Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bafazi, Kutheni Nifanele Nizithobe Kubuntloko?

Bafazi, Kutheni Nifanele Nizithobe Kubuntloko?

Bafazi, Kutheni Nifanele Nizithobe Kubuntloko?

“Intloko yomfazi yindoda.”—1 KOR. 11:3.

1, 2. (a) Wathini umpostile uPawulos ngelungiselelo likaYehova lobuntloko nokuzithoba? (b) Yiyiphi imibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku?

UYEHOVA ulungiselele ukuba izinto zihambe ngocwangco ibe umpostile uPawulos ukuchaza ngale ndlela oku, “intloko yayo yonke indoda nguKristu” yaye “intloko kaKristu nguThixo.” (1 Kor. 11:3) Inqaku elingaphambi kweli liye labonisa ukuba uYesu wayekugqala njengelungelo ukuzithoba kwiNtloko yakhe, uYehova uThixo nokuba amadoda angamaKristu anentloko enguKristu. UKristu wayephatha abantu ngobubele, ebathantamisa, enovelwano yaye engazingci. Amadoda asebandleni afanele abaphathe ngaloo ndlela abanye ingakumbi abafazi bawo.

2 Noko ke, kuthekani ngabafazi? Ngubani intloko yabo? UPawulos uthi: “Intloko yomfazi yindoda.” Abafazi bafanele bawajonge njani la mazwi aphefumlelweyo? Ngaba lo mgaqo uyasebenza naxa indoda ingakholwa? Ngaba ukuzithoba kubuntloko bendoda kuthetha ukuba umfazi akafanele akhuphe nelimdaka okanye achaze izimvo zakhe xa kusenziwa izigqibo? Yiyiphi indlela umfazi anokudunyiswa ngayo?

“Ndiza Kumenzela Umncedi”

3, 4. Kutheni ilungiselelo lobuntloko liyingenelo kubantu abatshatileyo?

3 Ilungiselelo lobuntloko lamiselwa nguThixo. Emva kokudalwa kuka-Adam, uYehova uThixo wathi: “Akulungile ukuba umntu aqhubeke eyedwa. Ndiza kumenzela umncedi oza kuba ngumphelelisi wakhe.” Emva kokuba uEva edaliwe, uAdam wavuya gqitha kukufumana iqabane nomncedi kangangokuba wathi: “Ekugqibeleni eli ke lithambo lasemathanjeni am nenyama yasenyameni yam.” (Gen. 2:18-24) UAdam noEva babenelungelo elikhethekileyo lokuba ngabazali babantu abafezekileyo bonke, ababeza kuphila ngonaphakade nangolonwabo kumhlaba oyiparadesi.

4 Ngenxa yemvukelo yabo, abazali bethu bokuqala baphulukana nobomi obufezekileyo ababebunandipha e-Eden. (Funda eyabaseRoma 5:12.) Sekunjalo, ilungiselelo lobuntloko alizange liphele. Xa lithotyelwa, liba yingenelo gqitha emtshatweni yaye lenza kubekho ulonwabo. Abantu baye bavakalelwe ngendlela uYesu awavakalelwa ngayo ngokuzithoba kwiNtloko yakhe, uYehova. Ngaphambi kokuba aphile njengomntu, uYesu ‘wayechulumanca phambi kukaYehova amaxesha onke.’ (IMize. 8:30) Kodwa ngenxa yokungafezeki, amadoda akakwazi ukuba ziintloko ezifezekileyo ibe nabafazi abakwazi ukuzithoba ngendlela egqibeleleyo. Noko ke, xa amadoda nabafazi beqhubeka besenza okusemandleni abo, eli lungiselelo libangela ukuba kubekho ulwaneliseko emtshatweni.

5. Kutheni amaqabane omtshato efanele asebenzise isiluleko esikweyabaseRoma 12:10?

5 Ukuze umtshato uphumelele, amaqabane omtshato afanele asebenzise esi siluleko seZibhalo esilungiselelwe onke amaKristu: “Ngokuphathelele uthando lobuzalwana yibani nomsa omnye komnye. Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” (Roma 12:10) Kwakhona, indoda nomfazi bafanele bazame ukuba ‘nobubele omnye komnye, babe nemfesane, baxolelane ngesisa.’—Efe. 4:32.

Xa Iqabane Lingakholwa

6, 7. Unokuba yintoni umphumo ukuba umfazi ongumKristu uthobela indoda engakholwayo?

6 Kuthekani ukuba iqabane lakho alingomkhonzi kaYehova? Amaxesha amaninzi idla ngokuba yindoda engakholwayo. Xa kunjalo, umfazi ufanele ayiphathe njani? IBhayibhile ithi: “Nina bafazi, wathobeleni amadoda enu, ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalithobeliyo ilizwi, azuzeke ngaphandle kwelizwi ngenxa yehambo yabafazi bawo, kuba eye angamangqina okuzibonela ehambo yenu enyulu ndawonye nentlonelo enzulu.”—1 Pet. 3:1, 2.

7 ILizwi likaThixo lithi umfazi ufanele azithobe kwindoda engakholwayo. Ukuziphatha kwakhe kakuhle kunokuyenza ifune ukuqonda isizathu sokuba aziphathe kakuhle ngolu hlobo. Ngenxa yoko, indoda inokuhlolisisa unqulo lomfazi wayo ongumKristu ize ekugqibeleni yamkele inyaniso.

8, 9. Yintoni enokwenziwa ngumfazi ongumKristu ukuba umyeni wakhe uyachasa nangona yena eziphethe kakuhle?

8 Noko ke, kuthekani ukuba indoda engakholwayo iyachasa? IZibhalo zikhuthaza umfazi okholwayo ukuba abonakalise iimpawu zobuKristu ngalo lonke ixesha, enoba oko kunokuba nzima kangakanani. Ngokomzekelo, kweyoku-1 yabaseKorinte 13:4 sifunda oku: “Uthando luzeka kade umsindo.” Ngoko ke, kuhle ukuba umfazi ongumKristu aqhubeke eziphatha ‘ngokuthobeka okupheleleyo kwengqondo nobulali, enokuzeka kade umsindo,’ anyamezele loo meko ngothando. (Efe. 4:2) Ngoncedo lomoya kaThixo osebenzayo—umoya wakhe oyingcwele—sinokukwazi ukuhlala sibonakalisa iimpawu zobuKristu nakwiimeko ezinzima.

9 UPawulos wathi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.” (Fil. 4:13) Umoya kaThixo ubangela iqabane elingumKristu lenze izinto ezininzi ebelingenakukwazi ukuzenza. Ngokomzekelo, ukuphathwa ngqwabalala liqabane kunokwenza elinye lifune ukuphindisa. Noko ke, iBhayibhile ixelela onke amaKristu oku: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. . . . Kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.’” (Roma 12:17-19) Ngokufanayo, eyoku-1 yabaseTesalonika 5:15 iyasiluleka: “Qinisekani ukuba akukho namnye ubuyisela ububi ngobubi nakubani na, kodwa hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye nakubo bonke abanye.” Xa uYehova esixhasa ngomoya wakhe oyingcwele, sinokwenza izinto ebesingenakuzenza ngamandla ethu. Kufaneleke ngokwenene ukuthandazela umoya kaThixo oyingcwele ukuba usincede apho sisilela khona!

10. UYesu wabaphatha njani abo babethetha kakubi nabo babesenza izinto ezimbi kuye?

10 UYesu wamisela umzekelo omhle ngendlela awayebaphatha ngayo abo babethetha kakubi nabo babesenza izinto ezimbi kuye. Eyoku-1 kaPetros 2:23 ithi: “Xa wayetshabhiswa, akazange aphindise atshabhise. Xa wayebandezeleka, akazange asongele, kodwa wahlala ezinikele kulowo ugweba ngobulungisa.” Sibongozwa ukuba silandele umzekelo wakhe omhle. Musa ukucaphuka xa abanye bekuphatha kakubi. Sonke njengamaKristu siyabongozwa ukuba sibe ‘nemfesane, sithobeke engqondweni, singabuyiseli ububi ngobubi okanye ukutshabhisa ngokutshabhisa.’—1 Pet. 3:8, 9.

Ngaba Abafanele Bakhuphe Nelimdaka?

11. Amanye amabhinqa angamaKristu aza kuxhamla liphi ilungelo elikhulu?

11 Ngaba ukuzithoba kwindoda kuthetha ukuba umfazi akamele akhuphe nelimdaka kwimibandela yentsapho okanye kwezinye izinto? Akunjalo. UYehova unike abafazi namadoda amalungelo amaninzi. Cinga nje ngelungelo elikhulu elinikwe abo bali-144 000 lokuba ngookumkani nababingeleli ezulwini phantsi kolawulo lukaKristu xa elawula umhlaba! Nabafazi baqukiwe kwelo nani. (Gal. 3:26-29) Kucacile ke ukuba, uYehova ulungiselele ukuba amabhinqa afeze indima ethile kwinjongo yakhe.

12, 13. Chaza umzekelo obonisa ukuba amabhinqa ayeprofeta.

12 Ngokomzekelo, ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile amabhinqa ayeprofeta. UYoweli 2:28, 29 waxela kwangaphambili: ‘Ndiya kuthululela umoya wam phezu kwalo lonke uhlobo lwenyama, yaye ngokuqinisekileyo baya kuprofeta oonyana benu neentombi zenu. Naphezu kwezicaka naphezu kwezicakakazi ngaloo mihla ndiya kuthulula umoya wam.’

13 Abafundi bakaYesu abamalunga ne-120 ababehlanganisene kwigumbi eliphezulu eYerusalem ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E. yayingamabhinqa namadoda. Umoya kaThixo wathululelwa kweli qela lonke. Ngoko ke, uPetros wacaphula amazwi kamprofeti uYoweli waza wawabhekisela kumadoda nakumabhinqa. UPetros wathi: “Oku koko kwakutshiwo ngomprofeti uYoweli, ‘Yaye ngemihla yokugqibela,’ utsho uThixo, ‘ndiya kuthululela inxalenye yomoya wam phezu kwalo lonke uhlobo lwenyama, ibe baya kuprofeta oonyana benu neentombi zenu . . . kwanaphezu kwamakhoboka am naphezu kwamakhobokakazi am ndiza kuthulula inxalenye yomoya wam ngaloo mihla, ibe aya kuprofeta.’”—IZe. 2:16-18.

14. Yiyiphi indima eyaphunyezwa ngamabhinqa ekusasazeni ubuKristu ngenkulungwane yokuqala?

14 Ngenkulungwane yokuqala, amabhinqa ayephumeza indima ebalulekileyo ekusasazeni ubuKristu. Ayeshumayela kwabanye ngoBukumkani bukaThixo esenza nezinto ezinxulumene naloo msebenzi wokushumayela. (Luka 8:1-3) Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wabiza uFibhi ngokuba ‘ngumlungiseleli webandla eliseKenkreya.’ Xa wayethumela imibuliso kwabo wayesebenza nabo, uPawulos wakhankanya amabhinqa amaninzi athembekileyo kuquka ‘uTrifena noTrifosa, abafazi ababesebenza nzima eNkosini.’ Wabulisa ‘noPersi oyintanda yethu, kuba wasebenza kakhulu eNkosini.’—Roma 16:1, 12.

15. Yiyiphi indima ephunyezwa ngamabhinqa ekusasazeni ubuKristu kumhla wethu?

15 Kulo mhla wethu, inxalenye eninzi kubantu abangaphezu kwezigidi ezisixhenxe abashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo ehlabathini lonke ngamabhinqa aselula nakhulileyo. (Mat. 24:14) Uninzi lwawo lungabalungiseleli bexesha elizeleyo, abathunywa bevangeli namalungu entsapho yaseBheteli. Umdumisi uDavide wacula wathi: “NguYehova onikela eli lizwi; abafazi abavakalisa iindaba ezilungileyo bangumkhosi omkhulu.” (INdu. 68:11) La mazwi aye angqineka eyinyaniso! UYehova uyayixabisa indima ephunyezwa ngamabhinqa ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo nasekuzalisekiseni injongo yakhe. Isibakala sokuba efuna amabhinqa angamaKristu azithobe asithethi ukuba ufuna abe ngooThoba-sikutyele.

Amabhinqa Amabini Angazange Athi Cwaka

16, 17. Umzekelo kaSara ubonisa njani ukuba amabhinqa akafanele athi cwaka?

16 Ukuba uYehova unika amabhinqa amalungelo amaninzi, ngaba amadoda akafanele athethe nabafazi bawo ngaphambi kokuba enze izigqibo ezinzulu? Kuya kuba bubulumko ukuba enjenjalo. IZibhalo zikhankanya iziganeko eziliqela apho abafazi bathetha okanye benza izinto bengakhange beve imbono yamadoda awo. Phawula ezi meko zimbini.

17 USara umfazi kasolusapho uAbraham, wayesoloko emxelela ukuba makamgxothe umfazi wakhe wesibini nonyana wakhe ngenxa yokuba babengenantlonelo. “Le nto ayimkholisanga kwaphela uAbraham,” kodwa uThixo wavakalelwa ngokwahlukileyo. UYehova wathi kuAbraham: “Musa ukungakholiswa yiyo nantoni na uSara ayitshoyo kuwe ngenkwenkwe le nekhobokazana lakho. Liphulaphule ilizwi lakhe.” (Gen. 21:8-12) UAbraham wamthobela uYehova, waphulaphula uSara waza wenza ngokwesicelo sakhe.

18. Yintoni eyenziwa nguAbhigali?

18 Cinga nangoAbhigali, umfazi kaNabhali. Xa uDavide wayebaleka uKumkani uSawule onomona, wabhacela kufuphi nomhlambi kaNabhali. Kunokuba uDavide namadoda akhe bazithabathele kwimfuyo eninzi yale ndoda, bayikhusela. Noko ke, uNabhali ‘wayengqwabalala noqheliselo lwakhe lulubi,’ yaye ‘wawakhalimela kakhulu’ amadoda kaDavide. ‘Wayeyindoda elitshivela nengenangqiqo.’ Xa amadoda kaDavide acela okuthile ngentlonelo kuNabhali, akazange avume. Wenza ntoni uAbhigali akuva oko? Engathethanga noNabhali, “wangxama waza wathabatha amakhulu amabini ezonka neengqayi ezinkulu zewayini zambini nezimvu ezintlanu ezilungisiweyo nemilinganiselo emihlanu yeseha yeenkozo ezigcadiweyo nekhulu lezicumba zeerasintyisi namakhulu amabini ezicumba zamakhiwane” waza wanika uDavide namadoda akhe. Ngaba uAbhigali wenza into efanelekileyo? IBhayibhile ithi, “uYehova wambetha uNabhali, wafa.” Kamva uDavide watshata noAbhigali.—1 Sam. 25:3, 14-19, 23-25, 38-42.

‘Umfazi Ofanelwe Kukudunyiswa’

19, 20. Yintoni ngokwenene eyenza umfazi afanelwe kukudunyiswa?

19 IZibhalo ziyamncoma umfazi owenza izinto ngendlela uYehova afuna ngayo. Incwadi yeBhayibhile yeMizekeliso incoma “umfazi ofanelekileyo,” ithi: “Ixabiso lakhe lingaphezulu lee kwelekorale. Ikholose ngaye intliziyo yomnini wakhe, yaye akusweleki nzuzo. Umvuza ngokulungileyo, kungabi kakubi, yonke imihla yobomi bakhe.” Ngaphezu koko, “umlomo wakhe uwuvula ngobulumko, nomthetho wobubele bothando uselulwimini lwakhe. Uyayondela ihambo yendlu yakhe, yaye akasidli isonka sobuvila. Oonyana bakhe bayaphakama bambhengeze enoyolo; umnini wakhe uyaphakama, aze amdumise.”—IMize. 31:10-12, 26-28.

20 Yintoni ngokwenene eyenza umfazi afanelwe kukudunyiswa? IMizekeliso 31:30 ithi: “Umtsalane usenokuba yinkohliso, nobuhle busenokuba lilize; kodwa ngumfazi owoyika uYehova oya kudunyiswa.” Ukoyika uYehova kuquka ukuzithoba ngokuzithandela kwilungiselelo likaThixo lobuntloko. “Intloko yomfazi yindoda,” kanye njengokuba ‘intloko kaKristu inguThixo.’—1 Kor. 11:3.

Sixabise Isipho SikaThixo

21, 22. (a) Ziziphi izinto ezenza amaKristu atshatileyo abe noxabiso ngesipho sikaThixo somtshato? (b) Kutheni sifanele sibonise uxabiso ngelungiselelo likaYehova legunya nobuntloko? (Funda ibhokisi ekwiphepha 17.)

21 AmaKristu atshatileyo anezizathu ezininzi zokubonisa uxabiso kuThixo! Anokonwaba njengesibini esitshatileyo. Anokuba noxabiso gqitha ngesipho sikaThixo somtshato kuba siwanika ithuba lokuba amanyane aze ahambe noYehova. (Rute 1:9; Mika 6:8) NjengoMsunguli womtshato, uyazi kakuhle into efunekayo ukuze abantu abatshatileyo bonwabe. Hlala usenza izinto ngendlela afuna ngayo, yaye ‘uvuyo lukaYehova luya kuba ligwiba lakho,’ nakweli hlabathi lizaliswe ziinkathazo.—Neh. 8:10.

22 Indoda engumKristu ethanda umfazi wayo njengoko izithanda iya kusebenzisa ubuntloko bayo ngendlela ethantamisayo nangolwazelelelo. Umfazi wayo ohlonela uThixo uya kuthandeka ngokwenene, kuba uya kuyixhasa aze ayihlonele ngokunzulu. Okubaluleke nangakumbi kukuba, umtshato wabo ongumzekelo uya kuzukisa uThixo wethu ofanelwe kukudunyiswa, uYehova.

Ngaba Uyakhumbula?

• Liliphi ilungiselelo elenziwe nguYehova lobuntloko nokuzithoba?

• Kutheni amaqabane atshatileyo efanele aphathane ngembeko?

• Umfazi okholwayo ufanele aliphathe njani iqabane lakhe elingakholwayo?

• Kutheni amadoda efanele athethe nabafazi bawo ngaphambi kokwenza izigqibo ezinzulu?

[Imibuzo YeSifundo]

[Ibhokisi ekwiphepha 17]

Kutheni Ufanele Ubonise Intlonelo Kwigunya?

UYehova wenzele izidalwa zakhe ezikrelekrele ilungiselelo legunya nelobuntloko. Oku kwenzelwe ukunceda izidalwa zomoya nabantu. Kuvula ithuba lokusebenzisa inkululeko yokuzikhethela nokukhonza uThixo ngomanyano.—INdu. 133:1.

Ibandla lamaKristu athanjisiweyo liyalihlonela igunya likaYesu Kristu nobuntloko bakhe. (Efe. 1:22, 23) Ebonisa intlonelo ngegunya likaYehova, ekugqibeleni ‘uNyana ngokwakhe uya kuzithoba kuLowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.’ (1 Kor. 15:27, 28) Kufanelekile ke ngoko ukuba, abantu abazahlulele kuThixo balihlonele ilungiselelo lobuntloko ebandleni nasentsatsheni! (1 Kor. 11:3; Heb. 13:17) Ukuba senjenjalo uYehova uya kukholiswa sithi aze asisikelele.—Isa. 48:17.

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Umthandazo unokunceda umfazi ongumKristu abonise iimpawu zobuthixo

[Imifanekiso ekwiphepha 15]

UYehova uyayixabisa indima ephunyezwa ngamabhinqa ekuhambiseleni phambili izilangazelelo zoBukumkani