Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Emoyeni Ke Vuthani”

“Emoyeni Ke Vuthani”

“Emoyeni Ke Vuthani”

“Musani ukutshivela emsebenzini wenu. Emoyeni ke vuthani. Yibani ngamakhoboka kaYehova.”—ROMA 12:11.

1. Kwakutheni ukuze amaSirayeli enze imibingelelo neminikelo yezilwanyana?

 UYEHOVA uyayixabisa indlela abakhonzi bakhe abazincama ngayo ngenxa yokuba bemthanda yaye bemthobela. Mandulo wayesamkela imibingelelo eyahlukahlukeneyo yezilwanyana neminikelo. NgokoMthetho kaMoses amaSirayeli ayesenza le mibingelelo xa efuna ukuxolelwa izono okanye ebulela. Kwibandla lamaKristu, uYehova akalindelanga ukuba sinikele ngemibingelelo enjalo. Sekunjalo, kwisahluko 12 kwincwadi eya kumaKristu aseRoma, umpostile uPawulos ubonisa ukuba kusalindelekile ukuba sinikele ngemibingelelo ethile. Makhe sibone indlela esingakwenza ngayo oku.

Umbingelelo Ophilayo

2. NjengamaKristu, sifanele siphile ubomi obunjani yaye oku kubandakanya ntoni?

2 Funda eyabaseRoma 12:1, 2. Kwinxalenye yokuqala yencwadi yakhe, uPawulos wabonisa ngokucacileyo ukuba amaKristu athanjisiweyo, enoba ngamaYuda okanye ngabeeNtlanga, uThixo uwagqala njengamalungisa ngenxa yokholo lwawo, kungekhona ngemisebenzi. (Roma 1:16; 3:20-24) Kwisahluko 12, uPawulos ubonisa ukuba amaKristu afanele abonakalise umbulelo ngokuphila ubomi bokungazingci. Ukuze sikwazi ukwenza oko, sifanele sitshintshe ingqondo yethu. Ngenxa yokungafezeki, siphantsi ‘komthetho wesono nowokufa.’ (Roma 8:2) Ngoko simele ‘sihlaziye amandla engqondo yethu’ ngokulutshintsha ngokupheleleyo utyekelo lwethu. (Efe. 4:23) Olo tshintsho sinokulwenza kuphela ngoncedo lukaThixo nomoya wakhe. Kodwa nathi sifanele sizimisele ukutshintsha ngokupheleleyo, sisebenzisa ‘amandla ethu engqiqo.’ Oko kuthetha ukuba sifanele senze konke okusemandleni ethu ukuze ‘singamilisi okwale nkqubo yezinto’ ezaliswe kukuziphatha okubi, ukuzonwabisa okuthob’ isidima, neengcamango ezigqwethekileyo.—Efe. 2:1-3.

3. Kutheni sisenza imisebenzi yamaKristu?

3 Kwakhona uPawulos uthi masisebenzise ‘amandla ethu engqiqo’ ukuze sikungqine ngokwethu “ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.” Kutheni sifunda iBhayibhile yonke imihla, sicamngca ngoko sikufundayo, sithandaza, sisiya kwiintlanganiso zamaKristu size sishumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani? Asiqhutywa ngabadala, nangona besinceda ngokusikhumbuza. Kodwa ngumoya kaThixo osishukumisela ukuba senze imisebenzi yamaKristu size sibonise ukuba simthanda ngokwenene uYehova. Ukongezelela koko, siyaqonda ukuba nguThixo ofuna senze imisebenzi enjalo. (Zek. 4:6; Efe. 5:10) Kuyasivuyisa ukwazi ukuba xa siphila ubomi obunyanisekileyo njengamaKristu, sinokwamkeleka kuThixo.

Iziphiwo Ezahlukeneyo

4, 5. Abadala abangamaKristu bafanele bazisebenzise njani iziphiwo abanazo?

4 Funda eyabaseRoma 12:6-8, 11. UPawulos wathi “sineziphiwo ezahlukeneyo ngokobubele obungasifanelanga esabunikwayo.” Ezinye iziphiwo athetha ngazo—ukubongoza, ukongamela—ngokukhethekileyo zibhekisela kubadala abangamaKristu, ababongozwa ukuba bongamele “ngenyameko.”

5 UPawulos uthi, inyameko enjalo ifanele ibonakale kwindlela abaveleli abakhonza njengabafundisi ababusingatha ngayo “ubulungiseleli.” Apha umongo ubonisa ukuba uPawulos uthetha ‘ngobulungiseleli’ obenziwa ebandleni, okanye ‘emzimbeni omnye.’ (Roma 12:4, 5) Obo bulungiseleli bufana nobo kuthethwa ngabo kwiZenzo 6:4, apho abapostile bathi: “Thina siya kuzinikela emthandazweni nakubulungiseleli belizwi.” Yintoni ebandakanyekileyo kubo? Abadala abangamaKristu basebenzisa iziphiwo zabo ukukhuthaza amalungu ebandla. Bazibonisa ‘njengabakobo bulungiseleli’ ngokufundisisa ngokunyanisekileyo, ngokwenza uphando, ngokufundisa nangokwalusa, ukuze bakhokele baze banikele imiyalelo evela kwiLizwi likaThixo ebandleni ngenyameko. Abaveleli bafanele basebenzise iziphiwo abanazo baze banyamekele izimvu ‘bechwayitile.’—Roma 12:7, 8; 1 Pet. 5:1-3.

6. Sinokusisebenzisa njani isiluleko esikweyabaseRoma 12:11, esingumxholo weli nqaku?

6 UPawulos uhlabela mgama enjenje: “Musani ukutshivela emsebenzini wenu. Emoyeni ke vuthani. Yibani ngamakhoboka kaYehova.” Ukuba siyadangala kubulungiseleli bethu, kufuneka siphinde sihlolisise indlela esifundisisa ngayo size sithandazele umoya kaYehova ukuba usincede siyeke ukuba dikidiki, kodwa sibe nenzondelelo kwakhona. (Luka 11:9, 13; ISityhi. 2:4; 3:14, 15, 19) Umoya oyingcwele wanika amaKristu enkulungwane yokuqala amandla okuthetha “izinto zobungangamela zikaThixo.” (IZe. 2:4, 11) Ngokufanayo, nathi unokusenza sibe nenzondelelo kubulungiseleli, ‘sivuthe emoyeni.’

Ukuthobeka Nokuthozama

7. Kutheni sifanele sikhonze ngokuthobeka nangokuthozama?

7 Funda eyabaseRoma 12:3, 16. Iziphiwo esinazo sizifumene ngenxa ‘yobubele obungasifanelanga’ bukaYehova. Kwenye indinyana uPawulos uthi: “Ukufaneleka ngokwaneleyo kwethu kuphuma kuThixo.” (2 Kor. 3:5) Ngoko ke asifanele sizizukise. Simele siqonde ukuba nayiphi na impumelelo esiyifumana kubulungiseleli bethu ibangelwa yintsikelelo kaThixo, kungekhona ubuchule bethu. (1 Kor. 3:6, 7) Ngokuvisisana noku, uPawulos uthi: “Ndixelela wonk’ ubani apho phakathi kwenu ukuba angazicingeli ngaphezu koko amelwe kukuzicingela ngako.” Sifanele sizihlonele, sonwabe size saneliseke ekukhonzeni uYehova. Kodwa xa sithozamile yaye sizazi iintsilelo zethu, siya kuncedakala singabi ngoozwilakhe. Kunoko, sifuna ‘ukucinga khon’ ukuze sibe nengqondo ephilileyo.’

8. Sinokukuthintela njani ukuba ‘ziingqondi emehlweni ethu’?

8 Ibiya kuba bubudenge ukuqhayisa ngezinto esizifezileyo. Kaloku ‘nguThixo okhulisayo.’ (1 Kor. 3:7) UPawulos uthi uThixo wabele ilungu ngalinye lebandla “umlinganiselo wokholo.” Kunokuba sizikhukhumalise, simele siqonde ukuba nabanye banezinto abaziphumezayo ngomlinganiselo abanawo wokholo. UPawulos uhlabela mgama esithi: “Nyamekelanani.” Kwenye yeencwadi zakhe, lo mpostile uthi ‘masingenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, masibagqale abanye njengabongamileyo kunathi.’ (Fil. 2:3) Kufuneka ukuthobeka nomgudu onyanisekileyo ukuze siqonde ukuba abazalwana noodadewethu bongamile kunathi ngandlel’ ithile. Ukuthobeka kuya kusinceda singabi ‘ziingqondi emehlweni ethu.’ Ngoxa ukufumana amalungelo nenkonzo ekhethekileyo kunokubangela ukuba abantu banikele ingqalelo kuthi, sonke siyavuya xa siphumeza “izinto eziphantsi,” ezinganikelwa ngqalelo ngabantu.—1 Pet. 5:5.

Ukumanyana Kwethu NjengamaKristu

9. Kutheni uPawulos efanisa amaKristu azelwe ngomoya namalungu omzimba?

9 Funda eyabaseRoma 12:4, 5, 9, 10. UPawulos ufanisa amaKristu athanjisiweyo namalungu omzimba asebenza ngokumanyeneyo phantsi kweNtloko, uKristu. (Kol. 1:18) Ukhumbuza amaKristu azelwe ngomoya ukuba umzimba unamalungu amaninzi awenza imisebenzi eyahlukahlukeneyo nokuba wona ‘nangona emaninzi, angumzimba omnye ngokumanyene noKristu.’ Ngokufanayo, uPawulos ubongoza amaKristu athanjisiweyo ase-Efese esithi: “Masithi ngalo uthando sikhule ezintweni zonke kuye lowo uyintloko, uKristu. Ngokuphuma kuye, wonke umzimba, ngokumanyaniswa ndawonye ngemvisiswano uze wenziwe usebenzisane ngelungu ngalinye elifeza indima yalo, ngokokusebenza kwelungu ngalinye ngomlinganiselo ofanelekileyo, wenza ukuba umzimba ukhule ukuze wakheke eluthandweni.”—Efe. 4:15, 16.

10. Liliphi igunya elimele ligqalwe ‘zezinye izimvu’?

10 Nangona ‘ezinye izimvu’ zingeyonxalenye yamalungu omzimba kaKristu, zinokufunda okuninzi kulo mzekeliso. (Yoh. 10:16) UPawulos uthi uYehova “izinto zonke uzithobele phantsi kweenyawo [zikaKristu], waza wamenza intloko yezinto zonke kulo ibandla.” (Efe. 1:22) Namhlanje, ezinye izimvu ziyinxalenye ‘yezinto zonke’ uYehova azibeke phantsi kwentloko enguNyana wakhe. Kwakhona ‘ziyimpahla’ uKristu ayimisele ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45-47) Ngoko ke, abo banethemba lokuphila emhlabeni bamele bagqale uKristu njengeNtloko baze bazithobe kwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi kunye neQumrhu lalo Elilawulayo nakumadoda amiselwe njengabaveleli ebandleni. (Heb. 13:7, 17) Oku kubangela ukuba amaKristu amanyane.

11. Umanyano lwethu lusekelwe entwenini, yaye sisiphi esinye isiluleko esanikelwa nguPawulos?

11 Oko kumanyana kwamaKristu kusekelwe eluthandweni, ‘olungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.’ (Kol. 3:14) KweyabaseRoma isahluko 12, uPawulos ukugxininisa oku ngokuthi uthando lwethu “malungabi naluhanahaniso” nangokuthi ‘kuthando lobuzalwana’ masibe “nomsa omnye komnye.” Oku kubangela ukuba sihlonelane. Lo mpostile uthi: “Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” Ngokuqinisekileyo asimele sibhidanise uthando lokwenene nolo luqhutywa ziimvakalelo. Simele senze konke okusemandleni ethu ukugcina ibandla licocekile. Xa wayeluleka ngothando, uPawulos wathi: “Kwenyanyeni oko kungendawo, namathelani koko kulungileyo.”

Ukubuk’ Iindwendwe

12. Yintoni esinokuyifunda kumaKristu aseMakedoni yamandulo ngokuphathelele umoya wokubuk’ iindwendwe?

12 Funda eyabaseRoma 12:13. Ukuthanda abazalwana bethu kuya kubangela ukuba ‘sabelane nabo bangcwele ngokweemfuno zabo’ nangokwamandla ethu. Enoba singamahlwempu, sinokubabela oko sinako. Ebhala ngamaKristu aseMakedoni, uPawulos wathi: “Ebudeni bovavanyo olukhulu bexhwalekile uvuyo lwabo oluninzi nobuhlwempu babo obunzulu benza ubutyebi besisa sabo baphuphuma. Ndiyangqina ukuba, oku bakwenza ngamandla abo onke, ewe, nangaphezu kwamandla abo, baza ngokuzithandela kwabo basibongoza ngokubongoza okukhulu ukuba babe nelungelo lokunikela ngobubele nokuba babe nesabelo kubulungiseleli obumiselwe abo bangcwele [bakwaYuda].” (2 Kor. 8:2-4) Nakuba ayengamahlwempu amaKristu aseMakedoni ayenesandla esivulekileyo. Ayekugqala njengelungelo ukwabelana nabazalwana bawo bakwaYuda abasweleyo.

13. Kuthetha ntoni ‘ukulandela ikhondo lokubuk’ iindwendwe’?

13 Ibinzana elithi “landelani ikhondo lokubuk’ iindwendwe” lisuka kwibinzana lesiGrike elithetha ukuthabatha inyathelo kuqala. IBhayibhile yesiXhosa iliguqulela ngokuthi “ukubuka iindwendwe kusukeleni.” Maxa wambi ukubuk’ iindwendwe kuboniswa ngokumemela umntu kwisidlo, yaye oko kuba kuhle xa kusenziwa ngothando. Kodwa xa sithabatha inyathelo kuqala siya kufumanisa ukuba zininzi izinto esinokuzenza xa sibuk’ iindwendwe. Ukuba asikwazi ukumemela abanye isidlo, sisenokubamemela nje into ephungwayo okanye eselwayo.

14. (a) Ngawaphi amagama abumba igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukubuk’ iindwendwe”? (b) Sinokubonisa njani ukuba sibakhathalele abantu basemzini abakwintsimi yethu?

14 Ukubuk’ iindwendwe kubandakanya isimo sengqondo sethu. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukubuk’ iindwendwe” lisuka kumagama amabini, elithi “uthando” nelithi “umntu ongamaziyo.” Sibajonga njani abantu esingabaziyo okanye abasemzini? AmaKristu azabalazela ukufunda olunye ulwimi ukuze akwazi ukushumayela iindaba ezilungileyo kubantu basemzini abafudukele kwintsimi yebandla lawo anokujongwa njengalawo alandela ikhondo lokubuk’ iindwendwe. Kakade ke, uninzi lwethu alukwazi ukufunda olunye ulwimi. Sekunjalo, sonke sinokushumayela kubantu basemzini ngokusebenzisa incwadana ethi Good News for People of All Nations, enesigidimi seBhayibhile ngeelwimi ezininzi. Ngaba wakha wayisebenzisa ngokuphumelelayo le ncwadi kubulungiseleli?

Uvelwano

15. UYesu wakwenza njani oko kuchazwe kweyabaseRoma 12:15?

15 Funda eyabaseRoma 12:15. Isiluleko sikaPawulos kule ndinyana sinokushwankathelwa ngamagama amabini: Yiba novelwano. Kufuneka sifunde ukuqonda indlela omnye umntu avakalelwa ngayo, enoba uyavuya okanye ubuhlungu. Ukuba siyavutha emoyeni, kuya kubonakala xa sivuyisana nabanye okanye sinovelwano. Xa abafundi bakaKristu abangama-70 babuya bechwayitile kumsebenzi wokushumayela baza babalisa imiphumo emihle yaloo msebenzi, uYesu waba “novuyo olugqithiseleyo ngomoya oyingcwele.” (Luka 10:17-21) Wayevuyisana nabo. Kwelinye icala, uYesu ‘walila nabantu ababelilela’ ukufa komhlobo wakhe uLazaro.—Yoh. 11:32-35.

16. Sinokuba nalo njani uvelwano, yaye ngoobani ngokukhethekileyo abamele babe nalo?

16 Sifuna ukulandela umzekelo kaYesu wokuba novelwano. Xa omnye umKristu evuya sifuna ukuvuyisana naye. Ngokufanayo, sifanele sivelane nabazalwana noodadewethu abasentlungwini. Ngokufuthi, sinokuwathuthuzela amanye amaKristu akhathazekileyo ukuba sizipha ixesha lokuwaphulaphula sinovelwano. Yaye maxa wambi, sinokuchukumiseka side sikhale. (1 Pet. 1:22) Ngokukhethekileyo abadala bamele bathobele isiluleko sikaPawulos sokuba novelwano.

17. Ukuza kuthi ga ngoku yintoni esiyifundileyo kweyabaseRoma isahluko 12, yaye siza kuxubusha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

17 Kwiindinyana esixubushe ngazo ukuza kuthi ga ngoku kweyabaseRoma isahluko 12 sifumene isiluleko esinokusinceda kubomi bethu njengamaKristu nakulwalamano lwethu nabazalwana bethu. Kwinqaku elilandelayo, siza kuhlolisisa ezinye iindinyana zesi sahluko, ezithetha ngendlela esimele sibajonge yaye sibaphathe ngayo abantu abangekho kwibandla lamaKristu, kuquka abachasi nabo basitshutshisayo.

Impinda

• Sibonisa njani ukuba ‘siyavutha emoyeni’?

• Kutheni sifanele sikhonze uThixo ngokuthobeka nokuthozama?

• Sinokulubonisa njani uvelwano kwamanye amaKristu?

[Imibuzo YeSifundo]

[Imifanekiso ekwiphepha 4]

Yintoni esibangela senze imisebenzi yamaKristu?

[Umfanekiso okwiphepha 6]

Ngamnye wethu unokusifaka njani isandla ekuncedeni abantu basemzini bafunde ngoBukumkani?