Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lutsha—Khulisani Umnqweno Wenu Wokukhonza UYehova

Lutsha—Khulisani Umnqweno Wenu Wokukhonza UYehova

Lutsha—Khulisani Umnqweno Wenu Wokukhonza UYehova

“Ke kaloku, khumbula uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobufana bakho.”—INTSHU. 12:1.

1. Sisiphi isimemo esadluliselwa nakubantwana bakwaSirayeli?

 MALUNGA neminyaka engama-3 500 eyadlulayo, umprofeti kaYehova uMoses wathi kubabingeleli nakumadoda amakhulu akwaSirayeli: “Uze ubahlanganise abantu, amadoda nabafazi nabantwana... , ukuze baphulaphule nokuze bafunde, bamoyike uYehova uThixo wenu, bakunyamekele ukuwenza onke amazwi alo mthetho.” (Dut. 31:12) Phawula ukuba kwakuyalelwe amadoda, abafazi nabantwana ukuba beze kunqula. Nabantwana babephakathi kwabo bayalelwa ukuba baphulaphule, bafunde baze balandele ulwalathiso lukaYehova.

2. UYehova wabonisa njani ukuba uluxhalabele ulutsha kwibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala?

2 Ngenkulungwane yokuqala, uYehova waqhubeka ebonisa indlela aluxhalabele ngayo ulutsha. Ngokomzekelo, waphefumlela umpostile uPawulos ukuba aquke imiyalelo eya kwabaselula kwiileta awazibhalayo. (Funda eyabase-Efese 6:1; neyabaseKolose 3:20.) Ulutsha olungamaKristu olwalusebenzisa ezo ziluleko lwamthanda ngakumbi uYise wasezulwini onothando yaye walusikelela.

3. Abantu abaselula bawubonisa njani umnqweno abanawo wokukhonza uThixo?

3 Ngaba nanamhlanje abaselula bayamenywa ukuba beze kunqula uYehova? Ewe kunjalo! Ngoko kuyabavuyisa bonke abantu bakaThixo ukubona abakhonzi bakhe abaninzi abaselula bethobela isibongozo sikaPawulos esithi: “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.” (Heb. 10:24, 25) Ngaphezu koko, abantwana abaninzi bashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo nabazali babo. (Mat. 24:14) Bebonisa indlela abamthanda ngokwenene ngayo uYehova, abantu abaselula abangamawakawaka bayabhaptizwa nyaka ngamnye baze bafumane iintsikelelo zokuba ngabafundi bakaKristu.—Mat. 16:24; Marko 10:29, 30.

Samkele Ngoku Isimemo

4. Ulutsha lunokusamkela nini isimemo sikaThixo sokumkhonza?

4 INtshumayeli 12:1 ithi: “Ke kaloku, khumbula uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobufana bakho.” Isimemo sokukhonza uYehova ufanele usamkele xa uneminyaka emingaphi? IZibhalo azichazi minyaka ingqalileyo. Ngoko ke, musa ukucinga ukuba usemncinane gqitha ukuba ungathobela uYehova uze umkhonze. Enoba uneminyaka emingaphi, ukhuthazwa ukuba wamkele esi simemo ngokukhawuleza.

5. Abazali banokubanceda njani abantwana babo benze inkqubela ngokomoya?

5 Uninzi lwenu luncedwa ngumzali omnye okanye ababini ukuze lwenze inkqubela ngokomoya. Ngenxa yoko, nifana noTimoti ekuthethwa ngaye eBhayibhileni. Xa wayelusana, wafundiswa izibhalo ezingcwele ngunina uYunike noninakhulu uLoyisi. (2 Tim. 3:14, 15) Kusenokwenzeka ukuba abazali bakho bakuqeqesha ngendlela efanayo ngokukuqhubela isifundo seBhayibhile, bathandaze nawe, bahambe nawe xa besiya kwiintlanganiso zebandla nakwiindibano zabantu bakaThixo baze baye nawe entsimini. Eneneni, uYehova unike abazali bakho imbopheleleko ebalulekileyo yokukufundisa iindlela zikaThixo. Ngaba uyayixabisa indlela abakuthanda nabakuxhalabele ngayo?—IMize. 23:22.

6. (a) Ngokutsho kweNdumiso 110:3, luluphi uhlobo lonqulo olumkholisayo uYehova? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa?

6 Sekunjalo njengoko nina baselula nikhula, uYehova ufuna njengoTimoti “nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.” (Roma 12:2) Ukuba niyakwenza oko, niya kuba nenxaxheba kwizinto zebandla, kungekhona kuba niqhutywa ngabazali, kodwa kuba nifuna ukwenza ukuthanda kukaThixo. Niya kumvuyisa uYehova ukuba nimkhonza ngokuzithandela. (INdu. 110:3) Ngoko, unokubonisa njani ukuba ufuna ukukhulisa umnqweno wakho wokuthobela uYehova nolwalathiso lwakhe? Siza kuhlolisisa iindlela ezintathu esinokukwenza ngayo oku; ukufundisisa, ukuthandaza nendlela esimele siziphathe ngayo. Makhe sihlolisise nganye yazo.

Mazi Kakuhle UYehova

7. UYesu wamisela wuphi umzekelo njengomfundi weZibhalo yaye yintoni eyamncedayo?

7 Indlela yokuqala onokubonisa ngayo ukuba ufuna ukukhulisa umnqweno wakho wokukhonza uYehova kukufunda iBhayibhile yonke imihla. Unokwanelisa intswelo yakho yokomoya uze ube nolwazi oluxabisekileyo lweBhayibhile ngokufunda iLizwi likaThixo rhoqo. (Mat. 5:3) UYesu wamisela umzekelo omhle kule nkalo. Ngesinye isihlandlo xa wayeneminyaka eli-12 ubudala, abazali bakhe bafika etempileni “ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphule yaye ebabuza.” (Luka 2:44-46) Esengumntwana, uYesu wayesele ezithanda iZibhalo yaye eziqonda kakuhle. Yintoni eyamncedayo? Ngokungathandabuzekiyo, wancedwa ngunina uMariya, noyise owayemkhulisa, uYosefu. Babengabakhonzi bakaThixo yaye bafundisa uYesu imiyalelo kaThixo ukususela ebusaneni.—Mat. 1:18-20; Luka 2:41, 51.

8. (a) Abazali bafanele baqale nini ukunceda abantwana babo bathande iLizwi likaThixo? (b) Balisa amava abonisa ukubaluleka kokuqeqesha abantwana beseziintsana.

8 Ngokufanayo, abazali abahlonel’ uThixo bayakuqonda ukubaluleka kokuhlakulela ezintliziyweni zabantwana babo ukuthanda inyaniso yeBhayibhile beseziintsana. (Dut. 6:6-9) URubi ongudade ongumKristu wenza kanye loo nto emva kokuba efumene izibulo lakhe, uJoseph. Suku ngalunye wayemfundela Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Njengoko wayekhula wamnceda wakwazi ukucengceleza izibhalo ezahlukahlukeneyo. Ngaba olo qeqesho lwamnceda uJoseph? Emva kokuba efunde ukuthetha, wayekwazi ukubalisa amabali eBhayibhile ngamazwi akhe. Xa wayeneminyaka emihlanu ubudala, wanikela intetho yakhe yokuqala kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo.

9. Kutheni kubalulekile ukufunda iBhayibhile nokucamngca ngoko ukufundayo?

9 Ukuze wenze inkqubela engakumbi ngokomoya, ufanele uqhele ukufunda iBhayibhile yonke imihla usekwiminyaka yeshumi elivisayo. (INdu. 71:17) Ukufunda iBhayibhile kuya kukunceda njani wenze inkqubela? Phawula oko kwathethwa nguYesu xa wayethandaza kuYise: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso.” (Yoh. 17:3) Eneneni, xa uzama ukumazi ngakumbi uYehova, uya kumgqala njengoMntu wokwenene uze umthande ngakumbi. (Heb. 11:27) Ngoko ke, ngalo lonke ixesha ufunda iBhayibhile, sebenzisa elo thuba ukuze ufunde okungakumbi ngoYehova. Zibuze: ‘Indifundisa ntoni le ngxelo ngobuntu bukaYehova? Le ngxelo iseBhayibhileni ibonisa njani ukuba uThixo uyandithanda yaye undixhalabele?’ Ukucamngca ngale mibuzo kuya kukunceda ubone indlela uYehova acinga navakalelwa ngayo noko akufunayo kuwe. (Funda iMizekeliso 2:1-5.) NjengoTimoti, uya ‘kweyiselwa ekuzikholelweni’ izinto ozifunde eZibhalweni, uze ufune ukukhonza uYehova ngokuzithandela.—2 Tim. 3:14.

Indlela Umthandazo Onokulukhulisa Ngayo Uthando Lwakho NgoYehova

10, 11. Umthandazo unokukunceda njani ukhulise umnqweno wakho wokukhonza uThixo?

10 Indlela yesibini onokuwukhulisa ngayo umnqweno wakho wokukhonza uYehova ngentliziyo yakho yonke, kukuthandaza. INdumiso 65:2 ithi: “Owu mphulaphuli wemithandazo, abantu bayo yonke inyama baya kuza kuwe.” Nangona uThixo wayenze umnqophiso namaSirayeli, nabantu basemzini ababesiza etempileni kaYehova babenokuthandaza kuye. (1 Kum. 8:41, 42) UThixo akakhethi buso. Abo bathobela imiyalelo yakhe baqinisekile ukuba uya kubaphulaphula. (IMize. 15:8) Ngokuqinisekileyo, uphulaphula “abantu bayo yonke inyama,” kuquka nani baselula.

11 Ukuze ubuhlobo bube bobokwenene, kufuneka kubekho unxibelelwano oluhle. Mhlawumbi uyakuthanda ukuxelela umhlobo wakho izinto ozicingayo, ezikuxhalabisayo nendlela ovakalelwa ngayo. Ngokufanayo, xa uthandaza ngokuphuma entliziyweni, uthetha noMdali wakho Ozukileyo. (Fil. 4:6, 7) Thetha noYehova ngokungathi ukhupha imbilini yakho kumzali onothando okanye umhlobo osondeleyo. Enyanisweni, indlela othandaza ngayo ibonisa indlela ovakalelwa ngayo ngoYehova. Uya kuphawula ukuba okukhona ulwalamano lwakho noYehova lusomelela, kokukhona imithandazo yakho iya kuba nentsingiselo.

12. (a) Kutheni umthandazo onentsingiselo ingekokusebenzisa amazwi kuphela? (b) Yintoni eya kukunceda uqonde ukuba uYehova usondele kuwe?

12 Noko ke khumbula ukuba umthandazo onentsingiselo asikokusebenzisa amazwi kuphela. Ubandakanya neemvakalelo zakho. Xa uthandaza, bonisa uYehova ukuba uyamthanda, umhlonela ngokunzulu yaye uthembele kuye ngokupheleleyo. Njengoko ubona indlela uYehova ayiphendula ngayo imithandazo yakho, uya kutsho uqonde ukuba “usondele uYehova kubo bonke abo bambizayo.” (INdu. 145:18) UYehova uya kusondela kuwe, akuncede ukuze ukwazi ukuchasa uMtyholi nokwenza izigqibo ezifanelekileyo ebomini.—Funda uYakobi 4:7, 8.

13. (a) Wancedakala njani omnye udade ngokuba nobuhlobo obusondeleyo noThixo? (b) Ukuba nobuhlobo noThixo kuya kukunceda njani ujamelane nengcinezelo yoontanga?

13 Phawula indlela uCherie awomelezwa ngayo kukuba nolwalamano olusondeleyo noYehova. Kwisikolo samabanga aphakamileyo, wafumana iimbasa ngenxa yokuqhuba kakuhle kwizifundo zakhe nakwezemidlalo. Emva kokuba egqibe esikolweni wathenjiswa ngokunikwa imali eyayiza kumnceda afumane imfundo ephakamileyo. UCherie uthi, “Ndandiyinqwenela le mali ibe abaqeqeshi nabanye endandifunda nabo babendikhuthaza ukuba ndiyithathe.” Noko ke, waqonda ukuba ukuze afumane imfundo ephakamileyo kuya kufuneka achithe ixesha elininzi efunda yaye eqeqeshelwa ezemidlalo—nto leyo eyayiza kumshiya enexesha elincinane lokukhonza uYehova. Wenza ntoni uCherie? Uthi, “Emva kokuthandaza kuYehova, andizange ndiyamkele loo mali yokufunda yaye ndaba nguvulindlela othe ngxi.” Ngoku uneminyaka emihlanu enguvulindlela. Uthi, “Andizisoli nakancinane. Ndiyavuya kuba ndenza isigqibo esikholisa uYehova. Liyinyaniso elokuba, xa ufuna uBukumkani bukaThixo kuqala, zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuwe.”—Mat. 6:33.

Ukuziphatha Kakuhle Kubonisa Ukuba ‘Unentliziyo Ehlambulukileyo’

14. Kutheni kubalulekile kuYehova ukuziphatha kwakho okuhle?

14 Indlela yesithathu onokubonisa ngayo ukuba ukhonza uYehova ngokuzithandela, yindlela oziphatha ngayo. UYehova uyalusikelela ulutsha oluhlala lucocekile ngokokuziphatha. (Funda iNdumiso 24:3-5.) USamuweli oselula akazange aziphathe kakubi njengoonyana boMbingeleli Omkhulu uEli. Abantu babeyibona indlela uSamuweli aziphethe kakuhle ngayo. IBhayibhile ithi: “Lonke elo xesha inkwenkwe uSamuweli yayikhula ngokukhula yaye ithandeka ngakumbi kokubini kuYehova nakubantu.”—1 Sam. 2:26.

15. Ziziphi izizathu ezibangela ukuba uhlale uziphethe kakuhle?

15 Siphila kwihlabathi elinabantu abazithandayo, abanekratshi, abangathobeli bazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, abaziindlobongela, abakhukhumele likratshi nabathanda iziyolo kunokuba bathande uThixo—nto ezo zachazwa nguPawulos. (2 Tim. 3:1-5) Ekubeni ungqongwe ngabantu abangendawo, kunokuba nzima ukuba uhlale uziphethe kakuhle. Noko ke, ngalo lonke ixesha usenza okulungileyo uze ukuphephe ukwenza okubi, ubonisa ukuba umela uYehova kwimbambano yolongamo kwihlabathi liphela. (Yobhi 2:3, 4) Uya kufumana ulwaneliseko kuba usazi ukuba uthobela isibongozo sikaYehova esithi: “Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam, ukuze ndimphendule ondingcikivayo.” (IMize. 27:11) Ngaphezulu, xa sisazi ukuba sikholisa uYehova, siya kunqwenela ukumkhonza ngakumbi.

16. Omnye udade wayivuyisa njani intliziyo kaYehova?

16 UCarol, ongudade ongumKristu wayithobela imigaqo yeBhayibhile esekwishumi elivisayo esikolweni yaye ukuziphatha kwakhe kakuhle kwakubonwa ngabanye. Yintoni eyenzekayo? UCarol wayegculelwa ngabantwana afunda nabo kuba, ngenxa yesazela sakhe esiqeqeshwe yiBhayibhile wayengazibhiyozeli iiholide nemisitho ekhuthaza ubuzwe. Ngezo zihlandlo wayedla ngokufumana ithuba lokuchaza iinkolelo zakhe. Emva kweminyaka emininzi uCarol wafumana ileta evela komnye owayefunda naye, eyayisithi: “Kudala ndifuna ukuqhagamshelana nawe ukuze ndikubulele. Ndandiyibona indlela oziphethe kakuhle ngayo njengomKristu oselula, nenkalipho owawunayo nokungavumi ukubhiyozela iiholide. Ndandiqala ukubona amaNgqina kaYehova ngawe.” Umzekelo omhle kaCarol wabangela ukuba lo wayefunda naye aqalise ukufunda iBhayibhile. Kwileta awayeyibhalele uCarol wamchazela ukuba wayesele eneminyaka engama-40 eliNgqina elibhaptiziweyo! NjengoCarol, nina baselula namhlanje enithobela imigaqo yeBhayibhile ngenkalipho ninokukhuthaza abantliziyo zinyanisekileyo ukuba bafunde ngoYehova.

Ulutsha Oludumisa UYehova

17, 18. (a) Uvakalelwa njani ngabaselula abasebandleni lakho? (b) Ziziphi iintsikelelo eziza kufunyanwa lulutsha oluhlonela uThixo?

17 Sonke thina bakwintlangano kaYehova ehlabathini lonke kuyasivuyisa ukubona amawakawaka abaselula akunqulo lokwenyaniso! Olu lutsha lukhulisa umnqweno wokukhonza uYehova ngokufunda iBhayibhile yonke imihla, ngokuthandaza nangokuphila ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo. Olu lutsha lungumzekelo luyabahlaziya abazali balo nabo bonke abantu bakaYehova.—IMize. 23:24, 25.

18 Kwixa elizayo, abantu abaselula abathembekileyo baya kuba phakathi kwabo baya kusinda baze bangene kwihlabathi likaThixo elitsha. (ISityhi. 7:9, 14) Ngelo xesha, baya kufumana iintsikelelo ezininzi njengoko bemxabisa nangakumbi uYehova, yaye baya kumdumisa ngonaphakade.—INdu. 148:12, 13.

Ngaba Unokuchaza?

• Abantu abaselula banokuba nenxaxheba njani kunqulo lokwenyaniso namhlanje?

• Ukuze ungenelwe xa ufunda iBhayibhile, kutheni kubalulekile ukucamngca?

• Ukuthandaza kukunceda njani usondele kuYehova?

• Yiyiphi imiphumo enokubangelwa kukuziphatha kakuhle komKristu?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 5]

Ngaba ukwenza umkhwa ukufunda iBhayibhile yonke imihla?