Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Yintoni esiyifundayo kwiMizekeliso 24:27?

Xa ecebisa umfana, umbhali weMizekeliso uthi: “Lungisa umsebenzi wakho ngaphandle, yaye wulungiselele wena entsimini. Wandule ukwakha indlu yakho.” Yiyiphi ingongoma ephuhliswa kulo mzekeliso uphefumlelweyo? Umfana ufanele alungiselele kakuhle ngaphambi kokuba atshate aze aqalise intsapho, kuba ezazi iimbopheleleko ezibandakanyekileyo ekubeni nentsapho.

Ngaphambili abantu bebedla ngokuthi le ndinyana ithetha ukuba indoda enguyise wentsapho imele inganyamekeli umsebenzi wayo wempangelo kuphela, kodwa yakhe, okanye ikhuthaze intsapho yayo, ngokomzekelo ngokuyifundisa izinto zokomoya. Nangona oko kuyinyaniso kwaye kusekelwe eZibhalweni, asiyiyo eyona ngongoma ibethelelwa kule ndinyana. Ngoba? Nazi izizathu ezibini.

Okokuqala, le ndinyana ayithethi ngokwakha, okanye ukomeleza intsapho esele ikho. Kodwa ithetha ukwakha indlu ngokoqobo. Igama eliguqulelwe ngokuthi “ukwakha” linokusetyenziswa njengelifuziselayo, linentsingiselo yokuqalisa intsapho—oko kukuthi ukutshata nokuba nabantwana.

Okwesibini, le ndinyana ibethelela ukwenza izinto ngokulandelelana kwazo, njengokuthi, “Qala wenze oku; wandule wenze okuya.” Ngoko ke, ngaba lo mzekeliso uthetha ukuba iimbopheleleko zokwenyama zifanele zize kuqala kunezokomoya? Akunjalo!

Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ukuba indoda yayifuna “ukwakha indlu [yayo],” okanye iqalise intsapho ngokuthi itshate, kwakufuneka izibuze, ‘Ngaba ndikulungele ukunyamekela nokuxhasa umfazi nabantwana esinokuba nabo?’ Ngaphambi kokuba iqalise ukuba nentsapho, yayinomsebenzi efanele iwenze, ukunyamekela intsimi okanye isivuno. Ngoko, iToday’s English Version iyiguqulela ngokucacileyo le ndinyana isithi: “Ungayakhi indlu yakho uze uqalise ikhaya lakho de ulungise intsimi, yaye uqiniseke ukuba unemali yokuziphilisa.” Ngaba uyasebenza lo mgaqo namhlanje?

Uyasebenza. Umfana ofuna ukutshata ufanele azilungiselele kakuhle ukuze akwazi ukuthwala loo mbopheleleko. Ukuba unamandla, ufanele asebenze. Kakade ke, ukuzibhokoxa kwendoda emsebenzini ukuze inyamekele intsapho yayo akuphelelanga kwizinto zokwenyama. ILizwi likaThixo lithi ukuba indoda ayikwazi ukunyamekela intsapho yayo ngokwasemzimbeni, ngokweemvakalelo nangokomoya, imbi ngaphezu kongakholwayo. (1 Tim. 5:8) Ngenxa yoko, xa elungiselela umtshato nokuba nentsapho, umfana ufanele azibuze oku: ‘Ngaba ndikulungele ukunyamekela intsapho kwizinto eziphathekayo? Ngaba ndikulungele ukukhokela intsapho kwizinto zokomoya? Ngaba ndiza kukwazi ukusingatha imbopheleleko yokuqhubela umfazi nabantwana isifundo seBhayibhile?’ Ngokuqinisekileyo iLizwi likaThixo liyazibethelela ezo mbopheleleko zibalulekileyo.—Dut. 6:6-8; Efe. 6:4.

Ngoko ke umfana ofuna umfazi ufanele acingisise ngalo mgaqo ukwiMizekeliso 24:27. Ngokufanayo, ibhinqa eliselula linokuzibuza enoba likulungele kusini na ukusingatha iimbopheleleko zokuba ngumfazi nomama. Isibini esiselula sinokuzibuza imibuzo efanayo xa sicinga ngokukhulisa abantwana. (Luka 14:28) Ukulandela olo khokelo luphefumlelweyo kunokunceda abantu bakaThixo bakuphephe ukuzifaka entlungwini baze banandiphe ubomi bentsapho obonwabisayo.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 12]

Yiyiphi imibuzo anokuzibuza yona umfana ngomtshato?