Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimbalasane Zencwadi KaMarko

Iimbalasane Zencwadi KaMarko

ILizwi LikaYehova Liphilile

Iimbalasane Zencwadi KaMarko

IVANGELI kaMarko yeyona imfutshane kuzo zone iincwadi zeVangeli. Le ncwadi yabhalwa nguYohane Marko malunga neminyaka engama-30 emva kokufa nokuvuswa kukaYesu Kristu, inengxelo equphayo kwakunye neziganeko ezichulumancisayo ezenzeka kwiminyaka emithathu enesiqingatha yobulungiseleli bukaYesu emhlabeni.

Kuyacaca ukuba le ncwadi yayibhalelwe abantu abangengomaYuda, ingakumbi amaRoma, kuba ichaza uYesu njengoNyana kaThixo owenza imimangaliso nowayekwiphulo lokushumayela ngenzondelelo. Igxininisa koko kwenziwa nguYesu kunakwiimfundiso zakhe. Ukunikel’ ingqalelo kwincwadi yeVangeli kaMarko kuya kusenza sibe nokholo ngakumbi kuMesiya kuze kusikhuthaze sibe nenzondelelo yokuvakalisa isigidimi sikaThixo entsimini.—Heb. 4:12.

USHUMAYELA NGAMANDLA EGALILI

(Marko 1:1–9:50)

Emva kokunikel’ ingxelo ngomsebenzi kaYohane uMbhaptizi neentsuku ezingama-40 ezahlalwa nguYesu entlango kwiindinyana nje ezili-14, uMarko unikela ingxelo ebangel’ umdla ngokushumayela kukaYesu eGalili. Ukuphandaphindwa kwebinzana elithi “ngoko nangoko” kubonisa ukungxamiseka kwesigidimi esikule ngxelo.—Marko 1:10, 12.

Ngaphantsi nje kweminyaka emithathu, uYesu ugqiba amaphulo amathathu okushumayela eGalili. Ubukhulu becala uMarko uyibhala le ngxelo ngokolandelelwano lweziganeko. Akathethi nto ngeNtshumayelo yaseNtabeni nangezinye iintetho ezinde zikaYesu.

Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:

1:15—‘Lixesha elimiselwe’ ntoni eli lizalisekileyo? UYesu wayesithi kuzaliseke ixesha lokuba aqalise ubulungiseleli bakhe. Ekubeni wayesele ekho njengoKumkani Omiselweyo, uBukumkani bukaThixo babusondele. Abantu abaneentliziyo ezintle babenokukhuthazwa kukushumayela kwakhe baze benze ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo.

1:44; 3:12; 7:36—Kwakutheni ukuze uYesu angafuni ukuba imimangaliso awayeyenza ibhengezwe? Kunokuba abantu bafikelele kwizigqibo ezithile ezisekelwe kwiingxelo ezibaxiweyo okanye ezingaqinisekanga, uYesu wayefuna bazibonele ngokwabo ukuba unguKristu, zize naziphi na izigqibo abazenzayo zisekelwe kobo bungqina. (Isa. 42:1-4; Mat. 8:4; 9:30; 12:15-21; 16:20; Luka 5:14) Noko ke, uYesu wenza okwahlukileyo kwindoda awayikhupha iidemon yelizwe lamaGerasa. Wathi mayigoduke iye kuxelela izalamane zayo ngoko akwenzileyo. UYesu wayesandul’ ukucelwa ukuba emke kuloo mmandla, ngoko wayengenandlela yakudibana nabantu balapho. Ukubona loo ndoda incedwe nguYesu nokuva ubungqina bayo kwakuya kuphelisa naziphi na izinto ezimbi ezazithethwa ngaye ngokuphathelele iihagu zabo ezaya kutshona elwandle.—Marko 5:1-20; Luka 8:26-39.

2:28—Kutheni kusithiwa uYesu “uyiNkosi yayo nesabatha”? Umpostile uPawulos wabhala wathi: “UMthetho unesithunzi sezinto ezilungileyo eziza kuza.” (Heb. 10:1) Ngokutsho koMthetho, iSabatha yayibakho emva kweentsuku ezintandathu zomsebenzi, yaye uYesu wayenyanga abantu abaninzi ngolo suku. Oku kwakufuzisela ukuphumla kamnandi nezinye iintsikelelo ezaziza kufunyanwa ngabantu kuLawulo LukaKristu Lweminyaka Eliwaka emva kokuphela kolawulo lukaSathana olucinezelayo. Ngenxa yoko, uKumkani wobo Bukumkani “uyiNkosi yayo nesabatha.”—Mat. 12:8; Luka 6:5.

3:5; 7:34; 8:12—Kwenzeka njani ukuze uMarko azi indlela awayevakalelwa ngayo uYesu kwiimeko ezahlukahlukeneyo? UMarko wayengenguye omnye wabapostile abali-12 yaye engenguye nomhlobo osondeleyo kuYesu. Ngokwendlela eyayiqhelekile ngaphambili kumele ukuba izinto ezininzi uMarko waziva ngomhlobo wakhe osenyongweni, umpostile uPetros.—1 Pet. 5:13.

6:51, 52—Yayiyintoni “intsingiselo yezonka” ababengayiqondi abafundi? Kwiiyure ezimbalwa ngaphambilana, uYesu wayondle amadoda angama-5 000 ngaphandle kwamabhinqa nabantwana, ngezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini. “Intsingiselo yezonka” engebabeyiqondile abafundi kweso siganeko yayikukuba uYesu wayenikwe amandla nguYehova uThixo okwenza imimangaliso. (Marko 6:41-44) Ukuba babebuqondile ubukhulu bamandla awayenikwe uYesu, ngebabengothukanga ngendlela abenza ngayo xa ngokungummangaliso wahamba phezu kwamanzi.

8:22-26—Kwakutheni ukuze uYesu anyange indoda eyayiyimfama ngokwamanqanaba amabini? Kusenokwenzeka ukuba uYesu wakwenza oku ecingela le ndoda. Ukuvulwa ngokuthe ngcembe kwamehlo endoda engaboniyo nebiqhele ubumnyama kangangexesha elide kusenokwenzeka ukuba kwayinceda ukuba izame ukuqhelana nokukhanya kwelanga.

Oko Sikufundayo:

2:18; 7:11; 12:18; 13:3. UMarko uyazicacisa izithethe, iinkolelo neendawo ekusenokwenzeka ukuba aziqhelekanga kubafundi abangengomaYuda. Uyenza icace into yokuba abaFarisi “babezila ukutya,” nokuba ikorbhane ‘sisipho esinikelwe kuThixo,’ bona abaSadusi bathi “akukho luvuko,” yaye itempile ‘yayikhangelene neNtaba yemiNquma.’ Ngaloo ndlela uMarko usimisela umzekelo. Sifanele sicinge ngemvelaphi yabaphulaphuli bethu xa sishumayela entsimini okanye sinikel’ iintetho kwiintlanganiso zebandla.

3:21. Izizalwana zikaYesu zazingengomakholwa. Ngoko unovelwano kwabo bachaswayo okanye bagculelwe ngenxa yokholo lwabo ngamalungu eentsapho zabo angakholwayo.

3:31-35. Ekubhaptizweni kwakhe uYesu waba nguNyana kaThixo wokomoya, yaza yona “iYerusalem ephezulu” yangunina. (Gal. 4:26) Ukususela ngoko, yaba ngabafundi abona basenyongweni nabaxabisileyo kunezalamane zakhe zegazi. Oku kusifundisa ukubeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala ebomini bethu.—Mat. 12:46-50; Luka 8:19-21.

8:32-34. Sifanele sikhawuleze ukuqonda size sigatye nabuphi na ububele obungafanelekanga obuboniswa ngabanye. Umlandeli kaKristu umele akulungele ‘ukuzincama,’ nto leyo ethetha ukugatya iminqweno nosukelo lokuzingca. Umele akulungele ‘ukuthabatha isibonda sakhe sentuthumbo’—ukubandezeleka xa kuyimfuneko, ahlaziswe, atshushiswe de abulawelwe ukuba ngumKristu. Yaye umele ‘aqhubeke elandela’ uYesu aze amxelise. Ukuba ngumfundi kufuna ukuba sihlakulele size silondoloze umoya wokuzincama kanye njengoKristu Yesu.—Mat. 16:21-25; Luka 9:22, 23.

9:24. Asifanele sibe madolw’ anzima ukuchazela abanye ngokholo lwethu okanye ukuthandazela ukholo olungakumbi.—Luka 17:5.

INYANGA YOKUGQIBELA

(Marko 10:1–16:8)

Ngasekupheleni kowama-32 C.E., uYesu ufika “kwimida yelakwaYuda naphesheya kweYordan,” yaye izihlwele ziphinda zize kuye. (Marko 10:1) Emva kokushumayela apho, wenjenjeya ukuya eYerusalem.

NgoNisan 8, uYesu useBhethani. Ungqendeve esidlweni xa kungena ibhinqa elithile lize limgalele ioli yobulawu entloko. Iziganeko ezisusela ekungeneni kukaYesu esoyisa eYerusalem de kube lixesha lokuvuswa kwakhe zichazwe ngokolandelelwano.

Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:

10:17, 18—Kwakutheni ukuze uYesu ayinqande indoda eyambiza ngokuba ‘nguMfundisi Olungileyo’? Ngokwala ukwamkela oku kunconywa, uYesu wayesisa uzuko kuYehova ibe wabonisa ukuba nguThixo wenyaniso ongumthombo wazo zonke izinto ezilungileyo. Ngaphezu koko, uYesu wasa ingqalelo kwinyaniso esisiseko yokuba nguMdali wazo zonke izinto uYehova uThixo kuphela onelungelo lokubek’ imilinganiselo yokulungileyo nokubi.—Mat. 19:16, 17; Luka 18:18, 19.

14:25—Wayethetha ukuthini uYesu xa wathi kubapostile bakhe abathembekileyo: “Andisayi kuyisela imveliso yomdiliya kwakhona kude kube yiloo mini ndiyisela nani intsha ebukumkanini bukaThixo”? UYesu wayengazami kuthi kukho iwayini yokoqobo ezulwini. Noko ke, ekubeni imincili maxa wambi ifuziselwa yiwayini, uYesu wayebhekisela kuvuyo lokuba kunye nabalandeli bakhe abathanjisiweyo eBukumkanini.—INdu. 104:15; Mat. 26:29.

14:51, 52—Ngubani umfana ‘owabaleka eze’? NguMarko kuphela obalisa ngesi siganeko, ngoko kusengqiqweni ukucinga ukuba wayethetha ngaye.

15:34—Ngaba amazwi kaYesu athi “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?” ayebonisa ukuba akanalukholo? Akunjalo. Ngoxa singaqiniseki ngeentshukumisa zikaYesu zokutsho oku, amazwi akhe asenokubonisa ukuba uYesu wayeqonda ukuba uYehova akamkhuselanga ukuze ingqibelelo yakhe ivavanywe ngokupheleleyo. Kanti kusenokwenzeka ukuba uYesu wakutsho oku kuba wayefuna ukuzalisekisa oko kwaprofetwa ngaye kwiNdumiso 22:1.—Mat. 27:46.

Oko Sikufundayo:

10:6-9. Injongo kaThixo yeyokuba amaqabane omtshato ahlale kunye. Ngenxa yoko, kunokufuna ukuqhawula umtshato buphuthuphuthu, amadoda nabafazi afanele azame ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ukuze azame ukucombulula naziphi na iingxaki ezinokuvela emtshatweni.—Mat. 19:4-6.

12:41-44. Umzekelo womhlolokazi olihlwempu usifundisa ukuba sifanele siluxhase ngokungazingci unqulo lokwenyaniso.

[Umfanekiso okwiphepha 29]

Kwakutheni ukuze uYesu athi le ndoda mayixelele izalamane zayo ngako konke okwenzeke kuyo?