Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indima Yomoya Oyingcwele Ekuphumezeni Injongo KaYehova

Indima Yomoya Oyingcwele Ekuphumezeni Injongo KaYehova

Indima Yomoya Oyingcwele Ekuphumezeni Injongo KaYehova

‘Ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam liya kukuphumelelisa ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.’—ISA. 55:11.

1. Chaza umahluko phakathi kokuceba nokuba nenjongo.

 MASITHI amadoda amabini alungiselela ukuthabath’ uhambo ngeemoto. Enye iceba ukusebenzisa indlela ethile de iye kufika kwindawo eya kuyo. Eyesibini iyazi kakuhle indawo eya kuyo yaye iyazazi neendlela ezahlukahlukeneyo zokuya apho. Xa kunokuvela ingxaki kwenye yezi ndlela ikulungele ukuhamba nangayiphi na. Ngandlel’ ithile, iindlela ezahlukahlukeneyo ezisetyenziswa ngala madoda mabini ngumzekelo omhle wokubonisa umahluko okhoyo phakathi kokuceba nokuba nenjongo. Ukuceba kunokufaniswa nokuba nemaphu echaza indlela ngokweenkcukacha kanti ukuba nenjongo yokwenza okuthile kunokuquka ukuba nosukelo lokwenza into nangona ungenandlela ingqalileyo ozimisele ukuyenza ngayo.

2, 3. (a) Iquka ntoni injongo kaYehova, yaye wenza ntoni emva kokona kuka-Adam noEva? (b) Kutheni sifanele sihlale sikuphaphele ukutyhilwa kwenjongo kaYehova?

2 Ukuze aphumeze ukuthanda kwakhe, uYehova akanandlela ithile ayicebileyo kodwa unenjongo yokuzalisekisa ukuthanda kwakhe ngokuthe ngcembe. (Efe. 3:11) Le njongo iquka oko wayekulungiselele uluntu nomhlaba—ukuba lo mhlaba wenziwe iparadesi kuze kuhlale abantu abafezekileyo beseluxolweni yaye bonwabe ngonaphakade. (Gen. 1:28) Emva kokona kuka-Adam noEva, uYehova wenza amalungiselelo okuqinisekisa ukuba injongo yakhe iya kuphunyezwa. (Funda iGenesis 3:15.) UYehova wathi umfazi wakhe wokomfuziselo uya kuzala “imbewu,” okanye uNyana, oya kuthi ekugqibeleni atshabalalise unobangela wobubi uSathana, aze alungise nawo wonke umonakalo aye wawubangela.—Heb. 2:14; 1 Yoh. 3:8.

3 Akukho gunya ezulwini okanye emhlabeni elinokuthintela uThixo ekuphumezeni injongo yakhe. (Isa. 46:9-11) Kutheni sisitsho nje? Ngenxa yokuba uYehova usebenzisa umoya wakhe oyingcwele. Lo moya unamandla uya kuqinisekisa ukuba injongo kaThixo ‘iya kuphumelela ngokuqinisekileyo.’ (Isa. 55:10, 11) Sifanele sihlale sikuphaphele ukutyhilwa kwenjongo kaThixo. Ikamva lethu lixhomekeke ekuzalisekeni kwayo. Ngaphezulu, ukubona indlela uYehova awusebenzisa ngayo umoya oyingcwele komeleza ukholo. Ngoko ke, masihlolisise indima yomoya ekuphumezeni injongo kaYehova—mandulo, namhlanje nakwixesha elizayo.

Indima Yomoya Oyingcwele Mandulo

4. UYehova uye wayityhila njani injongo yakhe ngokuthe ngcembe?

4 Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, uYehova watyhila injongo yakhe ngokuthe ngcembe. Ekuqaleni, iMbewu ethenjisiweyo ‘yayiyimfihlelo engcwele.’ (1 Kor. 2:7) UYehova waphinda wathetha ngale mbewu emva kweminyaka engama-2 000. (Funda iGenesis 12:7; 22:15-18.) UYehova wathembisa uAbraham isithembiso esasiza kuzaliseka ngendlela ephawulekayo. Amazwi athi “ngembewu yakho” abonisa ukuba le Mbewu yayiya kuvela kwinzala ka-Abraham. Sinokuqiniseka ukuba uSathana wayekujonge ngomdla ukuzaliseka kwesi sithembiso. Ngokuqinisekileyo, olu Tshaba lwaluzimisele ukutshabalalisa okanye ukonakalisa inzala ka-Abraham ukuze lutshitshise loo njongo kaThixo. Kodwa lwalungenakukwazi ukwenza loo nto kuba umoya kaThixo ongabonakaliyo uyasebenza. Njani?

5, 6. UYehova wawusebenzisa njani umoya wakhe ukuze akhusele abantu ababekumnombo wenzala eyayiza kuvela kuyo iMbewu?

5 UYehova wasebenzisa umoya wakhe ukuze akhusele abantu ababekumnombo wenzala eyayiza kuvela kuyo le Mbewu. Ethetha noAbram (uAbraham), uYehova wathi: “Ndilikhaka lakho.” (Gen. 15:1) Eso sithembiso wasigcina. Ngokomzekelo, cinga into eyenzeka malunga nowe-1919 B.C.E. xa uAbraham noSara babehlala eGerare. Engazi ukuba uSara ngumfazi ka-Abraham, uAbhimeleki owayengukumkani waseGerare wamthabatha uSara efuna ukumenza umfazi wakhe. Ngaba yayinguSathana owayebangela oku, kuba efuna uSara angayivelisi imbewu ka-Abraham? IBhayibhile ayichazi. Into esichazela yona kukuba uYehova wangenelela. Walumkisa uAbhimeleki ephupheni ukuba angamchukumisi uSara.—Gen. 20:1-18.

6 Yayingekokokuqala bekhuselwa nguYehova. UYehova wahlangula uAbraham nentsapho yakhe izihlandlo ezininzi. (Gen. 12:14-20; 14:13-20; 26:26-29) Ebhekisela kuAbraham nenzala yakhe, umdumisi wathi: “[UYehova] akazange avumele nawuphi na umntu ukuba abaqhathe, kodwa ngenxa yabo wohlwaya ookumkani, esithi: ‘Musani ukubachukumisa abathanjisiweyo bam, ningenzi okubi nakubaprofeti bam.’”—INdu. 105:14, 15.

7. UYehova walukhusela njani uhlanga lwakwaSirayeli?

7 Esebenzisa umoya wakhe, uYehova wakhusela uhlanga lwakwaSirayeli wamandulo eyayiza kuvela kulo iMbewu ethenjisiweyo. UYehova wadlulisela ngomoya wakhe uMthetho kumaSirayeli , owawukhusela unqulo lokwenyaniso namaYuda ngokomoya nangokoqobo. (Eks. 31:18; 2 Kor. 3:3) Ngexesha laBagwebi, uYehova wanika amadoda athile umoya wakhe ukuze ahlangule amaSirayeli kwiintshaba zawo. (ABagwe. 3:9, 10) Ebudeni beenkulungwane ngaphambi kokuzalwa kukaYesu oyinxalenye eyintloko yembewu ka-Abraham, kumel’ ukuba umoya oyingcwele waba negalelo ekukhuseleni iYerusalem, iBhetelehem netempile, yaye iziprofeto ezingoYesu zazaliseka kwezi ndawo.

8. Yintoni ebonisa ukuba umoya oyingcwele wawusebenza ngokungqalileyo kubomi nakubulungiseleli boNyana kaThixo?

8 Umoya oyingcwele wawusebenza ngokungqalileyo kubomi nakubulungiseleli bukaYesu. Umoya oyingcwele wangena esibelekweni sikaMariya ukuze uphumeze into eyayiqala ngqa ukwenzeka. Wabangela ukuba ibhinqa elingafezekanga likhawulwe lize lizale uNyana ofezekileyo, owayengekho phantsi kwesigwebo sokufa. (Luka 1:26-31, 34, 35) Kamva lo moya wakhusela uYesu ekubulaweni eselusana. (Mat. 2:7, 8, 12, 13) Xa uYesu wayemalunga nama-30 eminyaka ubudala, uThixo wamthambisa waza wamnyula ngomoya oyingcwele ukuba abe yindlalifa kwitrone kaDavide, waza wamthuma ukuba ashumayele. (Luka 1:32, 33; 4:16-21) UYesu wafumana amandla kumoya oyingcwele okwenza imimangaliso, njengokuphilisa abagulayo, ukondla izihlwele nokuvusa abafileyo. Le mimangaliso yayingcamlisa nje abantu iintsikelelo esiya kuzifumana xa uYesu elawula njengoKumkani.

9, 10. (a) Umoya oyingcwele wabonakala njani ukuba uyasebenza kubafundi bakaYesu benkulungwane yokuqala? (b) Ziziphi iinguqulelo eziphathelele ukuphunyezwa kwenjongo kaYehova ezatyhilwa ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo?

9 Ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E., uYehova wasebenzisa umoya wakhe ukuze athambise inxalenye yesibini ka-Abraham, leyo uninzi lwayo lwalungeyonzala ka-Abraham. (Roma 8:15-17; Gal. 3:29) Umoya oyingcwele wanceda abafundi bakaYesu benkulungwane yokuqala ukuba bashumayele ngenzondelelo waza wabanika amandla okwenza imimangaliso. (IZe. 1:8; 2:1-4; 1 Kor. 12:7-11) Ukufumana kwabo iziphiwo zomoya oyingcwele, kwakubonisa indlela entsha uYehova awayeza kuzalisekisa ngayo injongo yakhe. UYehova wayeyekile ukusebenzisa ilungiselelo lokunqula kwitempile yaseYerusalem elalisetyenziswe kangangeenkulungwane. Ngoku wayeza kusebenzisa ibandla lamaKristu elalisandul’ ukusekwa. Ukususela ngoko uYehova ebesebenzisa elo bandla labathanjiswa ukuze aphumeze injongo yakhe.

10 Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, uYehova wasebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze akhusele abantu bakhe, abanike amandla yaye abathambise ngaloo ndlela ephumeza injongo yakhe. Kuthekani kweli xesha lethu? UYehova uwusebenzisa njani umoya wakhe ngoku ukuze aphumeze injongo yakhe? Sifanele siyazi impendulo yalo mbuzo, kuba sifuna ukusebenzisana nalo moya. Makhe siqwalasele iindlela ezine uYehova awusebenzisa ngazo umoya wakhe namhlanje.

Indima Yomoya Oyingcwele Namhlanje

11. Yintoni ebonisa ukuba umoya oyingcwele unceda abantu bakaThixo bahlale becocekile, yaye unokubonisa njani ukuba uyasebenzisana nalo moya?

11 Okokuqala, umoya oyingcwele unceda abantu bakaThixo ukuba bahlale becocekile. Abo banenxaxheba ekuphunyezweni kwenjongo kaYehova bafanele baziphathe ngokucocekileyo. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 6:9-11.) Abanye abangamaKristu okwenyaniso babebandakanyeke ekuziphatheni okubi njengokuhenyuza, ukukrexeza nobufanasini. Iminqweno yesono inokuba namandla kakhulu kubo. (Yak. 1:14, 15) Sekunjalo, aba bantu baye ‘bahlanjwa bahlambuluka,’ okuthetha ukuba baye batshintsha indlela abaphila ngayo ukuze bakholise uThixo. Yintoni enceda umntu othanda uThixo ukuba akwazi ukuxhathisa umnqweno wokwenza okubi? Eyoku-1 kwabaseKorinte 6:11 ithi, ‘Ngumoya kaThixo wethu.’ Xa uziphatha ngendlela ecocekileyo ubonisa ukuba uvumela umoya usebenze ebomini bakho.

12. (a) Ngokombono kaHezekile, uYehova uyikhokela njani intlangano yakhe? (b) Unokubonisa njani ukuba uyasebenzisana nomoya?

12 Okwesibini, uYehova usebenzisa umoya wakhe ukwalathisa intlangano yakhe. Kumbono kaHezekile, inxalenye yentlangano kaYehova yasezulwini ichazwa njengenqwelo yasezulwini ehamba ngesantya esiphezulu ukuya kuphumeza injongo kaYehova. Yintoni eyalathisa le nqwelo indlela efanele ihambe ngayo? Ngumoya oyingcwele. (Hez. 1:20, 21) Masikhumbule ukuba intlangano kaYehova intlu-mbini, kukho inxalenye yasezulwini nenxalenye yasemhlabeni. Ukuba inxalenye yasezulwini yalathiswa ngumoya oyingcwele, nenxalenye yasemhlabeni ifanele ukuba yalathiswa nguwo. Ukuba uyaluthobela ulwalathiso lwenxalenye yentlangano kaThixo yasemhlabeni uze unyaniseke kulo, uya kubonisa ukuba uhamba nenqwelo kaYehova yasezulwini yaye uyasebenzisana nomoya wakhe oyingcwele.—Heb. 13:17.

13, 14. (a) Ngoobani “esi sizukulwana” athetha ngaso uYesu? (b) Chaza umzekelo obonisa ukuba umoya oyingcwele utyhila iinyaniso zeBhayibhile. (Funda ibhokisi ethi “Ngaba Uhambisana Nokukhanya Okuya Kukhanya?”)

13 Okwesithathu, umoya oyingcwele usikhanyisela iinyaniso zeBhayibhile. (IMize. 4:18) ‘Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ belisoloko lisebenzisa eli phephancwadi ukuze lityhile iinyaniso zeBhayibhile. (Mat. 24:45) Ngokomzekelo, cinga ngendlela esisiqonda ngayo “esi sizukulwana” awathetha ngaso uYesu. (Funda uMateyu 24:32-34.) UYesu wayebhekisela kwesiphi isizukulwana? Inqaku elithi “Ubukho BukaKristu—Buthetha Ntoni Kuwe?” lathi uYesu wayebhekisela kungekhona kwabangendawo kodwa kubafundi bakhe, ababeza kuthanjiswa ngomoya oyingcwele. a Abalandeli bakaYesu abathanjisiweyo, ababephila ngenkulungwane yokuqala nabanamhlanje, babengayi kubona umqondiso nje kuphela kodwa babeza kuqonda nentsingiselo yawo—ukuba uYesu “ukufuphi eminyango.”

14 Le nkcazelo inayiphi intsingiselo kuthi? Nangona singenakwazi ngokuthe ngqo ukuba “esi sizukulwana” siphila ixesha elingakanani, sifanele sikhumbule intsingiselo yegama elithi ‘isizukulwana’: Lidla ngokubhekisela kubantu abangalinganiyo ngeminyaka abaphila ngaxeshanye; eli xesha alikho lide kakhulu kodwa linesiphelo. (Eks. 1:6) Ngoko ke, amazwi kaYesu athi “esi sizukulwana” athetha ukuthini? Kubonakala ukuba ngaphambi kokufa kwabathanjiswa ababephila ekuqaliseni komqondiso ngowe-1914, kwakuya kuvela abanye abathanjiswa ababeya kubona ukuqalisa kwembandezelo enkulu. Eso sizukulwana sasinesiqalo yaye siya kuba nesiphelo. Ukuzaliseka kweenkalo ezahlukahlukeneyo zalo mqondiso kubonisa ngokucacileyo ukuba imbandezelo isondele. Ukuba uhlala ukhumbula ukuba ixesha lifinyele yaye uhlala ulindile, ubonisa ukuba wenza ngokuvisisana nokukhanya okuqhubekayo yaye ulandela ulwalathiso lomoya oyingcwele.—Marko 13:37.

15. Yintoni ebonisa ukuba ngumoya oyingcwele osinika amandla okuvakalisa iindaba ezilungileyo?

15 Okwesine, umoya oyingcwele usinika amandla okuvakalisa iindaba ezilungileyo. (IZe. 1:8) Ayikho enye into ebinokwenza iindaba ezilungileyo zishunyayelwe ehlabathini lonke. Kaloku, kusenokwenzeka ukuba ungomnye wabantu ababeneentloni nababesithi, ‘Mna andinakuze ndikwazi ukushumayela kwindlu ngendlu!’ Kodwa ngoku uwukhuthalele lo msebenzi. b AmaNgqina kaYehova amaninzi athembekileyo aye aqhubeka eshumayela nangona echaswa yaye etshutshiswa. Ngumoya oyingcwele kaThixo kuphela onokusinika amandla okoyisa imiqobo nokwenza izinto ebesinganakuzenza ngamandla ethu. (Mika 3:8; Mat. 17:20) Xa ushumayela ngenkuthalo ubonisa ukuba usebenzisana naloo moya.

Indima Yomoya Oyingcwele Kwixesha Elizayo

16. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kubakhusela abantu bakhe ngembandezelo enkulu?

16 Kwixesha elizayo, uYehova uza kusebenzisa umoya wakhe ngeendlela ezimangalisayo ukuze kuzaliseke injongo yakhe. Okokuqala makhe sihlolisise indlela abakhusela ngayo abantu bakhe. Njengoko siye sabona, mandulo uYehova wasebenzisa umoya wakhe ukuze akhusele abantu bakhe kuquka uhlanga lwakwaSirayeli luphela. Ngenxa yoko, siyakholelwa ukuba uya kusebenzisa kwaloo moya unamandla ukukhusela abantu bakhe ngexesha lembandezelo enkulu ezayo. Akuyomfuneko ukuba sizame ukucinga indlela ethe ngqo uYehova aya kusikhusela ngayo ngelo xesha. Kunoko, sifanele sikhangele kwikamva siqinisekile ukuba uYehova uya kubakhusela ngomoya wakhe oyingcwele abantu bakhe abamthandayo.—2 Kron. 16:9; INdu. 139:7-12.

17. UYehova uya kuwusebenzisa njani umoya wakhe oyingcwele ehlabathini elitsha?

17 UYehova uza kuwusebenzisa njani umoya wakhe oyingcwele kwihlabathi elitsha? Kuya kusetyenziswa lo moya xa kuvulwa imisongo emitsha ngelo xesha. (ISityhi. 20:12) Kuya kube kubhalwe ntoni kuyo? Kubonakala ukuba, kuya kube kubhalwe ngokweenkcukacha imilinganiselo kaYehova eza kusetyenziswa ebudeni beminyaka eliwaka. Ngaba ukhangele phambili ekufundeni loo misongo? Sikhangele phambili kwelo hlabathi litsha. Asinakuthelekelela ukuba kuya kuba njani ukuphila ngelo xesha xa uYehova eya kusebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze afeze injongo yakhe ngomhlaba nabantu.

18. Yintoni ozimisele ukuyenza?

18 Masingaze silibale ukuba injongo kaYehova iya kuphumelela kuba usebenzisa umoya wakhe oyingcwele—owona moya unamandla kwindalo yonke—ukuze ayizalisekise. Nawe ubandakanyekile kuloo njongo. Ngoko ke, zimisele ukuthandazela umoya kaYehova uze usebenzisane nawo. (Luka 11:13) Ngaloo ndlela, uya kuba nethemba lokuphila ngonaphakade kwiParadesi esemhlabeni njengoko uYehova wayecebe ukuba abantu baphile ngaloo ndlela.

[Imibhalo esemazantsi]

b Ukuze ufunde ngomntu owoyisa ukuba neentloni waza wakhuthalela ukushumayela, funda IMboniselo kaSeptemba 15, 1993, iphepha 19.

Ngaba Uyakhumbula?

• UYehova wawusebenzisa njani umoya wakhe oyingcwele kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile ukuze azalisekise injongo yakhe?

• UYehova uwusebenzisa njani umoya wakhe namhlanje?

• UYehova uya kuwusebenzisa njani umoya wakhe kwixesha elizayo ukuze azalisekise injongo yakhe?

[Imibuzo YeSifundo]

[Ibhokisi ekwiphepha 10]

Ngaba Uhambisana Nokukhanya Okuya Kukhanya?

UYehova uyaqhubeka ebakhanyisela abantu bakhe. Luluphi utshintsho oluye lwapapashwa kwiMboniselo?

▪ Umzekeliso kaYesu wegwele usifundisa ntoni ngokukhula ngokomoya? (Mat. 13:33)—Julayi 15, 2008, iphepha 19-20.

▪ Kuya kuyekwa nini ukukhethwa kwamaKristu anethemba lokuphila ezulwini?—Meyi 1, 2007, iphepha 30-31.

▪ Kuthetha ukuthini ukunqula uYehova “ngomoya”? (Yoh. 4:24)—Julayi 15, 2002, iphepha 15.

▪ Isihlwele esikhulu sikhonza kweyiphi intendelezo? (ISityhi. 7:15)—Meyi 1, 2002, iphepha 30-31.

▪ Ziya kwahlulwa nini izimvu neebhokhwe? (Mat. 25:31-33)—Oktobha 15, 1995, iphepha 18-28.