Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abaphumelele EGiliyadi Babongozwa Ukuba “Baqalise Ukumba”

Abaphumelele EGiliyadi Babongozwa Ukuba “Baqalise Ukumba”

Iklasi Ye-123 Yabaphumelele EGiliyadi

Abaphumelele EGiliyadi Babongozwa Ukuba “Baqalise Ukumba”

NGOMGQIBELO, ngoSeptemba 8, 2007, isihlwele sabantu abangama-6 352 abaphuma kumazwe angama-41 sasihlanganisene kucwangciso lwabaphumelele kwiklasi ye-123 yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi. Ngentsimbi ye-10:00 kusasa, usihlalo wocwangciso, uAnthony Morris olilungu leQumrhu Elilawulayo, wamkela bonke abo babelapho. Emva kwamagqabaza okuvula, wabiza isithethi sokuqala, uGary Breaux olilungu leKomiti Yesebe laseUnited States.

UMzalwan’ uBreaux waqinisekisa abafundi ukuba enoba bakhangeleka njani na, abo benza ukuthanda kukaYehova bahle emehlweni akhe. (Yer. 13:11) Wababongoza ukuba babulondoloze obo buhle. Emva koko, uGerrit Lösch olilungu leQumrhu Elilawulayo wabethelela ukuba kufanelekile ukulindela umvuzo xa sikhonza uYehova. (Heb. 11:6) Kodwa ke, sifanele sishukunyiswe luthando lokuzincama.

Wandula ke umveleli weSebe leZikolo Zobuthixo, uWilliam Samuelson, wabongoza abaphumeleleyo ukuba babambelele kwesi sabelo sibekekileyo sokuvakalisa ngoKumkani olawulayo nangokubonisa isidima sabo ngendlela abaziphatha ngayo. * USam Roberson, osisandla somveleli weSebe leZikolo Zobuthixo, wakhuthaza abaphumeleleyo ukuba basoloko bekhangela iimpawu ezintle kwabanye. Kuya kuthi ke xa besenjenjalo kube lula kubo ‘ukuba nothando ngomanyano lwabazalwana luphela.’—1 Pet. 2:17.

Emva kwezo ntetho zibangel’ umdla, umhlohli waseGiliyadi uMark Noumair wadlan’ indlebe neqela labaphumeleleyo ngamava ababewafumene entsimini ngoxa bekweso sikolo. Abantu ababelapho bayibona kakuhle into yokuba elo qela liyithand’ egazini intsimi, yaye owona mdla walo kukunceda abanye. UKent Fischer weOfisi yaseBheteli ePatterson wadlan’ indlebe namalungu eKomiti yeSebe avela kumazwe amathathu anabathunywa bevangeli. Amazwi aba bazalwana bathandekayo abaqinisekisa abaphulaphuli ekwakukho kubo abazali babo baphumeleleyo, ukuba abathunywa bevangeli abatsha bayanyanyekelwa kwizabelo zabo. Emva koko, uIzak Marais weSebe Lokuguqulela wadlan’ indlebe nabathile abanexesha elide bengabathunywa bevangeli, yaye amava abo anceda abo baphumeleleyo bakuqonda kakuhle ukuba kunjani ukuba ngumthunywa wevangeli.

Intetho eyayingundoqo kolo cwangciso, eyayinikelwa nguGeoffrey Jackson olilungu leQumrhu Elilawulayo, yayinomxholo othi, “Emva Kwako Konke Enikuvileyo—Yintoni Eniza Kuyenza?” UMzalwan’ uJackson owakha wangumthunywa wevangeli kangangeminyaka emalunga nama-25 kuMzantsi Pasifiki, waxubusha umqukumbelo weNtshumayelo YaseNtabeni. Kuloo ntshumayelo, uYesu uthetha ngamadoda amabini awakha izindlu, enye kuwo isisilumko, enye isisiyatha. Isithethi satsho ukuba kusenokwenzeka ukuba ezi zindlu zazakhiwe kwindawo enye. Noko ke, indoda esisiyatha yakha kwindawo enesanti, ngoxa leyo isisilumko yemba de yaya kufika elulwalweni, yaza yakha. Kwathi kwakufika uqhwithela, yasinda indlu eyakhiwe elulwalweni, kodwa leyo yakhiwe esantini yawa.—Mat. 7:24-27; Luka 6:48.

UYesu wathi indoda esisiyatha imela abo babephelela nje ekumphulaphuleni. Yona esisilumko ifana nabo bamphulaphulayo uYesu baza bakwenza oko wayekutsho. UMzalwan’ uJackson wathi kwabaphumeleleyo: “Nani, ukuba niyakwenza oko nikufunde eBhayibhileni, niya kufana naloo ndoda isisilumko kumsebenzi wenu.” Xa equkumbela, wababongoza ukuba “baqalise ukumba” kwizabelo zabo.

Ekugqibeleni, abaphumeleleyo bafumana iidiploma baza banikwa nezabelo zabo, yaye uMzalwan’ uMorris wababongoza okokugqibela. Wabakhuthaza ukuba ngalo lonke ixesha balandele uYesu yaye bangaze bayeke ukuthembela kumandla kaYehova. Lwaqukunjelwa ngolo hlobo ke olo cwangciso.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 5 ISebe leZikolo Zobuthixo, elalathiswa yiKomiti Yokufundisa, longamela iGiliyadi, isikolo samalungu eKomiti Yesebe, kunye nesikolo sabaveleli abahambahambayo.

[Ibhokisi ekwiphepha 31]

INKCAZELO ENGABAFUNDI

Inani lamazwe abavela kuwo: 10

Inani lamazwe abathunyelwe kuwo: 24

Inani labafundi: 56

Umlinganiselo wobudala: 33,5

Umlinganiselo weminyaka besenyanisweni: 17,9

Umlinganiselo weminyaka bekwinkonzo yexesha elizeleyo: 13,8

[Umfanekiso okwiphepha 32]

Iklasi Ye-123 Yabaphumelele KwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi

Kuludwe olungezantsi, kuqalwa ukusuka kuluhlu olungaphambili ukusa kolungasemva, yaye amagama adweliswe ukusuka ekhohlo ukusa ekunene kuluhlu ngalunye.

(1) Esparza, E.; Papaya, S.; Bilal, A.; Suárez, M.; Evers, E.; Dimichino, K. (2) Rosa, M.; Fujii, R.; Ratey, O.; Leveton, J.; Van Leemputten, M. (3) Boscaino, A.; Beck, K.; Budanov, H.; Braz, C.; Peltz, K.; Siaw, A. (4) Leveton, S.; Santikko, H.; Conte, S.; Wilson, J.; Rylatt, J.; Pierce, S.; Fujii, K. (5) Rosa, D.; Boscaino, M.; Austin, V.; Rodiel, P.; Bilal, P.; Dimichino, P. (6) Ratey, B.; Czyzyk, D.; Clarke, C.; Riedel, A.; Esparza, F.; Siaw, P.; Van Leemputten, T. (7) Rodiel, J.; Evers, J.; Green, J.; Czyzyk, J.; Santikko, M.; Rylatt, M. (8) Peltz, L.; Austin, D.; Riedel, T.; Beck, M.; Pierce, W.; Conte, S.; Green, S. (9) Suárez, J.; Clarke, J.; Papaya, S.; Budanov, M.; Wilson, R.; Braz, R.