Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova Ufuna ‘Unqabiseke’

UYehova Ufuna ‘Unqabiseke’

UYehova Ufuna ‘Unqabiseke’

XA KUSENZEKA eyona nto yakha yaba yingozi embalini, uThixo uSomandla uya kuqiniseka ukuba abo akholiswayo ngabo ‘bayasindiswa.’ (Yow. 2:32) Kodwa ke, enyanisweni, uYehova ebesoloko ebakhusela abantu bakhe. Ekubeni ‘ukuye umthombo wobomi,’ bonke abantu ubagqala njengabaxabisekileyo nabafanele bakhuselwe.—INdu. 36:9.

Abakhonzi bakaThixo bamandulo babenembono efana neyakhe ngobomi. Ngokutsho kweGenesis 33:18, emva kohambo oluneengozi, uYakobi nentsapho yakhe bafika ‘benqabisekile’ kwindawo ababesiya kuyo. Nangona uYakobi wayenethemba lokuba uYehova uza kumkhusela, naye wathabatha amanyathelo okukhusela abo babehamba kunye naye. (Gen. 32:7, 8; 33:14, 15) Xa usebenzisa imigaqo yeBhayibhile, unokuzigcina ukhuselekile wena kunye nabanye. Makhe sibone ukuba kusebenza njani oku kwabo bakha iiHolo zoBukumkani nabo benza eminye imisebenzi enjalo, nabanikela uncedo emva kokuhla kweentlekele.

Ukhuseleko Phantsi KoMthetho KaMoses

NgokoMthetho kaMoses kwakulindeleke ukuba abantu bakaThixo balandele imigaqo yokhuseleko. Ngokomzekelo, xa umSirayeli esakha indlu wayefanele enze ungqameko eluphahleni lwakhe. Kuba abantu babedla ngokuhlala phezu kophahla ezindlwini zabo, olu ngqameko lwalubakhusela ukuba bangawi. (1 Sam. 9:26; Mat. 24:17) Xa kusenzeka ingozi ngenxa yokuba umntu engakhange awuthobele lo mthetho, uYehova wayemgqala njengonetyala umnini waloo ndlu.—Dut. 22:8.

Izohlwayo ezazikuMthetho zazisebenza naxa abantu benzakaliswe zizilwanyana zasekhaya. Ukuba inkunzi yenkomo ihlaba umntu imbulale, kwakufuneka umniniyo ayibulale ukuze abantu bakhuseleke. Ekubeni wayengenakuyitya yaye engenakuyithengisa inyama yayo, ukuyibulala kwakhe kwakuthetha ukuba ulahlekelwe kakhulu. Kodwa masithi emva kokuba loo nkunzi yenkomo ibulele umntu, umniniyo akayalusi. Kwakusenzeka ntoni? Xa yayinokuphinda ibulale omnye umntu, yayibulawa loo nkunzi yenkomo nomniniyo. Loo mthetho wawulumkisa nabani na owayengayikhathaleli imfuyo yakhe.—Eks. 21:28, 29.

UMthetho wawukhuthaza nokusetyenziswa kakuhle kwezixhobo zokusebenza. AmaSirayeli amaninzi ayesebenzisa amazembe xa ecanda iinkuni. Ukuba intloko yezembe iyaphuncuka emphinini ize ibulale umntu okufutshane, umntu obecanda wayefanele abalekele kwisixeko sokusabela. Wayefanele ahlale apho de kufe umbingeleli omkhulu, nto leyo ethetha ukuba umntu obulele ngempazamo wayesahlukaniswa nentsapho yakhe iminyaka emininzi. Oku kwafundisa olu hlanga ukuba ubomi buxabisekile kuYehova. Umntu onembono kaThixo ngobomi wayezilondoloza izixhobo zakhe zokusebenza aze azisebenzise ngononophelo.—Num. 35:25; Dut. 19:4-6.

UYehova wenza le mithetho ukuze abonise abantu bakhe ngokucacileyo ukuba ufuna baphephe izinto ezinokuba yingozi xa besemakhayeni abo naxa bengaphandle. Abantu ababebulala okanye benzakalise abanye, enoba kungempazamo, babebekw’ ityala. Imbono kaYehova ngokhuseleko ayikatshintshi. (Mal. 3:6) Nangoku usafuna abantu bakuphephe ukuzenzakalisa nokwenzakalisa abanye. Simele silumke ngakumbi xa sisakha okanye silungisa izakhiwo ezisetyenziselwa unqulo lokwenyaniso.

Ukhuseleko Xa Kusakhiwa

Ukwakha nokulungisa iiHolo zoBukumkani, iiHolo zeNdibano nezakhiwo zamasebe sikugqala njengelungelo elikhulu. Kunjalo nangomsebenzi wokunceda amaxhoba emva kwentlekele. Ngalo lonke ixesha, sifuna ukusebenza ngononophelo kuba xa singenabuchule bokwenza umsebenzi, enoba mncinane kangakanani, sinokuzenzakalisa size senzakalise nabanye. (INtshu. 10:9) Eneneni, xa siziqhelisa ukusebenza ngononophelo, sinokuphepha ukwenza iingozi.

IBhayibhile ithi: “Ubuhle babafana ngamandla abo, yaye ubungangamsha bamadoda amadala zizimvi.” (IMize. 20:29) Abantu abaselula nabanamandla baluncedo xa kusenziwa umsebenzi onzima. Kodwa abantu abasele bekhulile—abo banamava kwimisebenzi yokwakha—baye basebenzise izandla zabo nezixhobo zokusebenza ukuze bagqibezele umsebenzi. Ngoxa babesebatsha, abantu abakhulileyo babesebenzisa amandla abo besenza umsebenzi onzima. Ukuba usandul’ ukuqalisa ukusebenza kwezi zakhiwo, bukela indlela abasebenza ngayo aba basebenzi banamava uze wenze izinto abakuxelela ukuba uzenze. Ukuba unomdla wokufunda, abazalwana abanamava kumsebenzi wokwakha baya kukufundisa izinto ezininzi. Baya kukufundisa indlela yokusebenzisa izixhobo eziyingozi ngononophelo nendlela yokuphakamisa izinto ezinzima. Ngaloo ndlela, iya kubonakala indima oyenzayo emsebenzini, yaye uya kuziphepha iingozi uze usebenze ngochulumanco.

Abantu abasebenza esakhiweni bafanele balumke ngalo lonke ixesha. Kubakho utshintsho ngokukhawuleza kwindawo ekwakhiwa kuyo. Kwindawo ebikade ingenamgxuma, kusenokuba sele kukho umngxuma. Omnye usenokufika asuse ileli, iplanga okanye abeke ibhakethi lepeyinti. Xa ingqondo yakho ingekho apho okwethutyana, unokwenzakala lula. Ngokomthetho wokhuseleko, abantu abasebenza esakhiweni bafanele babe nempahla yabo yokuzikhusela. Iindondo zokukhusela amehlo, umakarabha, izihlangu ezifanelekileyo, zinokukukhusela xa usesakhiweni. Kodwa unokukhuseleka kuphela xa uyigcina kakuhle le mpahla uze uyinxibe ngalo lonke ixesha usesakhiweni.

Nangona izixhobo ezininzi zokusebenza kusenokubonakala kulula ukuzisebenzisa, ukuze ukwazi ukuzisebenzisa kakuhle kufuneka uqeqeshwe. Xa kufuneka usebenzise isixhobo ongazange usisebenzise ngaphambili, xelela umzalwana osebenza phantsi kwakhe. Uya kuqinisekisa ukuba ufumana uqeqesho olufanelekileyo. Kuhle ukuba umntu athozame okanye ayamkele into yokuba zikho izinto angakwaziyo ukuzenza. Eneneni, kufuneka uthozame ukuze uphephe ukuzenzakalisa okanye ukwenzakalisa abanye esakhiweni.—IMize. 11:2.

Iingozi ezininzi esakhiweni zibangelwa kukuwa kwabantu. Ngaphambi kokuba ukhwele elelini okanye kwisikafula, qiniseka ukuba ezi zixhobo aziyongozi yaye zikwimeko entle. Xa uza kusebenza kwisikafula okanye eluphahleni, kusenokufuneka uzibophe ngamabhanti okhuseleko okanye uqiniseke ukuba sinawo amaqoqo okukhusela. Ukuba unemibuzo ngokuphathelele ukusebenza kwiindawo eziphakamileyo, buza kumalathisi. a

Njengoko abakhonzi bakaYehova besiya besanda ehlabathini lonke, kufuneka iiHolo zoBukumkani nezinye izakhiwo ezingakumbi, ezisetyenziselwa ukuhambisela phambili unqulo lokwenyaniso. Abo banikwe imbopheleleko yokwalathisa xa kusakhiwa iiHolo zoBukumkani nezinye izakhiwo ezinjalo, banembopheleleko yokukhusela izimvu ezixabisekileyo zikaYehova abasebenza nazo. (Isa. 32:1, 2) Ukuba unikwe ilungelo lokwalathisa abazalwana bakho noodadewenu kumsebenzi wokwakha, ungaze ukulibale ukubaluleka kokhuseleko. Qiniseka ukuba kucocekile esakhiweni yaye akukho bugoxo. Bacacisele kakuhle abo bafuna ukukhunjuzwa ngendlela yokuphepha iingozi xa besebenza. Musa ukubavumela abaselula okanye abasebenzi abangenamava ukuba bangene kwiindawo abanokwenzakala kuzo. Balumkise kusengaphambili abasebenzi ngeengozi abasenokuhlangabezana nazo. Khumbula ukuba, sifuna ukusebenza sigqibe kungakhange kubekho mntu wenzakeleyo.

Indima Yothando

Xa kusakhiwa iiHolo zoBukumkani nezinye izakhiwo ezisetyenziselwa unqulo oluyinyaniso kwenziwa umsebenzi onokuba yingozi. Ngenxa yoko, abo banenxaxheba kulo msebenzi bafanele balumke. Xa uhlonela imigaqo yeBhayibhile, uthobela imigaqo ephathelele indlela yokusebenza, wenze nezigqibo zobulumko, uya kuphepha iingozi nokwenzakalisa abanye abantu osebenza nabo.

Yintoni ebangela ukuba sibe nenkxalabo engaka ngokuphathelele ukuphepha iingozi? Luthando. Ukuthanda kwethu uYehova, kusenza sibuxabise ubomi njengaye. Nokuthanda kwethu abantu kusenza siphephe nantoni na enokubenzakalisa. (Mat. 22:37-39) Ngoko masenze konke okusemandleni ukuze abo sisebenza nabo esakhiweni ‘banqabiseke.’

[Umbhalo osemazantsi]

a Funda ibhokisi ethi “Ukusebenzisa Iileli Ngendlela Ekhuselekileyo,” ekwiphepha 30.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 30]

Ukusebenzisa Iileli Ngendlela Ekhuselekileyo

Kunyaka odluleyo, abasebenzi baseUnited States, abangaphezu kwe-160 000 baye benzakaliswa kukuwa elelini. Abamalunga ne-150 baye bafa. Enoba uhlala okanye usebenza phi, nanga amacebiso anokukunceda ungawi elelini.

◇ Musa ukuyisebenzisa ileli egexegexe okanye eyonakeleyo yaye ungazami nokuyilungisa. Yilahle.

◇ Zonke iileli zinomlinganiselo othile wobunzima ezinokubuthwala. Qiniseka ukuba ubunzima bakho xa budityaniswe nobezixhobo zakho abugqithi kobo ileli yakho ekwaziyo ukubuthwala.

◇ Beka ileli yakho kwindawo ethe tyaba. Ungayibeki phezu kwento eshukumayo, njengesikafula okanye phezu kwe-emele okanye phezu kweebhokisi.

◇ Xa unyuka okanye usihla elelini, ufanele usoloko ujonge ngakuyo.

◇ Musa ukuma okanye uhlale phezu kwenqwanqwa lokuqala nelesibini leleli.

◇ Xa usebenza eluphahleni, sebenzisa ileli ethe kratya ngobude, ubuncinane ngemitha enye kwindawo oyimise kuyo. Yibophelele okanye ubethelele iplanga phambi kwayo ukuze ingatyibiliki. Xa ungakwazi ukwenjenjalo, funa umntu oza kuyibamba ngoxa ukhwele kuyo. Qinisa umphezulu weleli ukuze ingatyibiliki.

◇ Musa ukusebenzela phezu kwamaqoqo eleli.

◇ Ukuba unyusa iingalo kakhulu okanye uyangcotsha ngoxa ukhwele elelini, isenokugungqa. Kuphephe oko kuba kunokwenza ingozi. Sondeza ileli ibe kufuphi nendawo osebenza kuyo.

◇ Ukuba ileli okhwele kuyo uyimise phambi kocango oluvaliweyo, beka umbhalo apho ecangweni uze ulutshixe. Ukuba akukwazi ukulutshixa, cela omnye umntu eme phambi kwalo aze axelele abantu abadlula apho ukuba kuyasetyenzwa.

◇ Makukhwele umntu omnye kuphela elelini ngaphandle kokuba ilungiselelwe ukuba kukhwele abantu ababini. b

[Umbhalo osemazantsi]

b Ezinye izinto ofanele uzikhumbule xa usebenzisa ileli zikwinkupho kaVukani! wesiNgesi ka-Agasti 8, 1999, iphepha 22-24.

[Umfanekiso okwiphepha 29]

UMthetho kaMoses wawuyalela ukuba kwakhiwe ungqameko eluphahleni lwendlu