Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ningabahlobo Bam”

“Ningabahlobo Bam”

“Ningabahlobo Bam”

“Ningabahlobo bam ukuba nenza oko ndiniyalela kona.”—YOH. 15:14.

1, 2. (a) Abahlobo bakaYesu babeneemvelaphi ezinjani? (b) Kutheni kubalulekile nje ukuba ngabahlobo bakaYesu?

 AMADODA awayehlanganisene kwigumbi eliphezulu kunye noYesu ayeneemvelaphi ezahlukahlukeneyo. UPetros kunye nomntakwabo uAndreya babengabalobi beentlanzi. UMateyu yena wayefudula engumqokeleli werhafu—esenza umsebenzi owawucekiswa ngamaYuda. Kusenokwenzeka ukuba abanye, njengoYakobi noYohane, babemazi uYesu esakhula. Ukanti kusenokwenzeka ukuba abanye abanjengoNathaniyeli, babeneminyaka embalwa nje bemazi. (Yoh. 1:43-50) Sekunjalo, bonke ababekho kobo busuku bubalulekileyo bePasika eYerusalem babeqinisekile ukuba uYesu nguMesiya othenjisiweyo, uNyana kaThixo ophilayo. (Yoh. 6:68, 69) Bamele ukuba baziva bethandwa ngokwenene xa bamva esithi: “Ndinibize ngokuthi ningabahlobo, ngenxa yokuba zonke izinto endizive kuBawo ndinazisile.”—Yoh. 15:15.

2 Loo mazwi athethwa nguYesu kubapostile bakhe abhekisela nakuwo onke amaKristu athanjisiweyo namhlanje, kunye namaqabane awo, ‘ezinye izimvu.’ (Yoh. 10:16) Enoba sinemvelaphi enjani, sinokuba nelungelo lokuba ngabahlobo bakaYesu. Ubuhlobo bethu naye bubaluleke kakhulu kuba xa singabahlobo bakhe sikwangabahlobo bakaYehova. Eneneni, akunakwenzeka ukuba sisondele kuYehova ngaphandle kokuba sisondele kuKristu. (Funda uYohane 14:6, 21.) Ngoko ke, yintoni esimele siyenze ukuze sihlale singabahlobo bakaYesu? Ngaphambi kokuba sixubushe ngalo mbandela ubalulekileyo, makhe sihlolisise umzekelo kaYesu wokuba ngumhlobo olungileyo size sibone oko kwenziwa ngabapostile ngenxa yokuba engumhlobo wabo.

Umzekelo KaYesu Wokuba Ngumhlobo Olungileyo

3. Wayesaziwa ngantoni uYesu?

3 UKumkani uSolomon osisilumko wabhala: “Zininzi izihlobo zesityebi.” (IMize. 14:20) Oku kwaphawulwa ngulo kumkani kubonisa oko abantu abangafezekanga batyekele kuko—ukuzenzela ubuhlobo nabantu abanokuzuza okuthile kubo kunokuba bona baphe. UYesu wayengenjalo. Wayengaphenjelelwa yimali okanye iwonga lomntu. Liyinyaniso elokuba uYesu waziva emthanda umlawuli oselula owayesisityebi waza wammema ukuba abe ngumlandeli wakhe. Kodwa, uYesu wathi kulo mfana makathengise ngako konke anako aze anike amahlwempu. (Marko 10:17-22; Luka 18:18, 23) UYesu wayengaziwa ngokunxulumana nabantu abazizityebi okanye ababalulekileyo, kodwa ngokuba ngumhlobo wabo baphantsi nabacekiswayo.—Mat. 11:19.

4. Kutheni kunokuthiwa abahlobo bakaYesu babenazo iimpazamo?

4 Ngokuqinisekileyo, abahlobo bakaYesu babenazo iimpazamo. Ngesinye isihlandlo uPetros akazange abe nembono kaThixo ngezinto. (Mat. 16:21-23) UYakobi noYohane babonakalisa umoya wokuzingca xa bacela uYesu ukuba abanike izikhundla eziphezulu eBukumkanini. Oku kwabacaphukisa abanye abapostile, yaye babehlala bexabana ngezikhundla. Kodwa ngomonde uYesu wazama ukulungisa indlela abacinga ngayo abahlobo bakhe yaye babengamcaphukisi ngokulula.—Mat. 20:20-28.

5, 6. (a) Kwakutheni ukuze uYesu ahlale engumhlobo wenkoliso yabapostile bakhe? (b) Kwakutheni ukuze uYesu aphelise ubuhlobo bakhe noYudas?

5 UYesu akazange ahlale engumhlobo wala madoda angafezekanga kuba enguvula-zibhuqe okanye engaziboni iimpazamo zawo. Kunoko wakhetha ukunikela ingqalelo kwiimpawu zawo ezintle. Ngokomzekelo, uPetros, uYakobi noYohane balala kunokuba baxhase uYesu ngoxa wayejamelene nobunzima. Siyaqondakala isizathu sokuba oku kumdanise uYesu. Sekunjalo, waqonda ukuba babefuna ukwenza okuhle, kuba wathi: “Kambe ke, umoya unentumekelelo, kodwa inyama ibuthathaka.”—Mat. 26:41.

6 Ngokwahlukileyo, uYesu wabuphelisa ubuhlobo bakhe noYudas Skariyoti. Nangona uYudas wayezenza umhlobo kaYesu, uYesu wabona ukuba lo mntu owayekade eliqabane elisenyongweni uye wavumela intliziyo yakhe ukuba yonakale. Ngenxa yokuba uYudas waba ngumhlobo wehlabathi, wazenza utshaba lukaThixo. (Yak. 4:4) Ngoko ke, uYesu wayesele emgxothile uYudas xa wayexelela abapostile bakhe abathembekileyo abali-11 ukuba ngabahlobo bakhe.—Yoh. 13:21-35.

7, 8. UYesu wayibonisa njani indlela abathanda ngayo abahlobo bakhe?

7 UYesu akazange anikele ingqalelo kwiimpazamo zabahlobo bakhe abanyanisekileyo kodwa wabenzela izinto ezaziyingenelo kubo. Ngokomzekelo, wathandazela ukuba uYise abakhusele xa bevavanywa. (Funda uYohane 17:11.) Wayenolwazelelelo ngobuthathaka babo. (Marko 6:30-32) Wayengabaxeleli nje izinto azicingayo kodwa wayenomdla wokwazi izinto abazicingayo nendlela abavakalelwa ngayo.—Mat. 16:13-16; 17:24-26.

8 UYesu wayephilela abahlobo bakhe yaye wabafela. Liyinyaniso elokuba wayesazi ukuba umele anikele ubomi bakhe ukuze kufezwe okusesikweni kukaYise. (Mat. 26:27, 28; Heb. 9:22, 28) Kodwa uYesu wanikela ngobomi bakhe ngenxa yothando. UYesu wathi: “Akukho bani unothando olukhulu kunolu, lokuba uthile anikezele umphefumlo wakhe ngenxa yabahlobo bakhe.”—Yoh. 15:13.

Yintoni Eyenziwa Ngabafundi BakaYesu?

9, 10. Abantu babesabela njani kwindlela uYesu awayenesisa ngayo?

9 UYesu wayenikela ngexesha, uthando nezinto zakhe eziphathekayo ngesisa. Ngenxa yoko abantu babemthanda yaye babekuvuyela ukumpha izinto. (Luka 8:1-3) Ngokusuka kumava akhe, uYesu wayenokuthi: “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha. Baya kugalela kumasondo eengubo zenu umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlukuhliweyo nophuphumayo. Kuba ngomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani.”—Luka 6:38.

10 Kakade ke, abanye bazisondeza kuYesu kuba nje befuna iingenelo. Aba babezenza abahlobo bakhe bamshiya ngenxa yokuba babengakuqondi oko wakuthethayo. Kunokuba bakuthembe oko wakuthethayo nangona bengakuqondi, benza isigqibo esiphosakeleyo baza bamshiya. Ngokwahlukileyo kubo, abapostile banyaniseka kuye. Ngokufuthi ubuhlobo babo noKristu babuvavanywa kodwa benza konke okusemandleni abo ukuba bamxhase ngamaxesha alungileyo namabi. (Funda uYohane 6:26, 56, 60, 66-68.) Ngobusuku bakhe bokugqibela emhlabeni, uYesu wabonisa indlela abathanda ngayo abahlobo bakhe xa wathi: “Nina niye nanamathela kum ezilingweni zam.”—Luka 22:28.

11, 12. UYesu wabaqinisekisa ngantoni abafundi bakhe, yaye benza ntoni?

11 Kungekudala emva kokuba uYesu encome abafundi bakhe ngenxa yokunyaniseka kwabo, bamshiya. Okwethutyana bavumela ukoyika abantu kupholise indlela ababemthanda ngayo uKristu. Kwakhona uYesu wabaxolela. Emva kokufa nokuvuka kwakhe wabonakala kubo waza wabaqinisekisa ukuba usengumhlobo wabo. Ngaphezu koko wabanika uthumo olungcwele—lokuba benze abafundi “abantu beentlanga zonke” baze babe ngamangqina akhe “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (Mat. 28:19; IZe. 1:8) Basabela njani abo bafundi?

12 Abafundi bazibhokoxa ekusasazeni isigidimi soBukumkani. Bexhaswa ngumoya oyingcwele kaYehova, ngokukhawuleza bayizalisa iYerusalem ngemfundiso yabo. (IZe. 5:27-29) Babengenakuyeka ukuthobela umyalelo kaYesu wokwenza abafundi naxa sele bejamelene nokufa. Kumashumi eminyaka embalwa emva kokuba befumene lo myalelo kaYesu, umpostile uPawulos wabhala wathi, iindaba ezilungileyo ziye zashunyayelwa “kwindalo yonke ephantsi kwezulu.” (Kol. 1:23) Ngokuqinisekileyo, aba bafundi babonisa ukuba bayabuxabisa ubuhlobo babo noYesu.

13. Iimfundiso zikaYesu zasebenza njani kubafundi bakhe?

13 Nabanye abantu ababa ngabafundi bavuma ukuphila ngokweemfundiso zikaYesu. Abaninzi kwafuneka benze iinguqulelo ezinkulu kwindlela ababephila ngayo nakubuntu babo. Abanye abafundi abasebatsha babekade bengamafanasini, abakrexezi, amanxila okanye amasela. (1 Kor. 6:9-11) Abanye kwakufuneka batshintshe isimo sabo sengqondo ngabantu bolunye uhlanga. (IZe. 10:25-28) Sekunjalo, bathobela uYesu. Babulahla ubuntu babo obudala baza bambatha obutsha. (Efe. 4:20-24) Bayazi “ingqondo kaKristu,” baza baxelisa indlela acinga nazenza ngayo izinto.—1 Kor. 2:16.

Ubuhlobo NoKristu Namhlanje

14. UYesu wathembisa ukwenza ntoni ‘ekuphelisweni kwenkqubo yezinto’?

14 AmaKristu amaninzi enkulungwane yokuqala ayemazi ngokobuqu uYesu okanye ambona emva kokuba evusiwe. Ngokuqinisekileyo thina asikhange silifumane elo lungelo. Ngoko ke sinokuba ngabo njani abahlobo bakaKristu? Enye indlela kukuthobela ulwalathiso lodidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi, elibunjwa ngabazalwana bakaYesu abathanjiswe ngomoya abasaphila emhlabeni. UYesu wathembisa ukuba ‘ekuphelisweni kwenkqubo yezinto’ uya kumisela eli khoboka ‘phezu kwayo yonke impahla yakhe.’ (Mat. 24:3, 45-47) Namhlanje, inkitha yabo bafuna ukuba ngabahlobo kaKristu ayingomalungu odidi lwekhoboka. Indlela abasabela ngayo kulwalathiso abalufumana kwikhoboka elithembekileyo ibuchaphazela njani ubuhlobo babo noKristu?

15. Yintoni egqibayo enoba umntu uyimvu okanye uyibhokhwe?

15 Funda uMateyu 25:31-40. UYesu wathi abo bodidi lwekhoboka elithembekileyo ngabazalwana bakhe. Kumzekeliso wokwahlula izimvu kwiibhokhwe, uYesu wachaza ngokucacileyo ukuba indlela esibaphatha ngayo abazalwana bakhe yindlela naye esimphatha ngayo. Phofu ke wathi, eyona nto eyayiza kwahlula izimvu kwiibhokwe yindlela umntu awayeza kuphatha ngayo ‘noyena mncinane wabazalwana bakhe.’ Ngoko ke, eyona ndlela abanokubonisa ngayo abo banethemba lokuphila emhlabeni ukuba bafuna ukuba ngabahlobo bakaKristu kukuxhasa udidi lwekhoboka elithembekileyo.

16, 17. Sinokubonisa njani ukuba singabahlobo babazalwana bakaKristu?

16 Ukuba unethemba lokuphila emhlabeni phantsi koBukumkani bukaThixo, unokubonakalisa njani ukuba ungumhlobo wabazalwana bakaKristu? Makhe siqwalasele ezi ndlela zintathu. Okokuqala, ngokuzinikela ngokupheleleyo kumsebenzi wokushumayela. UKristu wayalela abazalwana bakhe ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo ehlabathini lonke. (Mat. 24:14) Noko ke, bekuya kuba nzima kwintsalela yabazalwana bakaKristu ukusingatha loo mbopheleleko ngaphandle koncedo lwamaqabane ayo azezinye izimvu. Eneneni sihlandlo ngasinye ezinye izimvu zisiba nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela, zinceda abazalwana bakaKristu ukuba bafeze uthumo lwabo olungcwele. Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi lisixabisa ngokwenene esi senzo sabahlobo njengoko esenjenjalo uKristu.

17 Enye indlela ezinye izimvu ezinokubanceda ngayo abo bazalwana bakaKristu kukuxhasa umsebenzi wokushumayela ngemali. UYesu wakhuthaza abalandeli bakhe ukuba bazenzele abahlobo “ngobutyebi obungebobabulungisa.” (Luka 16:9) Oku akuthethi ukuthi sinokubuthenga ubuhlobo noYesu okanye noYehova. Kunoko, ngokusebenzisa izinto esinazo ukuze sihambisele phambili izilangazelelo zoBukumkani, sibonisa ukuba singabahlobo babo yaye siyabathanda, kungekhona nje ngamazwi kodwa “ngezenzo nangenyaniso.” (1 Yoh. 3:16-18) Sixhasa ngemali kumsebenzi wokushumayela, kumsebenzi wokwakha nasekulungiseni iindawo esihlanganisana kuzo, naxa sinikela kumsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke. Enoba sinikela ngemali encinane okanye eninzi, ngokuqinisekileyo uYehova noYesu bayixabisa kakhulu indlela esipha ngayo ngokuchwayitileyo.—2 Kor. 9:7.

18. Kutheni sifanele sithobele ulwalathiso lwabadala bebandla olusekelwe eBhayibhileni?

18 Indlela yesithathu esinokubonisa ngayo ukuba singabahlobo bakaKristu kukusebenzisa ulwalathiso olunikelwa ngabadala ebandleni. La madoda amiselwe ngomoya oyingcwele phantsi kolwalathiso lukaKristu. (Efe. 5:23) Umpostile uPawulos wabhala: “Bathobeleni abo bakhokelayo phakathi kwenu nize nibalulamele.” (Heb. 13:17) Maxa wambi, sisenokukufumanisa kunzima ukuthobela ulwalathiso olusekelwe eBhayibhileni olunikelwa ngabadala ebandleni. Ngokuqinisekileyo siyazibona iimpazamo zabo, yaye oku kusenokusenza sibe nembono engachananga ngesiluleko abasinika sona. Sekunjalo, uKristu oyintloko yebandla, uyakuvuyela ukuwasebenzisa la madoda angafezekanga. Ngoko ke, indlela esisabela ngayo kwigunya lawo ibuchaphazela ngokungqalileyo ubuhlobo bethu noKristu. Xa singanikeli ingqalelo kwiimpazamo zabadala size silandele ulwalathiso lwabo ngovuyo, sibonakalisa ukuba siyamthanda uKristu.

Apho Sinokufumana Abahlobo Abalungileyo

19, 20. Yintoni esinokuyifumana ebandleni, yaye yintoni esiza kuyiqwalasela kwinqaku elilandelayo?

19 UYesu uqhubeka esinyamekela kungekuphela nje ngokusipha abalusi abanothando, kodwa ngokusipha oomama, abazalwana noodade bokomoya ebandleni. (Funda uMarko 10:29, 30.) Xa wawuqala ukuba kwintlangano kaYehova, zathini izalamane zakho? Sinethemba lokuba zayixhasa imigudu yakho yokusondela kuThixo nakuKristu. Kodwa uYesu walumkisa esithi maxa wambi “iintshaba zomntu ziya kuba ngabantu bendlu yakhe.” (Mat. 10:36) Kusithuthuzela ngokwenene ukwazi ukuba ebandleni sinokufumana abo banamathela ngokusondele ngakumbi kunabantakwethu bokwenyama.—IMize. 18:24.

20 Njengoko imibuliso kaPawulos kumqukumbelo wencwadi yakhe eya kwibandla laseRoma ibonisa, wayenabahlobo abaninzi abasenyongweni. (Roma 16:8-16) Umpostile uYohane waqukumbela incwadi yakhe yesithathu ngala mazwi: “Ndibulisele kubahlobo bam ngamagama.” (3 Yoh. 14) Licacile elokuba naye wayenabahlobo abaninzi abahlala behleli. Sinokumxelisa njani uYesu nabafundi bakhe bokuqala ngokuba nobuhlobo obufanelekileyo nobuhlala buhleli nabazalwana noodadewethu bokomoya? Lo mbuzo siza kuwuphendula kwinqaku lethu elilandelayo.

Ubuya Kuphendula Uthini?

• UYesu wamisela wuphi umzekelo wokuba ngumhlobo olungileyo?

• Abafundi basabela njani kubuhlobo bukaYesu?

• Sinokuzingqina njani ukuba singabahlobo bakaKristu?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 14]

UYesu wayenomdla kwizinto ezazicingwa ngabahlobo bakhe nendlela ababevakalelwa ngayo

[Imifanekiso ekwiphepha 16]

Sinokuwubonisa njani umdla esinawo wokuba ngabahlobo bakaKristu?