Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uyakhumbula?

Ngaba Uyakhumbula?

Ngaba Uyakhumbula?

Ngaba uye wakuvuyela ukufunda iiMboniselo zakutshanje? Khawubone ukuba unokuyiphendula kusini na le mibuzo ilandelayo:

• Kwakutheni ukuze kufuneke uMesiya afe?

Ukufa kukaYesu kwangqina ukuba umntu ofezekileyo angakwazi ukuzinikela kuThixo naxa elingwa ngokuqatha. Kwakhona wahlawulela isohlwayo sesono esazuzw’ ilifa yinzala ka-Adam, waza wavula indlela yokuba ifumane ubomi obungunaphakade.—12/15, iphepha 22-23.

• Yintoni enokunceda umntu angasebenzisi utywala ngokugqithiseleyo?

Unokuncedwa ngumthandazo nokufunda iBhayibhile. Kubalulekile ukuzeyisa, ukunamathela kwisigqibo osenzileyo nokukhetha abahlobo abalungileyo. Ukuba umntu ugqiba kwelokuba abusebenzise utywala ufanele azibekele imida yaye angavumi ukusela xa engafuni.—1/1, iphepha 7-9.

• Yintoni ebandakanyekileyo ekunxibelelaneni nabantwana?

Akwanelanga ukuthetha nje kunye nabo, kufuneka ubabuze nemibuzo uze uphulaphule ngenyameko xa bephendula. Abaninzi baye bafumanisa ukuba xa kutyiwa, kuvuleka amathuba onxibelelwano.—1/15, iphepha 18-19.

• UYehova ufezekile, ngoko kunokwenzeka njani ukuba azisole?

Maxa wambi, uThixo uyayitshintsha indlela abajonga ngayo abantu. Ngokomzekelo, amaSirayeli amandulo amshiya uYehova kangangezihlandlo eziliqela, alandela abanye oothixo. Emva koko uYehova wayeka ukuwakhusela. Noko ke, xa bezisola yaye beguquka ngenxa yesiphoso sabo baze bacele uncedo kuThixo, wayeyitshintsha indlela abajonga ngayo okanye ‘azisole.’ (ABagwe. 2:18)—2/1, iphepha 21.

• Ziziphi iimeko ezinokwenza ukuba umntu aphinde abhaptizwe?

Umntu unokuphinda abhaptizwe ukuba xa wayelungiselela ukubhaptizwa wayephila ubomi obumbaxa okanye esenza into eyayinokubangela ukuba asuswe kubudlelane ukuba wayesele ebhaptiziwe.—2/15, iphepha 22.

• Ziziphi izizathu ezithathu eziphosakeleyo abanye abadla ngokuthethelela ngazo ukunganyaniseki?

Abanye bavakalelwa kukuba bayathetheleleka xa besiba kuba bangamahlwempu. Abanye bazithethelela ngokuthi, “Wonke umntu uyeba nje.” Abanye abaye bachola izinto ezixabisekileyo baze bazenze ezabo bathi, “uThixo akaphi ngasandla.” IBhayibhile ayivumelani nezo zizathu.—3/1, iphepha 12-14.

• Kumzekeliso kaYesu wokhula nengqolowa, yintoni efanekiselwa kukuhlwayela okanye ukutyala imbewu entle?

UYesu onguNyana womntu, walima intsimi ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni. Ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E., kwahlwayelwa imbewu entle xa kwathanjiswa amaKristu aza aba ngoonyana bakaThixo, oonyana boBukumkani.—3/15, iphepha 20.

• Ingqolowa yokomfuziselo ekumzekeliso kaYesu ihlanganiselwa njani kuvimba kaYehova? (Mat. 13:30)

Esi siprofeto siye sazaliseka ebudeni bokupheliswa kwenkqubo yezinto. Oonyana abanyuliweyo boBukumkani, abayingqolowa yokomfuziselo, bahlanganiselwa kuvimba kaYehova xa bebuyiselwa kwibandla lamaKristu elivuselelweyo okanye xa befumana umvuzo wabo wasezulwini.—3/15, iphepha 22.

• Ngubani owenza isigqibo ngokuphathelele iincwadi eziya kuba yinxalenye yeZibhalo zamaKristu zesiGrike?

Esi sigqibo asizange senziwe yicawa okanye inkokeli yonqulo. Kunoko amaKristu okwenyaniso, ekhokelwa ngumoya oyingcwele kaThixo, azibona ezona zibhalo ziphefumlelwe ngokwenene. Oku kungqinwa yinto yokuba esinye seziphiwo zomoya ezingummangaliso ezanikwa ibandla lamaKristu enkulungwane yokuqala ‘yayikukuqonda amazwi aphefumlelweyo.’ (1 Kor. 12:4, 10)—4/1, iphepha 28.