Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uyamvumela UYehova Akubuze?

Ngaba Uyamvumela UYehova Akubuze?

Ngaba Uyamvumela UYehova Akubuze?

EBHAYIBHILENI kukho imibuzo emininzi efikelel’ intliziyo. Enyanisweni noYehova uThixo usebenzisa imibuzo xa efundisa abantu inyaniso. Ngokomzekelo, uYehova wasebenzisa imibuzo eliqela xa wayelumkisa uKayin ukuba ayeke indlela yakhe egwenxa. (Gen. 4:6, 7) Ngezinye izihlandlo uYehova wayebuza umbuzo nje omnye owawubangela ukuba umntu enze okuthile. Xa weva uYehova ebuza esithi: “Ndothuma bani na, ngubani na owosiyela?” umprofeti uIsaya wathi: “Ndikho! Thuma mna.”—Isa. 6:8.

NoYesu, onguMfundisi Omkhulu wasebenzisa imibuzo. Kwiingxelo zeVangeli kukho imibuzo eyabuzwa nguYesu engaphezu kwama-280. Nangona ngamany’ amaxesha wayesebenzisa imibuzo ukuze aval’ umlomo abantu ababemgxeka, amaxesha amaninzi wayeyisebenzisa ukuze afikelele iintliziyo zabo babemphulaphule, ebakhuthaza ukuba bacinge ngentswelo yabo yokomoya. (Mat. 22:41-46; Yoh. 14:9, 10) Ngokufanayo, umpostile uPawulos owabhala iincwadi ezili-14 zeZibhalo zamaKristu zesiGrike, wasebenzisa imibuzo ukuze afikelel’ iintliziyo zabantu. (Roma 10:13-15) Ngokomzekelo, ileta yakhe eya kwabaseRoma inemibuzo emininzi. Imibuzo kaPawulos ibangela abantu baqonde “ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobolwazi lukaThixo.”—Roma 11:33.

Nangona kukho imibuzo efuna impendulo, eminye ifuna umntu acingisise. Kwiincwadi zeVangeli uYesu usebenzisa imibuzo efuna ubani acingisise. Ngesinye isihlandlo uYesu walumkisa abafundi bakhe wathi: “Lilumkeleni igwele labaFarisi negwele likaHerode,” ebhekisela kuhanahaniso nakwiimfundiso zabo zobuxoki. (Marko 8:15; Mat. 16:12) Abafundi bakaYesu abazange baqonde ukuba uthetha ukuthini yaye baqalisa ukuphikisana ngokulibala isonka. Phawula ukuba uYesu waphendula wathini. “Wathi kubo: ‘Kutheni nixoxisana ngokungabi nazonka? Anikaqondi nize nifumane intsingiselo? Nineentliziyo ezibuthuntu ekuqondeni? ‘Nakuba ninamehlo, aniboni na; yaye nakuba nineendlebe, aniva na?’... Anikayifumani na intsingiselo?’” Imibuzo kaYesu yabangela ukuba abafundi bakhe bacingisise ngentsingiselo yoko wayekuthetha.—Marko 8:16-21.

“Mandikubuze”

UYehova uThixo wasebenzisa imibuzo ukuze alungise indlela umkhonzi wakhe uYobhi awayecinga ngayo. UYehova wasebenzisa imibuzo emininzi ukuze abonise uYobhi ukuba akanto xa ethelekiswa noMenzi wakhe. (Yobhi, isahl. 38-41) Ngaba uYehova wayelindele ukuba ayiphendule yonke loo mibuzo? Akubonakali njalo. Umbuzo onjengothi “Wawuphi na ekusekeni kwam umhlaba?” ngokuqinisekileyo wabangela ukuba uYobhi acinge. Emva kwaloo mbuzo, aphel’ emqaleni kuYobhi. Wathi: “Ndiya kukuphendula ndithini na? Isandla sam ndisibeke emlonyeni wam.” (Yobhi 38:4; 40:4) UYobhi wayifumana ingongoma waza wazithoba. Noko ke, uYehova wayengafundisi uYobhi ukuthobeka nje kuphela. Wayelungisa nendlela acinga ngayo. Ngayiphi indlela?

Nangona uYobhi ‘wayeyindoda engenakusoleka nethe tye,’ wayethetha izinto ezitenxileyo ngamanye amaxesha yaye uElihu wakuphawula oku waza wamkhalimela uYobhi ngenxa “yokuvakalisa kwakhe umphefumlo wakhe ulilungisa endaweni kaThixo.” (Yobhi 1:8; 32:2; 33:8-12) Ngenxa yoko, imibuzo kaYehova yayilungisa ingqondo kaYobhi. Ethetha noYobhi ekwisaqhwithi somoya, uThixo wathi: “Ngubani na lo usitha icebo ngamazwi angenakwazi? Khawuncede, ubhinqe esinqeni sakho njengendoda eyomeleleyo, mandikubuze, uze wena undazise.” (Yobhi 38:1-3) Esebenzisa imibuzo, uYehova wabonisa ukuba ubulumko namandla akhe akanakulinganiswa nanto, njengoko nemisebenzi yakhe ibonisa. Oku kwamnceda uYobhi ukuba athembele kwindlela kaYehova yokwenza izinto. Anjani wona amava awaba nawo uYobhi—ukubuzwa imibuzo nguThixo uSomandla!

Indlela Esinokumvumela Ngayo UYehova Ukuba Asibuze

Kuthekani ngathi? Ngaba nathi sinokungenelwa kwimibuzo eseBhayibhileni? Ewe, sinako! Ukuba sivumela loo mibuzo isenze sicinge, siya kungenelwa kakhulu ngokomoya. Le mibuzo exhokonx’ iingcinga, yenye yezinto ezenza iLizwi likaThixo libe namandla. Ngokwenene, “ilizwi likaThixo liphilile, linamandla . . . yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.” (Heb. 4:12) Kodwa ke ukuze singenelwe, simele siyibhekise kuthi le mibuzo, ngokungathi uYehova ubuza thina. (Roma 15:4) Masihlolisise eminye imizekelo.

“UMgwebi womhlaba wonke akayi kwenza okulungileyo yini na?” (Gen. 18:25) UAbraham wabuza uYehova lo mbuzo-buciko xa uThixo wayegweba iSodom neGomora. UAbraham wayengenakuyicinga nokuyicinga into yokuba uYehova uya kwenza into engekho sikweni—atshabalalise abangamalungisa kunye nabangendawo. Umbuzo ka-Abraham ubonisa ukuba wayenokholo kubulungisa bukaYehova.

Namhlanje, abanye basenokufunisela ukuba ngoobani abaya kusinda eArmagedon okanye abaya kuvuswa nguYehova. Kunokuba sivumele iingcinga ezinjalo zisiphazamise, masicinge ngombuzo owabuzwa nguAbraham. Ukwazi ukuba uYehova unguBawo wasezulwini onobubele nokuba nentembelo kokusesikweni nenceba yakhe njengoko uAbraham wenzayo, kuya kusinceda singachith’ ixesha namandla ethu sizixhalabisa, sithandabuza yaye siphikisana ngokungeyomfuneko.

“Ngubani na kuni onokuthi ngokuba nexhala ongeze ikubhite enye kubude bobomi bakhe?” (Mat. 6:27) Ethetha nesihlwele sabantu ekwakukho abafundi bakhe kuso, uYesu wabuza loo mbuzo ukuze abethelele indlela ekubaluleke ngayo ukuthemba uYehova. Le mihla yokugqibela yale nkqubo yezinto ingendawo isenza sixhalatyiswe zizinto ezininzi, kodwa ukuhlala sicinga ngazo akuyi kusenza siphile ubomi obude okanye kuphucule ubomi bethu.

Nanini na siziva sixhalabile okanye sixhalabele abo sibathandayo, ukukhumbula umbuzo kaYesu kunokusinceda singaxhalabi ngokungeyomfuneko. Unokusinceda siyeke ukuxhalaba nokucinga ngezinto ezingakhiyo ezinokusidandathekisa zize zisiqob’ amandla. Njengoko uYesu wasiqinisekisayo, uBawo wethu wasezulwini owondla iintaka zezulu nowambesa utyani basendle, ukwazi kakuhle oko sikusweleyo.—Mat. 6:26-34.

“Ngaba umntu unokuwufumba na umlilo esifubeni sakhe zize izambatho zakhe zingatshi?” (IMize. 6:27) Kwizahluko zokuqala ezisithoba zencwadi yeMizekeliso kuthethwa ngonyana oyalwa nguyise. Lo mbuzo ubuzwe ngasentla ubhekisela kwimiphumo ebuhlungu ebangelwa kukukrexeza. (IMize. 6:29) Ukuba uphawula ukuba unomdla kumntu ongatshatanga naye okanye unomnqweno wesini ongafanelekanga, lo mbuzo ufanele ukwenze ucinge nzulu. Eneneni, umntu unokuzibuza lo mbuzo nanini na ecinga ngokwenza into yobudenge. Ubethelela umgaqo weBhayibhile othi: ‘Uvuna loo nto uyihlwayeleyo!’—Gal. 6:7.

“Ungubani na wena ukuba ugwebe isicaka sendlu somnye?” (Roma 14:4) Kwileta yakhe eya kwabaseRoma, uPawulos uthetha ngengxaki eyayikho kwibandla lenkulungwane yokuqala. Njengoko la maKristu ayeneemvelaphi ezahlukahlukeneyo, amanye ayethanda ukugxeka izinto ezazisenziwa ngabanye. Lo mbuzo kaPawulos wawakhuthaza ukuba angagxekani kodwa ayekele izinto kuYehova.

Nanamhlanje, abantu bakaYehova baneemvelaphi ezahlukahlukeneyo. Sekunjalo, uYehova uye wasimanyanisa. Ngaba siyaluxhasa olu manyano? Ukuba siyakhawuleza ukubagxeka abazalwana bethu, kuya kuba bubulumko ukuzibuza lo mbuzo kaPawulos ungasentla!

Imibuzo Isenza Sisondele KuYehova

Le mizekelo imbalwa isenza sibone indlela imibuzo ekwiLizwi likaThixo enokusinceda ngayo sizihlolisise. Ukucinga ngomongo wombuzo ngamnye kunokusinceda sikwazi ukuyisebenzisa. Njengoko sifunda iBhayibhile, siya kufumana neminye imibuzo enokusinceda.—Funda ibhokisi ekwiphepha 14.

Ukuba siyayisebenzisa imibuzo exhokonx’ iingcinga eseLizwini likaThixo, siya kuphila ngokuvisisana neendlela zikaYehova zobulungisa. Emva kokubuzwa nguYehova, uYobhi wathi: “Ndikuve ngondiva, kodwa ngoku iliso lam liyakubona.” (Yobhi 42:5) UYehova waba ngumntu wokwenene kuYobhi ngokungathi uyambona. Kamva, umfundi uYakobi wakuchaza ngale ndlela oku: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yak. 4:8) Masivumele iLizwi likaThixo, kuquka imibuzo ekulo isincede sikhule ngokomoya size ‘simbone’ kakuhle uYehova!

[Ibhokisi ekwiphepha 14]

Ukuzibuza le mibuzo kunokukunceda njani ube nembono kaYehova?

▪ “Ngaba uYehova lo uyoliswa yiminikelo etshiswayo nemibingelelo na njengoko kunjalo ngokuthotyelwa kwelizwi likaYehova?”—1 Sam. 15:22.

▪ “Lowo uyila iliso, akanakukhangela na?”—INdu. 94:9.

▪ ‘Abantu xa befuna uzuko lwabo, ngaba luzuko?’—IMize. 25:27.

▪ “Ngaba kufanelekile na ukuba uvuthe ngumsindo?”—Yona 4:4.

▪ “Koba nayiphi na ingenelo ngomntu ukuzuza ihlabathi liphela kodwa aphulukane nomphefumlo wakhe?”—Mat. 16:26.

▪ “Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu?”—Roma 8:35.

▪ “Yintoni na onayo ongayamkeliswanga?”—1 Kor. 4:7.

▪ “Kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama?”—2 Kor. 6:14.

[Umfanekiso okwiphepha 15]

UYobhi wafunda ntoni kwimibuzo awayibuzwa nguYehova?