nesihlwele esithile ngezinto zokomoya, waphazanyiswa yenye indoda icela oku: “Mfundisi, xelela umntakwethu ahlulelane nam ngelifa.” Kwimpendulo yakhe, uYesu wadlulisela isiluleko esiqatha esachaphazela nabo bonke abo babephulaphule. Walumkisa ngenkanuko waza wagxininisa oko ngokwenza umzekeliso ochukumisayo. Kuya kuba bubulumko ukunikela ingqalelo koko kwathethwa nguYesu apho nokuze sibone indlela esinokuncedakala ngayo xa sinokukusebenzisa kubomi bethu.—Luka 12:13-21.

Isicelo Esingafanelekanga

4. Yintoni eyayingafanelekanga ngokuphazanyiswa kukaYesu yenye indoda?

4 Ngaphambi kokuphazanyiswa yile ndoda, uYesu wayethetha nabafundi bakhe nabanye ngokulumkela uhanahaniso, ngokuba nenkalipho yokuma kwicala loNyana womntu nangokufumana uncedo lomoya oyingcwele. (Luka 12:1-12) Enyanisweni, le yimibandela ebalulekileyo ababemele banikele ingqalelo epheleleyo kuyo abafundi. Noko ke, bathi besazikis’ ukucinga njalo, nako bephazanyiswa yile ndoda icela uYesu ukuba angenelele kuloo mpikiswano kwakubonakala ukuba kukulwa kwentsapho ngelifa. Kukho isifundo esibalulekileyo esisifumana kwesi siganeko.

5. Isicelo sale ndoda satyhila ntoni ngayo?

5 Kudala kwatshiwo ukuba “into ayiyo umntu idla ngokutyhilwa ziingcamango aba nazo ngoxa ephulaphule izinto zokomoya.” Ngoxa uYesu wayesathetha ngezinto ezibalulekileyo zokomoya, kusenokwenzeka ukuba le ndoda yayicinga ngendlela enokufumana ngayo imali. Into yokuba yayinezizathu ezivakalayo kusini na zokuba ifumane elo lifa ishiywa ingachazangwa. Mhlawumbi yayizama ukusebenzisa igunya likaYesu nodumo awayenalo lokuba ngumgwebi onobulumko kwimicimbi yoluntu. (Isaya 11:3, 4; Mateyu 22:16) Enoba yayicinga ntoni na, isicelo sayo sabonisa ukuba yayinengxaki entliziyweni yayo—yayingazixabisi tu izinto zokomoya. Ngaba esi ayisosizathu sivakalayo sokuba sizihlolisise nathi? Ngokomzekelo, kwiintlanganiso zamaKristu kulula ukuba ingqondo ibhadule okanye sicinge ngezo zinto simele sizenze. Endaweni yoko, simele sinikele ingqalelo koko kuthethwayo size sicinge ngendlela esinokukusebenzisa ngayo ukuze siphucule ulwalamano esinalo noBawo wethu wasezulwini, uYehova uThixo kunye nabanye abazalwana.—INdumiso 22:22; Marko 4:24.

6. Kwakutheni ukuze uYesu asikhabe isicelo sale ndoda?

6 Enoba yintoni na eyaqhuba le ndoda ukwenza eso sicelo, uYesu wasikhaba. Wasuka wathi kuyo: “Mntundini, ngubani na ondimisele ukuba ngumgwebi okanye umahluli phezu kwenu?” (Luka 12:14) Ngokutsho loo mazwi, uYesu wayebhekisela kwinto ababeyazi bonke abo bantu, kuba ngokoMthetho kaMoses, kwakukho abagwebi abamiselweyo ezixekweni ukuze bagwebe kwimicimbi enjalo. (Duteronomi 16:18-20; 21:15-17; Rute 4:1, 2) Kwelinye icala, uYesu wayexhalabele ezona zinto zibaluleke ngakumbi—ukunikela ubungqina ngenyaniso yoBukumkani nokufundisa abantu ukuthanda kukaThixo. (Yohane 18:37) Sixelisa uYesu, kunokuba sivumele ukuphazanyiswa ziingxaki zemihla ngemihla, simele sisebenzise ixesha namandla ethu ekushumayeleni iindaba ezilungileyo ‘nakukwenza abafundi abantu beentlanga zonke.’—Mateyu 24:14; 28:19.

Lumkelani Inkanuko

7. Ngawaphi amazwi obulumko awathethwa nguYesu?

7 Ekubeni wayekwazi ukubona oko kusentliziyweni, uYesu wayeqonda ukuba kukho ingxaki eyendeleyo ebangela le ndoda imcele angenelele kuloo mbandela wobuqu. Ngoko, kunokuba asikhabe nje eso sicelo, wangena koyena nobangela wathi: “Gcinani amehlo enu evulekile nize nizilinde kulo lonke uhlobo lwenkanuko, kuba kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.”—Luka 12:15.

8. Yintoni inkanuko, ibe inokukhokelela kwintoni?

8 Inkanuko yinto engaphaya kokunqwenela nje ukuba nemali okanye izinto ezithile, ezinokusetyenziselwa injongo ethile nefanelekileyo. Ngokutsho kwesinye isichazi-magama, yona “ngumnqweno ongalawulekiyo wokuzuza ubutyebi okanye izinto nkqu nezabanye.” Isenokuquka ukusoloko ufuna unganeliseki, ukubawela ukuba nezinto—mhlawumbi nezabanye—kuba nje ufuna ukuba nazo kungekhona kuba uziswele okanye ucinge ngemiphumo yoko kwabanye. Umntu onenkanuko uvumela iminqweno anayo ilawule iingcinga nezenzo zakhe kude kuse kwinqanaba lokuba ibe nguthixo wakhe. Khumbula ukuba umpostile uPawulos ufanisa umntu obawayo nomnquli-zithixo, ongenakubudla ilifa uBukumkani bukaThixo.—Efese 5:5; Kolose 3:5.

9. Ziziphi iindlela enokubonakala ngazo inkanuko? Chaza eminye imizekelo.

9 Okubangel’ umdla kukuba, uYesu walumkisa ngalo “lonke uhlobo lwenkanuko.” Zininzi iindlela zenkanuko. Owokugqibela kwiMithetho Elishumi usichazela nezinye zezo ndlela usithi: “Uze ungayinqweneli indlu yedlelane lakho. Uze ungamnqweneli umfazi wedlelane lakho, nekhoboka lalo, nekhobokazana lalo, nenkunzi yalo yenkomo, ne-esile lalo, nantoni na eyeyedlelane lakho.” (Eksodus 20:17) IBhayibhile izaliswe yimizekelo yabantu abaye bawela kwisono esinzulu ngenxa yenkanuko ethile. USathana waba ngowokuqala ukukhanuka into yomnye umntu—uzuko, isidima negunya elifanele uYehova kuphela. (ISityhilelo 4:11) UEva wakhanuka ilungelo lokuzigqibela, kwaza ke oko kukhohliswa kwakhe kwakhokelela uluntu esonweni nasekufeni. (Genesis 3:4-7) Iidemon ziingelosi ezaye azaneliseka ‘sisigxina sazo santlandlolo, zasuka zayishiya indawo yazo efanelekileyo yokuhlala’ ngenxa nje yento ezazingenalungelo layo. (Yude 6; Genesis 6:2) Cinga nangoBhileham, uAkan, uGehazi noYudas. Kunokuba baneliswe koko banako, bavumela umnqweno owendeleyo wezinto eziphathekayo wabenza basebenzisa kakubi igunya labo, baza ke bawela entshabalalweni.

10. Simele senze njani ukuze ‘sigcine amehlo ethu evulekile,’ njengokuba uYesu walumkisayo?

10 Afaneleka gqitha amazwi avula ngawo uYesu xa elumkisa ngenkanuko esithi, “gcinani amehlo enu evulekile.” Kutheni sisitsho nje? Kungenxa yokuba kulula ebantwini ukubona abanye xa bebawa okanye belawulwa yinkanuko, kodwa asifane sivume xa isithi abanjalo. Ukanti ke, umpostile uPawulos ubonisa ukuba “ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi.” (1 Timoti 6:9, 10) Umfundi uYakobi usichazela ukuba umnqweno ombi ‘xa uthe wakhawula, uzala isono.’ (Yakobi 1:15) Ngokuvisisana nesi siluleko sikaYesu, simele ‘sigcine amehlo ethu evulekile,’ kungekhona ukuze sibone sibe sesigweba abanye, kodwa sihlolisise thina sibone iminqweno yeentliziyo zethu, ukuze ‘sizilinde kulo lonke uhlobo lwenkanuko.’

Ukuba Nentabalala

11, 12. (a) Sisiphi isilumkiso sikaYesu ngenkanuko? (b) Kutheni simele sisiphulaphule nje esi silumkiso sakhe?

11 Kukho nesinye isizathu sokuba sizilinde kwinkanuko. Phawula amazwi kaYesu alandelayo: “Kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.” (Luka 12:15) Simele sicingisise nzulu ngoku kweli xesha siphila kulo lokuthanda izinto eziphathekayo, nalapho abantu bafanisa ukuma kakuhle nokonwaba nempumelelo. Ngaloo mazwi, uYesu wayebonisa ukuba ubomi bokwenene nobanelisayo abafumaneki ngezinto anazo umntu, kungakhathaliseki ukuba zininzi kangakanani na.

12 Noko ke, abanye basenokungavumelani noku. Basenokuqiqa ngelithi izinto eziphathekayo zenza ubomi bomntu bube lula ngakumbi yaye onwabe, ngoko ke zibalulekile. Ngenxa yoko, bazibhokoxa kwimisebenzi eza kwenza bakwazi ukufumana zonke ezo zinto bazifunayo. Bavakalelwa kukuba oku kuya kubenza baphile kamnandi. Noko ke, ngokucinga ngolo hlobo bayayiphosa eyona ngongoma kaYesu.

13. Yiyiphi imbono elungeleleneyo ngobomi nezinto eziphathekayo?

13 Kunokuba anikele ingqalelo kwinto yokuba kulungile okanye akulunganga ukuba nentabalala yezinto, uYesu wayebethelela ingongoma yokuba ubomi bomntu abubangelwa ‘zizinto anazo,’ okuthetha ukuthi izinto asele enazo. Sonke siyazi ukuba akufuneki zinto zininzi kangako ukuze siqhubeke siphila. Kufuneka nje ukutya okwaneleyo, into yokunxiba nendawo yokufihla intloko. Izityebi zinentabalala yezinto, ngoxa wona amahlwempu kusenokufuneka atsale nzima ukuze afumane ezo zinto. Kodwa enoba umntu sisityebi okanye lihlwempu bonke bayalingana xa besifa. (INtshumayeli 9:5, 6) Ngoko, asizozinto abanazo umntu ezenza aphile ubomi bokwenene. Oku kucaca ngakumbi xa siqwalasela ubomi awayethetha ngabo uYesu.

14. Yintoni esinokuyifunda kwigama elithi “ubomi” elifumaneka kwingxelo yeBhayibhile?

14 Xa uYesu wayesithi, “ubomi bakhe [umntu] abuphumi kwizinto anazo,” igama ‘lobomi’ awalisebenzisa apha kwiVangeli kaLuka (ngesiGrike lithi, zo·eʹ) libhekisela, kungekhona kwindlela okanye uhlobo lokuphila, kodwa libhekisela kubomi ngokwabo, ukuphefumla kuba uphila. a UYesu wayesithi enoba usisityebi okanye ulihlwempu, enoba uphila ubomi obutofotofo okanye kunzima noku kuya phantsi kwempumlo, ayixhomekekanga kuthi ngokupheleleyo into yokuba siya kuphila ixesha elingakanani kwanokuba siya kube siphila kusini na ngomso. KwiNtshumayelo yaseNtabeni uYesu wathi: “Ngubani na kuni onokuthi ngokuba nexhala ongeze ikubhite enye kubude bobomi bakhe?” (Mateyu 6:27) IBhayibhile ibonisa phandle ukuba nguYehova kuphela “umthombo wobomi,” ibe nguye kuphela onokunika abo bathembekileyo “ubomi benene,” okanye “ubomi obungunaphakade,” ubomi obungenasiphelo, enoba kusezulwini okanye emhlabeni.—INdumiso 36:9; 1 Timoti 6:12, 19.

15. Kutheni bebaninzi nje abantu abathembela kwizinto eziphathekayo?

15 Amazwi kaYesu abonisa kakuhle indlela ekulula ngayo ebantwini ukuba nembono ephosakeleyo ngobomi. Enoba zizityebi okanye ngamahlwempu, bonke abantu abafezekanga yaye isiphelo sabo sinye. UMoses wakha wathi: “Imihla yeminyaka yethu yiminyaka engamashumi asixhenxe; yaye ukuba ithe ngenxa yamandla akhethekileyo yangamashumi asibhozo, ukuzingisa kwayo kusenkathazweni nakwizinto ezenzakalisayo; kuba imele idlule ngokukhawuleza, siphaphazele simke.” (INdumiso 90:10; Yobhi 14:1, 2; 1 Petros 1:24) Ngenxa yesi sizathu, abantu abangakhange babe nolwalamano oluhle noThixo basoloko benesimo sengqondo awabhekisela kuso umpostile uPawulos, esithi, “masidle size sisele, kuba ngomso siza kufa.” (1 Korinte 15:32) Beqonda ukuba ubomi bufutshane yaye abuqinisekanga, abanye bazama ukuzikhusela nokuzinqabisa ngezinto eziphathekayo. Mhlawumbi bacinga ukuba izinto ezininzi eziphathekayo ziya kwenza ubomi babo bunqabiseke ngandlel’ ithile. Ngenxa yoko, basebenza uhalala beqokelela ubutyebi nezinto eziphathekayo, ngempazamo becinga ukuba ezo zinto ziya kubanqabisa zibanike nolonwabo.—INdumiso 49:6, 11, 12.

Ikamva Elinqabisekileyo

16. Yintoni obungasekelwanga kuyo ubomi bokwenene?

16 Isenokuba yinyaniso ukuba ubomi bomgangatho ophezulu—ukuba nentabalala yokutya, impahla, izindlu nobunye ubunewunewu—kunokwenza ubomi bubemnandi okanye ubani akwazi nokufumana unyango oluphambili ngaloo ndlela aphile iminyaka engakumbi kubomi bakhe. Noko ke, ngaba obo bubomi obunenjongo nobunqabisekileyo? Ubomi bokwenene abunakulinganiswa ngobude beminyaka ubani asenokuyiphila okanye ubungakanani bezinto eziphathekayo anazo okanye azisebenzisayo. Umpostile uPawulos wabonisa ingozi yokuthembela ngokugqithiseleyo kwezo zinto. Ebhalela uTimoti wathi: “Bayale abo bazizityebi kule nkqubo yezinto ukuba bangaziphakamisi, bangathembeli kubutyebi obungaqinisekanga, kodwa mabathembele kuThixo, osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze sizinandiphe.”—1 Timoti 6:17.

17, 18. (a) Yimizekelo yoobani ebalaseleyo ngokuphathelele ukuba nezinto eziphathekayo nesimele siyixelise? (b) Nguwuphi umzekeliso kaYesu esiza kuxubusha ngawo kwinqaku elilandelayo?

17 Ukubeka ithemba lakho kubutyebi asibobulumko kuba ‘abuqinisekanga.’ Usolusapho uYobhi wayesesingawothiyo umlilo, kodwa xa wehlelwa yintlekele ngequbuliso, ubutyebi bakhe zange bukwazi ukumnceda; banyamalala ngomzuzwana. Bubuhlobo bakhe obuluqilima noThixo obamncedayo watyhubela zonke ezo zilingo neembandezelo. (Yobhi 1:1, 3, 20-22) UAbraham akazange avumele ubunewunewu bakhe bube ngumqobo ekwamkeleni isabelo esinzima awayesinikwa nguYehova, ibe wasikelelwa ngokuba “nguyise weentlanga ezininzi.” (Genesis 12:1, 4; 17:4-6) Yile ke kuquka neminye imizekelo esimele siyixelise. Enoba sisebatsha okanye sibadala, simele sizihlolisise ukuze sibone ukuba ziintoni na ezona zinto zibalulekileyo kubomi bethu nesibeke kuzo amathemba ethu.—Efese 5:10; Filipi 1:10.

18 Amazwi ambalwa awathethwa nguYesu ngenkanuko nembono ephosakeleyo ngobomi abalulekile yaye asifundisa lukhulu ngokwenene. Noko ke, uYesu wayenezinto ezingakumbi awayefuna ukufundisa ngazo, ibe wahlabela mgama wabalisa umzekeliso obangel’ umdla, wendoda esisityebi eyayingenangqiqo. Usebenza njani loo mzekeliso kubomi bethu namhlanje, ibe yintoni esinokuyifunda kuwo? Inqaku elilandelayo liza kusinceda ngeempendulo zale mibuzo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Elinye igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ubomi” lithi biʹos, ekuphuma kulo igama lesiNgesi elithi “biography” (ibali ngobomi bomntu) nelithi “biology” (izinto eziphilayo). Ngokutsho kwe-Expository Dictionary of Old and New Testament Words kaVine, igama elithi biʹos libhekisela “kwixesha okanye ubude bobomi,” “kwindlela yokuphila,” “nakwizinto zokuphila.”

Unokuphendula Uthini?

• Yintoni esinokuyifunda ekukhabeni kukaYesu isicelo sendoda eyayiphakathi kwesihlwele?

• Kutheni simele sizilinde kwinkanuko, ibe sinokukwenza njani oko?

• Kutheni ubomi bungaphumi kwintabalala yezinto esinazo?

• Yintoni enokwenza ubomi bube bobenene yaye bunqabiseke?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Kwakutheni ukuze uYesu asikhabe isicelo senye indoda?

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Inkanuko inokuba nemiphumo emibi gqitha

[Imifanekiso ekwiphepha 25]

UAbraham wayibonisa njani imbono efanelekileyo ngokuba nezinto eziphathekayo?