Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Yibani Noxolo Nabantu Bonke’

‘Yibani Noxolo Nabantu Bonke’

‘Yibani Noxolo Nabantu Bonke’

“Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”—ROMA 12:18.

1, 2. (a) UYesu wabalumkisa wathini abalandeli bakhe? (b) Sinokusifumana phi isiluleko ngendlela esifanele sisabele ngayo kwinkcaso?

 UYESU walumkisa abafundi bakhe ukuba baza kuchaswa ziintlanga zehlabathi, yaye kubusuku bangaphambi kokuba afe, wasichaza isizathu. Wathi kubapostile bakhe: “Ukuba beniyinxalenye yehlabathi, ihlabathi beliya kukuthanda oko kukokwalo. Ke ngenxa yokuba ningeyonxalenye yehlabathi, kodwa ndininyulile mna naphuma kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.”—Yoh. 15:19.

2 Umpostile uPawulos wazibonela ngokwakhe ukuba amazwi kaYesu ayinyaniso. Kwileta yakhe yesibini awayeyibhalela iqabane lakhe eliselula uTimoti, wathi: “Wena uyilandele ngokusondeleyo imfundiso yam, ikhondo lam lobomi, injongo yam, ukholo lwam, ukuzeka kade umsindo kwam, uthando lwam, unyamezelo lwam, iintshutshiso zam, iimbandezelo zam.” Wongezelela wathi: “Enyanisweni, bonke abo banqwenela ukuphila ngozinikelo lobuthixo ngokunxulumene noKristu Yesu, nabo baya kutshutshiswa.” (2 Tim. 3:10-12) Kwisahluko 12 sencwadi yakhe eya kwabaseRoma, uPawulos wanikela isiluleko sobulumko ngendlela abafanele basabele ngayo kwinkcaso. Amazwi akhe anokusinceda kule mihla yokugqibela.

“Yenzani Okuhle”

3, 4. Isiluleko esikweyabaseRoma 12:17 sinokusetyenziswa njani (a) kwikhaya elahluleleneyo ngonqulo? (b) kwindlela esibaphatha ngayo abamelwane bethu?

3 Funda eyabaseRoma 12:17. UPawulos wathi xa sichaswa masingaphindezeli. Kubaluleke nakakhulu ukusebenzisa esi siluleko kumakhaya ahluleleneyo ngonqulo. UmKristu umele angaziphindezeli kwiqabane lakhe xa liye lathetha amazwi okanye lenza okuthile angakuthandiyo. Umntu akazuzi nto ‘ngokubuyisela ububi ngobubi.’ Kunoko, ukwenjenjalo kunokubangela ezinye iingxaki.

4 UPawulos ucebisa eyona nto umKristu anokuyenza: “Yenzani okuhle emehlweni abantu bonke.” Entsatsheni umfazi onobubele ngokwenene kumyeni wakhe nakuba ethethe izinto angazithandiyo ngeenkolelo zakhe unako ukuyiphepha ingxabano. (IMize. 31:12) UCarlos, ngoku olilungu lentsapho yaseBheteli, uchaza indlela unina awamelana ngayo nenkcaso kayise ngokuthi ahlale enobubele yaye enyamekela ikhaya. Uthi: “Wayesikhuthaza thina bantwana ukuba sihlale simhlonela. Wayesithi masidlale iboules (umdlalo othile webhola waseFransi) kunye naye nangona ndandingayithandi. Oko kwakumvuyisa utata.” Ekugqibeleni wafunda iBhayibhile waza wabhaptizwa. ‘Esenza okuhle emehlweni abantu bonke,’ amaNgqina kaYehova abonisa ukungabi namkhethe ngokunceda abamelwane xa kwehle intlekele.

Ukuphelisa Inkcaso ‘Ngamalahle Omlilo’

5, 6. (a) “Amalahle omlilo” anokufunjwa njani phezu kwentloko yotshaba? (b) Balisa amava asekuhlaleni abonisa ukuba ukusebenzisa isiluleko esikweyabaseRoma 12:20 kunokuba nemiphumo emihle.

5 Funda eyabaseRoma 12:20. Xa wayekhetha la mazwi akule ndinyana, ngokuqinisekileyo uPawulos wayecinga ngoko sikufunda kwiMizekeliso 25:21, 22: “Ukuba okuthiyayo ulambile, mnike isonka adle; yaye ukuba unxaniwe, mnike amanzi asele. Kuba ufumba amalahle phezu kwentloko yakhe, yaye uYehova uya kukuvuza.” Xa sicinga ngesiluleko esifumaneka kweyabaseRoma isahluko 12, uPawulos wayengathethi ukuba amalahle okomfuziselo anokumohlwaya umchasi. Kunoko kubonakala ngathi eli qhalo—kwakunye namazwi afanayo kaPawulos aya kwabaseRoma—libhekisela kwinto eyayisenziwa xa kunyityilikiswa intsimbi mandulo. Umphengululi oliNgesi wenkulungwane ye-19 uCharles Bridges wathi: “Xa utshisa intsimbi eyomeleleyo, faka amalahle ngaphantsi uze amanye uwabeke ngaphezulu; unganeli nje ukuyibeka phezu komlilo, kodwa fumba amalahle omlilo phezu kwayo. Ezinye iintliziyo ziqinile, azinakunyibilika xa umntu ezinyibilikisa ngothando nangomonde.”

6 ‘Njengamalahle omlilo,’ izenzo zobubele zinokubangela abachasi batshintshe indlela ababajonga ngayo abakhonzi bakaThixo. Zinokubangela ukuba babathande abantu bakaYehova nesigidimi seBhayibhile abasishumayelayo. Umpostile uPetros wabhala: “Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga, ukuze, nokuba zithetha kakubi ngani njengabenzi-bubi, zithi ngokubona imisebenzi yenu emihle, zimzukise uThixo ngemini yokuvelela kwakhe.”—1 Pet. 2:12.

‘Yibani Noxolo Nabantu Bonke’

7. Luyintoni uxolo uKristu awalushiyela abafundi bakhe, yaye lufanele lusibangele ukuba senze ntoni?

7 Funda eyabaseRoma 12:18. Kubusuku bokugqibela ekunye nabapostile bakhe, uYesu wathi: “Ndinishiyela uxolo, ndininika uxolo lwam.” (Yoh. 14:27) Uxolo uKristu abashiyela lona abafundi bakhe luxolo lwangaphakathi, abalufumana kuba besazi ukuba bayathandwa yaye bayamkholisa uYehova uThixo noNyana wakhe oyintanda. Uxolo olunjalo lufanele lusishukumisele ukuba sihlale ngoxolo nabanye. AmaKristu okwenyaniso ayaluthanda uxolo yaye abangela ukuba lubekho.—Mat. 5:9, umbhalo osemazantsi weNW.

8. Sinokulubangela njani uxolo entsatsheni nasebandleni?

8 Enye indlela onokubangela ukuba kubekho uxolo ngayo entsatsheni kukulungisa ukungavisisani ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka kunokuba uvumele izinto zibe mbi nangakumbi. (IMize. 15:18; Efe. 4:26) Kuyafana ke nakwibandla lamaKristu. Umpostile uPetros unxulumanisa ukufuna uxolo nokuthintela ulwimi. (1 Pet. 3:10, 11) Emva kokuba enikele isiluleko ngendlela efanelekileyo yokusebenzisa ulwimi nokuphepha ukuba nomona nokusukuzana, uYakobi wabhala: “Ubulumko obuvela phezulu okokuqala nje bunyulu, bandule ke bube boboxolo, bube nengqiqo, bulungele ukuthobela, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo, abucaluli ngokukhetha ubuso, abunaluhanahaniso. Ngaphezu koko, imbewu yesiqhamo sobulungisa ihlwayelwa phantsi kweemeko zoxolo ngabo benza uxolo.”—Yak. 3:17, 18.

9. Ngoxa sizama ukuba “noxolo nabantu bonke,” yintoni emele ihlale isezingqondweni zethu?

9 Kumazwi akhe abhalwe kweyabaseRoma 12:18, uPawulos akathethi nje kuphela ngokuba noxolo entsatsheni nasebandleni. Uthi sifanele sibe “noxolo nabantu bonke.” Oku kuquka abamelwane, abantu esisebenza nabo, esifunda nabo esikolweni, nabantu esidibana nabo entsimini. Kodwa lo mpostile usenza sicace ngakumbi isiluleko sakhe ngokuthi: “Ukuba kunokwenzeka.” Oku kuthetha ukuba senze konke esingakwenza ukuze sibe “noxolo nabantu bonke,” kodwa silumkele ukwaphula imigaqo kaThixo yobulungisa.

Impindezelo YekaYehova

10, 11. Kuthetha ukuthini ‘ukukhwelela ingqumbo,’ yaye kutheni oko kufanelekile?

10 Funda eyabaseRoma 12:19. Sifanele ‘sinyamezele ububi’ size sibe ‘nobulali’ nakwabo “bangenalutyekelo luhle” kumsebenzi nakwisigidimi sethu, kuquka abachasi. (2 Tim. 2:23-25) UPawulos ululeka amaKristu ukuba angaziphindezeli kodwa ‘ayikhwelele ingqumbo.’ UPawulos uthetha ngengqumbo kabani? Akanakuba wayebhekisela kwingqumbo yethu. Licacile elokuba sikhwelela ingqumbo kaThixo. NjengamaKristu, siyazi ukuba impindezelo asiyoyethu. Umdumisi wabhala: “Wuyeke umsindo uyishiye ingqumbo; Musa ukuvutha ngumsindo uze wenze ububi.” (INdu. 37:8) Yaye uSolomon wathi: “Musa ukuthi: ‘Ndiya kububuyekeza ububi!’ Thembela kuYehova, yaye uya kukusindisa.”—IMize. 20:22.

11 Ukuba abachasi bayasenzakalisa, sifanele siyekele kuYehova ukuba abohlwaye xa ebona kufanelekile ukwenjenjalo. Ebonisa ukuba wayecinga ngengqumbo kaYehova, uPawulos wathi: “Kubhaliwe kwathiwa: ‘Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna,’ utsho uYehova.” (Thelekisa iDuteronomi 32:35.) Ukuba sizama ukuziphindezela, oko kubonisa ukuba asizithobanga, sithathela ilungelo likaYehova ezandleni zethu. Ngaphezu koko, oko kuya kuthetha ukuba asinalukholo kwisithembiso sikaYehova esithi: “Kuya kubuyekeza mna.”

12. Ingqumbo kaYehova iya kutyhilwa nini yaye njani?

12 Ekuqaleni kwencwadi yakhe eya kwabaseRoma, uPawulos wathi: “Ingqumbo kaThixo iyatyhilwa ivela ezulwini nxamnye nako konke ukungabi nabuthixo nentswela-bulungisa yabantu abathintela inyaniso ngokuswela ubulungisa.” (Roma 1:18) Ingqumbo kaYehova iza kutyhilwa emazulwini nguNyana wakhe ngexesha ‘lembandezelo enkulu.’ (ISityhi. 7:14) Leyo iya kuba ‘ngumgwebo wobulungisa kaThixo,’ njengoko uPawulos esitsho kwenye yeencwadi zakhe eziphefumlelweyo: “Oku kuzis’ engqalelweni ukuba kububulungisa kuye uThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abo banibandezelayo, aze nina babandezelwayo, anikhulule kunye nathi ekutyhilekeni kweNkosi uYesu ivela ezulwini kunye neengelosi zayo ezinamandla isemlilweni odangazelayo, ibaphindezela abo bangamaziyo uThixo nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo ezingeNkosi yethu uYesu.”—2 Tes. 1:5-8.

Ukoyisa Ububi Ngokulungileyo

13, 14. (a) Kutheni singothuki xa sitshutshiswa? (b) Sinokubasikelela njani abo basitshutshisayo?

13 Funda eyabaseRoma 12:14, 21. Ekubeni siqinisekile ukuba uYehova uza kufeza yonke injongo yakhe, simele sizibhokoxe kumsebenzi asinike wona wokushumayela ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani kuwo wonke umhlaba omiweyo.’ (Mat. 24:14) Siyazi ukuba lo msebenzi uza kucaphukisa iintshaba zethu, kuba uYesu wathi: ‘Niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.’ (Mat. 24:9) Ngenxa yoko, asothuki okanye sidimazeke xa sitshutshiswa. Umpostile uPetros wabhala: “Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo otshisayo ngaphakathi kwenu wokunilinga, ngokungathi nehlelwa yinto engaqhelekanga. Kunoko, yibani nemihlali njengoko ninesabelo kwiimbandezelo zikaKristu.”—1 Pet. 4:12, 13.

14 Kunokuba sibathiye abo basitshutshisayo, sizama ukubafundisa kuba siyazi ukuba abanye babo benziwa kukungazi. (2 Kor. 4:4) Sizabalazela ukuthobela isiluleko sikaPawulos esithi: “Qhubekani nibasikelela abo batshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.” (Roma 12:14) Enye indlela esingabasikelela ngayo abo basitshutshisayo kukubathandazela. UYesu wathi kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nisenza okulungileyo kwabo banithiyayo, nisikelela abo baniqalekisayo, nithandazela abo banithukayo.” (Luka 6:27, 28) Ngokusuka kumava akhe, umpostile uPawulos wayesazi ukuba umtshutshisi wayenokuba ngumfundi othembekileyo kaKristu nomkhonzi kaYehova onenzondelelo. (Gal. 1:13-16, 23) Kwenye incwadi uPawulos wathi: “Xa sitshabhiswa, siyasikelela; xa sitshutshiswa, siyanyamezela; xa sinyeliswa, siyabongoza.”—1 Kor. 4:12, 13.

15. Yiyiphi eyona ndlela esinokuboyisa ngayo ububi ngokulungileyo?

15 UmKristu wokwenyaniso uthobela indinyana yokugqibela yabaseRoma isahluko 12: “Musa ukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokulungileyo.” Umthombo wabo bonke ubungendawo nguSathana uMtyholi. (Yoh. 8:44; 1 Yoh. 5:19) Kwisityhilelo sikampostile uYohane, uYesu wathi abazalwana bakhe abathanjisiweyo “bamoyisile [uSathana] ngenxa yegazi leMvana nangenxa yelizwi lokungqina kwabo.” (ISityhi. 12:11) Oku kubonisa ukuba eyona ndlela esinokumoyisa ngayo uSathana nempembelelo yakhe embi kule nkqubo ikhoyo yezinto kukwenza okuhle ngomsebenzi wethu wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.

Ukuba Nemihlali Ngalo Ithemba

16, 17. EyabaseRoma isahluko 12 isifundise ukuba (a) sibusebenzise njani ubomi bethu? (b) sifanele sibaphathe njani abanye ebandleni? (c) sifanele sibaphathe njani abachasi?

16 Ukuhlolisisa isahluko 12 sencwadi kaPawulos eya kumaKristu aseRoma kuye kwasikhumbuza izinto ezininzi. Siye safunda ukuba njengabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo, sifanele silungele ukuncama izinto ezithile. Ngenxa yomoya kaThixo, senza oku ngokuzithandela kuba amandla ethu engqiqo aye asiqinisekisa ukuba kukuthanda kukaThixo oko. Siyavutha emoyeni yaye sisebenzisa iziphiwo ezahlukahlukeneyo esinazo ngenzondelelo. Sikhonza ngokuthobeka nangokuthozama, sisenza konke okusemandleni ethu ukuze sihlale simanyene njengamaKristu. Sibonakalisa umoya wokubuk’ iindwendwe nokuba novelwano.

17 EyabaseRoma isahluko 12 ikwanikela isiluleko ngendlela esifanele sijamelane ngayo nenkcaso. Asifanele siphindezele. Sifanele soyise inkcaso ngokuba nobubele. Ukuba kunokwenzeka, sifanele sizabalazele ukuphila ngoxolo nabantu bonke ngaphandle kokwaphula imigaqo yeBhayibhile. Oku kubhekisela entsatsheni, ebandleni, kubamelwane, emsebenzini, esikolweni nasentsimini. Naxa sithiyiwe senza konke okusemandleni ethu ukoyisa ububi ngokulungileyo, sikhumbula ukuba impindezelo yekaYehova.

18. Ziziphi izinto ezintathu ezichazwe kweyabaseRoma 12:12?

18 Funda eyabaseRoma 12:12. Ukongezelela kwisiluleko esiluncedo awasinikelayo, uPawulos unikela nezinye ezithathu. Ekubeni singenako ukuzenza zonke ezi zinto ngaphandle koncedo lukaYehova, lo mpostile ucebisa ukuba ‘sizingise emthandazweni.’ Oku kuya kubangela ukuba sithobele isiluleko sakhe esithi ‘sinyamezele kwimbandezelo.’ Ekugqibeleni, sifanele sitsolise iingqondo zethu kwikamva esiligcinelwe nguYehova size sibe “nemihlali ngalo ithemba” lobomi obungunaphakade, ezulwini okanye emhlabeni.

Impinda

• Sifanele sisabele njani kwinkcaso?

• Ziziphi iimeko esinokubangela ukuba kubekho uxolo kuzo, yaye sinokukwenza njani oko?

• Kutheni singafanele sifune ukuziphindezela?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 8]

Ukunceda abamelwane bethu kunokuwuphelisa umkhethe

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Ngaba uzabalazela ukuba kubekho uxolo ebandleni?