Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Iindibano Ezintathu Ezabutshintsha Ngayo Ubomi Bam

Indlela Iindibano Ezintathu Ezabutshintsha Ngayo Ubomi Bam

Indlela Iindibano Ezintathu Ezabutshintsha Ngayo Ubomi Bam

Kubalisa UGeorge Warienchuck

NGABA wakha wachukunyiswa yinto ethile owayiva kwiindibano zethu eyakubangela ukuba utshintshe ubomi bakho? Kwenzeka loo nto kanye kum. Xa ndikhangela emva, ndicinga ngeendibano ezintathu ezabutshintsha ngokukhethekileyo ubomi bam. Eyokuqala yandinceda ndaphelisa iintloni; eyesibini, yandinceda ndaneliseka; eyesithathu ndakwazi ukupha. Noko ke, ngaphambi kokuba ndikuxelele ngolo tshintsho, mandikucacisele izinto ezenzeka kwiminyaka engaphambi kokuba ndiye kwezi ndibano—izinto ezenzeka ebuntwaneni bam.

Ndazalwa ngowe-1928, ndiligqibelo kubantwana abathathu. Mna, oodadewethu ababini uMargie no-Olga sakhulela eSouth Bound Brook, eNew Jersey, eUnited States, idolophu eyayinabemi abamalunga nama-2 000 ngelo xesha. Nangona sasiziimpula zikaLujaca, uMama wayenesandla esivulekileyo. Nanini na enemali yokupheka ukutya okumnandi, wayesipha nabamelwane. Xa ndandineminyaka esithoba ubudala, uMama watyelelwa liNgqina elalithetha isiHungary, ulwimi lukaMama lomthonyama, nto leyo eyambangela ukuba aphulaphule isigidimi seBhayibhile. Kamva, uBertha, udade owayeneminyaka angaphezulwana kwengama-20, waqhubeka efundela uMama iBhayibhile waza wamnceda waba ngumkhonzi kaYehova.

Ngokungafaniyo noMama, ndikhule ndineentloni, ndingazithembanga. Eyona nto yayibuhlungu kukuba uMama wayethanda ukundigxeka. Ndambuza ndinyembezana ndathi, “Kutheni uthanda ukundigxeka kangaka?” wathi uyandithanda kodwa akafuni ukunditefisa. UMama wayeneenjongo ezintle, kodwa ukungandincomi kwakhe kwakundenza ndizeye.

Ngenye imini, ummelwane owayesoloko ethetha nam kamnandi wandicela ukuba ndihambe noonyana bakhe siye kwisikolo seCawa. Ndandisazi ukuba oko akuyi kumkholisa uYehova, kodwa ndandisoyika ukuphoxa ummelwane owayenobubele ngolo hlobo. Ngoko ndaya ecaweni kangangeenyanga ngoxa ndandingayithandi into endandiyenza. Nasesikolweni ndandisenza izinto endingazithandiyo ngenxa yokoyika abantu. Inqununu yesikolo, yayiqinisekisa ukuba ootitshala basenza sikhahlele iflegi. Nam ndayikhahlela. Ndakwenza oku malunga nonyaka, emva koko izinto zatshintsha.

Ndafunda Ukuba Nesibindi

Ngowe-1939 ekhaya kwaqaliswa ukuqhutywa isifundo sencwadi seqela. Sasiqhutywa nguBen Mieszkalski, umzalwana oselula owayenguvulindlela. Sasimbiza ngokuba nguBig Ben—gama elo lalimfanela. Wayemde yaye emkhulu. Sekunjalo, nangona wayesoyikeka ngenxa yomzimba wakhe, wayenobubele, yaye ndandikhululeka xa ndimbona encuma. Ngoko xa uBen endicela ukuba ndihambe naye entsimini, ndandingakrikrizi. Saba ngabahlobo. Xa ndikhathazekile, wayethetha nam ngendlela umkhuluwa onobubele athetha ngayo nomninawa wakhe. Oko kwakuthetha lukhulu kum, yaye kwandenza ndamthanda.

Ngowe-1941, uBen wacela intsapho yakowethu ukuba ikhwele emotweni yakhe xa esiya kwindibano eyayiseSt. Louis, eMissouri. Ndavuya gqitha! Ndandingazange ndikhe ndihambe umgama ongaphezu kweekhilomitha ezingama-80 ukusuka ekhaya ngaphambili, yaye ngoku ndandiza kuhamba umgama ongaphezu kweekhilomitha ezili-1 500 ukusuka ekhaya! Noko ke, kwakukho iingxaki eSt. Louis. Abefundisi bayalela amarhamente ukuba kungabikho bantu bawamkelayo amaNgqina kaYehova emakhayeni abo. Abaninimzi abaninzi abazange bawamkele. Nentsapho esasiza kuhlala nayo yasongelwa. Sekunjalo, yasamkela. Loo ntsapho yathi iza kusamkela kuba isithembisile. Isibindi eyayinaso sandichukumisa ngokwenene.

Oodadewethu babhaptizwa kuloo ndibano. Kwangaloo mini, uMzalwan’ uRutherford, owayesuka kwiBheteli yaseBrooklyn, wanikela udlwabevu lwentetho apho wacela bonke abantwana abafuna ukwenza ukuthanda kukaThixo ukuba baphakame. Kwaphakama abantwana abamalunga ne-15 000. Nam ndandingomnye wabo. Emva koko wacela bonke ababefuna ukuzibhokoxa kumsebenzi wokushumayela ukuba bathi, “Ewe.” Sonke sathi, “Ewe!” Kwalandela intswahla yezandla. Ndakhuthazeka.

Emva kwaloo ndibano satyelela umzalwana ohlala eWest Virginia. Wasibalisela ukuba ngenye imini ngoxa wayesentsimini, kwathi gqi ihlokondiba elinomsindo, lambetha laza lamtyabeka ngetela labeka neentsiba phezu kwakhe. Ndaphulaphula ndisoyika. Lo mzalwana wathi: “Kodwa ndiza kuqhubeka ndishumayela.” Sathi xa simka apho, ndavakalelwa njengoDavide. Ndandikulungele ukujamelana noGoliyati—inqununu yesikolo sam.

Ndafika esikolweni ndaya kwinqununu. Yandijamela. Ndathandazela entliziyweni ndicela uYehova andincede. Emva koko ndadubuleka ndathi: “Bendiye kwindibano yamaNgqina kaYehova. Soze ndiphinde ndikhahlele iflegi!” Kwakha kwathi cwaka ixeshana. Inqununu yaphakama kancinane esitulweni sayo yeza kum. Ubuso babubomvu ngumsindo. Yankqangaza yathi: “Khahlela iflegi okanye ndiza kukugxotha!” Ngesi sihlandlo andizange ndilalanise, yaye ngaphakathi ndandivuya ngendlela endingazange ndivuye ngayo ngaphambili.

Ndandingxamele ukuxelela uBen konke okwenzekileyo. Ndathi ndakumbona kwiHolo yoBukumkani, ndamkhwaza ndathi: “Ndigxothiwe esikolweni! Andikhange ndikhahlele iflegi!” UBen wandigona, wancuma waza wathi: “Ndiqinisekile uYehova uyakuthanda.” (Dut. 31:6) Andikhuthaza ngokwenene loo mazwi. NgoJuni 15, 1942 ndabhaptizwa.

Ndafunda Ukwaneliseka

Emva kweMfazwe Yehlabathi II, imeko yezoqoqosho yaphucuka, yaye nabantu bathi swii zizinto eziphathekayo. Ndandinomsebenzi ohlawula umvuzo oncumisayo yaye ndandinokukwazi ukuthenga izinto endandingaphuphi nokuphupha ukuba ndingaze ndizithenge. Abanye abahlobo bam bathenga izithuthuthu; ukanti abanye balungisa amakhaya abo. Ndathenga imoto entsha. Ngenxa yokuthi phithi zizinto eziphathekayo ndandingasenaxesha laneleyo lenkonzo. Ndandisazi ukuba ndisendleleni ephosakeleyo. Okuvuyisayo kukuba, indibano eyayikwisiXeko saseNew York ngowe-1950 yandinceda ndatshintsha indlela endandicinga ngayo nendandisenza ngayo izinto.

Kuloo ndibano, zonke izithethi zazikhuthaza abaphulaphuli ukuba bakhuthale kumsebenzi wokushumayela. Esinye isithethi sasibongoza sathi: “Philani ubomi obulula nize nilubaleke ugqatso.” Yayingathi sibhekisa kum. Ndabona abo babephumelele kwiklasi yaseGiliyadi, ndaza ndathi ngaphakathi, ‘Ukuba la maNgqina alingana nam anokukwazi ukuncama izinto eziphathekayo ukuze akhonze kumazwe akude, ndifanele ndenze okufanayo kwilizwe endihlala kulo.’ Ekupheleni kwendibano, ndandisele ndisenzile isigqibo sokuba nguvulindlela.

Ngelo xesha, ndandithandana noEvelyn Mondak, udade owayenenzondelelo kwibandla endandikulo. Unina kaEvelyn, owakhulisa abantwana abathandathu wayelibhinqa elinesibindi. Wayekuthanda ukusasaza amaphephancwadi phambi kweCawa enkulu yamaRoma Katolika. Izihlandlo ezininzi abefundisi babemgxotha apho, kodwa wayengahambi. Njengonina, uEvelyn wayengoyiki mntu.—IMize. 29:25.

Satshata noEvelyn ngowe-1951, sayeka ukusebenza saba ngoovulindlela. Umveleli wesiphaluka wasikhuthaza ukuba siye eAmagansett, idolophana ekunxweme lweAtlantic ekumgama oziikhilomitha ezili-160 ukusuka kwisiXeko saseNew York. Xa ibandla lasixelela ukuba alinayo indawo esinokuhlala kuyo, sakhangela ikharavani kodwa sasingayifumani esinokukwazi ukuyihlawula. Emva koko safumana ikharavani endala. Umnikazi wayo wafuna iidola ezingama-900—imali kanye esasinayo siyifumene njengesipho somtshato. Sayithenga, sayilungisa saza sayirhuqela kwintsimi yethu entsha. Ngenxa yoko safika apho singenamali singazi ukuba siza kuphila njani ekubeni singoovulindlela.

UEvelyn wafumana umsebenzi wokucoca izindlu, ndaza mna ndafumana owokucoca indawo yokutyela. Umphathi wale ndawo wathi: “Thatha konke ukutya okuseleyo, uphathele umfazi wakho.” Xa ndibuyela ekhaya ngentsimbi yesibini kusasa, ikharavani yethu yayizaliswa livumba lepizza nepasta. Sasizifudumeza yaye sasizinandipha ngokwenene ingakumbi ebusika kuloo kharavani ibandayo. Ngaphezu koko, maxa wambi abazalwana abasebandleni babesishiyela intlanzi enkulu phambi komnyango wekharavani. Ebudeni baloo minyaka sasikhonza nabo bazalwana baseAmagansett, safunda ukuba ukwaneliseka zizinto eziyimfuneko kubangela ubomi obanelisayo. Leyo yayiminyaka evuyisa ngokwenene.

Sakhuthazwa Ukuba Sikwazi Ukuzinikela

NgoJulayi 1953, sabulisa abavangeli basemazweni abaninzi ababevela kwizabelo zabo ezikumazwe akude beze kwindibano yezizwe ngezizwe kwisiXeko saseNew York. Babalisa amava abangela umdla. Nathi sazibona sinemincili njengabo. Ngaphezu koko, xa isithethi kuloo ndibano sichaza ukuba kusekho iindawo ezininzi ezingekafikelelwa ngesigidimi soBukumkani, sayazi into ekwakuza kufuneka siyenze—kwakuza kufuneka sizibhokoxe kubulungiseleli. Safaka izicelo zokuqeqeshelwa ubuvangeli basemazweni kanye kuloo ndibano. Kanye ngaloo nyaka, samenyelwa kwiklasi yama-23 yeSikolo saseGiliyadi, eyaqalisa ngoFebruwari 1954. Yayililungelo lokwenene elo.

Savuya gqitha sakuva ukuba sabelwe eBrazil. Ngaphambi kokuba sinduluke ngenqanawa eyayiza kuhamba iintsuku ezili-14, omnye umzalwana oqolileyo waseBheteli wathi: “Niza kuya eBrazil noodade abangatshatanga abasithoba abangabathunywa bevangeli. Uze ube liliso kubo.” Khawube nomfanekiso-ngqondweni wendlela abamangaliswa ngayo oomatiloshe xa bendibona ndingena enqanaweni noodade abaselula abalishumi. Abo dade babengenangxaki konke konke. Sekunjalo, ndavuya kuba sahamba kakuhle saya kufika eBrazil.

Emva kokuba ndifunde isiPhuthukezi, ndaya kuba ngumveleli wesiphaluka eRio Grande do Sul, kwilizwe elikumazantsi eBrazil. Umveleli wesiphaluka endandiza kungena ezihlangwini zakhe owayengatshatanga, wathi kum nomfazi wam: “Iyandimangalisa into yokuba kuthunyelwe abantu abatshatileyo apha. Le yindawo esemagqagaleni.” Amabandla alapho ayesasazeke kwimimandla esezilalini, amanye ayenokufikelelwa kuphela ngelori. Umqhubi welori wayekuvumela ukuba ukhwele xa umthengele ukutya. Sasiba ngathi sikhwele emahasheni, sasiqabela phezu kwemithwalo size sibambelele ngezandla zozibini kwiintambo ezibophelele loo mithwalo. Xa ilori ijika amagophe, sasibambelela nkqi kwezo ntambo kuba sasisoyika ukuwela kuloo miwonyo. Noko ke, xa sibona indlela abavuya ngayo abo bazalwana ekudala besijonge ngamehlo abomvu sasitsho siyilibale naloo ndlela siyihambileyo.

Sasihlala kumakhaya abazalwana. Babengamahlwempu kodwa sekunjalo babesivulile isandla. Komnye ummandla okwanti, bonke abazalwana balapho babesebenza kumzi-mveliso wenyama. Ekubeni babefumana umvuzo omncinane babesitya kanye ngosuku. Ngosuku abangakhange basebenze ngalo, babengafumani mali. Nakuba kunjalo, xa sityelele babengasebenzi iintsuku ezimbini ukuze basixhase kumsebenzi wokomoya. Babethembele kuYehova. Abo bazalwana bathobekileyo basifundisa ukuba simele sincame izinto ezithile ngenxa yoBukumkani bukaThixo, yaye loo nto asisayi kuze siyilibale. Ukuhlala nabo kwasifundisa izinto ebesingenakuzifundiswa nakwisiphi na isikolo. Ndithi xa ndicinga ngabo bazalwana zehle iinyembezi.

Ngowe-1976 sabuyela eUnited States siye kunyamekela uMama wam ogulayo. Kwakunzima ukuhamba eBrazil, kodwa saba nombulelo ngokuzibonela ngawethu ulwando loBukumkani kwelo lizwe. Ngalo lonke ixesha sifumana iileta ezivela eBrazil, sikhumbula amaxesha amnandi esasiwanandipha apho.

Ukuphinda Sibonane Nabathandekayo

Ngoxa sasinyamekela uMama, sasingoovulindlela yaye sisenza umsebenzi wokucoca. UMama wafa ethembekile kuYehova ngowe-1980. Emva koko ndacelwa ukuba ndiye kuba ngumveleli wesiphaluka eUnited States. Ngowe-1990, mna nomfazi wam satyelela ibandla laseConnecticut, apho sadibana nomntu okhethekileyo. Omnye wabadala belo bandla yayinguBen—lowo wandincedayo ukuba ndikhonze uYehova kwiminyaka engama-50 eyadlulayo. Khawube nomfanekiso-ngqondweni wendlela esasivuya ngayo njengoko sasisangana.

Ukususela ngowe-1996, mna noEvelyn besingoovulindlela abakhethekileyo abasele bekhulile kwibandla lesiPhuthukezi e-Elizabeth, eNew Jersey. Impilo yam inkenenkene, kodwa umfazi wam uyandinceda ukuba ndikwazi ukuya entsimini kangangoko ndinako. Kwakhona uEvelyn unceda omnye ummelwane ogulayo. Uyazi ukuba ngubani lowo? NguBertha—lowa wanceda uMama ukuba abe ngumkhonzi kaYehova kwiminyaka engaphezu kwama-70 eyadlulayo. Siyakuvuyela ukuxhakamfula eli thuba lokubonisa umbulelo ngako konke awakwenzela intsapho yethu ukuze ifunde inyaniso.

Ndiyavuya kuba ezo ndibano zandinceda ndalulwela unqulo lokwenyaniso, ndaphila ubomi obulula ndaza ndandisa ubulungiseleli bam. Ngokwenene, ezo ndibano zandinceda ndabutshintsha ubomi bam.

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Unina kaEvelyn (ekhohlo) noMama

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Umhlobo wam uBen

[Umfanekiso okwiphepha 24]

EBrazil

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Ndim noEvelyn namhlanje