Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uzibekele Ixesha Lokufundisisa IBhayibhile?

Ngaba Uzibekele Ixesha Lokufundisisa IBhayibhile?

Ngaba Uzibekele Ixesha Lokufundisisa IBhayibhile?

KULO nyaka uphelileyo, iQumrhu Elilawulayo lisixelele ngohlengahlengiso lweentlanganiso zebandla olubangela ukuba sibe nethuba elingakumbi lokufundisisa iBhayibhile njengentsapho. Ukuba uyintloko-ntsapho, qiniseka ukuba usiqhuba rhoqo isifundo seBhayibhile sentsapho esiyingenelo kumfazi nabantwana bakho. Isibini esitshatileyo esingenabantwana siya kusebenzisa eli xesha ekufundeni iBhayibhile kunye. Abazalwana noodade abangatshatanga nabangenazimbopheleleko zentsapho baza kulisebenzisela ukwenza ufundisiso lobuqu lweBhayibhile.

Abanye baye banombulelo ongazenzisiyo ngeli lungiselelo lobusuku boNqulo Lwentsapho. Ngokomzekelo, uKevin, ongumdala, wabhala: “Thina njengebandla sivakalelwa kukuba ukuthi ‘enkosi’ akwanelanga. Njengabadala, siye saxubusha indlela esibusebenzisa ngayo obu busuku ukuze senze kanye njengokuba iQumrhu Elilawulayo litshilo—sifundisise neentsapho zethu.”

UJodi, onomyeni ongumdala, wabhala: “Sinabantwana abathathu abangamantombazana, abaneminyaka eli-15, eli-11 nemi-2. Sisandul’ ukufudukela kwibandla lentetho yezandla. Kufuna ixesha nomgudu ukulungiselela zonke iintlanganiso. Ngoku, ngenxa yolu hlengahlengiso, sinobunye ubusuku bokunqula njengentsapho.”

UJohn noJoAnn, isibini esitshatileyo esingoovulindlela abathe ngxi, sabhala: “Isifundo sentsapho seBhayibhile besisenza manqapha-nqapha ngenxa yokuba bekufuneka senze nezinye izinto zebandla. Eli lungiselelo litsha siliphiwe nguYehova liyasihlaziya ngokomoya—xa silisebenzisa ngendlela esimele silisebenzise ngayo.”

UTony ongumzalwana ongatshatanga oneminyaka engaphezu kwama-20, uzibekele ecaleni ubusuku bangoLwesibini ukwenzela isifundo sobuqu. Elinye ixesha evekini ulisebenzisela ukulungiselela iintlanganiso zebandla. Kodwa uTony uthi, “Elona xesha ndilijonga ngamehlo abomvu kungoLwesibini.” Ngoba? “Obo busuku lixesha lam elikhethekileyo noYehova.” Uthi: “Kangangeeyure ezimbini, ndifundisisa imibandela eyomeleza ulwalamano lwam noYehova. Ukuba nexesha elingakumbi lokufundisisa kubangela ukuba ndikwazi ukucamngca ngeendinyana zeBhayibhile endizifundileyo.” Uba yintoni umphumo? “Isiluleko sikaYehova sendela nzulu entliziyweni yam kunangaphambili.” Ngaba angawunikela umzekelo? “Kwincwadi ethi Insight, ndifunde ngobuhlobo bukaDavide noYonatan. Ndifunde okungakumbi ngomoya wokuzincama awayenawo uYonatan. Umzekelo wakhe undivule amehlo ndabona ukuba kuthetha ukuthini ukuba ngumhlobo wokwenene. Kubusuku bam bangoLwesibini ndiye ndikhangele phambili ekufumaneni ubuncwane obunjalo bokomoya.”

Alithandabuzeki elokuba, bonke abakhonzi bakaYehova baya kungenelwa kakhulu xa belisebenzisa kakuhle eli xesha longezelelekileyo lokufundisisa iBhayibhile nelonqulo lwentsapho.