Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Beka UYehova Phambi Kwakho Rhoqo

Beka UYehova Phambi Kwakho Rhoqo

Beka UYehova Phambi Kwakho Rhoqo

“UYehova ndimbeka phambi kwam rhoqo.”—INDU. 16:8.

1. Iingxelo eziseBhayibhileni zinokusichaphazela njani?

 ILIZWI likaYehova linengxelo emangalisayo ephathelele indlela awaqhubana ngayo nabantu. Lithetha ngabantu abaninzi abaye banenxaxheba ekuzalisekeni kwenjongo yakhe. Kambe ke, amazwi nezinto abazenzayo akangomabali nje aseBhayibhileni enzelwe ukusonwabisa. Kodwa ezo ngxelo zinokusisondeza kuThixo.—Yak. 4:8.

2, 3. Athetha ukuthini amazwi akwiNdumiso 16:8?

2 Sonke sinokufunda lukhulu kumava abo kuthethwa ngabo kakhulu eBhayibhileni njengoAbraham, uSara, uMoses, uRute, uDavide, uEstere, umpostile uPawulos nabanye. Ukanti, sinokuzuza lukhulu nakwezo ngxelo zabantu ekungafane kuthethwe nto kangako ngabo. Ukucamngca ngeengxelo zeBhayibhile kunokusinceda senze ngokuvisisana nala mazwi omdumisi: “UYehova ndimbeka phambi kwam rhoqo. Ngenxa yokuba ungakwisandla sam sasekunene, andiyi kushukunyiswa.” (INdu. 16:8) Atheth’ ukuthini la mazwi?

3 Ekubeni ijoni laliphatha ikrele lalo ngesandla sasekunene, elo cala lalisala lingakhuselekanga kuba ikhaka lalo lalikhusela nje icala lasekhohlo kuphela. Kodwa ukuze likhuseleke kwakufuneka kubekho elinye ijoni elingasekunene. Ukuba asimlibali uYehova size senze ukuthanda kwakhe, uya kusikhusela. Ngoko masiqwalasele indlela ukufunda iingxelo zeBhayibhile okuya kulomeleza ngayo ukholo kuze kusincede ‘sibeke uYehova rhoqo phambi kwethu.’

UYehova Uyayiphendula Imithandazo Yethu

4. Chaza umzekelo oseZibhalweni obonisa ukuba uThixo uyayiphendula imithandazo yethu.

4 Ukuba sihlala simbeka phambi kwethu uYehova uya kuyiphendula imithandazo yethu. (INdu. 65:2; 66:19) Oku kungqinwa yimeko yoyena mkhonzi mkhulu ka-Abraham, ekusenokwenzeka ukuba yayinguEliyezere. UAbraham wamthuma eMesopotamiya ukuba aye kukhangelela uIsake umfazi owoyika uThixo. UEliyezere wacela ukhokelo lukaThixo yaye waqonda ukuba uYehova uphendula umthandazo wakhe xa uRebheka waseza iinkamela zakhe. Ngenxa yokuzingisa kwakhe emthandazweni, uEliyezere wakwazi ukufumanela uIsake umfazi othandekayo. (Gen. 24:12-14, 67) Liyinyaniso elokuba lo mkhonzi ka-Abraham wayekuthumo olukhethekileyo. Ngaba thina asimele siqiniseke ukuba uYehova uyayiva imithandazo yethu?

5. Kutheni sinokuthi kwanomthandazo omfutshane owenzelwa entliziyweni uyaviwa nguYehova?

5 Ngamathuba athile, kusenokufuneka senze nje umthandazo okhawulezileyo sicela uncedo kuThixo. Ngeny’ imini, uKumkani wasePersi uArtashashta waphawula ukuba umngcamli uNehemiya udakumbile. Ukumkani wambuza: “Yintoni na ke oyifunayo?” ‘Kwaoko uNehemiya wathandaza kuThixo wamazulu.’ UNehemiya kwafuneka awenze mfutshane loo mthandazo, nekubonakala ukuba wawenzela entliziyweni. Sekunjalo uThixo wawuphendula, kuba ukumkani wamnceda ukuze azakhe ngokutsha iindonga zaseYerusalem. (Funda uNehemiya 2:1-8.) Ewe, kwanomthandazo omfutshane owenzelwa entliziyweni unokuviwa.

6, 7. (a) UEpafra wasimisela wuphi umzekelo ngokuphathelele umthandazo? (b) Kutheni simele sibathandazele abanye?

6 Sibongozwa ukuba ‘sithandazelane,’ nangona singasoloko sinobungqina bokuba imithandazo enjalo iyaphendulwa. (Yak. 5:16) UEpafra, “umlungiseleli othembekileyo kaKristu,” wabathandazela ngokunyanisekileyo abazalwana bakhe. EseRoma, uPawulos wabhala wathi: “Uyanibulisa uEpafra, ophuma phakathi kwenu [nina baseKolose], ikhoboka likaKristu Yesu, nosoloko enithandazela, ukuze ekugqibeleni nime ngokuqinileyo ningahexi kuko konke ukuthanda kukaThixo. Eneneni nam ndiyangqina ukuba wenza umgudu omkhulu ngenxa yenu nangabo baseLawodike nangabo baseHirapoli.”—Kol. 1:7; 4:12, 13.

7 IKolose, iLawodike, neHirapoli zizixeko ezazimi ndawonye eAsia Minor. AmaKristu aseHirapoli ayephila phakathi kwabanquli bakathixokazi uCybele, awaseLawodike enengxaki yokuthanda izinto eziphathekayo, ngoxa awaseKolose ayechanabeke kwintanda-bulumko yabantu. (Kol. 2:8) Siyaqondakala isizathu sokuba uEpafra owayevela eKolose, ‘asoloko ethandazela’ amaKristu awayekweso sixeko! IBhayibhile ayiyichazi indlela eyaphendulwa ngayo imithandazo kaEpafra, kodwa akazange ayeke ukuthandazela amanye amaKristu; ngoko nathi asimele siyeke ukwenjenjalo. Nangona singengabo ‘oogqada-mbekweni kwimicimbi yabanye abantu,’ kusenokwenzeka ukuba sazi ilungu lentsapho okanye umhlobo ophantsi kovavanyo olunzima lokholo. (1 Pet. 4:15) Bekuya kuba kuhle gqitha ukumthandazela ngasese. UPawulos wancedwa zizikhungo zabanye, ngoko neyethu imithandazo inokwenza okufanayo.—2 Kor. 1:10, 11.

8. (a) Sazi njani ukuba abadala base-Efese babewuxabisile umthandazo? (b) Simele sibe nasiphi isimo sengqondo xa sithandaza kuThixo?

8 Ngaba abanye basazi njengabantu abakuxabisayo ukuthandaza? Emva kokuba edibene nabadala base-Efese, uPawulos “waguqa phantsi kunye nabo bonke waza wathandaza.” Emva koko, “balila kakhulu bonke, yaye bawela entanyeni kaPawulos baza bamanga, ngenxa yokuba babenziwe buhlungu ngokukodwa lilizwi awayelithethile lokuthi babengasayi kububona ubuso bakhe.” (IZe. 20:36-38) Asiwazi amagama abo bonke abo badala, kodwa kuyabonakala ukuba yayingamadoda awuxabisileyo umthandazo. Ngokuqinisekileyo kufuneka silixabise ilungelo lokuthandaza kuThixo size ‘siphakamise izandla ezinyanisekileyo’ sinokholo lokuba uBawo wethu osezulwini uya kusiphendula.—1 Tim. 2:8.

Mthobele Ngokupheleleyo UThixo

9, 10. (a) Nguwuphi umzekelo owamiselwa ziintombi zikaTselofehadi? (b) Ukuthobela kweentombi zikaTselofehadi kunokumnceda njani umKristu ongekatshati kwindlela akujonga ngayo ukutshata?

9 Ukuhlala sicinga ngoYehova kuya kusinceda simthobele size sifumane iintsikelelo. (Dut. 28:13; 1 Sam. 15:22) Oku kufuna ukuba sithobeke. Cinga nje ngesimo sengqondo seentombi ezintlanu zikaTselofehadi ezaziphila ngexesha likaMoses. Ngokuqhelekileyo, kwaSirayeli yayisiba ngoonyana abafumana amafa ooyise. UTselofehadi lo wafa engenanyana, ngoko uYehova wayalela ukuba ibe zezi ntombi zakhe zintlanu ezifumana ilifa xa lilonke—kodwa kukho nto ithile ekwakuza kufuneka ziyenze. Kwakuza kufuneka zitshate noonyana bendlu kaManase ukuze elo lifa liqhubeke likolo hlanga lunye.—Num. 27:1-8; 36:6-8.

10 Iintombi zikaTselofehadi zaziqinisekile ukuba izinto ziza kuhamba kakuhle xa zithobela uThixo. IBhayibhile ithi: “Kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses, zenjenjalo iintombi zikaTselofehadi. Ngoko uMahala, uTirtsa noHogela noMilka noNowa, iintombi zikaTselofehadi, zendela koonyana booyisekazi. Zendela kwezinye zeentsapho zoonyana bakaManase unyana kaYosefu, laza ilifa lazo laqhubeka lisesizweni sentsapho kayise.” (Num. 36:10-12) Loo mabhinqa athobelayo enza kanye ngokomyalelo kaYehova. (Yosh. 17:3, 4) Ngenxa yokholo olufanayo, amaKristu angatshatanga akhulileyo ngokomoya athobela uThixo ngokutshata “kuphela eNkosini.”—1 Kor. 7:39.

11, 12. UKalebhi wabonisa njani ukuba uthembele kuThixo?

11 Kufuneka simthobele ngokupheleleyo uYehova, kanye njengokuba umSirayeli ogama linguKalebhi wenzayo. (Dut. 1:36) Emva kokuhlangulwa kwamaSirayeli eYiputa ngenkulungwane ye-16 ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uMoses wathumela iintlola ezili-12 eKanan, kodwa kwezo ntlola nguKalebhi noYoshuwa kuphela ababongoza abantu ukuba bamthembe ngokupheleleyo uThixo baze baye kwelo lizwe. (Num. 14:6-9) Kwiminyaka emalunga nama-40 kamva, uYoshuwa noKalebhi babesaphila, bemthobela ngokupheleleyo uYehova yaye uThixo wasebenzisa uYoshuwa ukukhokelela amaSirayeli kwiLizwe Lesithembiso. Kodwa ke kuyabonakala ukuba zona iintlola ezilishumi ezingenalukholo zafa kwiminyaka engama-40 yokubhadula kwamaSirayeli entlango.—Num. 14:31-34.

12 Njengenkonde eyayisinde kolo hambo lwasentlango, uKalebhi wema phambi koYoshuwa waza wathi: “Ndamlandela ngokupheleleyo uYehova uThixo wam.”(Funda uYoshuwa 14:6-9.) UKalebhi oneminyaka engama-85 ubudala wacela ukuba anikwe ummandla osezintabeni awayewuthenjiswe nguThixo, nangona wawuhlala iintshaba zabe nezixeko zakhona zinqatyisiwe.—Yosh. 14:10-15.

13. Yintoni ekufuneka siyenzile ukuze sisikelelwe nakuba sijamelana nezilingo?

13 Kanye njengoKalebhi othembekileyo nothobelayo, ukuba ‘simlandela ngokupheleleyo uYehova’ uya kusixhasa. Xa sifikelwa ziingxaki ezinkulu, siya kusikelelwa njengoko ‘silandela uYehova ngokupheleleyo.’ Noko ke, ukwenza loo nto ubomi bethu bonke njengoKalebhi akuyondlwan’ iyanetha. NoKumkani uSolomon owaqala kakuhle, abafazi bakhe bayenza intliziyo yakhe yatyekela ekulandeleni oothixo bobuxoki akuba mdala, waza “akamlandela ngokupheleleyo uYehova njengoDavide uyise.” (1 Kum. 11:4-6) Ngamana singamthobela ngokupheleleyo uThixo size simbeke phambi kwethu rhoqo, enoba ziziphi na izilingo esijamelana nazo.

Thembela KuYehova Ngalo Lonk’ Ixesha

14, 15. Amava kaNahomi akufundisa ntoni ngemfuneko yokuthembela kuThixo?

14 Kufuneka sithembele kuThixo ngakumbi xa sixinezelekile, nekamva lethu libonakala limfiliba. Cinga nje ngoNahomi owayesele ekhulile, nowafelwa ngumyeni noonyana bakhe ababini. Xa wayebuyela kwaYuda evela kwaMowabhi, wakhala esithi: “Musani ukundibiza ngokuba ndinguNahomi [igama elithetha “Ubumnandi”]. Ndibizeni ngokuba ndinguMara [igama elithetha “Ubukrakra”], kuba uSomandla wenze ukuba kube krakra kakhulu kum. Ndandizele ukuhamba kwam, yaye uYehova undibuyise ndilambatha. Kutheni nandibiza ngokuthi Nahomi, ekubeni inguYehova ondithobileyo kwaye inguSomandla ondibangele intlekele?”—Rute 1:20, 21.

15 Ukuba uyifunda kakuhle incwadi kaRute, uya kubona ukuba nangona uNahomi wayexinezelekile, waqhubeka ethembele kuYehova. Izinto zatshintsha zamhambela kakuhle ngendlela ephawulekayo. Umolokazana wakhe ongumhlolokazi uRute watshata noBhohazi waza wamzalela unyana. UNahomi waba yimpelesi yaloo mntwana yaye ingxelo ithi: “Amanenekazi angabamelwane amnika igama, esithi: ‘UNahomi uzalelwe unyana.’ Yaye ambiza ngokuba nguObhedi igama lakhe. Nguyise kaYese, uyise kaDavide.” (Rute 4:14-17) Uya kuthi ke akuvuselwa emhlabeni, eve ukuba uRute, naye oza kube elapho, waba ngukhokokazi kaYesu, uMesiya. (Mat. 1:5, 6, 16) Kanye njengoNahomi, nathi sisenokungazi ukuba iingxaki esinazo ziya kuphelela phi. Ngenxa yoko, masisoloko sithembela kuThixo kanye njengoko iMizekeliso 3:5, 6 isibongoza: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.”

Thembela Ngomoya Oyingcwele

16. Umoya oyingcwele kaThixo wawanceda njani amadoda amakhulu athile akwaSirayeli mandulo?

16 Ukuba sibeka uYehova phambi kwethu rhoqo, uya kusikhokela ngomoya wakhe oyingcwele. (Gal. 5:16-18) Amadoda angama-70 awayekhethelwe ukuncedisa uMoses ‘ekuthwaleni umthwalo wabantu’ bakwaSirayeli, ayenomoya kaThixo. NguEldadi noMedadi abakhankanywa ngamagama nakuba onke ayencedwa ngumoya oyingcwele ekuphumezeni loo msebenzi. (Num. 11:13-29) Ngokuqinisekileyo ayefaneleka, esoyika uThixo, ethembekile yaye enyanisekile kanye njengalawo ayekhethwe ekuqaleni. (Eks. 18:21) Nabadala abangamaKristu namhlanje baneempawu ezifanayo.

17. Umoya kaYehova waba naliphi igalelo ekwakhiweni komnquba?

17 Umoya oyingcwele kaYehova waba negalelo elibalulekileyo ekwakhiweni komnquba entlango. UYehova wamisela uBhetsaleli waba yingcibi eyintloko nomakhi womnquba, ethembisa ‘ngokumzalisa ngomoya wakhe, ngobulumko nangokuqonda nangolwazi nangalo lonke uhlobo lobungcibi.’ (Eks. 31:3-5) Amadoda ‘alumkileyo entliziyweni’ asebenza noBhetsaleli nesekela lakhe uOholiyabhi ekuphumezeni eso sabelo simangalisayo. Ngaphezu koko, umoya kaYehova wabangela ukuba abantu abaneentliziyo ezivumayo banikele ngesisa. (Eks. 31:6; 35:5, 30-34) Ikwanguloo moya okhuthaza abakhonzi bakaThixo banamhlanje ukuba benze konke abanokukwenza ukuze bafune kuqala uBukumkani. (Mat. 6:33) Kusenokwenzeka ukuba sinobuchule obuthile, kodwa kufuneka sithandazele umoya oyingcwele size siwuvumele usikhokele ukuba sifuna ukufeza umsebenzi uYehova awunike abantu bakhe namhlanje.—Luka 11:13.

Qhubeka Umhlonela UYehova Wemikhosi

18, 19. (a) Sisiphi isimo sengqondo esiveliswa ngumoya oyingcwele kaThixo kuthi? (b) Ufunde ntoni kumzekelo kaSimeyon noka-Ana?

18 Umoya oyingcwele usenza sibe nentlonelo esinceda simbeke phambi kwethu rhoqo uYehova. Mandulo abantu bakaThixo baxelelwa oku: ‘UYehova wemikhosi, Nguye enifanele nimoyike.’ (Isa. 8:13) Ngenkulungwane yokuqala, eYerusalem kwakukho abantu ababini abakhulileyo ababonisa intlonelo, uSimeyon noAna. (Funda uLuka 2:25-38.) USimeyon wayenokholo kwiziprofeto eziphathelele uMesiya ibe ‘wayelindele intuthuzelo kaSirayeli.’ UThixo wathululela umoya oyingcwele kuSimeyon waza wamqinisekisa ukuba uya kuphila de abone uMesiya. Kwenzeka kanye oko. Ngenye imini, ngonyaka we-2 B.C.E., uYesu waziswa etempileni nguMariya unina, noYosefu uyise owamkhulisayo. Eqhutywa ngumoya oyingcwele, uSimeyon waprofeta ngoMesiya waza wayixela kusengaphambili intlungu kaMariya owakhathazeka gqitha xa uYesu wabethelelwa kwisibonda sentuthumbo. Kodwa khawucinge nje indlela awavuya ngayo uSimeyon esakufunqula “uKristu kaYehova”! Ibe uSimeyon wabekela abakhonzi bakaThixo banamhlanje umzekelo omhle wokuba nentlonelo.

19 UAna, umhlolokazi oneminyaka engama-84 ubudala nowayenentlonelo ‘akazange aphoswe kukuba setempileni.’ Wayenikela inkonzo engcwele kuYehova ubusuku nemini “ngokuzila ukutya nezikhungo.” Naye wayekho xa usana olunguYesu lwaziswa etempileni. Wavuya ngokwenene akumbona lowo wayeza kuba nguMesiya! Enyanisweni, “wambulela uThixo waza wathetha ngaye lo mntwana kubo bonke abo babelindele intlangulo yeYerusalem.” UAna waziva enyanzelekile ukuba azichazele abanye ezi ndaba zilungileyo! Kanye njengoSimeyon noAna, amaKristu asel’ ekhulile namhlanje ayavuyiswa kukwazi ukuba nokuba umntu sele emdala kangakanani na akukho nto inokumthintela angabi liNgqina likaYehova.

20. Enoba sibadala kangakanani na, yintoni ekufuneka siyenze, yaye ngoba?

20 Enoba sibadala kangakanani na, kufuneka simbeke phambi kwethu rhoqo uYehova. Uya kuyisikelela imigudu yethu yokuxelela abanye ngobukumkani bakhe nangemisebenzi yakhe emangalisayo. (INdu. 71:17, 18; 145:10-13) Noko ke, ukuze sizukise uYehova sifanele sibe neempawu ezimkholisayo. Yintoni esinokuyifunda ngezo mpawu xa sihlolisisa iingxelo ezingakumbi zeBhayibhile?

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Sazi njani ukuba uYehova uyayiphendula imithandazo?

• Kutheni sifanele simthobele ngokupheleleyo uThixo?

• Kwanokuba sixinezelekile, kutheni simele sithembele kuYehova ngalo lonke ixesha?

• Umoya oyingcwele kaThixo ubanceda njani abantu bakhe?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 4]

Umthandazo kaNehemiya waphendulwa nguYehova

[Umfanekiso okwiphepha 5]

Ukukhumbula indlela eyatshintsha ngayo imeko kaNahomi kuya kusinceda sithembele kuYehova