Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYesu Kristu—Oyena Mthunywa Wevangeli Ubalaseleyo

UYesu Kristu—Oyena Mthunywa Wevangeli Ubalaseleyo

UYesu Kristu—Oyena Mthunywa Wevangeli Ubalaseleyo

“Ndingummeli ovela kuye, yaye Yena undithumile.”—YOH. 7:29.

1, 2. Yintoni umthunywa wevangeli, ibe ngubani oyena Mthunywa wevangeli ubalaseleyo?

 YINTONI ethi qatha kuwe xa usiva igama elithi “umthunywa wevangeli”? Abanye batsho bacinge ngabathunywa bevangeli beNgqobhoko, abaninzi kubo abazifaka ngempumlo kwimicimbi yezopolitiko neyoqoqosho yelizwe abakulo. NjengeNgqina likaYehova, kuwe kusenokuba kuthi qatha abathunywa bevangeli abathunyelwa liQumrhu Elilawulayo ukuba baye kushumayela iindaba ezilungileyo emazweni awahlukahlukeneyo ehlabathi. (Mat. 24:14) Ngokuzithandela aba bathunywa banikela ngexesha namandla abo kumsebenzi obalulekileyo wokunceda abantu basondele kuYehova uThixo baze babe nolwalamano oluhle naye.—Yak. 4:8.

2 KwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele, alikho igama elithi “umthunywa wevangeli” nelithi “abathunywa bevangeli.” Kodwa kweyabase-Efese 4:11, umbhalo osemazantsi weBhayibhile Eneembekiselo ubonisa ukuba igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “abavangeli” linokuguqulelwa nangokuthi “abathunywa bevangeli.” UYehova ngoyena Mvangeli ubalaseleyo, kodwa akunakuthiwa ngoyena Mthunywa wevangeli ubalaseleyo, kuba akanakuthunywa mntu. Kodwa xa wayethetha ngoYise osezulwini, uYesu Kristu wathi: “Ndingummeli ovela kuye, yaye Yena undithumile.” (Yoh. 7:29) Ngenxa yokuthanda kwakhe uluntu, uYehova wathumela okuphela koNyana amzeleyo emhlabeni. (Yoh. 3:16) Yena uYesu kunokuthiwa ngoyena Mthunywa wevangeli ubalaseleyo ngenxa yokuba esinye sezizathu zokuthunyelwa kwakhe emhlabeni sasikukuba ‘ayingqinele inyaniso.’ (Yoh. 18:37) Waphumelela ngendlela ephawulekayo ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo zoBukumkani, ibe sisangenelwa nanamhl’ oku kuloo msebenzi wakhe. Ngokomzekelo, singakwazi ukuxelisa indlela awayefundisa ngayo xa sishumayela enoba singabathunywa bevangeli okanye asingabo.

3. Yiyiphi imibuzo esiza kuyihlolisisa?

3 Indima kaYesu ekuvakaliseni uBukumkani iphakamisa le mibuzo: Ziziphi izinto awahlangabezana nazo uYesu xa wayeshumayela emhlabeni? Yintoni eyabangela ukuba aphumelele kwindlela awayefundisa ngayo? Yintoni eyamenza waphumelela kubulungiseleli bakhe?

Kwafuneka Ashumayele Ngokuzimisela Kwiimeko Angaqhelananga Nazo

4-6. Luluphi utshintsho awajamelana nalo uYesu emva kokuba ethunyelwe emhlabeni?

4 Abathunywa bevangeli banamhlanje namanye amaKristu afudukela kwiindawo ekufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi kuzo, kusenokufuneka baqhelane nokuphila kwiimeko ezikumgangatho ophantsi kunalowo bawaziyo. Kodwa asinakuwuthelekelela nakancinane umahluko okhoyo phakathi kweemeko awayephila kuzo uYesu emhlabeni nezo zasezulwini, apho wayehlala khona noYise kunye neengelosi ezazikhonza uYehova ngokunyaniseka. (Yobhi 1:6; 2:1) Khawucinge nje ukusuka kwimeko enjalo uze kuphila kwihlabathi elonakeleyo nabantu abanesono. (Marko 7:20-23) Kwafuneka anyamezele nokhuphiswano phakathi kwabafundi bakhe ababesondele kuye. (Luka 20:46; 22:24) Kambe ke, waphumelela ekuhlangabezaneni nazo zonke izinto awadibana nazo emhlabeni.

5 UYesu akazange asuke nje aluthethe ulwimi lwabantu; kodwa kwafuneka alufunde eselusana. Yaba lutshintsho olukhulu olo xa ucinga ukuba wayekade esalathisa iingelosi ezulwini. Xa wayesemhlabeni uYesu wasebenzisa ‘ulwimi olunye lwabantu.’ Olo yayilulwimi olwahluke ngokupheleleyo ‘kolweengelosi.’ (1 Kor. 13:1) Noko ke, akakho umntu owayefika kuYesu ngokusebenzisa amazwi amnandi.—Luka 4:22.

6 Cinga ngezinye iindlela obatshintsha ngazo ubomi balo Nyana kaThixo esakufika emhlabeni. Nakuba engazange asizuze ilifa isono kuAdam, uYesu waba ngumntu, kanye njengabo babeza kuba ‘ngabazalwana’ bakhe okanye abalandeli bakhe abathanjisiweyo. (Funda amaHebhere 2:17, 18.) Kubusuku bokugqibela ephila emhlabeni, uYesu akazange amcele uYise wasezulwini ukuba athumele ‘imikhosi yeengelosi engaphezu kweshumi elinesibini.’ Kodwa ungayilibali into yokuba wayezalathisa njengoMikayeli Isiphatha-zingelosi. (Mat. 26:53; Yude 9) Eneneni, uYesu wenza imimangaliso; ukanti oko wakwenza apha emhlabeni kuncinane gqitha xa kuthelekiswa noko aya kukwenza ezulwini.

7. Enza ntoni amaYuda ngokuphathelele uMthetho?

7 Ngoxa uYesu ‘wayesenguLizwi,’ engekezi emhlabeni, kusenokwenzeka ukuba nguye owayesiSithethi sikaThixo esakhokela amaSirayeli entlango. (Yoh. 1:1; Eks. 23:20-23) Noko ke, ‘amkela uMthetho njengoko wawudluliselwa ziingelosi kodwa akawugcina.’ (IZe. 7:53; Heb. 2:2, 3) Enyanisweni, iinkokeli zonqulo zamaYuda zenkulungwane yokuqala azizange ziyiqonde eyona ntsingiselo yoMthetho. Ngokomzekelo, cinga nje ngomthetho weSabatha. (Funda uMarko 3:4-6.) Ababhali nabaFarisi ‘bayigatya imibandela enzima ngakumbi yoMthetho, eyile, okusesikweni nenceba nokuthembeka.’ (Mat. 23:23) Naxa kunjalo, uYesu akazange abancame aze ayeke ukuvakalisa inyaniso.

8. Kutheni uYesu enako ukusinceda?

8 UYesu wayezimisele. Wayebathanda abantu yaye efuna ukubanceda. Waqhubeka enomoya wobuvangeli. Ngenxa yokuthembeka kwakhe kuYehova xa wayelapha emhlabeni, uYesu “waba nembopheleleko yosindiso olungunaphakade kubo bonke abo bamthobelayo.” Ngaphezu koko, “ekubeni yena ngokwakhe wabandezeleka ngokuvavanywa, unako ukubanceda abo bavavanywayo [njengathi].”—Heb. 2:18; 5:8, 9.

Wayeqeqeshwe Kakuhle Njengomfundisi

9, 10. Waqeqeshwa njani uYesu ngaphambi kokuba athunyelwe emhlabeni?

9 Ngaphambi kokuba amaKristu anamhlanje abe ngabathunywa bevangeli, iQumrhu Elilawulayo lilungiselela ukuba aqeqeshwe. Ngaba yena uYesu Kristu waqeqeshwa? Kunjalo kanye, kodwa akazange aye kwizikolo zoorabhi ngaphambi kokuba athanjiswe njengoMesiya; engazange afundiswe yiyo nayiphi na inkokeli edumileyo yonqulo. (Yoh. 7:15; thelekisa IZenzo 22:3.) Kodwa kwenzeka njani ukuba akufanelekele kangaka ukufundisa?

10 Enoba wafunda ntoni na uYesu kunina uMariya, nakuyise owamkhulisayo uYosefu, olona qeqesho lobulungiseleli walufumana kowona Mthombo uphakamileyo. Ethetha ngoku uYesu wathi: “Andithethanga ngokwentshukumisa yam, kodwa uBawo ondithumileyo undinike umyalelo mayela noko mandikuxele noko mandikuthethe.” (Yoh. 12:49) Uya kuphawula ukuba uNyana wayalelwa ngokukhethekileyo ngokuphathelele oko wayemele akufundise. Ngaphambi kokuba eze emhlabeni, ngokuqinisekileyo uYesu waba nethuba elininzi efundiswa nguYise. Wafumana olona qeqesho lusemagqabini.

11. UYesu wayibonisa njani indlela uYise abajonga ngayo abantu?

11 Ukususela ekudalweni kwakhe, uNyana wayesondelelene gqitha noYise. Ngaphambi kokuba eze emhlabeni, uYesu wayiqonda indlela uThixo abajonga ngayo abantu ngokuqwalasela indlela awayebaphatha ngayo. Indlela uThixo abathanda ngayo abantu ibonakala nakuNyana kangangokuba njengobulumko bumntwisiwe, wayenokuthi: ‘Izinto endazithandayo zazikoonyana babantu.’—IMize. 8:22, 31.

12, 13. (a) UYesu wafunda ntoni ngokondela indlela uYise awaphatha ngayo amaSirayeli? (b) UYesu walusebenzisa njani uqeqesho awalufumanayo?

12 Uqeqesho olwafunyanwa ngulo Nyana lwaluquka ukondela indlela uYise awayehlangabezana ngayo neemeko ezinzima. Ngokomzekelo, cinga indlela uYehova awawaphatha ngayo amaSirayeli anemvukelo. UNehemiya 9:28 uthi: “Kamsinya bakuba nokuphumla, babesenza okubi kwakhona phambi kwakho [Yehova], yaye wawubayekela esandleni seentshaba zabo, ezazibanyathelela phantsi. Babesandula ke babuye bamemeze bacele uncedo kuwe, kwaye wena wawubeva usemazulwini uze ubahlangule ngobuninzi benceba yakho, amaxesha amaninzi.” Ukusebenza noYehova nokubukela kwamnceda uYesu wanovelwano olufanayo ngabantu awayeshumayela kubo.—Yoh. 5:19.

13 Olo qeqesho lwamnceda uYesu wabaphatha ngovelwano abafundi bakhe. Kubusuku obungaphambi kokufa kwakhe, bonke abapostile awayebathanda ngentliziyo yakhe yonke “bamshiya, basaba.” (Mat. 26:56; Yoh. 13:1) Yena umpostile uPetros wamkhanyela kwada kwakathathu uKristu! Noko ke, uYesu wabavulela ithuba lokuba babuyele kuye. Wathi kuPetros: “Ndiye ndenza isikhungo ngenxa yakho ukuze ungatyhafi elukholweni; yaye nawe, wakubuya, bomeleze abazalwana bakho.” (Luka 22:32) USirayeli wokomoya uye wakhelwa ‘kubapostile nabaprofeti,’ yaye amatye esiseko sodonga lweYerusalem Entsha anamagama abapostile abali-12 abathembekileyo beMvana, uYesu Kristu. Unanamhl’ oku, amaKristu athanjisiweyo kunye namaqabane awo azahluleleyo “ezinye izimvu,” asaqhubeka nomsebenzi wokushumayela ngoBukumkani phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo nolwalathiso loNyana wakhe othandekayo.—Efe. 2:20; Yoh. 10:16; ISityhi. 21:14.

Indlela UYesu Awayefundisa Ngayo

14, 15. Indlela kaYesu yokufundisa yayahluke njani kuleyo yababhali nabaFarisi?

14 UYesu walusebenzisa njani uqeqesho awalufumanayo ngoxa wayefundisa abalandeli bakhe? Xa sithelekisa indlela awayefundisa ngayo naleyo yeenkokeli zonqulo zamaYuda, sikubona kakuhle ukuphakama komgangatho wokufundisa kukaYesu. Ababhali nabaFarisi ‘balitshitshisa ilizwi likaThixo ngenxa yezithethe zabo.’ Ngokwahlukileyo kubo, uYesu wayengathethi izinto eziphuma kuye; wayebambelela kwilizwi okanye isigidimi sikaThixo. (Mat. 15:6; Yoh. 14:10) Yiloo nto kanye esimele siyenze nathi.

15 Ikho nenye inkalo eyenza uYesu wahluka ngokupheleleyo kwiinkokeli zonqulo. Ethetha ngababhali nabaFarisi, wathi: “Zonke izinto abanixelela zona, zenzeni, nizigcine, kodwa ningenzi ngokwezenzo zabo, kuba bathetha baze bangenzi.” (Mat. 23:3) UYesu wayezenza zonke izinto azifundisa abantu. Nanku umzekelo ongqina ubunyaniso boko.

16. Yintoni ebangela ukuba uthi uYesu waphila ngokuvisisana namazwi akhe akuMateyu 6:19-21?

16 UYesu wabongoza abafundi bakhe ukuba ‘baziqwebele ubuncwane ezulwini.’ (Funda uMateyu 6:19-21.) Ngaba yena wayephila ngokuvisisana neso sibongozo? Kunjalo kanye, kuba ngokunyaniseka wathi xa wayethetha ngemeko yakhe: “Iimpungutye zinemingxuma neentaka zezulu zineendlwana, kodwa yena uNyana womntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.” (Luka 9:58) UYesu wayephila ubomi obulula. Eyona nto wayexakeke yiyo kukuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani, yaye wakwenza kwacaca oko kuthethwa kukungabi namaxhala abangelwa kukuziqwebela ubutyebi emhlabeni. UYesu wakubonisa kakuhle ukubaluleka kokuziqwebela ubutyebi ezulwini, “apho inundu nomhlwa zingadliyo khona, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.” Ngaba wena uyasithobela esi sibongozo sikaYesu sokuziqwebela ubutyebi ezulwini?

Iimpawu Ezazitsalela Abantu KuYesu

17. Ziziphi iimpawu ezabangela ukuba uYesu abe ngumvangeli ophum’ izandla?

17 Ziziphi iimpawu ezabangela ukuba uYesu abe ngumvangeli ophum’ izandla? Olunye lwazo sisimo sengqondo awayenaso kubantu abancedayo. Ezinye zeempawu ezithandekayo zikaYehova ezazixeliswa nguYesu yayikukuthobeka, uthando novelwano. Phawula indlela ezi mpawu ezabatsalela ngayo abantu kuYesu.

18. Sitsho njani ukuba uYesu wayethobekile?

18 Ngokwamkela uthumo lokuz’ emhlabeni, uYesu “waziqongqotha waza wathabatha ubume bekhoboka, wafana nabantu.” (Fil. 2:7) Yayikukuthobeka ngokwenene oko. Ukongezelela, uYesu wayengabajongi ezinyaweni abantu. Wayengabaphathi ngokungathi uthi, ‘Ndivela phezulu ezulwini, nina ke nimele nive ngam.’ Ngokwahlukileyo kwabo bathi bangoomesiya bexoka, uYesu wayengahamb’ ezibabaza ukuba unguMesiya. Maxa wambi wayengafuni nokuba abantu bamchaze ukuba ungubani okanye ziintoni azenzileyo. (Mat. 12:15-21) Into awayeyifuna kukuba abantu bazibonele ngokwabo baze bamlandele ngokuzithandela. Abafundi bakhe yayibakhuthaza gqitha into yokuba iNkosi yabo ingazange ilindele ukuba bafane neengelosi ezifezekileyo eyayikade iphila nazo ezulwini.

19, 20. Uthando novelwano zenza uYesu wabanceda ngaziphi iindlela abantu?

19 Enye into uYesu Kristu wayenothando—olona phawu lubalaseleyo lukaYise osezulwini. (1 Yoh. 4:8) Wayesiba nothando xa efundisa abantu. Ngokomzekelo, cinga nje ngendlela awayevakalelwa ngayo ngomlawuli othile oselula. (Funda uMarko 10:17-22.) UYesu “waziva emthanda” waza wazama ukumnceda, kodwa lo mlawuli akazange afune ukuncama izinto anazo ukuze abe ngumlandeli kaKristu.

20 Phakathi kweempawu ezazitsalela abantu kuYesu luvelwano. Njengabo bonke abantu abangafezekanga, abo bazamkelayo iimfundiso zakhe babeneengxaki. Ekwazi oku, uYesu wabafundisa ngovelwano yaye ebasizela. Ngokomzekelo: Ngeny’ imini, uYesu nabapostile bakhe babexakeke kangangokuba babengenalo nethuba eli lokutya. Kodwa yintoni uYesu awayenzayo akubona isihlwele sihlanganisene? “Wasisizela, ngenxa yokuba sasinjengezimvu ezingenamalusi. Yaye wasifundisa izinto ezininzi.” (Marko 6:34) UYesu wayibona imeko elusizi yabantu awayeshumayela kubo waza wazibhokoxa ekubafundiseni nasekwenzeni imimangaliso ukuze abancede. Bambi babetsalwa ziimpawu zakhe ezithandekayo, bachukunyiswe ngamazwi akhe baze baba ngabafundi.

21. Yintoni esiza kufunda ngayo kwinqaku elilandelayo?

21 Ziseninzi izinto esinokuzifunda ngobulungiseleli bukaYesu emhlabeni, njengoko siza kubona kwinqaku elilandelayo. Ziziphi ezinye iindlela esinokumxelisa ngazo uYesu Kristu, oyena Mthunywa wevangeli ubalaseleyo?

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Luluphi uqeqesho olwafunyanwa nguYesu ngaphambi kokuba eze emhlabeni?

• Yayikumgangatho ophakame kangakanani indlela awayefundisa ngayo uYesu xa ithelekiswa naleyo yababhali nabaFarisi?

• Ziziphi iimpawu ezazitsalela abantu kuYesu?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 15]

UYesu wazifundisa njani izihlwele?