Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuhlala Sinabahlobo Kweli Hlabathi Lingenaluthando

Ukuhlala Sinabahlobo Kweli Hlabathi Lingenaluthando

Ukuhlala Sinabahlobo Kweli Hlabathi Lingenaluthando

“Ndiniyalela ezi zinto, ukuze nithandane.”—YOH. 15:17.

1. Kwakutheni ukuze kufuneke ukuba amaKristu enkulungwane yokuqala ahlale engabahlobo?

 KUBUSUKU bakhe bokugqibela emhlabeni, uYesu wakhuthaza abafundi bakhe abanyanisekileyo ukuba bahlale bengabahlobo. Ngaphambilana ngobo busuku wathi ukuthandana kwabo kwakuza kubonisa ukuba bangabalandeli bakhe. (Yoh. 13:35) Abapostile kwakufuneka bahlale bengabahlobo abasenyongweni ukuze bakwazi ukumelana nezilingo ababeza kujamelana nazo nokuze bakwazi ukufeza umsebenzi uYesu awayeza kubanika wona. Eneneni, amaKristu enkulungwane yokuqala ayesaziwa ngokuzinikela kwawo kuThixo nakwabanye ngokungagungqiyo.

2. (a) Yintoni esizimisele ukuyenza, yaye ngoba? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

2 Namhlanje kuvuyisa ngokwenene ukuba kwintlangano yehlabathi lonke enamalungu alandela umzekelo owamiselwa ngamaKristu enkulungwane yokuqala. Sizimisele ukuthobela umyalelo kaYesu wokuthandana ngokusuk’ entliziyweni. Kodwa kule mihla yokugqibela, abantu abaninzi abanyanisekanga yaye abanawo umsa wemvelo. (2 Tim. 3:1-3) Basoloko bezenzela abahlobo benkwalambisa nangenjongo yokuzingca. Ukuze sizahlule njengamaKristu okwenyaniso, sifanele singabi naso isimo sengqondo esinjalo. Ngoko makhe siqwalasele oku: Ubuhlobo bokwenene busekelwe entwenini? Sinokuba nabo njani abahlobo abalungileyo? Kunini apho simele sibuphelise ubuhlobo? Yaye sinokubagcina njani abahlobo abakhayo?

Ubuhlobo Bokwenene Busekelwe Entwenini?

3, 4. Ubuhlobo obuqinileyo busekelwe entwenini, yaye ngoba?

3 Ubuhlobo bokwenene busekelwe ekuthandeni uYehova. UKumkani uSolomon wabhala: “Ukuba ubani unokongamela omnye, ababini bekunye banokuma nxamnye naye. Yaye intambo entlu-ntathu ayinakuqhawuka kubini ngokukhawuleza.” (INtshu. 4:12) Xa uYehova engowesithathu phakathi kwabahlobo, obo buhlobo buya komelela.

4 Liyinyaniso elokuba nabo bangamthandiyo uYehova basenokuba ngabahlobo. Kodwa xa abantu bengabahlobo ngenxa yokuba bethanda uThixo, obo buhlobo buyaqina. Ukuba kuvela ukungavisisani, abahlobo bokwenyaniso baya kuphathana ngendlela emkholisayo uYehova. Xa abachasi bakaThixo bezama ukusixabanisa, baye babone ukuba abanakubuphelisa ubuhlobo phakathi kwamaKristu okwenyaniso. Ukutyhubela imbali, abakhonzi bakaYehova baye baxolela ukufa kunokuba bangcatshane.—Funda eyoku-1 kaYohane 3:16.

5. Kwakutheni ukuze uRute noNahomi bahlale bengabahlobo?

5 Alithandabuzeki elokuba abona bahlobo bokwenene ngabo bathanda uYehova. Qwalasela umzekelo kaRute noNahomi. Ubuhlobo bala mabhinqa bobunye bobona bunconywayo eBhayibhileni. Yintoni eyabenza bahlala bengabahlobo? URute wasichaza isizathu xa waxelela uNahomi oku: “Abantu bakowenu baya kuba ngabantu basekhaya, noThixo wakho abe nguThixo wam. . . . Wanga uYehova angenjenjalo kum aze ongeze kuko ukuba kungabikho nantoni na enokusahlula ngaphandle kokufa.” (Rute 1:16, 17) Ngokuqinisekileyo uRute noNahomi babemthanda gqitha uThixo, yaye bavumela ukuba olu thando luphembelele indlela ababephethene ngayo. Ngenxa yoko, bobabini basikelelwa nguYehova.

Indlela Yokuba Nabahlobo Bokwenene

6-8. (a) Yintoni ebangela ubuhlobo obuhlala buhleli? (b) Unokulithabatha njani inyathelo lokuqala ekwenzeni abahlobo?

6 Umzekelo kaRute noNahomi ubonisa ukuba abahlobo bokwenene abafumaneki ngamabona-ndenzile. Esona siseko kukuthanda uYehova. Kodwa ubuhlobo obuhlala buhleli bufuna umgudu nokungazingci. Nabantwana abakhulele kwintsapho ekhonza uYehova bafanele bakuzabalazele ukuba nobuhlobo obusenyongweni. Ngoko ke, unokuba nabo njani abahlobo bokwenene?

7 Thabatha inyathelo kuqala. Umpostile uPawulos wakhuthaza abahlobo bakhe abakwibandla laseRoma ukuba ‘balandele ikhondo lokubuk’ iindwendwe.’ (Roma 12:13) Xa uhamba endleleni, uthabatha inyathelo emva kwelinye. Ngokufanayo, xa unomoya wokubuk’ iindwendwe uqalisa ngokwenza izinto ezincinane. Akakho omnye umntu onokukuthabathel’ ikhondo lokubuk’ iindwendwe. (Funda iMizekeliso 3:27.) Enye indlela yokubuk’ iindwendwe kukumema abantu abahlukahlukeneyo ebandleni baze kufumana isidlo ekhayeni lakho. Ngaba ungakwenza umkhwa ukuba nomoya wokubuk’ iindwendwe kumalungu ebandla lakho?

8 Enye indlela onokuthabatha inyathelo lokuqala ngayo ekwenzeni abahlobo kukucela abantu abahlukahlukeneyo ukuba bahambe nawe entsimini. Xa ukwindlu ngendlu uphulaphule loo mntu uhamba naye ethetha ngokusuk’ entliziyweni ngendlela amthanda ngayo uYehova, uyatsaleleka kuye.

9, 10. UPawulos wamisela wuphi umzekelo, yaye sinokumxelisa njani?

9 Phangalala kumsa wakho. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 6:12, 13.) Ngaba wakha wavakalelwa kukuba akakho umntu onokuba ngumhlobo wakho ebandleni? Ukuba kunjalo, akungebi nguwe onengxaki? Umpostile uPawulos wamisela umzekelo omhle wokuphangalala kumsa wakhe. Ngaphambili, wayengenakuyicinga nokuyicinga into yokuba nabahlobo abangengomaYuda. Kodwa waba ‘ngumpostile weentlanga.’—Roma 11:13.

10 Ukongezelela, abahlobo bakaPawulos yayingezontanga zakhe kuphela. Ngokomzekelo, waba ngumhlobo kaTimoti osenyongweni nakuba babeshiyana ngeminyaka yaye beneemvelaphi ezahlukahlukeneyo. Namhlanje, abantu abaninzi abaselula bayakuxabisa ukuba nabahlobo abadala ebandleni. UVanessa owayeneminyaka engaphezulwana kwama-20 ubudala uthi: “Ndinomhlobo osenyongweni oneminyaka engaphezu kwama-50 ubudala. Ndimxelela yonk’ into endinokuyixelela oontanga bam. Yaye undikhathalele ngokwenene.” Ubafumana njani abahlobo abanjalo? UVanessa uthi: “Kwafuneka ndimkhangele lo mhlobo, ndingalindeli yena ukuba eze kum.” Ngaba unomdla wokufumana abahlobo abangezontanga zakho? Ngokuqinisekileyo uYehova uya kuyisikelela imigudu oyenzayo.

11. Yintoni esinokuyifunda kumzekelo kaYonatan noDavide?

11 Nyaniseka. USolomon wabhala: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” (IMize. 17:17) Xa wayebhala la mazwi kusenokwenzeka ukuba uSolomon wayecinga ngobuhlobo bukayise uDavide noYonatan. (1 Sam. 18:1) UKumkani uSawule wayefuna ukuba unyana wakhe uYonatan alawule kwaSirayeli. Kodwa uYonatan wasamkela isibakala sokuba uYehova wayesikhethele uDavide eso sikhundla. Ngokungafaniyo noSawule, uYonatan akazange ammonele uDavide. Akazange acaphuke xa uDavide enconywa, engazange abukholelwe nobuxoki obabusasazwa nguSawule ngoDavide. (1 Sam. 20:24-34) Ngaba sifana noYonatan? Xa abahlobo bethu befumana amalungelo, ngaba siyavuyisana nabo? Xa bebandezeleka, ngaba siyabathuthuzela size sibaxhase? Ukuba kuthethwa kakubi ngabahlobo bethu, ngaba sikukholelwa ngokukhawuleza oko? Okanye njengoYonatan, ngaba sibakhusela ngokunyanisekileyo abahlobo bethu?

Xa Ubuhlobo Bufanele Buphele

12-14. Ziziphi iingxaki ezihlangabezana nazo ezinye izifundo zeBhayibhile, yaye sinokuzinceda njani?

12 Ukuba umntu ofundelwa iBhayibhile uqalisa ukutshintsha indlela aphila ngayo, usenokuba nengxaki nabahlobo bakhe. Usenokuba uyathanda ukuba kunye nabahlobo bakhe abangaphili ngemilinganiselo yeBhayibhile. Kusenokwenzeka ukuba ngaphambili ebekuthanda ukuchitha ixesha kunye nabo. Kodwa ngoku uyabona ukuba izinto abazenzayo zinokuba nempembelelo embi kuye, yaye uvakalelwa kukuba ufanele angachithi ixesha elininzi kunye nabo. (1 Kor. 15:33) Sekunjalo, usenokucinga ukuba xa eyeka ukunxulumana nabo, akanyanisekanga.

13 Ukuba ufundelwa iBhayibhile yaye unale ngxaki, khumbula ukuba umhlobo wokwenene uya kuvuya xa ufuna ukuphucula ubomi bakho. Naye usenokufuna ukufunda ngoYehova. Kwelinye icala, abahlobo abanganyanisekanga baya ‘kuhamba bekutshabhisa’ kuba ungahambi nabo ‘kwikhondo eliya kumgxobhozo ofanayo woburheletyo.’ (1 Pet. 4:3, 4) Eneneni ngaba bahlobo abanganyanisekanga kuwe, asinguwe.

14 Xa izifundo zeBhayibhile zilahlwe ngabahlobo bazo abangamthandiyo uThixo, amalungu ebandla anokusivala eso sikhewu. (Gal. 6:10) Ngaba uyazazi izifundo zeBhayibhile ezikunye nawe ebandleni? Ngaba ngamaxesha athile uyancokola nazo ngezinto ezakhayo?

15, 16. (a) Simele senze ntoni xa umhlobo eyeka ukukhonza uYehova? (b) Sinokubonisa njani ukuba siyamthanda uThixo?

15 Kuthekani ukuba umhlobo wakho osebandleni uyayeka ukukhonza uYehova, mhlawumbi ukusa kwinqanaba lokuba asuswe kubudlelane? Loo nto inokukukhathaza gqitha. Echaza indlela awavakalelwa ngayo xa umhlobo wakhe osenyongweni eyeka ukukhonza uYehova, omnye udade wathi: “Ndakhathazeka gqitha. Ndandicinga ukuba umhlobo wam womelele enyanisweni, kodwa kwakungenjalo. Ndandizibuza enoba wayekhonza uYehova kuba nje efuna ukukholisa intsapho yakhe. Oko kwandenza ndacinga ngeenjongo zam zokukhonza uYehova. Ngaba ndandinezizathu ezifanelekileyo zokumkhonza?” Wahlangabezana njani nale ngxaki lo dade? Uthi: “Ndawuphosela kuYehova umthwalo wam. Ndizimisele ukubonisa uYehova ukuba ndimthanda ngokwenene, kungekhona ngenxa yokuba endinike abahlobo abasebandleni.”

16 Asinakulindela ukuba siya kuhlala singabahlobo bakaThixo xa singabahlobo nabo bakhetha ukuba ngabahlobo behlabathi. Umfundi uYakobi wabhala: “Anazi na ukuba ubuhlobo kunye nehlabathi bubutshaba kunye noThixo? Nabani na, ke ngoko, ofuna ukuba ngumhlobo wehlabathi uzenza utshaba lukaThixo.” (Yak. 4:4) Sinokubonisa uThixo ukuba siyamthanda yaye siyamthemba ukuba uya kusinceda xa siphulukene nabahlobo ukuba sinyanisekile kuye. (Funda iNdumiso 18:25.) Udade okhankanywe ekuqaleni ushwankathela ngelithi: “Ndifunde ukuba akukho mntu sinokumenza athande uYehova okanye asithande. Nguye omele azikhethele.” Ngoko ke, yintoni esinokuyenza ukuze silondoloze ubuhlobo nabo balukhuthazo ebandleni?

Ukugcina Ubuhlobo Bokwenene

17. Abahlobo bokwenene bancokola njani?

17 Kubalulekile ukuba kubekho unxibelelwano oluhle phakathi kwabahlobo. Njengoko ufunda ingxelo yeBhayibhile kaRute noNahomi, kaDavide noYonatan, kaPawulos noTimoti, uya kuphawula ukuba abahlobo bokwenene bathetha ngokukhululekileyo kodwa bayahlonelana. Ngokuphathelele indlela esimele sincokole ngayo nabanye, uPawulos wabhala: “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa.” Ngokukhethekileyo uPawulos wayethetha ngendlela esimele sithethe ngayo nabo “bangaphandle,” oko kukuthi, abo bangengabo abazalwana bethu abangamaKristu. (Kol. 4:5, 6) Ukuba kufuneka sibahlonele abantu abangakholwayo xa sithetha nabo, kukangakanani ke ngabahlobo abasebandleni!

18, 19. Sifanele sisijonge njani isiluleko esisifumana kumhlobo ongumKristu, yaye nguwuphi umzekelo esawumiselwa ngabadala base-Efese?

18 Umhlobo wokwenene uyazixabisa izimvo zomhlobo wakhe, ngoko bamele bancokole ngobubele nangokunyaniseka. UKumkani uSolomon osisilumko wabhala: “Ioli nesiqhumiso zenza intliziyo ibe nemihlali, nobumnandi beqabane likabani buvela ekucebeni komphefumlo.” (IMize. 27:9) Ngaba usijonga ngaloo ndlela isiluleko esivela kumhlobo wakho? (Funda iNdumiso 141:5.) Ukuba umhlobo wakho ukuxelela ukuba ukhathazekile ngenxa yento oyenzayo, usabela njani? Ngaba umgqala njengonobubele bothando okanye ngaba uyakhubeka?

19 Umpostile uPawulos wayenolwalamano olusenyongweni nabadala bebandla lase-Efese. Kusenokwenzeka ukuba wayebazi abanye babo ngaphambi kokuba babe ngamakholwa. Nakuba kunjalo, kwintlanganiso yabo yokugqibela, wabaluleka ngokuphandle. Basabela njani? Abahlobo bakaPawulos abazange bacaphuke. Kunoko, bayithanda indlela awayenomdla ngayo kubo, bade balila ngenxa yokuba bengayi kuphinda bambone.—IZe. 20:17, 29, 30, 36-38.

20. Yintoni eya kwenziwa ngumhlobo onothando?

20 Abahlobo bokwenene abaneli nje ukwamkela isiluleko sobulumko kodwa bayakwazi ukusinikela. Kakade ke, simele siqiniseke ukuba ‘asigxuphuleki kwimicimbi yabanye.’ (1 Tes. 4:11) Kwakhona simele singalibali ukuba ngamnye wethu “uya kuziphendulela kuThixo.” (Roma 14:12) Kodwa xa kuyimfuneko, umhlobo onothando uya kulikhumbuza ngobubele iqabane lakhe imilinganiselo kaYehova. (1 Kor. 7:39) Ngokomzekelo, ubuya kwenza ntoni xa umhlobo wakho ongatshatanga ethandana nomntu ongakholwayo? Ngaba ubuya kuthula ngenxa yokuba ungafuni ukumkhathaza? Okanye yintoni onokuyenza ukuba akasinanzi isiluleko omnike sona? Umhlobo wokwenene uya kucela abalusi abanothando ukuba bancede iqabane lakhe elithabatha ikhondo eliphosakeleyo. Loo nto ifuna isibindi. Noko ke, ukuba obo buhlobo busekelwe ekuthandeni uYehova abuyi kuphela.

21. Yintoni enokwenzeka maxa wambi, kodwa kutheni kubalulekile ukugcina ubuhlobo bokwenene ebandleni?

21 Funda eyabaseKolose 3:13, 14. Maxa wambi abahlobo bethu basenokuba ‘nesizathu sokusikhalazela,’ yaye nabo banokwenza okanye bathethe izinto ezisicaphukisayo. UYakobi wabhala: “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.” (Yak. 3:2) Enoba abahlobo bacaphukisana kangakanani na, eyona nto ebalulekileyo kukuxolelana ngokunyanisekileyo. Kubalulekile ukuba sakhe ubuhlobo bokwenene ngokuncokola nangokuxolelana ngokukhululekileyo. Ukuba sinolo thando, luya ‘kuba ngumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.’

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Sinokuba nabo njani abahlobo bokwenene?

• Bufanele buphele xa kutheni ubuhlobo?

• Yintoni esimele siyenze ukuze sigcine ubuhlobo bokwenene?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Yintoni eyabangela ukuba uRute noNahomi bahlale bengabahlobo?

[Umfanekiso okwiphepha 19]

Ngaba usoloko unomoya wokubuk’ iindwendwe?