Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Hamba Ngeendlela ZikaYehova

Hamba Ngeendlela ZikaYehova

Hamba Ngeendlela ZikaYehova

“Unoyolo wonk’ ubani omoyikayo uYehova, ohamba ngeendlela zakhe.”—INDU. 128:1.

1, 2. Kutheni siqinisekile nje ukuba sinako ukonwaba?

 WONKE umntu uyalufuna ulonwabo. Kodwa ngokuqinisekileyo sonke siyazi ukuba ukulufuna uze ulusukele akuthethi kuthi wonwabile.

2 Sekunjalo sinako ukonwaba. INdumiso 128:1 ithi: “Unoyolo wonk’ ubani omoyikayo uYehova, ohamba ngeendlela zakhe.” Siya konwaba ukuba sinqula uThixo size sihambe ngeendlela zakhe, sisenza ukuthanda kwakhe. Oku kunokuba naliphi igalelo kwindlela esiziphatha ngayo nakubuntu bethu?

Zingqine Uthembekile

3. Ukuthembeka kudibana njani nokuzahlulela kwethu kuThixo?

3 Abo bamoyikayo uYehova bathembekile, kanye njengaye. UYehova wazizalisekisa zonke izithembiso awazenza kuSirayeli wamandulo. (1 Kum. 8:56) Ukuzahlulela kuThixo kusesona sithembiso sibalulekileyo esinokusenza, yaye ukuhlala sithandaza kuya kusinceda sikwazi ukusigcina. Sinokuthandaza njengomdumisi uDavide owathi: “Wena, Thixo, uziphulaphule izibhambathiso zam. . . . Ndiya kuliculela uncuthu lwengoma igama lakho ngonaphakade, ukuze ndizifezekise izibhambathiso zam imihla ngemihla.” (INdu. 61:5, 8; INtshu. 5:4-6) Simele sithembeke ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo.—INdu. 15:1, 4.

4. UYifeta nentombi yakhe basigqala njani isibhambathiso awasenza kuYehova?

4 Ngemihla yaBagwebi bakwaSirayeli, uYifeta wenza isibhambathiso sokuba xa uYehova wayenokumenza oyise ama-Amoni, wayeya kunikela “njengomnikelo otshiswayo” nabani na ophume kuqala ukuza kumkhawulela ukubuya kwakhe edabini. Umntu owaphuma kuqala ukuza kumkhawulela yintombi yakhe—ekuphela komntwana awayenaye. Benokholo kuYehova, uYifeta nentombi yakhe engatshatanga basizalisekisa eso sibhambathiso. Nakuba ukutshata nokuba nabantwana kwakuxatyiswe gqitha kwaSirayeli, ngokuzithandela intombi kaYifeta yakhetha ukuhlala ingatshatanga ukuze iqhubeke ikhonza kwingcwele kaYehova.—ABagwe. 11:28-40.

5. UHana wazingqina njani ukuba uthembekile?

5 Ibhinqa elalisoyika uThixo, uHana, lazingqina lithembekile. Lalihlala kummandla osezintabeni wakwaEfrayim nomyeni walo ongumLevi, uElikana, kunye nomnye umfazi wakhe, uPenina. UPenina wayenabantwana abaliqela, ibe wayemgculela uHana owayeludlolo, ingakumbi xa intsapho yabo iye emnqubeni. Ngesinye isihlandlo, uHana wenza isibhambathiso kuYehova sokuba xa ezele unyana uya kumnikela kuye. Akuzange kube kudala wakhulelwa waza wazala inkwenkwe eyathiywa igama elinguSamuweli. Emva kokuba ilunyulwe, uHana wayinikela kuThixo eShilo, ebolekisa ngayo kuYehova “yonke imihla yobomi bayo.” (1 Sam. 1:11) Ngaloo ndlela wasizalisekisa isibhambathiso awasenzayo nakuba wayengazi ukuba uya kuze abafumane abanye abantwana kusini na.—1 Sam. 2:20, 21.

6. UTikiko wazingqina njani ethembekile?

6 UTikiko, umKristu wenkulungwane yokuqala wayeyindoda “nomlungiseleli othembekileyo.” (Kol. 4:7) Wahamba nompostile uPawulos ukusuka eGrisi banqumla eMakedoni, baya kungena eAsia Minor, yaye kusenokwenzeka ukuba baya naseYerusalem. (IZe. 20:2-4) Kungenzeka nokuba nguye “umzalwana” owancedisa uTito ekunikeni amakholwa awayeswele kwelakwaYuda izipho. (2 Kor. 8:18, 19; 12:18) Xa uPawulos wabanjwa okokuqala eRoma, wayenommeli othembekileyo uTikiko owayehambisa iileta zakhe kumakholwa ase-Efese naseKolose. (Efe. 6:21, 22; Kol. 4:8, 9) Xa wayebanjwe okwesibini eRoma, wathumela uTikiko e-Efese. (2 Tim. 4:12) Ukuba sithembekile, nathi siya kufumana iintsikelelo kwinkonzo kaYehova.

7, 8. Yintoni ebangela ukuba sithi uDavide noYonatan babengabahlobo bokwenene?

7 UThixo ulindele ukuba sibe ngabahlobo abathembekileyo. (IMize. 17:17) UYonatan, unyana kaKumkani uSawule wakha ubuhlobo noDavide. Xa uYonatan wevayo ukuba uDavide ubulele uGoliyati, “wona kanye umphefumlo kaYonatan wabophana nomphefumlo kaDavide, waza uYonatan wamthanda njengomphefumlo wakhe.” (1 Sam. 18:1, 3) UYonatan wada wamlumkisa uDavide xa uSawule wayefuna ukumbulala. Emva kokuba uDavide esabile, wadibana noYonatan baza benza umnqophiso. Ukuxelela uSawule ngoDavide kwabubeka esichengeni ubomi bukaYonatan, kodwa aba bahlobo babini baphinda badibana baza babomeleza ubuhlobo babo. (1 Sam. 20:24-41) Ekudibaneni kwabo okokugqibela, uYonatan wasomeleza isandla sikaDavide “ngokubhekisele kuThixo.”—1 Sam. 23:16-18.

8 UYonatan wafa edabini besilwa namaFilisti. (1 Sam. 31:6) Esenza isimbonono, uDavide wathi: “Ndibandezelekile ngenxa yakho, mntakwethu Yonatan, ubuthandeka kakhulu kum. Uthando lwakho belumangalisa ngakumbi kum kunothando lwabafazi.” (2 Sam. 1:26) UDavide noYonatan babengabahlobo bokwenene.

Hlala ‘Uthobekile Engqondweni’

9. KuBagwebi isahluko 9 sifunda ntoni ngokubaluleka kokuthobeka?

9 Ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo, simele ‘sithobeke engqondweni.’ (1 Pet. 3:8; INdu. 138:6) KuBagwebi isahluko 9 sifunda ngokubaluleka kokuthobeka. Unyana kaGidiyon uYotham wathi: “Kwathi ngaxa lithile imithi yaya kuthambisa ukumkani phezu kwayo.” Wakhankanya umthi womnquma, owomkhiwane nowomdiliya. Le mithi yayimela abantu abafanelekayo abangazange bafune ukulawula amanye amaSirayeli. Kodwa iqunube—elisetyenziselwa amafutha kuphela—lalimela ubukumkani buka-Abhimeleki onekratshi, umbulali owayethanda ukucinezela abanye. Nangona “wazenza inkosana kwaSirayeli iminyaka emithathu,” wafa ngequbuliso. (ABagwe. 9:8-15, 22, 50-54) Kubaluleke ngokwenene ‘ukuthobeka engqondweni.’

10. Sifunda ntoni ekusileleni kukaHerode ‘ukumnika uzuko uThixo’?

10 Ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo kwavuka ingxwabangxwaba phakathi kukaKumkani uHerode Agripa onekratshi welakwaYuda kunye nabemi baseTire naseSidon, ababefuna ukuxolelana naye. Ngesinye isihlandlo, xa uHerode wayenikela intetho yesidlangalala, bakhwaza besithi: “Lilizwi lothixo elo, yaye asilamntu!” UHerode akazange akugatye oko kudunyiswa, yaye ingelosi kaYehova yamxabela, wafa kabuhlungu “ngenxa yokuba engamnikanga uzuko uThixo.” (IZe. 12:20-23) Kuthekani ukuba sizizithethi okanye abafundisi abanobuchule benyaniso yeBhayibhile? Simele sizukise uThixo ngenxa yoko asivumela ukuba sikwenze.—1 Kor. 4:6, 7; Yak. 4:6.

Yiba Nesibindi Uze Womelele

11, 12. Amava kaEnoki abonisa njani ukuba uYehova unika abakhonzi bakhe isibindi aze abomeleze?

11 Ukuba ngokuzithoba sihamba ngeendlela zikaYehova, uya kusenza sibe nesibindi size somelele. (Dut. 31:6-8, 23) UEnoki, oyindoda yesixhenxe kumnombo wokuzalwa ka-Adam, wahamba noThixo ngesibindi, elandela ikhondo elithe tye nakuba wayephila phakathi kwabantu abangendawo. (Gen. 5:21-24) UYehova wamomeleza uEnoki ukuze akwazi ukudlulisela isigidimi esinamandla kubo ngenxa yendlela yokungahloneli Thixo ababethetha baze benze ngayo. (Funda uYude 14, 15.) Ngaba wena uyivakalisa ngesibindi imigwebo kaThixo?

12 UYehova wabagweba abantu abangamhloneliyo kuMkhukula owagubungela ihlabathi ngomhla kaNowa. Noko ke, siyasikhuthaza isiprofeto sikaEnoki, kuba nabantu abangahloneli Thixo namhlanje baza kutshatyalaliswa ngamashumi amawaka kaThixo angcwele. (ISityhi. 16:14-16; 19:11-16) Ephendula imithandazo yethu, uYehova usinika isibindi sokuvakalisa isigidimi sakhe, enoba siphathelele imigwebo yakhe okanye iintsikelelo zolawulo loBukumkani.

13. Kutheni siqinisekile ukuba uThixo uya kusinika isibindi namandla okujamelana neemeko ezisixinezelayo?

13 Siyakufuna ukunikwa inkalipho nokomelezwa nguThixo ukuze simelane neemeko ezisixinezelayo. Amabhinqa amabini angamaHiti awatshata noEsawu ‘awenza krakra umoya kaIsake noRebheka [abangabazali bakhe].’ URebheka wada wakhalaza esithi: “Ndiyabenyanya ubomi bam ngenxa yezi ntombi zakwaHeti. Ukuba kwiintombi zeli lizwe, uYakobi [unyana wethu] uthe wathabatha umfazi ezintombini zakwaHeti, njengazo ezi, bungaba salunga ngantoni na ubomi kum?” (Gen. 26:34, 35; 27:46) UIsake wawuthabathela kuye lo mba, waza waxelela uYakobi ukuba aye kufuna umfazi kubanquli bakaYehova. Nangona uIsake noRebheka babengenakutshintsha nto koko kwakwenziwe nguEsawu, uThixo wabanika ubulumko, isibindi namandla okuqhubeka bethembekile. Ukuba sithandazela uncedo lukaYehova, uya kwenza ngendlela efanayo nakuthi.—INdu. 118:5.

14. Intombazana eselula yomSirayeli yasibonisa njani isibindi?

14 Kwiinkulungwane ezalandelayo, enye intwazana yakwaSirayeli eyayithinjwe ngamatutu yaba sisicaka emzini wentloko yomkhosi waseSiriya, uNahaman, owayeneqhenqa. Ekubeni yayivile ngemimangaliso eyenziwa nguThixo esebenzisa umprofeti uElisha, ngesibindi le ntwazana yathi kumfazi kaNahaman: ‘Ukuba inkosi yam ibinokuya kwaSirayeli, umprofeti kaYehova ebeya kuyiphilisa kwiqhenqa layo.’ Ngokwenene uNahaman waya kwaSirayeli ibe waphiliswa. (2 Kum. 5:1-3) Le ntombazana ingumzekelo omhle gqitha kwabaselula abathembela kuYehova ukuba abaphe isibindi sokushumayela kootitshala, kubantwana abafunda nabo nakwabanye.

15. Liliphi inyathelo elibonisa ukuba nesibindi elathatyathwa ligosa lendlu ka-Ahabhi uObhadiya?

15 Inkalipho esiyinikwa nguThixo isinceda sikwazi ukunyamezela intshutshiso. Khawucinge ngegosa lendlu kaKumkani uAhabhi uObhadiya, owayephila ngexesha lomprofeti uEliya. Xa uKumkanikazi uIzebhele wayalela ukuba kubulawe abaprofeti bakaThixo, uObhadiya wafihla abali-100 kubo ebangenisa “ngamashumi amahlanu emqolombeni.” (1 Kum. 18:13; 19:18) Ngaba nawe unokuba naso isibindi sokunceda amanye amaKristu atshutshiswayo kanye njengokuba uObhadiya wanceda abaprofeti bakaYehova?

16, 17. Yintoni eyenziwa nguAristarko noGayo xa babetshutshiswa?

16 Xa sitshutshiswa, masiqiniseke ukuba uYehova uya kusixhasa. (Roma 8:35-39) Kwindawo yokubonela esempengempengeni e-Efese, uAristarko noGayo ababesebenza noPawulos basongelwa lihlokondiba elivukelayo elalimalunga namawaka. Le mvukelo yayiphenjelelwa nguDemetriyo umkhandi wesilivere. Ekunye namanye amagcisa babesenza iitempilana zesilivere zothixokazi uArtemis, yaye ishishini labo eliqhuba kakuhle lalisesichengeni sokuphela kuba ukushumayela kukaPawulos kwakhuthaza abemi abaninzi beso sixeko ukuba baluyeke unqulo-zithixo. Eli hlokondiba larhuqela uAristarko noGayo kule ndawo yokubonela laza lamemeza lisithi: “Mkhulu uArtemis wamaEfese!” Kusenokwenzeka ukuba uAristarko noGayo babecinga ukuba baza kubulawa, kodwa unongxelo wesixeko wasithomalalisa eso sihlwele.—IZe. 19:23-41.

17 Wena, ukuba wawunokuba kuloo meko, ngaba wawuya kuzama iindlela ezilula zokuphuma kuyo? Akukho nto ibonisa ukuba uAristarko okanye uGayo baphelelwa sisibindi. Ekubeni wayevela eTesalonika, uAristarko wayesazi ukuba ukuvakalisa iindaba ezilungileyo kunokuzisa intshutshiso. Ngaphambilana, kwakukhe kwavuka uqhushululu ngoxa uPawulos wayeshumayela apho. (IZe. 17:5; 20:4) Ngenxa yokuba uAristarko noGayo babethobela uYehova, ngoko wabanika amandla nesibindi sokunyamezela intshutshiso.

Ukunyamekela Izilangazelelo Zabanye

18. UPriska noAkwila ‘bazinyamekela’ njani izilangazelelo zabanye?

18 Enoba siyatshutshiswa okanye akunjalo, simele siwaxhalabele amanye amaKristu. UPriska noAkwila ‘babenyamekela’ izilangazelelo zabanye. (Funda eyabaseFilipi 2:4. Kusenokwenzeka ukuba eso sibini singumzekelo sanika uPawulos indawo yokufihl’ intloko e-Efese, apho umkhandi wesilivere uDemetriyo waphembelela imvukelo ekuthethwe ngayo ngasentla. Kusenokwenzeka ukuba koko okwabangela ukuba uAkwila noPriska ‘bazibeke esichengeni iintamo zabo’ ngenxa kaPawulos. (Roma 16:3, 4; 2 Kor. 1:8) Namhlanje, ukuxhalabela abazalwana bethu abatshutshiswayo kubangela ukuba ‘silumke njengeenyoka.’ (Mat. 10:16-18) Siwenza ngobulumko umsebenzi wethu yaye asifuni kubangcatsha ngokuxela amagama abo okanye enye inkcazelo kubatshutshisi.

19. Ziziphi izinto ezintle awayezenzela abanye uDorkas?

19 Zininzi iindlela zokunyamekela izilangazelelo zabanye. Amanye amaKristu anezinto azisweleyo, yaye sisenokukwazi ukuwanceda. (Efe. 4:28; Yak. 2:14-17) Kwibandla lenkulungwane yokuqala eYopa, kwakukho ibhinqa elalinesandla esivulekileyo eligama linguDorkas. (Funda IZenzo 9:36-42.) UDorkas “wayephuphuma zizenzo ezilungileyo nezipho zenceba” ekusenokwenzeka ukuba zaziquka ukwenzela abahlolokazi abasweleyo izambatho. Ukufa kwakhe ngowama-36 C.E. kwazishiya zilihlwili iintliziyo zabo bahlolokazi. Esebenzisa umpostile uPetros uThixo wamvusa uDorkas, yaye kusenokwenzeka ukuba wachitha bonke ubomi bakhe emhlabeni ezishumayela ngovuyo iindaba ezilungileyo ngoxa wayesenzela abantu izinto ezintle. Sivuyiswa ngokwenene kukuba namabhinqa angamaKristu anjalo namhlanje.

20, 21. (a) Ukukhuthaza abanye kudibana njani nokunyamekela izilangazelelo zabo? (b) Yintoni onokuyenza ukuze ukwazi ukukhuthaza abanye?

20 Sinyamekela izilangazelelo zabanye ngokubakhuthaza. (Roma 1:11, 12) UPawulos wayekhuthazwa nguSilas awayesebenza kunye naye. Emva kokuba kuconjululwe ingxaki yolwaluko malunga nowama-49 C.E., iqumrhu elilawulayo eYerusalem lathumela abameli ukuba base ileta kumaKristu akwezinye iindawo. USilas, uYudas, uBharnabhas noPawulos bayisa kwa-Antiyokwe. Ukufika kwabo apho uSilas noYudas “babakhuthaza abazalwana ngokuthetha okuninzi baza babomeleza.”—IZe. 15:32.

21 Kamva, uPawulos noSilas bavalelwa kwintolongo yaseFilipi kodwa baphinda bakhululwa ngenxa yenyikima. Bamele ukuba bavuya gqitha bakubona umgcini-ntolongo nentsapho yakhe besiba ngamakholwa emva kokubashumayeza. Ngaphambi kokushiya eso sixeko uSilas noPawulos babakhuthaza abazalwana. (IZe. 16:12, 40) NjengoPawulos noSilas, nawe zama indlela yokukhuthaza abanye ngamagqabaza akho, iintetho nokuba nenzondelelo entsimini. Xa ‘unelizwi lokukhuthaza,’ yenza konke onako ukuze ‘ulixele.’—IZe. 13:15.

Qhubeka Uhamba Ngeendlela ZikaYehova

22, 23. Yintoni esinokuyenza ukuze singenelwe ngokwenene kwiingxelo zeBhayibhile?

22 Simele sibe nombulelo ngeengxelo zobomi eziseLizwini likaYehova, “uThixo walo lonke ukhuthazo.” (2 Kor. 1:3, iByington) Ukuba sifuna ukungenelwa kula mava, simele siphile ngokuvisisana neemfundiso zeBhayibhile size sivumele umoya oyingcwele kaThixo usikhokele.—Gal. 5:22-25.

23 Ukucamngca ngeengxelo zeBhayibhile kuya kusinceda sibe neempawu zobuthixo. Kuya kulomeleza ulwalamano lwethu noYehova, ‘osinika ubulumko, ukwazi nemihlali.’ (INtshu. 2:26) Ngenxa yoko, siya kuyivuyisa intliziyo kaThixo. (IMize. 27:11) Ngamana singazimisela ukwenjenjalo ngokuqhubeka sihamba ngeendlela zikaYehova.

Unokuphendula Uthini?

• Unokuzingqina njani uthembekile?

• Kutheni simele ‘sithobeke engqondweni’?

• Iingxelo zeBhayibhile zinokusinceda njani ukuze sibe nesibindi?

• Ziziphi iindlela esinokuzinyamekela ngazo izilangazelelo zabanye?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 8]

UYifeta owayethembekile nentombi yakhe basizalisekisa isibhambathiso esenziwa nguYifeta, nangona kwakungelula

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Nina baselula, yintoni eniyifundileyo kwintwazana yakwaSirayeli?

[Umfanekiso okwiphepha 11]

UDorkas wayewanceda njani amanye amaKristu?