Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukujamelana Nezilingo Kwasenza Samthemba Ngakumbi UYehova

Ukujamelana Nezilingo Kwasenza Samthemba Ngakumbi UYehova

Ukujamelana Nezilingo Kwasenza Samthemba Ngakumbi UYehova

Kubalisa uAda Dello Stritto

Ndigqiba kukhuphela itekisi yosuku kwincwadi yam. Ndineminyaka engama-36 ubudala, kodwa ndichithe iiyure ezimbini ndiyikhuphela. Yintoni ebangela ukuba ndithathe ixesha elide kangaka? UMama uza kusichaza isizathu.—UJoel

MNA nomyeni wam sabhaptizwa njengamaNgqina kaYehova ngowe-1968. Emva kokuba ndifumene oonyana ababini abaphile qete, uDavid noMarc, ndafumana unyana wethu wesithathu, uJoel. Wazalwa ngaphambi kwexesha ngowe-1973 kwisibhedlele esikwidolophu yaseBinche, eBelgium, emalunga neekhilomitha ezingama-60 kumazantsi eBrussels. Ubunzima bakhe babusisi-1,7 seekhilogram. Ndahamba esibhedlele, kodwa kwafuneka uJoel ashiyeke ukuze athi futhu kancinane.

Emva kweeveki imeko yonyana wethu ayizange ibe bhetele, yaye mna nomyeni wam, uLuigi, samsa kugqirha wabantwana. Emva kokuba lo gqirha emxilongile uJoel, wathi: “Ndilusizi kakhulu. UJoel unazo zonke izigulo abangenazo abantakwabo.” Kwathi cwaka. Ndayiqonda ngelo xesha into yokuba unyana wethu unesigulo esiyingozi. Emva koko ugqirha wabizela umyeni wam bucala waza wathi kuye: “Umntwana wenu unetrisomy 21,” eyaziwa ngokuba yiDown syndrome. a

Sikhathazekile koko kwakuthethwe ngulo gqirha, sagqiba kwelokuba siye komnye. Waxilonga uJoel kangangeyure engakhuphi nelimdaka. Kum noLuigi kwakungathi akade agqibe. Ekugqibeleni, lo gqirha wasijonga waza wathi, “Umntwana wenu uza kuxhomekeka kuni kakhulu.” Emva koko, wathetha ngobubele wathi, “Kodwa uJoel uza konwaba kuba unabazali abamthandayo!” Ndingasakwazi ukuzibamba, ndamfunqula uJoel sagoduka naye. Ngelo xesha wayeneeveki ezisibhozo ubudala.

Somelezwa Ziintlanganiso ZamaKristu Nayintsimi

Oogqirha bahlola nezinye izinto kuJoel, baza bafumanisa ukuba intliziyo yakhe ayimanga kakuhle yaye uneerickets. Kuba intliziyo yakhe yayinkulu kakhulu, yayicinezela imiphunga, ibangela ukuba angenwe lula zizifo. Kungekudala, xa wayeneenyanga ezine ubudala, uJoel waba nenyumoniya, kwaza kwafuneka abuyele esibhedlele, apho wahlaliswa yedwa. Kwakubuhlungu ukumbona etsala nzima ngale ndlela. Sasifuna ukumbamba simthuthuzele, kodwa sasingavumelekanga nokumchukumisa kangangeeveki ezili-10. Ayikho enye into esasinokuyenza noLuigi ngaphandle kokumbukela, sibambane size sithandaze.

Ukutyhubela lonke elo xesha sasiqhubeka sisiya kwiintlanganiso zebandla noDavid noMarc, ngoko ababeneminyaka emi-6 nemi-3 ubudala. Ukuba seHolweni yoBukumkani kwakufana nokungathi sisezandleni zikaYehova. Xa silapho, singqongwe ngabazalwana noodadewethu abangamaKristu, sasikwazi ukulahlela umthwalo wethu kuYehova yaye sasifumana uxolo lwengqondo. (INdu. 55:22) Nabongikazi ababenyamekela uJoel basixelela ukuba bayayibona indlela ukuya kwiintlanganiso zamaKristu okusinceda ngayo sihlale silungelelene.

Ngelo xesha, ndambongoza uYehova ukuba andinike amandla okuya entsimini. Endaweni yokuba ndihlale endlwini ndilila, ndandifuna ukuthetha nabanye, ndibaxelele indlela esindomeleza ngayo isithembiso sikaThixo sehlabathi ekungekho kugula kulo. Xa ndisiya entsimini, ndandibona ukuba uYehova uyiphendule imithandazo yam.

“Ngummangaliso Lo!”

Xa uJoel ephuma esibhedlele, ndavuya kakhulu kuba sakwazi ukugoduka naye! Kodwa ngosuku olulandelayo, lwaphela olo vuyo. UJoel wagula kakhulu yaye kwafuneka simbuyisele esibhedlele. Emva kokuba bemxilongile, oogqirha bathi kuthi: “Azizukuphela iinyanga ezintandathu uJoel esaphila.” Emva kweenyanga ezimbini, xa wayeneenyanga ezisibhozo ubudala, sacinga ukuba oogqirha babenyanisile, kuba imeko kaJoel yaba mbi nangakumbi. Ugqirha wasihlalisa phantsi waza wathi kuthi: “Ndibuhlungu kakhulu. Ayikho enye into esinokuyenza.” Wongezelela wathi: “NguYehova kuphela onokumnceda.”

Ndabuyela kwigumbi likaJoel lasesibhedlele. Nangona ndandidandathekile yaye ndidiniwe, ndandizimisele ukuba ndiza kuhlala naye. Oodade abaliqela abangamaKristu babetshintshisana ngokundihlalisa ngoxa uLuigi wayejonge oonyana bethu ababini. Kwadlula iveki. Ngesiquphe, uJoel wahlaselwa yintliziyo. Abongikazi beza ngokukhawuleza kodwa ayikho into ababenokuyenza. Emva kwemizuzu embalwa, omnye wathetha ngelizwi eliphantsi wathi, “Akasaphili . . .” Ndaphuma kwelo gumbi ndilila. Ndazama ukuthandaza kuYehova, kodwa andizange ndikwazi ukuyichaza indlela endivakalelwa ngayo. Emva kwemizuzu emalunga neli-15, kwafika umongikazi kum wathi, “UJoel uyaphila!” Wandibamba ngengalo waza wathi, “Yiza uze kumbona.” Xa ndifika kwigumbi likaJoel, intliziyo yakhe yayibetha kwakhona! Zakhawuleza zasasazeka iindaba zokuba uyaphila. Abongikazi noogqirha beza kumbona, yaye abaninzi bathi, “Ngummangaliso lo!”

Xa Eneminyaka Emine Ubudala Kwenzeka Into Esasingayilindelanga

Kwiminyaka yokuqala yobomi bukaJoel, ugqirha wabantwana wayesoloko esithi kuthi, “Kuza kufuneka nimthande kakhulu uJoel.” Njengokuba uYehova wasinyamekelayo sinoLuigi emva kokuzalwa kukaJoel, sasifuna ukuba naye azive ethandwa. Ayemaninzi amathuba okuba simenze avakalelwe ngolo hlobo kuba wayefuna uncedo kuyo yonke into.

Nyaka ngamnye kwiminyaka yokuqala esixhenxe yobomi bukaJoel, wayesiba neengxaki ezifanayo. Phakathi kwenyanga kaOktobha nekaMatshi, wayephathwa zizigulo ezininzi yaye kwakufuneka sihle sinyuka simsa esibhedlele. Kwangaxeshanye, ndandizama ukuchitha ixesha elaneleyo noonyana bethu, uDavid noMarc. Nabo babemncedisa uJoel ukuze imeko yakhe ibe bhetele—oko kwaba nemiphumo emangalisayo. Ngokomzekelo, oogqirha abaninzi babesixelele ukuba uJoel akasoze akwazi ukuhamba. Kodwa ngenye imini xa uJoel wayeneminyaka emine ubudala, unyana wethu uMarc wathi, “Joel, khawubonise uMama ukuba uyakwazi!” Ndamangaliswa kukubona uJoel ehamba! Sasizele yimincili, yaye sathandaza njengentsapho simbulela ngokusuk’ entliziyweni uYehova. Ngezinye izihlandlo, naxa uJoel wayesenza inkqubela encinane, sasimncoma kakhulu.

Ingqeqesho Yobuthixo Ukususela Ebusaneni Iba Nemiphumo Emihle

Xa sikwazi, sasihamba noJoel xa sisiya kwiintlanganiso eHolweni yoBukumkani. Ukuze simkhusele kwiintsholongwane ezazinokumenza agule, sasimfaka kwinqwelwana yosana esasiyigqume ngeplastiki engenambala. Nangona wayegqunywe ngale plastiki, wayekuthanda ukuya esifundweni.

Abazalwana noodadewethu abangamaKristu babesomeleza ngokusibonisa uthando nangokusixhasa. Omnye umzalwana wayesoloko esikhumbuza ngala mazwi akuIsaya 59:1: “Khangela! Isandla sikaYehova asisifutshane ukuba singasindisi, nendlebe yakhe ayinzima ukuba ingeva.” Loo mazwi asinceda sathembela kuYehova.

Njengoko uJoel ekhula, sazama ukumkhuthaza ukuba akhonze uYehova. Sasikhangela amathuba okuthetha noJoel ngoYehova ngendlela eyayiya kumenza amthande uYise wasezulwini. Sambongoza uYehova ukuba asikelele imigudu yethu ukuze ingqeqesho yethu ibe nemiphumo emihle.

Xa uJoel efika kwiminyaka yeshumi elivisayo, savuya kukubona ukuba uyakuthanda ukuthetha nabantu adibana nabo ngenyaniso eseBhayibhileni. Xa uJoel wayeneminyaka eli-14 ubudala, echacha emva kotyando, ndavuya kakhulu xa esithi kum, “Mama andinakumnika ugqirha le ncwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade?” Emva kweminyaka embalwa, kwafuneka uJoel aphinde atyandwe. Sasisazi ukuba usenokufa emva kolo tyando. Ngaphambi kwalo, uJoel wanika oogqirha bakhe ileta esasimncedise ukuba ayibhale. Yayichaza ukhetho lwakhe kumba wegazi. Lo gqirha wabuza uJoel, “Ngaba uyavumelana nale leta?” UJoel waphendula eqinisekile, “Ewe Gqirha.” Yasivuyisa indlela unyana wethu awayethembele ngayo kuMdali wakhe nokuzimisela kwakhe ukumkholisa. Abasebenzi basesibhedlele babenentsebenziswano yaye sasiyixabisa loo nto.

UJoel Wenza Inkqubela Ngokomoya

Xa wayeneminyaka eli-17 ubudala, uJoel wabonisa esidlangalaleni ukuba uzahlulele kuThixo ngokubhaptizwa emanzini. Asisokuze silulibale olo suku! Ukumbona esenza inkqubela ngokomoya kusenza sibe novuyo olungathethekiyo. Usaqhubeka emthanda uYehova yaye unenzondelelo ngenyaniso. Enyanisweni, uJoel uxelela wonke umntu adibana naye, “Ndiyayithanda inyaniso!”

Xa wayesele eza kugqiba iminyaka yeshumi elivisayo, uJoel wafunda ukulesa nokubhala. Kwakungelulanga. Sasikugqala njengenkqubela enkulu xa ekwazi ukubhala igama nje elinye. Ngoku, suku ngalunye uqala ngokufunda itekisi yosuku kwincwadi ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla. Emva kokuba eyifundile, usebenza nzima akhuphele umbhalo wetekisi encwadini yaye ngoku ezi ncwadi sele zininzi.

Xa siza kuya ezintlanganisweni, uJoel uyaqiniseka ukuba sifika kwangethuba eHolweni yoBukumkani kuba ufuna ukwamkela bonke abantu abangena eholweni. Uyakuthanda ukuphendula ezintlanganisweni nokwenza imiboniso. Uyancedisa nakweminye imisebenzi, njengokuhambisa imibhobho yesandisi-lizwi. Veki nganye xa ephilile, uhamba nathi xa sishumayela. Ngowama-2007 kwenziwa isaziso sokuba uJoel uye wamiselwa njengesicaka solungiselelo. Iinyembezi zazehlela ngenxa yovuyo esasinalo. UYehova wayesisikelele ngokwenene!

Siyaluva Uncedo LukaYehova

Ngowe-1999 sajamelana nesinye isilingo. Imoto yethu yatshayiswa ngumntu owayeqhuba ngokungenankathalo waza uLuigi wenzakala kakhulu. Kwafuneka anqunyulwe umlenze aze atyandwe emqolo. Nakule meko, somelezwa kukuthembela kuYehova. (Fil. 4:13) Nangona uLuigi enesiphene, sisoloko sizama ukuzijonga ngendlela elungeleleneyo izinto. Kuba engenakukwazi ukuphangela, unexesha elingakumbi lokunyamekela uJoel. Oku kuyandinceda ndichithe ixesha elingakumbi ndisenza izinto zokomoya. NoLuigi uyakwazi ukunikela ingqalelo engakumbi kwiintswelo zokomoya zentsapho yethu nezebandla angumnxibelelanisi wequmrhu labadala kulo.

Ngenxa yale meko yethu, sichitha ixesha elininzi kunye njengentsapho. Njengokuba ixesha lihamba, siye safunda ukungalindeli lukhulu. Xa sidimazekile, sizityand’ igila kuYehova ngomthandazo. Okubuhlungu kukuba, emva kokuba uDavid noMarc bephumile ekhaya, bayeka ukukhonza uYehova. Sinethemba lokuba baya kubuyela kuYehova.—Luka 15:17-24.

Ukutyhubela iminyaka, uYehova uye wasixhasa yaye siye safunda ukubhenela kuye nanini na sijamelana nocelomngeni. La mazwi akuIsaya 41:13 siwathanda ngokukhethekileyo: “Mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene, ndithi kuwe, ‘Musa ukoyika. Mna ngokwam ndiza kukunceda.’” Ukwazi ukuba uYehova ubamba isandla sethu kusithuthuzela ngokwenene. Eneneni, sinokutsho ukuba ukujamelana nezilingo kuye kwasenza sathembela ngakumbi kuBawo wethu osezulwini, uYehova.

[Umbhalo osemazantsi]

a Itrisomy 21 sisifo umntwana azalwa naso esidodobalisa ingqondo. Ngokuqhelekileyo, umntu uba neechromosome ezingambini, kodwa kubantwana abazelwe benetrisomy kubakho eyesithathu. Itrisomy 21 ibakho kwichromosome yama-21.

[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]

UJoel nonina, uAda

[Umfanekiso okwiphepha 18]

UAda, uJoel noLuigi

[Umfanekiso okwiphepha 19]

UJoel uyakuthanda ukwamkela abazalwana noodade eHolweni yoBukumkani