Susa Amehlo Akho Kwizinto Ezingento Yanto!
Susa Amehlo Akho Kwizinto Ezingento Yanto!
“Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto; ndigcine ndiphila ngokwendlela yakho.”—INDU. 119:37.
1. Sibaluleke kangakanani isiphiwo sokubona?
SIWAXABISA ngokwenene amehlo ethu! Asinceda sizibone ngokukhawuleza izinto ezisingqongileyo, sibone nebala lazo. Siyakwazi ukubona abantu esibathandayo nezinto ezinokusifaka engozini. Sibona ngawo izinto ezintle, indalo nezinto ezibubungqina bobukho bukaThixo nozuko lwakhe. (INdu. 8:3, 4; 19:1, 2; 104:24; Roma 1:20) Ekubeni amehlo edlulisela inkcazelo engqondweni, abaluleke kakhulu ekungeniseni ulwazi ngoYehova nasekubeni nokholo kuye.—Yosh. 1:8; INdu. 1:2, 3.
2. Kutheni sifanele sizilumkele izinto esizijongayo yaye yintoni esinokuyifunda kwisicelo sikamdumisi?
2 Noko ke, sisenokujonga nezinto ezinokusifak’ engxakini. Izinto esizijongayo zize zingene ezingqondweni zethu zinokukhulisa iminqweno ethile ezintliziyweni zethu. Ekubeni siphila kwihlabathi elilawulwa nguSathana uMtyholi nelithe phithi kukuziphatha okubi nokwanelisa iminqweno, sisoloko sibona imifanekiso nenkcazelo ekhohlisayo enokusenza siphambuke ngokulula—enoba siyithe krwaqu nje. (1 Yoh. 5:19) Kungenxa yoko le nto umdumisi wabongoza uThixo wathi: “Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto; ndigcine ndiphila ngokwendlela yakho.”—INdu. 119:37.
Indlela Anokusilahlekisa Ngayo Amehlo Ethu
3-5. Ziziphi iingxelo zeBhayibhile ezibonisa ingozi yokuvumela amehlo ethu asifake esihendweni?
3 Cinga ngento eyenzeka kwibhinqa lokuqala, uEva. USathana wathi amehlo akhe aya “kuvuleka” ukuba udla isiqhamo ‘somthi wokwazi okulungileyo nokubi.’ Kumele ukuba uEva watsalwa kukuva ukuba amehlo akhe aza “kuvuleka.” Wakhula nangakumbi umdla wakhe wokudla isiqhamo esalelweyo xa ‘ebona ukuba umthi ulungele ukudliwa kwanokuba uyalangazeleleka emehlweni, ewe, kuyanqweneleka ukuwujonga umthi lowo.’ Ukujonga loo mthi ngolangazelelo kwakhokelela uEva ekubeni angawuthobeli umyalelo kaThixo. Nendoda yakhe, uAdam ayizange ithobele yaye oko kwabangela ukuba uluntu lonke lwehlelwe yintlekele.—Gen. 2:17; 3:2-6; Roma 5:12; Yak. 1:14, 15.
4 Ngexesha likaNowa, iingelosi zaphenjelelwa koko zakubonayo. Ibhekisela kuzo, iGenesis 6:2, ithi: “Baziphawula ke oonyana boThixo oyinyaniso iintombi zabantu, ukuba zintle ngenkangeleko; baza bazithabathela abafazi kuzo zonke abazikhethayo.” Ukujonga iintombi zabantu zize zizikhanuke kwavuselela umnqweno ongafanelekanga wokuba neentlobano zesini nabantu kwezi ngelosi zinemvukelo yaye zazala abantwana abanogonyamelo. Ububi obabusenziwa ngabantu ngelo xesha babangela ukuba batshatyalaliswe bonke, kwasinda uNowa nentsapho yakhe kuphela.—Gen. 6:4-7, 11, 12.
5 Kwiinkulungwane kamva, uAkan owayengumSirayeli wabona izinto ekwakubuywe nazo kwisixeko saseYeriko waza wazinqwenela. UThixo wayeyalele ukuba zonke izinto ezikweso sixeko zitshatyalaliswe, ngaphandle kwezinto ezithile ezazimele zifakwe kubuncwane bukaYehova. AmaSirayeli anikwa esi silumkiso: ‘Zigcineni kwizinto ezinikelwe kwintshabalalo, ngokoyikela ukuba nisenokuzinqwenela’ nize nithabathe ezithile zazo kweso sixeko. Ngenxa yokungathobeli kuka-Akan, abantu bakwaSirayeli boyiswa eAyi yaye uninzi lwabo lwafela apho. UAkan akazange azichaze ukuba ubile de wabhaqwa. UAkan wathi: ‘Ndithe ndakuzibona ndazinqwenela, ndaza ndazithabatha.’ Umnqweno wamehlo akhe wakhokelela ekubeni atshatyalaliswe “nayo yonke into eyayiyeyakhe.” (Yosh. 6:18, 19; 7:1-26) UAkan wanqwenela into awayengavumelekanga ukuba ayithabathe.
Kufuneka Sizeyise
6, 7. Liliphi elinye ‘lamacebo’ asetyenziswa nguSathana, yaye abenzi bezibhengezo zentengiso balisebenzisa njani?
6 Abantu namhlanje balukuhlwa ngendlela efanayo naleyo yasetyenziswa kuEva, kwiingelosi ezinemvukelo nakuAkan. Eyona nto inamandla kakhulu ‘kumacebo’ asetyenziswa nguSathana ukulahlekisa abantu, ‘yinkanuko yamehlo.’ (2 Kor. 2:11; 1 Yoh. 2:16) Abenzi bezibhengezo zentengiso bayayiqonda into yokuba abantu bayathabatheka ngenxa yento abayibonayo. Enye ingcali yezorhwebo yaseYurophu ithi: “Kuzo zonke izivamvo zethu, esona sinamandla kakhulu ngamehlo. Ngawo adla ngokuba namandla kunezinye izivamvo yaye alukuhlela abantu ekwenzeni izinto abazazi kakuhle ukuba ziphosakele.”
7 Kungenxa yoko le nto abenzi bezibhengezo beyenza ngobuchule imifanekiso yentengiso ukuze abantu banqwenele ukuthenga! Omnye umphengululi waseUnited States, owenza uhlolisiso ngendlela izibhengezo zentengiso ezibaphembelela ngayo abantu, wathi “azidluliseli nje inkcazelo kodwa zibangela umntu ukuba avakalelwe ngendlela ethile kuze oko kumqhubele esenzweni.” Enye yezinto ezidla ngokusetyenziswa, yimifanekiso evuselela umnqweno wesini. Ngoko kubaluleke ngokwenene ukuba sizikhethe izinto esizibukelayo nesizifaka ezingqondweni nasezintliziyweni zethu!
8. Ngokuphathelele izinto esizijongayo iBhayibhile ikhuthaza ntoni?
8 NamaKristu okwenyaniso anokulukuhlwa ngumnqweno wamehlo nowenyama. Ngoko ke, iLizwi likaThixo lisikhuthaza ukuba sizikhethe izinto esizijongayo nesizinqwenelayo. (1 Kor. 9:25, 27; funda eyoku-1 kaYohane 2:15-17.) UYobhi owayeyindoda egqibeleleyo, wayeyiqonda into yokuba into oyibonayo inqweneleka lula. Wathi: “Ndenze umnqophiso namehlo am. Ngoko ndinokuzibonakalisa njani ndinikela ingqalelo entombini enyulu?” (Yobhi 31:1) UYobhi akazange azimisele nje ukungalibambi ibhinqa ngendlela engafanelekanga kunoko wenza isigqibo sokungayicingi nokuyicinga into enjalo. Xa wayelumkisa ngokucinga ngezinto ezingcolileyo, uYesu wathi: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.”—Mat. 5:28.
Izinto Ezingento Yanto Esifanele Siziphephe
9. (a) Kutheni sifanele silumke ngakumbi xa sisebenzisa i-Internet? (b) Yintoni enokwenzeka xa umntu ejonga imifanekiso engamanyala nokuba lixeshana nje elifutshane?
9 Baxhaphake kakhulu namhlanje abantu abathanda ‘ukuqhubeka bekhangele’ izinto ezingamanyala, ngokukodwa kwi-Internet. Usenokuzibhaqa sele ujonge iWeb site enezinto ezingamanyala! Inokwenzeka njani loo nto? Kusenokuthi gqi umfanekiso onomtsalane ekhompyutheni yakho. Okanye usenokufumana ie-mail, onokuthi xa uyivula kuthi gqi umfanekiso ongamanyala owenziwe ngohlobo lokuba kube nzima ukuwuvala. Nokuba umntu uwuthi krwaqu nje aze awucime, kunokuba nzima ukuba usuke engqondweni. Ukujonga umfanekiso ongamanyala nokuba lixeshana nje elifutshane, kunokuba nemiphumo ebuhlungu. Umntu unokutyiwa sisazela yaye kunokuba nzima ukuba ucime engqondweni. Akusathethwa ke ngomntu “oqhubeka ekhangela” le mifanekiso ngabom, ufanele awubhubhise loo mnqweno wakhe ungafanelekanga.—Funda eyabase-Efese 5:3, 4, 12; Kol. 3:5, 6.
10. Yintoni ebangela ukuba abantwana babe ngawona maxhoba okujonga imifanekiso engamanyala yaye yintoni enokwenzeka xa benokuyijonga?
10 Kuba ngokwemvelo abantwana benomnqweno wokwazi, banokuba nomdla wokujonga imifanekiso engamanyala. Ukubona le mifanekiso, kusenokuchaphazela imbono yabo ngesini. Ngokutsho kwelinye inqaku, basenokuba nembono egqwethekileyo ngesini, “basenokuba nengxaki xa kumele bakhe ulwalamano nabanye, basenokuba nembono engafanelekanga ngamabhinqa; basenokungakwazi ukwahlukana nomkhwa wokujonga izinto ezingamanyala yaye oko kunokubaphazamisa kumsebenzi wabo wesikolo, kubenze bangabi nalwalamano luhle nabahlobo babo kwakunye namalungu eentsapho zabo.” Okubuhlungu nangakumbi kukuba, oku kusenokubenza babe neengxaki xa sele betshatile.
11. Chaza umzekelo wendlela ekuyingozi ngayo ukubukela imifanekiso engamanyala.
11 Omnye umKristu wathi: “Ngaphambi kokuba ndibe liNgqina, eyona nto kwaba nzima kakhulu ukwahlukana nayo yimifanekiso engamanyala. Ngamany’ amaxesha, ivumba elithile, ingoma, ukubona nto ithile okanye ukubhadula nje kwengqondo kundenza ndicinge ngale mifanekiso. Ndilwa nale ngxaki mihla le.” Xa wayeselula, omnye umzalwana wayedla ngokufunda amaphephancwadi kayise owayengumntu wehlabathi, anemifanekiso engamanyala, xa abazali bakhe bengekho. Uthi: “Loo mifanekiso yayonakalisa ngokwenene ingqondo yam ekukhuleni kwam! Nangoku, emva kweminyaka engama-25, eminye yaloo mifanekiso isathe thaa engqondweni yam. Nakuba ndizama konke okusemandleni ukuba isuke, ayiyi ndawo. Oku kundenza ndizive ndinesazela nakuba ndikuphepha ukusoloko ndicinga ngayo.” Kububulumko ngokwenene ukuphepha loo ntlungu ngokungajongi izinto ezingento yanto! Umntu unokukwenza njani oku? Ngokuzama ‘ukuthimba zonke iingcamango, azenze zithobele uKristu.’—2 Kor. 10:5.
12, 13. Ziziphi izinto ezingento yanto amaKristu afanele akuphephe ukuzibukela yaye ngoba?
12 Enye into ‘yobutshijolo,’ okanye engento yanto, esifanele siyiphephe ziindlela zokuzonwabisa ezikhuthaza ukuthanda izinto eziphathekayo okanye ubugqi okanye ezinogonyamelo, uphalazo-gazi nokubulala. (Funda iNdumiso 101:3.) UYehova unike abazali abangamaKristu imbopheleleko yokuba bazikhethe izinto ezibukelwayo emakhayeni abo. Kakade ke, akakho umKristu wokwenyaniso onokusebenzelana nemimoya ngabom. Sekunjalo, abazali bafanele bazi ukuba ezinye iifilimu, iinkqubo zikamabonwakude, imidlalo yevidiyo kwanamabali ahlekisayo neencwadi zabantwana zikhuthaza ubugqi.—IMize. 22:5.
13 Enoba siselula okanye sikhulile, asifanele sithande imidlalo yeevidiyo enogonyamelo okanye ebonisa ukubulawa kwabantu ngendlela emasikizi. (Funda iNdumiso 11:5.) Simele sikuphephe ukuhlala sicinga ngezinto ezingafunwayo nguYehova. Khumbula ukuba uSathana ufuna ukonakalisa iingqondo zethu. (2 Kor. 11:3) Kwanokuchitha ixesha elininzi sibukele izinto ezigqalwa njengezifanelekileyo kunokuphazamisana nonqulo lwentsapho, ufundo lweBhayibhile lwemihla ngemihla nokulungiselela iintlanganiso.—Fil. 1:9, 10.
Xelisa Umzekelo KaYesu
14, 15. Yintoni esiyiphawulayo ngelinge likaSathana lesithathu lokuhenda uKristu yaye uYesu wamelana njani nalo?
14 Okubuhlungu kukuba kweli hlabathi lingendawo, ezinye izinto ezingento yanto asinakuziphepha. KwanoYesu wazibona izinto ezinjalo. Kwilinge lakhe lesithathu lokuphambukisa uYesu ekwenzeni ukuthanda kukaThixo, “uMtyholi wamthabatha wamsa kwintaba ephakame ngokungaqhelekanga, waza wambonisa zonke izikumkani zehlabathi nozuko lwazo.” (Mat. 4:8) Kwakutheni ukuze uSathana enze oko? Ngokuqinisekileyo wayefuna ukusebenzisa impembelelo enamandla yamehlo. Ukubona uzuko lwazo zonke izikumkani zehlabathi kwakunokubangela ukuba uYesu abe nomnqweno wokufuna udumo lwehlabathi. Wasabela njani uYesu?
15 UYesu akazange amilisele ingqondo yakhe kwesi sihendo. Akazange avumele iminqweno engafanelekanga ukuba yendele entliziyweni yakhe. Akazange aqale acinge ngale nto yayithethwa nguMtyholi ngaphambi kokuba ayigatye. UYesu wamgatya ngoko nangoko. Wathi: “Hamb’ umke, Sathana!” (Mat. 4:10) Eyona nto wayecinga ngayo uYesu, yayilulwalamano lwakhe noYehova yaye waphendula ngokuvisisana neyona nto yayibalulekile ebomini bakhe—ukwenza ukuthanda kukaThixo. (Heb. 10:7) Ngenxa yoko, uYesu walitshitshisa icebo likaSathana lobuqili.
16. Yintoni esinokuyifunda kumzekelo kaYesu wokuchasa izihendo zikaSathana?
16 Sinokufunda okuninzi kumzekelo kaYesu. Okokuqala, akakho umntu ongenakuhendwa nguSathana. (Mat. 24:24) Okwesibini, izinto esihlala sizijongile ngalo lonke ixesha zinokukhulisa entliziyweni yethu umnqweno wokwenza okulungileyo okanye okubi. Okwesithathu, uSathana usebenzisa ‘inkanuko yamehlo’ ukuze asiphambukise. (1 Pet. 5:8) Okwesine, nathi sinokumchasa uSathana ingakumbi xa simgatya ngoko nangoko.—Yak. 4:7; 1 Pet. 2:21.
Yiba Neliso ‘Elingenakumbi’
17. Kutheni kungebobulumko ukulinda de into engento yanto ibe phambi kwethu ngaphambi kokuba senze isigqibo soko sizimisele ukukwenza?
17 Xa sizahlulela kuYehova siyamthembisa ukuba siya kusuka kwizinto ezingento yanto. Kwisifungo sethu sokwenza ukuthanda kukaThixo sithetha amazwi awathethwa ngumdumisi, athi: “Ndizithintele iinyawo zam kuwo wonke umendo wobubi, ngenjongo yokuba ndigcine ilizwi lakho.” (INdu. 119:101) Asibobulumko ukulinda de into engento yanto ibe phambi kwethu ngaphambi kokuba senze isigqibo soko sizimisele ukukwenza. Zichazwe ngokucacileyo eZibhalweni izinto ezingavumelekanga. Amacebo kaSathana siyawazi. Walingwa nini uYesu ukuba ajike amatye abe zizonka? Emva kokuzila ukutya kangangeentsuku ezingama-40 nobusuku bazo, waza waziva ‘elambile.’ (Mat. 4:1-4) USathana uyakwazi ukusibona xa sibuthathaka, naxa sinokunikezela lula esilingweni. Ngoko, simele sicingisise ngoku ngale mibandela. Musa ukukubekel’ amangomso oku! Ukuba sisoloko sicinga ngesifungo sokuzahlulela kwethu kuYehova yonke imihla, siya kuhlala sizimisele ukusuka kwinto engento yanto.—IMize. 1:5; 19:20.
18, 19. (a) Chaza umahluko phakathi kweliso ‘elingenakumbi’ neliso ‘elingendawo.’ (b) Kutheni kubalulekile ukuhlala sicinga ngezinto ezixabisekileyo yaye liliphi icebiso esilifumana kweyabaseFilipi 4:8 ngokuphathelele oku?
18 Suku ngalunye, sibona izinto ezininzi eziya zisiba nomtsalane emehlweni ethu. Ngoko, kubaluleke kakhulu ukuthobela isilumkiso sikaYesu sokugcina iliso lethu ‘lingenakumbi.’ (Mat. 6:22, 23) Iliso ‘elingenakumbi’ lijoliswe kwinto enye—ukwenza ukuthanda kukaThixo. Ngokwahlukileyo koko, iliso ‘elingendawo’ linamaqhinga, liyabawa yaye litsaleleke kwizinto ezingento yanto.
19 Khumbula ukuba izinto esizibonayo ngamehlo ethu zidlulela engqondweni zize emva koko ziphembelele iintliziyo zethu. Ngoko kubalulekile ukuba sihlale sicinga ngezinto ezixabisekileyo. (Funda eyabaseFilipi 4:8.) Eneneni, masiqhubeke sisebenzisa amazwi asemthandazweni womdumisi, athi: “Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto.” Njengoko sizama ukwenza ngokuvisisana naloo mthandazo, sinokuqiniseka ukuba uYehova uya ‘kusigcina siphila ngokwendlela yakhe.’—INdu. 119:37; Heb. 10:36.
Yintoni Esifanele Siyikhumbule . . .
• ngokuphathelele amehlo ethu, iingqondo zethu neentliziyo zethu?
• ngeengozi zokubukela imifanekiso engamanyala?
• ngokubaluleka kokugcina iliso lethu ‘lingenakumbi’?
[Imibuzo YeSifundo]
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Ziziphi izinto ezingento yanto amaKristu afanele angazibukeli?