Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba ‘Umiliselwe Yaye Wendele Kwisiseko’?

Ngaba ‘Umiliselwe Yaye Wendele Kwisiseko’?

Ngaba ‘Umiliselwe Yaye Wendele Kwisiseko’?

NGABA wakha wawubona umthi omkhulu uvuthuzwa ngumoya obhudla ngamandla? Nangona lo mthi uvuthuzwa ngumoya, uyakwazi ukumelana nawo. Ngoba? Kuba iingcambu zawo zendele emhlabeni. Nathi sinokufana nomthi. Xa sijamelene nezilingo ebomini, nathi sinokunyamezela ukuba sihlala ‘similiselwe yaye sendele kwisiseko.’ (Efe. 3:14-17) Siyintoni eso siseko?

ILizwi likaThixo lithi ‘uKristu Yesu ngokwakhe ulilitye lembombo lesiseko’ lebandla lamaKristu. (Efe. 2:20; 1 Kor. 3:11) NjengamaKristu sikhuthazwa ukuba ‘siqhubeke sihamba ngokumanyene naye, similiselwe yaye sakhelwe kuye, sizinzisiwe elukholweni.’ Ukuba senjenjalo, siya kukwazi ukunyamezela zonke iintlaselo zokholo lwethu—kuquka nezo ‘zeengxoxo ezeyisayo’ ezisekelwe ‘kwinkohliso elambathayo.’—Kol. 2:4-8.

“Ububanzi Nobude Nokuphakama Nobunzulu”

Sinokwenza njani ukuze ‘similiselwe size sendele elukholweni?’ Enye indlela ebalulekileyo esinokuzimilisela ngayo iingcambu emhlabeni kukulifundisisa ngenyameko iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. UYehova ufuna ukuba ‘sicacelwe ngokucokisekileyo engqondweni koko bukuko ububanzi nobude nokuphakama nobunzulu.’ (Efe. 3:18) Ngoko ke, akakho umKristu omele anele nje kukuqonda “izinto eziziziqalelo” ezifumaneka kwiLizwi likaThixo. (Heb. 5:12; 6:1) Ngokwahlukileyo, sonke simele sikulangazelele ukuziqonda ngokunzulu iinyaniso zeBhayibhile.—IMize. 2:1-5.

Kakade ke, oko akuthethi kuthi kufuneka sibe nolwazi oluninzi ukuze ‘similiselwe size sendele’ enyanisweni. Ngapha koko, noSathana uyayazi iBhayibhile. Kufuneka okungakumbi. Kufuneka ‘silwazi uthando lukaKristu olugqwesa ulwazi.’ (Efe. 3:19) Sekunjalo, xa sifunda kuba sithanda uYehova nenyaniso, sandisa ulwazi oluchanileyo ngeLizwi likaThixo yaye oko kuya kulomeleza ukholo lwethu.—Kol. 2:2.

Yivavanye Indlela Oqonda Ngayo

Kanye ngoku khawuvavanye indlela oziqonda ngayo iinyaniso ezimbalwa zeBhayibhile. Oko kuya kukukhuthaza ukuba ube nenzondelelo ngakumbi ekufundeni iBhayibhile. Ngokomzekelo, khawufunde iindinyana zokuqala zencwadi kampostile uPawulos eya kwabase-Efese. (Funda ibhokisi ethi  “Kwabase-Efese.”) Emva kokuba ufunde ezi ndinyana zibuze, ‘Ngaba ndiyayiqonda intsingiselo yala mabinzana akwezi ndinyana zeBhayibhile akekelisiweyo kule bhokisi?’ Makhe siqwalasele nganye yazo.

Ukumiselwa “Ngaphambi Kokusekwa Kwehlabathi”

UPawulos wabhalela amanye amaKristu esithi: “[UThixo] wasimisela kwangaphambili ukuba senziwe oonyana kuye ngoYesu Kristu.” Eneneni, uYehova wayenenjongo yokuthabathela abanye abantu ezulwini. Aba nyana bakaThixo babeza kulawula njengookumkani nanjengababingeleli kunye noKristu. (Roma 8:19-23; ISityhi. 5:9, 10) Xa wayecelumngeni ulongamo lukaYehova, uSathana wayebonisa ukuba zonke izidalwa zikaThixo ezingabantu zinesono. Ngoko ke, kufaneleke ngokwenene ukuba uYehova akhethe abantu abasemhlabeni ukuba bashenxise bonke ububi, kuquka umthombo wobubi, uSathana uMtyholi. Kodwa ke, uYehova akazange amisele kwangaphambili ukuba ngoobani abo bantu. Kunoko, uThixo wagqiba kwelokuba kwakuya kubakho iqela, okanye udidi lwabantu olwaluza kulawula noKristu ezulwini.—ISityhi. 14:3, 4.

UPawulos wayethetha ngeliphi ‘ihlabathi’ xa wayebhalela amanye amaKristu ukuba wona, njengeqela, akhethwe “ngaphambi kokusekwa kwehlabathi”? Wayengathethi ngexesha langaphambi kokuba uThixo adale umhlaba okanye abantu. Oko kwakungayi kuba kokusesikweni. UAdam noEva babeza kubekwa njani ityala ngezenzo zabo, ukuba kwangaphambi kokuba abadale uThixo wayesele egqibile ukuba baza kusilela? Ngoko ke, uThixo wagqiba nini ukuba uza kulungisa imeko eyabangela ukuba uAdam noEva bathelele uSathana ekuvukeleni ulongamo lukaThixo? UYehova wakwenza oko emva kokuba abazali bethu bokuqala bamvukelayo kodwa ngaphambi kokuba kubekho ihlabathi labantu abahlawulelweyo abangafezekanga.

“Ngokobutyebi Bobubele Bakhe Obungasifanelanga”

Kwakutheni ukuze uPawulos athi izinto ekuthethwa ngazo ekuqaleni kweendinyana ezikweyabase-Efese zibangelwa ‘bubutyebi bobubele bukaThixo obungasifanelanga’? Wayebethelela ukuba uYehova wayenganyanzelekanga ukuba ahlawulele uluntu olunesono.

Akakho umntu okufanelekeleyo ukuhlawulelwa. Noko ke, uYehova wenza ilungiselelo elikhethekileyo lokusihlangula ngenxa yokuba esithanda. Ngenxa yokungafezeki nokuba nesono kwethu, uPawulos uthi sihlawulelwe ngenxa yobubele obungasifanelanga.

Imfihlelo Engcwele Yenjongo KaThixo

Ekuqaleni, uThixo akazange ayityhile indlela awayeza kuwulungisa ngayo umonakalo owenziwe nguSathana. ‘Yayiyimfihlelo engcwele.’ (Efe. 3:4, 5) Kamva, xa wayemisela ibandla lamaKristu, uYehova wachaza ngokweenkcukacha indlela awayeza kuyizalisekisa ngayo injongo yakhe yantlandlolo ngoluntu nomhlaba. UPawulos wathi, ‘uThixo ulungiselela ukuzaliseka kwamaxesha amisiweyo,’ ulungiselela inkqubo eya kukhokelela kumanyano lwezidalwa zakhe ezikrelekrele.

Inyathelo lokuqala uYehova walenza ngePentekoste yowama-33C.E. xa waqalisa ukuhlanganisa abo baza kulawula noKristu ezulwini. (IZe. 1:13-15; 2:1-4) Elesibini iya kuba kukuhlanganisa abo baza kuphila kumhlaba oyiparadesi phantsi kolawulo loBukumkani bukaKristu obungoMesiya. (ISityhi. 7:14-17; 21:1-5) Ibinzana elithi ‘ukulungiselela’ alibhekiseli kuBukumkani obungoMesiya, ekubeni obo babungekamiselwa de kwangowe-1914. Kunoko libhekisela kwindlela uThixo ayilawula ngayo imicimbi ukuze azalisekise injongo yakhe yokubuyisela umanyano kwindalo iphela.

“Yibani Ngabakhule Ngokupheleleyo Emandleni Okuqonda”

Alithandabuzeki elokuba imikhwa emihle yokufundisisa iya kubangela ukuba ububambe ngokupheleleyo “ububanzi nobude nokuphakama nobunzulu” benyaniso. Sekunjalo, alithandabuzeki elokuba indlela uluntu oluphila ngayo namhlanje ibangela kube lula ngoSathana ukuphelisa imikhwa enjalo. Ungamvumeli ukuba enjenjalo kuwe. Sebenzisa “amandla okuqonda” owanikwe nguThixo ukuze ‘ukhule ngokupheleleyo emandleni okuqonda.’ (1 Yoh. 5:20; 1 Kor. 14:20) Qiniseka ukuba uyasiqonda isizathu sokuba ukholelwe kuloo nto uyikholelwayo nokuba uya kusoloko unika ‘isizathu sethemba onalo.’—1 Pet. 3:15.

Khawube nomfanekiso-ngqondweni use-Efese ngoxa kufundwa incwadi kaPawulos. Ngaba amazwi akhe anokukubangela ukuba ukhule ‘kulwazi oluchanileyo loNyana kaThixo’? (Efe. 4:13, 14) Ngokuqinisekileyo! Ngoko ke, vumela amazwi aphefumlelweyo kaPawulos akukhuthaze ngendlela efanayo nawe namhlanje. Ukumthanda ngokunzulu uYehova nokuba nolwazi oluchanileyo ngeLizwi lakhe kuya kukunceda uhlale ‘umiliselwe yaye wendele kwisiseko’ esinguKristu. Ngaloo ndlela, uya kukwazi ukunyamezela naziphi na iimvavanyo uSathana anokuzizisa kuwe ngaphambi kokupheliswa kweli hlabathi lingendawo.—INdu. 1:1-3; Yer. 17:7, 8.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 27]

 “Kwabase-Efese”

“Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu, oye wasisikelela ngayo yonke intsikelelo yokomoya kwezasezulwini iindawo ngokumanyene noKristu, waza ngalo uthando lwakhe wasinyula ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, ukuba sibe ngcwele, singabi nasiphako phambi kwakhe. Kuba wasimisela kwangaphambili ukuba senziwe oonyana kuye ngoYesu Kristu, ngokokuthanda kwakhe, ukuze simdumise ngenxa yozuko lobubele bakhe obungasifanelanga aye wasibabala ngabo ngalowo amthandileyo. Ngaye siye sakhululwa ngentlawulelo ngalo igazi lakhe, saxolelwa izigqitho zethu, ngokobutyebi bobubele bakhe obungasifanelanga. Bona wabubangela baphuphuma kuthi ngabo bonke ubulumko nengqiqo efanelekileyo, ngokusazisa imfihlelo engcwele yokuthanda kwakhe. Yona ivumelana nokuthanda kwakhe elungiselela ukuzaliseka kwamaxesha amisiweyo, okuba, kuhlanganiselwe zonke izinto kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni.”—Efe. 1:3-10.