Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unqulo Lwentsapho—Lubalulekile Ukuze Sisinde!

Unqulo Lwentsapho—Lubalulekile Ukuze Sisinde!

Unqulo Lwentsapho—Lubalulekile Ukuze Sisinde!

KHAWUBE nomfanekiso-ngqondweni wendlela eya koyikeka ngayo ‘imfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.’ (ISityhi. 16:14) Esebenzisa izigaba zentetho ezicacileyo, umprofeti uMika wabhala: “Iintaba zimele zinyibilike . . . , neentili ziya kwahluka phakathi, njengomthwebeba emlilweni, njengamanzi ephalazwe kwindawo engumnqantsa.” (Mika 1:4) Yintoni ebuhlungu eya kwenzeka kwabo bangamkhonziyo uYehova? ILizwi likaThixo lithi: “Abo babuleweyo nguYehova ngaloo mini ngokuqinisekileyo baya kususela kwesinye isiphelo somhlaba base kwesinye isiphelo somhlaba.”—Yer. 25:33.

Ngenxa yezilumkiso ezinjalo, iintloko-ntsapho—uninzi lwazo ezingabazali abangenamaqabane omtshato—zifanele zizibuze oku ngokuphathelele abantwana bazo abasele bebhadlile, ‘Ngaba baza kusinda?’ IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba baza kusinda ukuba elo xesha liya kufika bephilile yaye bomelele ngokomoya ukuba sele bebadala ngokwaneleyo.—Mat. 24:21.

Ukubaluleka Kokuzipha Ixesha LoNqulo Lwentsapho

Njengomzali, qiniseka ukuba wenza konke okusemandleni akho ukukhulisela abantwana bakho “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efe. 6:4) Kubaluleke gqitha ukufunda iBhayibhile nabantwana bakho. Sifuna abantwana bethu bafane namaKristu aseFilipi, awanconywa nguPawulos ngenxa yokuba ethobela uYehova ngokuzithandela. Wabhala: “Zintanda, njengoko benisoloko nithobela, kungekuphela nje xa ndikho, kodwa kwanangakumbi xa ndingekho, hlalani nilufezekisa usindiso lwenu ngoloyiko nangokungcangcazela.”—Fil. 2:12.

Ngaba abantwana bakho bayayithobela imithetho kaYehova xa ungekho phambi kwabo? Kuthekani xa besesikolweni? Unokubanceda njani ukuba beyiseke ukuba imithetho kaYehova inokubakhokela naxa ungekho phambi kwabo?

Unqulo lwentsapho lunokuba nendima enkulu ekwakheni ukholo lomntwana wakho. Ngoko ke, makhe sixubushe izinto ezintathu ezibalulekileyo onokuzenza ukuze isifundo seBhayibhile sentsapho siphumelele.

Lwenzeni Rhoqo

IBhayibhile ithi uThixo umema oonyana bakhe abaziingelosi ngexesha alimiseleyo. (Yobhi 1:6) Nawe yenza okufanayo kubantwana bakho. Misela ubusuku obuthile nexesha loNqulo Lwentsapho uze unamathele kulo. Ukongezelela, yiba nolunye usuku eninokulusebenzisa xa kunokuvela iingxaki.

Njengoko ixesha lihamba, ungavumeli nantoni na iphazamise uNqulo Lwentsapho. Khumbula ukuba abantwana bakho zezona zifundo zeBhayibhile zibalulekileyo. Noko ke, uSathana ufuna ukubenza amaxhoba akhe. (1 Pet. 5:8) Ukuba ngobunye ubusuku anilwenzi uNqulo Lwentsapho kuba nifuna ukubukela inkqubo ethile kamabonwakude okanye nifuna ukwenza enye into, uSathana uya kube uphumelele.—Efe. 5:15, 16; 6:12; Fil. 1:10.

Qiniseka Ukuba Bayangenelwa

Ubusuku boNqulo Lwentsapho abufanele bube lixesha lokufunda nje. Zabalazela ukulwenza ngendlela abantwana abaya kungenelwa ngayo. Njani? Maxa wambi, khetha imixholo ephathelele izinto umntwana wakho anokujamelana nazo kwiintsuku okanye iiveki ezizayo. Ngokomzekelo, kutheni ningenzi imiboniso yasentsimini? Abaselula bayakuvuyela ukwenza izinto abazithandayo. Ukuqhelisela imiboniso nokucinga ngeendlela onokubaphendula ngazo abantu abaphikisayo kuya kubanceda ukuba bazithembe xa besenza iinkalo ezahlukahlukeneyo zomsebenzi wokushumayela ngoBukumkani.—2 Tim. 2:15.

Unokwenza nomboniso wokunceda abantwana bayazi indlela abanokujamelana ngayo nengcinezelo yoontanga. Intsapho inokusebenzisa iSahluko se-15 sencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, uMqulu 2. Umxholo okwiphepha le-132 ukusa kwele-133 othi “Ukuxhobela Ingcinezelo Yoontanga” unamacebiso yaye unika umntwana ithuba lokuba akwazi ukuphendula ngendlela avakalelwa kukuba ichanile. Isivakalisi esisemazantsi kwiphepha 133 sikhuthaza ulutsha sisithi: “Lungiselela phambi komzali okanye komhlobo oqolileyo indlela oza kusabela ngayo.” Kutheni ningasebenzisi ubusuku boNqulo Lwentsapho ukuze nenze olo qheliselo?

Unqulo lwentsapho lubangela ukuba abazali babethelele iingenelo zokuba nosukelo lwezinto zokomoya. Kwincwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza, uMqulu 2, isahluko sama-38 esinomxholo othi “Ndiza Kwenza Ntoni Ngobomi Bam?” sineenkcukacha eziluncedo ngokuphathelele oku. Ngoxa nixubusha esi sahluko nceda umntwana wakho aqonde ukuba ukukhonza uYehova lelona khondo libalulekileyo. Mncede abe nomdla wokuba nguvulindlela, wokukhonza eBheteli, wokuya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli, okanye angenelele enye inxalenye yenkonzo yexesha elizeleyo.

Nasi isilumkiso: Abanye abazali abaneenjongo ezintle banikela ingqalelo koko bafuna abantwana babo bakwenze kangangokuba bade bakutyeshele oko abantwana bakwenzayo ngoku. Kakade ke, kuhle ukukhuthaza abantwana bakho ukuba bazibekele usukelo lokukhonza eBheteli nokuba ngabavangeli basemazweni. Noko ke, kufuneka ulumke ungamcaphukisi okanye umenza adakumbe umntwana wakho ngezinto wena ofuna ukuba azenze. (Kol. 3:21) Khumbula ukuba unyana okanye intombi yakho imele imthande uYehova ngokusuka entliziyweni yayo—kungekhona kuba wena ufuna yenjenjalo. (Mat. 22:37) Ngoko mncome umntwana wakho ngezinto azenzayo, uze ukuphephe ukunikela ingqalelo kwezo angazenziyo. Menze azixabise zonke izinto ezenziwe nguYehova. Nguye oya kuzikhethela ukuba amthande uYehova.

Lwenzeni Ngendlela Ebangela Umdla

Into yesithathu ebalulekileyo ekwenzeni uNqulo Lwentsapho luphumelele kukulwenza ngendlela ebangel’ umdla. Unokukwenza njani oku? Mhlawumbi ngezinye izihlandlo ninokuphulaphula umdlalo orekhodiweyo okanye nixubushe enye yeevidiyo zamaNgqina kaYehova. Okanye nisenokufunda inxalenye ethile yeBhayibhile uze wabele ngamnye iindinyana aza kuzifunda.

IMboniselo noVukani! zinamanqaku amahle anokuxutyushwa nentsapho. Ngokomzekelo, unokusebenzisa inqaku elikwiphepha 31 kuVukani!, elinomxholo othi “Ubuya Kuphendula Uthini?” Kwezinye iiMboniselo ezenzelwe uwonke-wonke kukho inqaku elinomxholo othi “Inqaku Labaselula.” Ngamanye amaxesha kubakho inqaku elenzelwe amakhwenkwe namantombazana elinomxholo othi “Fundisa Abantwana Bakho.”

Ungcelele lwamanqaku akuVukani! phantsi komxholo othi “Abantu Abaselula Bayabuza” kunye nencwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza, uMqulu 2, luya kubangela umdla kubazali abanabantwana abafikisayo. Xa nifunda loo ncwadi, ningayityesheli ibhokisi enomxholo othi “Ucinga Ntoni?” esekupheleni kwesahluko ngasinye. Le bhokisi asiyompinda nje. Imibuzo ekule bhokisi inokusetyenziswa njengengxubusho yentsapho.

Kodwa lumka, ungenzi isifundo sentsapho sibe sisihlandlo sokuncina. Ngokomzekelo, ungamnyanzeli umntwana wakho ukuba akufunde ngokuvakalayo oko akubhale kumaphepha anomxholo othi “Uluvo Lwam” okanye afunde ezinye izinto azibhalileyo encwadini. Kwiphepha 3 lale ncwadi, kumbandela othi, “Bazali Ncedani Niphawule” kuthiwa: “Ukuze abantwana bakho babhale izimvo zabo ngokukhululekileyo kule ncwadi, musa ukuyifunda. Mhlawumbi baya kukuchazela kamva ngezinto abazibhalileyo.”

Ukuba ulwenza rhoqo unqulo lwentsapho, ulwenza ngendlela abaya kungenelwa ngayo abantwana yaye lubangele umdla, uYehova uya kuyisikelela imigudu yakho. Eli xesha likhethekileyo lentsapho liya kufak’isandla ekubeni abantu obathandayo baphile baze bomelele ngokomoya.

[Ibhokisi ekwiphepha 31]

Cinga Ngezinye Izinto Ezinokubangela Umdla

“Xa sasifunda nabantwana bethu abangamantombazana, mna nomyeni wam sasiye silungiselele iintlanganiso zebandla size siwacele ukuba azobe umfanekiso ngoko kuthethwa kweso sahluko. Maxa wambi, sasiye senze umdlalo weBhayibhile okanye senze imiboniso ngeentshumayelo zasentsimini. Isifundo sasisenza sifanelekele iminyaka yabo, sibangele umdla, sakhe yaye sibe mnandi.”—UJ. M., eUnited States.

“Ukuze sincede unyana womnye umntu esasimfundela iBhayibhile aqonde ukuba kwakunjani ukusebenzisa imisongo ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, sacima izahluko neendinyana zencwadi kaIsaya saza sayishicilela. Sahlanganisa loo maphepha saza sancamathisela imibhobho ekuqaleni nasekupheleni. Emva koko lo mfana wazama ukwenza oko kwenziwa nguYesu kwindlu yesikhungu eNazarete. Ingxelo ekuLuka 4:16-21 ithi uYesu “wawuvula umsongo [kaIsaya] waza wafumana” indawo awayeyifuna. (Luka 4:16-21; Isa. 61:1, 2) Kodwa ke, xa wayezama ukwenza okufanayo, kwaba nzima ukufumana uIsaya 61 esebenzisa umsongo omde ongenasahluko neendinyana. Emangalisiwe bubuchule uYesu awayenabo bokusebenzisa imisongo, lo mfana wathi: ‘UYesu wayemangalisa!’”—UY. T., eJapan.

[Umfanekiso okwiphepha 30]

Uqheliselo lunokunceda abantwana bakho bahlangabezane nengcinezelo yoontanga

[Umfanekiso okwiphepha 31]

Zabalazela ukwenza uNqulo Lwentsapho lubangele umdla