Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Xelisa Oyena Mthunywa Wevangeli Ubalaseleyo

Xelisa Oyena Mthunywa Wevangeli Ubalaseleyo

Xelisa Oyena Mthunywa Wevangeli Ubalaseleyo

“Yibani ngabaxelisa mna, njengoko nam ndixelisa uKristu.”—1 KOR. 11:1.

1. Kutheni simele sixelise uYesu Kristu?

 UMPOSTILE uPawulos waxelisa oyena Mthunywa wevangeli ubalaseleyo, uYesu Kristu. Wabongoza namanye amaKristu wathi: “Yibani ngabaxelisa mna, njengoko nam ndixelisa uKristu.” (1 Kor. 11:1) Emva kokuba uYesu efundise abapostile bakhe ukuthobeka ngokuhlamba iinyawo zabo, wathi kubo: “Ndinibekela umzekelo, ukuze, kanye njengoko ndenjenjalo kuni, nenjenjalo nani.” (Yoh. 13:12-15) NjengamaKristu namhlanje, sinembopheleleko yokuxelisa uYesu Kristu ngamazwi, ngezenzo nangobuntu bethu.—1 Pet. 2:21.

2. Enoba akumiselwanga njengomthunywa wevangeli liQumrhu Elilawulayo, sisiphi isimo sengqondo omele ube naso?

2 Kwinqaku elandulelayo, siye safunda ukuba umthunywa wevangeli ngulowo uthunywe ukuba aye kushumayela—lowo usa iindaba ezilungileyo kwabanye. Ngokuphathelele olu thumo, uPawulos waphakamisa imibuzo ebangel’ umdla. (Funda amaRoma 10:11-15.) Phawula ukuba lo mpostile wabuza oku: “Baya kuva njani na kungekho bani ushumayelayo?” Wandula ke wacaphula la mazwi alandelayo akwisiprofeto sikaIsaya: “Hayi indlela ezibukeka ngayo iinyawo zalowo uzisa iindaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi!” (Isa. 52:7) Enoba awungomthunywa wevangeli kwilizwe lasemzini, unokuba nawo umoya wobuvangeli, ube ngumvakalisi weendaba ezilungileyo onenzondelelo njengoYesu. Nyakenye, ngabavakalisi boBukumkani abazizi-6 957 852 abaye ‘benza umsebenzi womvangeli,’ kumazwe angama-236.—2 Tim. 4:5.

“Sishiye Zonke Izinto Saza Sakulandela”

3, 4. UYesu washiya ntoni emazulwini, yaye yintoni esimele siyenze ukuze sibe ngabalandeli bakhe?

3 Ukuze afeze uthumo lwakhe emhlabeni, uYesu “waziqongqotha waza wathabatha ubume bekhoboka,” eshiya ubomi nozuko lwasezulwini. (Fil. 2:7) Nantoni na esiyenzayo ukuxelisa uKristu ayinakuthelekiswa noko wakwenzayo ngokuza emhlabeni. Kodwa sinokuhlala somelele njengabalandeli bakhe, singabaweli izinto esizishiye kwihlabathi likaSathana.—1 Yoh. 5:19.

4 Umpostile uPetros wakha wathi kuYesu: “Khangela! Sishiye zonke izinto saza sakulandela.” (Mat. 19:27) UPetros, uAndreya, uYakobi kunye noYohane abazange balibazise ukushiya iminatha yabo bakucelwa nguYesu ukuba bamlandele. Balishiya ishishini labo lokuloba baya kushumayela. Kwingxelo yeVangeli kaLuka, uPetros wathi: “Khangela! Sishiye izinto zethu saza sakulandela.” (Luka 18:28) Kwabaninzi kuthi akukhange kube yimfuneko ukushiya zonke “izinto zethu” ukuze silandele uYesu. Kodwa kuye kwafuneka ‘sizincame’ ukuze sibe ngabalandeli bakaKristu nabakhonzi abazinikeleyo bakaYehova. (Mat. 16:24) Oko kuye kwasizisela iintsikelelo ezingathethekiyo. (Funda uMateyu 19:29.) Ukuzibhokoxa njengoKristu ekuhambiseni ivangeli kusenza sivuye, ingakumbi xa siye sanenxaxheba, enoba incinane kangakanani na, ekuncedeni othile asondele kuThixo noNyana wakhe othandekayo.

5. Balisa amava abonisa oko kunokwenziwa ngabantu abakumazwe asemzini besakufunda inyaniso yeBhayibhile.

5 UValmir, indoda yaseBrazil ehlala kumbindi weSuriname, yayingumembi wegolide. Yayilikhoboka lotywala elaliziphethe kakubi. Ngenye imini ngoxa yayisesixekweni, yadibana namaNgqina kaYehova aza ayiqhubela isifundo seBhayibhile. Yayifunda nawo yonk’ imihla, yenza utshintsho oluphawulekayo ibe akuzange kube kudala yabhaptizwa. Yathi yakubona ukuba umsebenzi wayo uyenza ingakwazi ukuphila ngokuvisisana neemfundiso zeBhayibhile eyayisandul’ ukuzifumana, yalithengisa ishishini layo elalingenisa imali eninzi yaza yabuyela eBrazil ukuze incede intsapho yayo ifumane obu butyebi bokomoya. Abaninzi abakumazwe asemzini ami kakuhle bathi bakuva inyaniso yeBhayibhile bashiye imisebenzi yabo kuloo mazwe baze bagoduke ngenjongo yokunceda izalamane zabo nabanye abantu ngokomoya. Aba bavakalisi boBukumkani babonisa phandle ukuba bawuthand’ egazini umsebenzi wobuvangeli.

6. Yintoni esinokuyenza ukuba asikwazi kufudukela apho kufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi?

6 AmaNgqina amaninzi aye afudukela kwiindawo ezifuna abavakalisi boBukumkani abangakumbi. Amanye ade aye kukhonza kwamanye amazwe. Mhlawumbi thina sisenokungakwazi ukufuduka, kodwa ke sinokumxelisa uYesu ngokusoloko sisenza oko sinokukwazi ukukwenza ekushumayeleni.

UYehova Usinika Uqeqesho Oluyimfuneko

7. Ziziphi izikolo ezilungiselelwe ukuqeqesha abo bafuna ukuphucula ubuchule babo bokuvakalisa uBukumkani?

7 Kanye njengokuba uYesu waqeqeshwa nguYise, nathi sinokungenelwa kwimfundo asinika yona uYehova ngoku. UYesu wathi: “Kubhaliwe ebaProfetini kwathiwa, ‘Kwaye bonke baya kufundiswa nguYehova.’” (Yoh. 6:45; Isa. 54:13) Namhlanje kukho izikolo ezilungiselelwe ngokukhethekileyo ukusixhobisela ukuba ngabavakalisi boBukumkani. Akuthandabuzeki ukuba, sonke siye sangenelwa ngandlel’ ithile kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kumabandla esikuwo. Oovulindlela banelungelo lokuya kwiSikolo Senkonzo Yobuvulindlela. Oovulindlela abaninzi abangoomakad’ enetha baye bafumana ithuba lokuya kwesi sikolo isihlandlo sesibini. Abadala nezicaka zolungiselelo baye baya kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani esibanceda baphucule ubugcisa babo bokufundisa kwakunye nenkonzo abayenzela amanye amaKristu. Abadala nezicaka zolungiselelo ezininzi ezingatshatanga baye baqeqeshwa kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli, esibaxhobisela ukunceda abanye kumsebenzi wokushumayela. Yaye uninzi lwabazalwana noodade abaye baba ngabathunywa bevangeli kumazwe asemzini baqeqeshwe kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi.

8. Abanye abazalwana baluxabisa kangakanani uqeqesho abalunikwa nguYehova?

8 AmaNgqina kaYehova amaninzi aye enza iinguqulelo ezithile ukuze aye kwezi zikolo. Ukuze akwazi ukuya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli eKhanada, uYugu wayeka emsebenzini kuba umqeshi wakhe wala ukuba ahambe. uYugu uthi: “Andizisoli nakancinane. Enyanisweni, ukuba bebendivumele ukuba ndihambe, bebeya kulindela ukuba ndibonise ukunyaniseka ngokungaze ndibashiye. Kodwa ngoku ndilungele nasiphi na isabelo endinokusinikwa nguYehova.” Ukuze basebenzise kakuhle uqeqesho abalunikwa nguThixo, ngokuzithandela abaninzi baye bancama izinto abebezithanda.—Luka 5:28.

9. Yenza umzekelo obonisa ukusebenza kwemfundiso yeZibhalo xa kusenziwa umgudu wokunyaniseka.

9 Imfundiso yeZibhalo isebenza gqitha xa kusenziwa umgudu wokunyaniseka. (2 Tim. 3:16, 17) Khawucinge nje ngemeko kaSaulo waseGuatemala. Wazalwa enokuphazamiseka okungephi engqondweni, ibe omnye wootitshala bakhe waxelela unina ukuba angamnyanzeli ngokufunda, kuba loo nto yayiya kumcaphukisa. USaulo wayeka esikolweni engakwazi ukufunda. Noko ke, elinye iNgqina lamfundisa ukufunda ngencwadana enemifanekiso ethi Zibhokoxe Ekuleseni Nasekubhaleni. Ekugqibeleni, uSaulo wenza inkqubela de wanikela iintetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Kamva unina wadibana notitshala wakhe ngoxa wayeshumayela kwindlu ngendlu. Esakuva ukuba uSaulo uyakwazi ukufunda, lo titshala wacela unina ukuba eze naye kwiveki elandelayo. Ukufika kwakhe, utitshala wambuza lo mbuzo uSaulo: “Khawutsho ke, ufuna ukundifundisa ntoni?” USaulo wamfundela isiqendu esikwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Lo titshala wathi: “Andiyikholelwa into yokuba ndim lo ufundiswa nguwe namhlanje.” Wawola uSaulo, sele zizehlela iinyembezi.

Imfundiso Efikelel’ Intliziyo

10. Sisiphi isixhobo esisemagqabini esinokusisebenzisa ukufundisa inyaniso yeBhayibhile?

10 UYesu wayesekela iimfundiso zakhe kwizinto awazifundiswa nguYehova nakwezo zibhalwe kwiLizwi likaThixo. (Luka 4:16-21; Yoh. 8:28) Siya kuba sixelisa uYesu xa sithobela isiluleko sakhe size sibambelele koko kufundiswa ziZibhalo. Sonke sithetha size sicinge nto-nye yaye loo nto inegalelo kumanyano lwethu. (1 Kor. 1:10) Sinombulelo ongazenzisiyo ngenxa yokuba “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” lilungiselela iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni ukuze zisincede senze ntonye xa sifundisa naxa sihambisa ivangeli. (Mat. 24:45; 28:19, 20) Enye yezi mpapasho yincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, ngoku efumaneka ngeelwimi ezili-179.

11. Omnye udade wase-Ethiopia wayisebenzisa njani incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ukuze athomalalise inkcaso?

11 Ukufundisisa iZibhalo usebenzisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile kunokunceda nabo basichasayo batshintshe. Ngeny’ imini, uLula udade onguvulindlela wase-Ethiopia wayeqhuba isifundo seBhayibhile xa kwagxuphuleka isalamane saloo mntu wayefunda naye sibaxelela ukuba bayeke oko kufunda. Ezolile, uLula waqiqa naso esebenzisa umzekelo wemali yomgunyathi okwisahluko 15 sencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Eli bhinqa lehla laza labavumela ukuba baqhubeke neso sifundo. Enyanisweni, labakho kwisifundo esilandelayo ibe lacela ukuqhutyelwa esalo isifundo seBhayibhile, latsho lithembisa nokusihlawulela. Akuzange kube kudala labe selifunda kathathu ngeveki yaye lenza inkqubela ephawulekayo ngokomoya.

12. Yenza umzekelo obonisa indlela abantu abanokuphumelela ngayo ekufundiseni inyaniso yeBhayibhile.

12 Nabaselula banokubanceda abanye ngale ncwadi ithi Okufundiswa YiBhayibhile. UKeanu oneminyaka eli-11 ubudala waseHawaii wayezifundela le ncwadi esikolweni xa wabuzwa oku ngomnye umntwana afunda naye: “Kutheni nina ningazibhiyozeli iiholide?” UKeanu wamphendula ngokumfundela kumxholo wesihlomelo othi: “Ngaba Sifanele Sizibhiyozele Iiholide?” Emva koko watyhila kwiziqulatho zale ncwadi waza wabuza kule nkwenkwe ukuba nguwuphi umxholo enomdla kakhulu kuwo. Saqalisa ngolo hlobo ke isifundo seBhayibhile. Kunyaka ophelileyo, amaNgqina kaYehova aye aqhuba izifundo zeBhayibhile ezizizi-6 561 426, amaninzi kuwo esebenzisa kakuhle incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Ngaba nawe uyasisebenzisa esi sixhobo ekuqhubeni izifundo?

13. Ukufundisisa iBhayibhile kunokuba naliphi ifuthe ebantwini?

13 Ukufundisisa iZibhalo usebenzisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile kunokuba nefuthe ngamandla kwabo banqwenela ukwenza ukuthanda kukaThixo. Esinye isibini esitshatileyo esingoovulindlela abakhethekileyo eNorway saqalisa isifundo seBhayibhile nenye intsapho evela eZambia. Esi sibini saseZambia sasinabantwana abathathu abangamantombazana yaye sasingasafuni kuba nomnye. Xa umfazi wakhulelwayo esi sibini sagqiba ekubeni siqhomfe. Kwiintsuku nje ezimbalwa ngaphambi kokuya kuqhomfa, safunda isahluko esinomxholo othi “Imbono KaThixo Ngobomi.” Umfanekiso wemveku engekazalwa okweso sahluko wasichukumisa kakhulu esi sibini kangangokuba sagqiba kwelokuba singabi saqhomfa. Senza inkqubela yokomoya ibe sathiya usana lwaso oluyinkwenkwe ngegama laloo mzalwana wayesiqhubela isifundo.

14. Yenza umzekelo wendlela ukuphila ngokuvisisana noko sikufundisa abantu okunokuba nemiphumo emihle ngayo.

14 Eyona nkalo ibalulekileyo kwindlela kaYesu yokufundisa kukuba wayephila ngokuvisisana neemfundiso zakhe. Abantu abaninzi bayawuxabisa umzekelo omhle wamaNgqina kaYehova axelisa uYesu kule nkalo. Omnye usomashishini waseNew Zealand waqhekezelwa imoto kwaza kwabiwa ibhegi yakhe. Wathi akuxelela elinye ipolisa ngale nto, lona lathi: “Le bhegi ungayifumana kuphela xa inokucholwa liNgqina likaYehova.” Ngokwenene yacholwa liNgqina elalihambisa amaphephandaba. Esakuxelelwa ngoku, lo somashishini waya ekhayeni laloo dade. Zehl’ izibilini akufumanisa ukuba uxwebhu olwalubaluleke kakhulu lwalusekho kuloo bhegi. Lo dade wathi kuye: “Eyona nto indenze ndayibuyisela kuwe le bhegi kukuba ndiliNgqina likaYehova.” Lo somashishini wamangaliswa gqitha, ekhumbula oko wayekuxelelwe lipolisa ngaloo ntsasa. Kucacile ukuba amaKristu okwenyaniso aphila ngokuvisisana neemfundiso eziseBhayibhileni ibe axelisa uYesu.—Heb. 13:18.

Jonga Abantu Ngendlela UYesu Awayebajonga Ngayo

15, 16. Yintoni esinokuyenza ukuze isigidimi esisishumayelayo sibe nomtsalane ebantwini?

15 Indlela uYesu awayebajonga ngayo abantu yabenza basithanda isigidimi sakhe. Ngokomzekelo, ukubathanda nokuthobeka kwenza abantu abaphantsi batsaleleka kuye. Wayevelana nabo beza kuye aze abathuthuzele ngamazwi obubele, ephilisa nabo babegula. (Funda uMarko 2:1-5.) Thina asinakukwazi ukwenza imimangaliso, kodwa sinokukwazi ukuthanda abantu, ukuthobeka nokuba novelwano—mpawu ezo ezenza inyaniso ibe nomtsalane ebantwini.

16 Ukuba novelwano kwanceda omnye uvulindlela okhethekileyo ogama linguTariua xa wayetyelele kumzi wendoda esele ikhulile egama linguBeere, eyayihlala kwesinye seziqithi ezikwanti zaseKiribati kuMzantsi Pasifiki. Nakuba le ndoda yayisele itshilo ukuba ayinamdla wokuphulaphula, uTariua waphawula ukuba ikhubazekile ngandlel’ ithile waza wavelana nayo. Wayibuza: “Wakha weva ngoko uThixo athembisa ukukwenzela abantu abagulayo nabasele bekhulile?” Wandula ke wayifundela isiprofeto sikaIsaya. (Funda uIsaya 35:5, 6.) Ichukumisekile, le ndoda yathi: “Sendineminyaka ndifunda iBhayibhile, ndityelelwa nangumvangeli wecawa yam, kodwa ndiyaqala ukuwabona la mazwi eBhayibhileni.” Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile noBeere, yaye wenza inkqubela ngokomoya. Ewe, yena wayekhubazeke gqitha, kodwa ngoku ubhaptiziwe, unyamekela iqela elikwanti yaye ngoku uyakwazi ukuhamba agqibe sonke eso siqithi eshumayela iindaba ezilungileyo.

Qhubeka Uxelisa UKristu

17, 18. (a) Yintoni onokuyenza ukuze uphumelele ekuhambiseni ivangeli? (b) Yintoni eza kufunyanwa ngabo baxabisa umsebenzi wokushumayela?

17 Njengoko amava amnandi avela entsimini ebesoloko ebonisa, sinokuphumelela ekuhambiseni ivangeli ukuba sizabalazela ukubonisa iimpawu awayenazo uYesu. Kufaneleke ngokwenene ukuba sixelise uKristu njengabahambisi bevangeli abanenzondelelo.

18 Xa abanye baguqukayo baba ngabafundi bakaYesu ngenkulungwane yokuqala, uPetros wabuza: “Yintoni okunene esiya kuyifumana?” UYesu waphendula wathi: “Wonk’ ubani oshiye izindlu okanye abantakwabo okanye oodade okanye uyise okanye unina okanye abantwana okanye imihlaba ngenxa yegama lam uya kwamkela izihlandlo ezininzi ngakumbi yaye uya kudla ilifa ubomi obungunaphakade.” (Mat. 19:27-29) Ngokuqinisekileyo kuya kuba njalo nakuthi ukuba siqhubeka sixelisa oyena Mthunywa wevangeli ubalaseleyo, uYesu Kristu.

Ubuya Kuphendula Uthini?

• UYehova usiqeqesha njani ukuze sibe ngabahambisi bevangeli?

• Yintoni ebangela ukuba incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile iphumelele entsimini?

• Sinokumxelisa njani uYesu kwindlela esibajonga ngayo abantu?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 17]

Xa uYesu wabiza uPetros, uAndreya, uYakobi noYohane ukuba bamlandele abazange bazilazile

[Umfanekiso okwiphepha 19]

Iimpapasho ezifana nencwadi ethi “Okufundiswa YiBhayibhile” zisinceda ukuba sithethe ngazwinye xa sifundisa