Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ubukho BukaKristu—Buthetha Ntoni Kuwe?

Ubukho BukaKristu—Buthetha Ntoni Kuwe?

Ubukho BukaKristu—Buthetha Ntoni Kuwe?

“Uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?”—MAT. 24:3.

1. Nguwuphi umbuzo obangel’ umdla owabuzwa uYesu ngabapostile bakhe?

 PHANTSE kwiminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, abapostile bakaYesu abane babuza iNkosi yabo umbuzo othile ngoxa babencokola nayo ngasese kwiNtaba Yeminquma. Bathi: “Ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?” (Mat. 24:3) Kuloo mbuzo, aba bapostile basebenzisa amabinzana amabini abangela umdla, ‘ubukho bakho’ nelithi ‘ukupheliswa kwenkqubo yezinto.’ Ayebhekisela entwenini la mabinzana?

2. Yintoni intsingiselo yegama elithi ‘ukupheliswa’?

2 Makhe siqale ngeli binzana lesibini, kulo sithathe igama elithi ‘ukupheliswa,’ eliguqulelwe kwelesiGrike elithi syn·teʹlei·a. KwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha, eli gama liguqulelwe ngokuthi ‘ukupheliswa,’ ngoxa elinye igama lesiGrike elisisiyelelane selithi te’los lona liguqulelwe ngokuthi ‘isiphelo.’ La magama ayelelene kodwa intsingiselo yawo ayifani ncam. Oku singakuzekelisa ngentetho enikelwa kwiHolo YoBukumkani. ‘Ukupheliswa’ kufana nomqukumbelo wentetho, ekuthi ebudeni bawo isithethi sichithe ixesha elifutshane sikhumbuza abaphulaphuli ngoko besixubusha ngako, size sichaze indlela okubachaphazela ngayo. Kanti sona isiphelo sentetho kuxa isithethi sishiya iqonga. Ngokufanayo, ibinzana leBhayibhile elithi ‘ukupheliswa kwenkqubo yezinto’ libhekisela kumqukumbelo okhokelela kwisiphelo sale nkqubo yezinto.

3. Ziziphi ezinye izinto ezenzeka ebudeni bobukho bukaYesu?

3 Kuthekani ke ‘ngobukho’ ababuza ngabo abapostile? Le yinguqulelo yegama lesiGrike elithi pa·rou·siʹa. * Le pa·rou·siʹa okanye ubukho bukaKristu, yaqala xa uYesu ebekwa njengoKumkani ezulwini ngowe-1914, ibe iza kuqhubeka de kufike “imbandezelo enkulu,” xa eze kutshabalalisa abangendawo. (Mat. 24:21) Izinto ezininzi, eziquka ‘imihla yokugqibela’ yale nkqubo ingendawo yezinto, ukuhlanganiswa kwabanyuliweyo, nokuvuselwa kwabo ezulwini, zenzeka ebudeni bobukho bukaYesu. (2 Tim. 3:1; 1 Kor. 15:23; 1 Tes. 4:15-17; 2 Tes. 2:1) Kunokutshiwo ukuba eli xesha ‘lokupheliswa kwenkqubo yezinto’ (syn·teʹlei·a) lihambelana nelo lobukho bukaKristu (pa·rou·siʹa).

Ixesha Elide

4. Ubukho bukaYesu budibana njani neziganeko zomhla kaNowa?

4 Into yokuba igama elithi pa·rou·siʹa libhekisela kwixesha elide ivisisana noko kwathethwa nguYesu ngokuphathelele ubukho bakhe. (Funda uMateyu 24:37-39.) Phawula ukuba uYesu akazange afanise ubukho bakhe nexesha elifutshane loMkhukula womhla kaNowa. Kodwa ubukho bakhe wabunxibelelanisa nexesha elide elakhokelela kuloo Mkhukula. Elo xesha laliquka ukwakha kukaNowa umkhombe nokushumayela kwakhe, de kwalixesha lokufika koMkhukula. Ezo ziganeko zenzeka kangangamashumi amaninzi eminyaka. Ngendlela efanayo, ubukho bukaKristu buquka iziganeko ezikhokelela zize zibandakanye imbandezelo enkulu.—2 Tes. 1:6-9.

5. Amazwi akwiSityhilelo isahluko 6 abonisa njani ukuba ubukho bukaYesu buthabatha ixesha elide?

5 Ezinye iziprofeto zeBhayibhile ziyenza icace into yokuba ubukho bukaKristu bubhekisela kwixesha elide kungekhona nje ekufikeni kwakhe xa eze kutshabalalisa abangendawo. Incwadi yeSityhilelo ichaza uYesu njengokhwele ihashe elimhlophe nonikwe isithsaba. (Funda iSityhilelo 6:1-8.) Emva kokuthwaliswa isithsaba sobuKumkani ngowe-1914, uYesu uboniswa ‘esoyisa ukuze aphelelise ukoyisa kwakhe.’ Emva koko ulandelwa ngabantu abakhwele kumahashe anemibala eyahlukeneyo. La mahashe esiprofeto amela imfazwe, ukunqongophala kokutya, neendyikityha zokufa, zinto ezo ezenzeka kwixesha elide ekubhekiselwa kulo ‘njengemihla yokugqibela.’ Namhlanje sikubona ngokucacileyo ukuzaliseka kwesi siprofeto.

6. ISityhilelo isahluko 12 sisinceda siqonde ntoni ngokuphathelele ubukho bukaKristu?

6 ISityhilelo isahluko 12 sinenkcazelo engakumbi ephathelele ukumiselwa koBukumkani bukaThixo ezulwini. Kuso siva ngedabi elenzeka kummandla ongabonakaliyo. UMikayeli—uYesu Kristu okwisigxina sakhe ezulwini—neengelosi zakhe balwa noMtyholi needemon zakhe. Ngenxa yoko, uSathana uMtyholi nemikhosi yakhe baphoselwa emhlabeni. Le ngxelo ithi, uMtyholi uba nomsindo omkhulu kuba “esazi ukuba ixesha analo lifutshane.” (Funda iSityhilelo 12:7-12.) Ngoko kuyacaca ukuba, ukumiselwa koBukumkani bukaKristu ezulwini bulandelwa lixesha ‘elinoyeha’ omkhulu emhlabeni nakwabo bahlala kuwo.

7. Yintoni ekuthethwa ngayo kwiNdumiso yesibini, yaye liliphi ithuba ethi livulelwe abantu?

7 Ngokufanayo indumiso yesibini iprofeta ngokumiselwa kukaYesu njengoKumkani kwiNtaba yeZiyon esezulwini. (Funda iNdumiso 2:5-9; 110:1, 2.) Le ndumiso ibonisa nokuba kukho ixesha apho abalawuli bomhlaba, kunye nabo babalawulayo beya kunikwa ithuba lokuzithoba kulawulo lukaKristu. Babongozwa ukuba ‘basebenzise ingqiqo’ yaye ‘bazivumele ukuba balungiswe.’ Ewe, ngelo xesha baya kuba “noyolo bonke abo basabela kuye” ngokukhonza uYehova noKumkani ammisileyo. Ngoko abantu bavulelwe ithuba lokuguquka kweli xesha lobukho bukaYesu ekumandla obukumkani.—INdu. 2:10-12.

Ukuqonda Umqondiso

8, 9. Ngubani owayeza kuwuqonda umqondiso wobukho bukaKristu nokubaluleka kwawo?

8 Xa wayebuzwa ngabaFarisi ngokuphathelele ixesha lokufika koBukumkani, uYesu wathi lalingayi kufika “ngembonakalo ephawulekayo” kubo. (Luka 17:20, 21) Abangakholwayo babengayi kuliqonda. Yintoni eyayiza kubangela ukuba bangaliqondi? Kaloku babengaqondi kwaukuba uYesu wayeza kuba nguKumkani wabo kwixesha elizayo. Ngubani ke owayeza kuwuqonda umqondiso wobukho bukaKristu nokubaluleka kwawo?

9 UYesu wahlabela mgama wathi abafundi bakhe babeza kuwubona ngokucace gca lo mqondiso ngokungathi babona “umbane, ngokubaneka kwawo, ukhanya ukususela kwenye inxalenye ephantsi kwezulu ukusa kwenye inxalenye ephantsi kwezulu.” (Funda uLuka 17:24-29.) Kubangel’ umdla ukubona ukuba ingxelo ekuMateyu 24:23-27 iyinxulumanisa ngokuthe ngqo le ngongoma nomqondiso wobukho bukaKristu.

Isizukulwana Esibona Umqondiso

10, 11. (a) Yiyiphi inkcazelo eyanikelwa ngaphambili ngokuphathelele ‘isizukulwana’ ekuthethwa ngaso kuMateyu 24:34? (b) Ngubani abamele ukuba babecinga ngaye abafundi bakaYesu xa wayethetha ‘ngesizukulwana’?

10 Ngaphambili, eli phephancwadi lathi ngenkulungwane yokuqala, “esi sizukulwana” kuthethwa ngaso kuMateyu 24:34 “sisizukulwana selo xesha samaYuda angakholwayo.” * Loo nkcazelo yayibonakala isengqiqweni kuba kuzo zonke ezinye iingxelo zeZibhalo uYesu awasebenzisa kuzo igama elithi “isizukulwana” wayengathethi kakuhle ngaso, ibe izihlandlo ezininzi wayedla ngokuchasa isizukulwana ‘njengesingendawo.’ (Mat. 12:39; 17:17; Marko 8:38) Ngenxa yoko, kwakucingwa ukuba kwinzaliseko yanamhlanje yesi siprofeto, uYesu wayebhekisela ‘kwisizukulwana’ esingendawo sabangakholwayo esasiza kubona imiqondiso eyayiza kuphawula ‘ukupheliswa kwale nkqubo yezinto’ (syn·teʹlei·a) nesiphelo (teʹlos) sayo.

11 Kuyinyaniso ukuba xa uYesu wasebenzisa igama elithi “isizukulwana” ebhekisela kwimeko engafanelekanga, wayethetha ngabantu abangendawo bomhla wakhe. Kodwa ngaba naso isizukulwana athetha ngaso kuMateyu 24:34 sesabantu abangendawo? Khumbula ukuba kule ngxelo wayethetha nabafundi bakhe abane “ngasese.” (Mat. 24:3) Ekubeni uYesu engazange athethe kakubi ngebinzana elithi “esi sizukulwana” xa ethetha nabo, ngokuqinisekileyo abapostile baqonda ukuba bona kunye nabanye abapostile bayinxalenye ‘yesizukulwana’ esingayi kudlula “zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.”

12. Yintoni eboniswa ngumongo wamazwi kaYesu ngokuphathelele abantu awayebhekisela kubo xa wasebenzisa igama elithi ‘isizukulwana’?

12 Yintoni ebangela ukuba sifikelele kweso sigqibo? Kukuhlolisisa ngenyameko umongo wezi ndinyana. Njengoko kubhalwe kuMateyu 24:32, 33, uYesu wathi: “Ke kaloku fundani kuwo umkhiwane le ngongoma njengomzekeliso: Kwakamsinya nje lakuba isetyana lawo lithamba lize livelise amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi. Ngokunjalo nani, xa nibona zonke ezi zinto, yazini ukuba ukufuphi eminyango.” (Thelekisa uMarko 13:28-30; uLuka 21:30-32.) Kanti, kuMateyu 24:34 sifunda oku: “Inene ndithi kuni asisayi kudlula esi sizukulwana zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.”

13, 14. Sitsho njani ukuba kumele ukuba ‘isizukulwana’ uYesu awayethetha ngaso ngabalandeli bakhe?

13 UYesu wathi ngabafundi bakhe ababeza kuthanjiswa ngomoya oyingcwele kungekudala, ababefanele bakwazi ukufikelela kwisigqibo esithile xa bebona “zonke ezi zinto” zisenzeka. Ngoko uYesu umele ukuba wayebhekisela kubafundi bakhe xa wathi: “Asisayi kudlula esi sizukulwana zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.”

14 Ngokwahlukileyo kwabangakholwayo, abafundi bakaYesu babengayi kubona nje umqondiso kuphela kodwa babeya kuqonda noko ukuthethayo. Babeya ‘kufunda’ kwiinkalo zaloo mqondiso baze ‘bazi’ eyona ntsingiselo yawo. Babeya kuqonda kakuhle ukuba “ukufuphi eminyango.” Nakuba enyanisweni amaYuda angakholwayo kunye namaKristu athanjisiweyo akubonayo ukuzaliseka okulinganiselweyo kwamazwi kaYesu ngenkulungwane yokuqala, ngabalandeli bakhe abathanjisiweyo kuphela abathi ngelo xesha bafunda kwezi ziganeko, baza bayiqonda eyona ntsingiselo yoko babekubona.

15. (a) Ngoobani ababumba ‘isizukulwana’ sanamhlanje awathetha ngaso uYesu? (b) Kutheni singenakukwazi ukubala ixesha esiya kuphila ngalo “esi sizukulwana”? (Funda ibhokisi ekwiphepha 25.)

15 Abo bangaziqondiyo izinto zokomoya namhlanje bavakalelwa kukuba akukho ‘mbonakalo iphawulekayo’ yomqondiso wobukho bukaYesu. Bacinga ukuba zonke izinto zisaqhubeka kanye njengokuba zazinjalo. (2 Pet. 3:4) Kwelinye icala, abazalwana bakaKristu abathanjisiweyo nabathembekileyo, udidi lukaYohane lwanamhlanje luye lwayiqonda kakuhle intsingiselo yokwenene yalo mqondiso kanye njengokuba beluya kukuqonda ngokucacileyo ukubaneka kombane. Xa lulonke, olu didi lwabathanjiswa lubumba ‘isizukulwana’ sanamhlanje esingasayi kudlula de “zenzeke zonke ezi zinto.” * Oku kubonisa ukuba kukho abathile kubazalwana bakaKristu abathanjisiweyo abaya kuba besaphila emhlabeni xa kuqalisa imbandezelo enkulu.

“Hlalani Nilindile”

16. Yintoni emele yenziwe ngabo bonke abafundi bakaKristu?

16 Noko ke, kufuneka senze okungakumbi kunokuqonda nje umqondiso. UYesu wathi: “Kodwa oko ndikutsho kuni ndikutsho kubo bonke, Hlalani nilindile.” (Marko 13:37) Oku kubaluleke gqitha kuthi sonke namhlanje, enoba singabathanjiswa okanye singabesihlwele esikhulu. Sekudlule iminyaka engaphezu kwama-90 uYesu wamiselwa njengoKumkani ezulwini ngowe-1914. Enoba oko kunzima kangakanani na simele sihlale silungile yaye silindile. Ukuqonda ukuba uKristu ulawula ngokungabonakaliyo eBukumkanini kusinceda senze kanye oko. Kusenza siphaphele nento yokuba kungekudala uza kutshabalalisa iintshaba zakhe ‘ngelixa esingalicingelanga.’—Luka 12:40.

17. Ukuqonda intsingiselo yobukho bukaKristu kusenza sivakalelwe njani yaye yintoni esimele sizimisele ukuyenza?

17 Ukuqonda intsingiselo yobukho bukaKristu kusinceda sibe nemvo engakumbi yongxamiseko. Siyazi ukuba uYesu sel’ ekho yaye ebelawula engabonakali njengoKumkani ezulwini ukususela ngowe-1914. Akuzi kuba kudala eze kutshabalalisa abangendawo aze alitshintshe ngokuphawulekayo eli hlabathi. Ngenxa yoko simele sizimisele ngakumbi kunangaphambili ukwenza umsebenzi awathetha ngawo uYesu esithi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela [teʹlos].”—Mat. 24:14.

[Imibhalo esemazantsi]

^ isiqe. 3 Eyona nto ithethwa ligama elithi pa·rou·siʹa ibonakala kumahluko ophakathi ‘kobukho’ ‘nokungabikho’ kukampostile uPawulos kweye-2 kwabaseKorinte 10:10,11 neyabaseFilipu 2:12. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda i-Insight on the Scriptures, uMqulu 2, iphepha 676-9.

^ isiqe. 10 Funda IMboniselo kaNovemba 1, 1995, iphepha 11-15, 19, 30, 31.

^ isiqe. 15 Kubonakala ukuba ixesha esiphila kulo ‘esi sizukulwana’ lelo likwinzaliseko yombono wokuqala okwincwadi yeSityhilelo. (ISityhi. 1:10–3:22) Le nkalo yemini yeNkosi isusela kowe-1914 iqhube de kufe owokugqibela kumalungu athanjisiweyo aze avuswe.—Funda ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! iphepha 24, isiqendu 4.

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Sazi njani ukuba ubukho bukaYesu buthabatha ixesha elide?

• Ngoobani abawuqondayo umqondiso wobukho bukaYesu nentsingiselo yawo?

• Ngoobani ababumba isizukulwana sanamhlanje ekuthethwa ngaso kuMateyu 24:34?

• Kutheni singenakukwazi ukubala ubude bexesha ‘lesi sizukulwana’?

[Imibuzo YeSifundo]

[Ibhokisi ekwiphepha 25]

Ngaba Singakwazi Ukubala Ubude Bexesha ‘Lesi Sizukulwana’?

Igama elithi ‘isizukulwana’ lidla ngokubhekisela kubantu abakubudala obahlukahlukeneyo nabaphila kwixesha lokwenzeka kwesiganeko esithile. Ngokomzekelo, iEksodus 1:6 isixelela oku: “Ekugqibeleni wafa uYosefu, nabo bonke abantakwabo naso sonke eso sizukulwana.” UYosefu nabantakwabo babengalingani ngeminyaka, kodwa baba namava afanayo ngexesha elifanayo. ‘Eso sizukulwana’ siquka nabantakwabo Yosefu ababezelwe ngaphambi kwakhe. Abanye kubo baqhubeka bephila nasemva kokuba uYosefu efile. (Gen. 50:24) Abanye ‘kweso sizukulwana,’ njengoBenjamin, bazalwa emva kukaYosefu yaye kusenokwenzeka ukuba baqhubeka bephila nasemva kokuba yena efile.

Ngoko xa igama elithi ‘isizukulwana’ libhekisela kubantu abaphila ngexesha elithile, ubude belo xesha abunakwaziwa de lifikelele esiphelweni. Ngoko ke, ngokusebenzisa ibinzana elithi, “esi sizukulwana,” kuMateyu 24:34, uYesu wayenganiki abafundi bakhe indlela ethile ababeza kubala ngayo ukuba ‘imihla yokugqibela’ iza kuphela nini. Ngokwahlukileyo koko, uYesu wabethelela isibakala sokuba babengenakuwazi ‘umhla nelixa.’—2 Tim. 3:1; Mat. 24:36.

[Umfanekiso okwiphepha 22, 23]

Emva kokuba ethwaliswe isithsaba wanguKumkani ngowe-1914, uYesu uboniswa “esoyisa”

[Umfanekiso okwiphepha 24]

“Asisayi kudlula esi sizukulwana zingadanga zenzeke zonke ezi zinto”