Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bazalwana—Hlwayelelani Umoya Nize Nizabalazele Ubuveleli!

Bazalwana—Hlwayelelani Umoya Nize Nizabalazele Ubuveleli!

Bazalwana—Hlwayelelani Umoya Nize Nizabalazele Ubuveleli!

“Lowo uhlwayelela umoya uya kuvuna ubomi obungunaphakade.”—GAL. 6:8.

1, 2. UMateyu 9:37, 38 uzaliseka njani yaye oku kubangela ukuba kufuneke ntoni emabandleni?

OKU sikubonayo ngoku kuya kukhunjulwa de kube ngonaphakade! Umsebenzi awathetha ngawo uYesu Kristu wenziwa ngomlinganiselo ophezulu kakhulu. UYesu wathi: “Isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke, bongozani iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Mat. 9:37, 38) UYehova uThixo usiphendula ngendlela engummangaliso eso sibongozo. Ngonyaka wenkonzo wama-2009, inani lamabandla amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke liye longezeleleka ngama-2 031, laza laya kufikelela kuma-105 298. Suku ngalunye, bekubhaptizwa abantu abamalunga nama-757!

2 Olo lwando lubangela ukuba kufuneke abazalwana abafanelekayo abaza kukhokela ekufundiseni nasekwaluseni emabandleni. (Efe. 4:11) Ukutyhubela amashumi eminyaka, uYehova uye wavelisa amadoda afanelekayo ukuze anyamekele iimfuno zezimvu zakhe yaye siyaqiniseka ukuba uza kuqhubeka ekwenza oku. Isiprofeto esibhalwe kuMika 5:5 sisiqinisekisa ukuba ngemihla yokugqibela, abantu bakaYehova baya kuba ‘nabalusi abasixhenxe,’ ‘neendwalutho ezisibhozo,’ ezifanekisela iqela elininzi lamadoda afanelekayo aza kukhokela.

3. Chaza oko kuthethwa ‘kukuhlwayelela umoya.’

3 Ukuba uyindoda ebhaptiziweyo eliNgqina likaYehova, yintoni enokukunceda uzabalazele amalungelo enkonzo? Into yokuqala efunekayo kukuba ‘uhlwayelele umoya.’ (Gal. 6:8) Oku kuthetha ukuphila ngendlela evumela umoya kaThixo oyingcwele ukuba usebenze ebomini bakho. Zimisele ‘ukungahlwayeleli inyama.’ Ungazivumeli izinto ezinjengokufuna ukuphila ubomi obutofotofo nokuzonwabisa, zihlise umnqweno wakho wokuzibhokoxa enkonzweni kaThixo. Onke amaKristu afanele ‘ahlwayelele umoya’ yaye ekuhambeni kwexesha, amadoda akwenzayo oko anokufanelekela ukufumana amalungelo ebandleni. Kuba namhlanje kufuneka izicaka zolungiselelo nabadala abangakumbi, eli nqaku libhekisela ngokukhethekileyo kumadoda angamaKristu. Ngoko ke bazalwana, siyanicela ukuba nicingisise nzulu ngeli nqaku.

Zabalazela Umsebenzi Omhle

4, 5. (a) Amadoda abhaptiziweyo akhuthazwa ukuba azabalazele waphi amalungelo ebandleni? (b) Kuthetha ukuthini ukuzabalazela amalungelo?

4 Indoda engumKristu ayisuki nje ibe ngumveleli. Ifanele iwuzabalazele lo ‘msebenzi mhle.’ (1 Tim. 3:1) Oku kuquka ukukhonza abanye abazalwana noodade ngokunyamekela iimfuno zabo. (Funda uIsaya 32:1, 2.) Indoda eyenza oku ngezizathu ezifanelekileyo ayiqhutywa ngamabhongo. Kunoko, inomnqweno wokungazingci wokunceda abanye.

5 Ukuze umntu afanelekele ukuba sisicaka solungiselelo aze azabalazele ukuba ngumveleli, ufanele afikelele iimfaneleko eziseZibhalweni. (1 Tim. 3:1-10, 12, 13; Tito 1:5-9) Ukuba uyindoda ezahluleleyo, zibuze: ‘Ngaba ndinenxaxheba ezeleyo kumsebenzi wokushumayela yaye ngaba ndincedisa nabanye ukuba benjenjalo? Ngaba ndiyabakha abanye abazalwana noodade ngokubonisa umdla kubo? Ngaba ndaziwa ngokuba ngumfundi weLizwi likaThixo? Ngaba ndiyayiphucula indlela endigqabaza ngayo? Ngaba ndiyazimisela xa ndiphumeza izabelo endizinikwe ngabadala? (2 Tim. 4:5) Kufuneka sicingisise ngale mibuzo.

6. Yintoni efunekayo ukuze ubani afanelekele ukusingatha iimbopheleleko ebandleni?

6 Enye indlela yokufanelekela iimbopheleleko zebandla kukuba ‘wenziwe womelele kumntu onguye ngaphakathi ngamandla omoya kaThixo.’ (Efe. 3:16) Umntu akasuki nje anyulwe ukuba abe sisicaka solungiselelo okanye umdala ebandleni lamaKristu. Eli lungelo linikwa abo baqolileyo ngokomoya. Unokukhula njani ngokomoya? Enye indlela yokwenza oku ‘kukuqhubeka uhamba ngokomoya’ uze uvelise isiqhamo sawo. (Gal. 5:16, 22, 23) Njengoko uqhubeka ubonakalisa iimpawu zokomoya ezifunekayo ukuze ukwazi ukufumana amalungelo ongezelelekileyo uze uphucule xa ukhuthazwa ukuba wenjenjalo, ‘ukuhambela kwakho phambili kuya kubonakala ebantwini bonke.’—1 Tim. 4:15.

Kufuneka Umoya Wokuzincama

7. Kuquka ntoni ukukhonza abanye?

7 Xa umntu ekhonza abanye kufuneka azibhokoxe yaye abe nomoya wokuzincama. Kuba abaveleli abangamaKristu bengabalusi bokomoya, iingxaki zezimvu ziyabaxhalabisa. Phawula indlela awayevakalelwa ngayo uPawulos ngomsebenzi wakhe wokwalusa. Wathi kumaKristu aseKorinte: “Kuba ndanibhalela ndikwimbandezelo enkulu nokubandezeleka kwentliziyo ndineenyembezi ezininzi, kungekhona ukuze nibe buhlungu, kodwa ukuze nilwazi uthando endinalo ngani.” (2 Kor. 2:4) Kuyabonakala ukuba uPawulos wayezilahlela nofele kumsebenzi wakhe.

8, 9. Chaza imizekelo eseBhayibhileni ebonisa indlela amadoda ayezinyamekela ngayo iimfuno zabanye.

8 Amadoda azibhokoxayo ngenxa yabakhonzi bakaYehova asoloko ebonakalisa umoya wokuzincama. Ngokomzekelo, asinakuyicinga nokuyicinga into yokuba uNowa wayenokuthi kwintsapho yakhe: ‘Nindixelele xa nigqibile ukwakha umkhombe ukuze nam ndize kungena.’ UMoses akazange athi kumaSirayeli eYiputa: ‘Siza kudibana kuLwandle Olubomvu. Zamani indlela yokuya kufika khona.’ UYoshuwa akazange athi: ‘Nindazise xa ziwile iindonga zaseYeriko.’ NoIsaya akazange alathe omnye umntu athi: ‘Nankuya! Thuma yena.’—Isa. 6:8.

9 Indoda engumzekelo eyavumela ukuqhutywa ngumoya kaThixo, nguYesu Kristu. Wasamkela ngovuyo isabelo sokuba nguMhlawuleli woluntu. (Yoh. 3:16) Ngaba umoya kaYesu wokuzincama awufanele usenze sifune ukuba nawo loo moya? Xa echaza indlela avakalelwa ngayo ngezimvu, omnye umzalwana oneminyaka emininzi engumdala wathi: “Amazwi awathethwa nguYesu kuPetros—okuba makaluse izimvu zakhe ezincinane—ayandichukumisa. Ukutyhubela iminyaka, ndiye ndayibona indlela amazwi ambalwa othando okanye isenzo sobubele esinokumkhuthaza ngayo omnye umntu. Ndiwuthanda kakhulu umsebenzi wokwalusa.”—Yoh. 21:16.

10. Yintoni enokuqhubela indoda engumKristu ekubeni ixelise umzekelo kaYesu wokukhonza abanye?

10 Ngokuphathelele izimvu zikaThixo, amadoda azahluleleyo ebandleni amele abe nesimo sengqondo sikaYesu, owathi: “Ndiza kunihlaziya.” (Mat. 11:28) Ukukholosa ngoThixo nokuthanda ibandla kuqhubela amadoda angamaKristu ekubeni azabalazele lo msebenzi mhle, angavakalelwa ukuba uluxanduva. Kodwa ke, kuthekani ukuba ubani akanamdla wokuzabalazela amalungelo enkonzo? Ngaba umzalwana unokuwuhlakulela umnqweno wokukhonza ebandleni?

Hlakulela Umnqweno Wokukhonza

11. Umntu unokuwuhlakulela njani umnqweno wokukhonza abanye?

11 Ukuba ukuzeya kukwenza ungakwazi ukuzabalazela amalungelo enkonzo, ufanele uthandazele umoya oyingcwele. (Luka 11:13) Umoya kaYehova uya kukunceda ukwazi ukuhlangabezana nayo nayiphi na into ekuxhalabisayo. Umnqweno wokukhonza sisipho esivela kuThixo, kuba ngumoya kaYehova owenza umzalwana ukuba azabalazele amalungelo enkonzo uze umnike amandla okunikela inkonzo engcwele. (Fil. 2:13; 4:13) Ngoko ke, ufanele ucele uYehova ukuba akuncede uhlakulele umnqweno wokufumana amalungelo enkonzo.—Funda iNdumiso 25:4, 5.

12. Umntu unokubufumana njani ubulumko bokusingatha iimbopheleko azinikiweyo?

12 Kuba ebona ngathi ukunyamekela izimvu kunokuba yindinisa, umKristu unokugqiba kwelokuba angakuzabalazeli ukufumana amalungelo. Okanye usenokuvakalelwa kukuba akanabo ubulumko obaneleyo bokusingatha iimbopheleleko. Ukuba uvakalelwa ngolu hlobo, unokufumana ubulumko ngokufunda iLizwi likaThixo neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni ngokuzimisela. Unokuzibuza, ‘Ngaba ndizibekela ixesha lokufundisisa iLizwi likaThixo, yaye ngaba ndiyakuthandazela ukufumana ubulumko?’ Umfundi uYakobi wabhala wathi: “Ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko, makaqhubeke ebucela kuThixo, kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi; yaye uya kubunikwa.” (Yak. 1:5) Ngaba uyawakholelwa la mazwi aphefumlelweyo? Ephendula umthandazo kaSolomon, uThixo wamnika “intliziyo elumkileyo nenokuqonda,” eyamnceda wakwazi ukwahlula okulungileyo kokubi xa egweba. (1 Kum. 3:7-14) Kakade ke, imeko kaSolomon yayikhethekile. Sekunjalo, sinokuqiniseka ukuba uThixo uya kuwanika ubulumko amadoda anikwe iimbopheleleko ebandleni ukuze azinyamekele kakuhle izimvu zakhe.—IMize. 2:6.

13, 14. (a) Chaza indlela olwaba nempembelelo ngayo kuPawulos “uthando analo uKristu.” (b) “Uthando analo uKristu” lufanele lusichaphazele njani?

13 Enye into enokusinceda sihlakulele umnqweno wokulungiselela abanye, kukucinga nzulu ngezinto uYehova noNyana wakhe abasenzele zona. Ngokomzekelo, cinga ngeyesi-2 yabaseKorinte 5:14, 15. (Yifunde.) ‘Uthando analo uKristu lusinyanzela’ ngayiphi ingqiqo? Uthando olwaboniswa nguKristu ngokunikela ngobomi bakhe ngenxa yethu ephumeza ukuthanda kukaThixo luyamangalisa, kangangokuba njengoko sisiya siluqonda ngakumbi, iintliziyo zethu ziyachukumiseka. Olu thando lukaKristu lwaba nempembelelo kuPawulos. Lwamthintela ukuba angazingci yaye lwamnceda ukuba eyona nto ibalulekileyo kuye ibe kukukhonza uThixo, abantu abasebandleni nabangaphandle kwebandla.

14 Ukucamngca ngendlela uKristu abathanda ngayo abantu kusenza sibe nombulelo ongazenzisiyo. Ngenxa yoko, siyakuqonda ukungafaneleki ‘kokuhlwayelela inyama’ ngokuzixakekisa ngosukelo lokuzingca nokufuna ukwanelisa iminqweno yethu kuphela. Kunoko, sihlengahlengisa iimeko zethu ukuze umsebenzi esiwunikwe nguThixo ube yeyona nto ibalulekileyo kuthi. Oku kusenza ‘sikhonze’ abazalwana bethu ngenxa yokuba siqhutywa luthando. (Funda amaGalati 5:13.) Ukuba sibakhonza ngokuthobeka abanquli bakaYehova abazahluleleyo, siya kubaphatha ngesidima nembeko. Ngokuqinisekileyo asifuni kuxelisa umoya kaSathana wokugxeka nokugweba abanye.—ISityhi. 12:10.

Umgudu Omele Wenziwe Yintsapho

15, 16. Yiyiphi indima ephunyezwa ngamalungu entsapho ukuze indoda ifanelekele ukumiselwa njengesicaka solungiselelo okanye umdala?

15 Ukuba umzalwana utshatile yaye unabantwana, kuhlolwa nemeko yentsapho yakhe xa kujongwa enoba uyakufanelekela kusini na ukuba sisicaka solungiselelo okanye umdala. Eneneni, ukumiselwa kwakhe kunokuxhomekeka kubumoya bentsapho yakhe nendlela eyaziwa ngayo. Oku kubonisa indlela ebaluleke ngayo indima yenkosikazi nabantwana njengoko umzalwana ezabalazela ukulungiselela iimfuno zebandla njengesicaka solungiselelo okanye njengomdala.—Funda eyoku-1 kuTimoti 3:4, 5, 12.

16 UYehova uyavuya xa ebona amalungu eentsapho ezingamaKristu esebenzisana. (Efe. 3:14, 15) Kufuneka intloko-ntsapho ilungelelane ukuze iphumeze iimbopheleleko zebandla nokuze yongamele intsapho yayo “kakuhle.” Ngoko kubalulekile ukuba abadala nezicaka zolungiselelo bafundisise iBhayibhile nabafazi babo nabantwana babo kuNqulo Lwentsapho veki nganye ukuze bangenelwe. Bafanele baye nabo entsimini rhoqo. Ngokufanayo, namalungu entsapho afanele asebenzisane nentloko-ntsapho.

Ngaba Unokuphinda Ukhonze?

17, 18. (a) Ukuba umzalwana akasakufanelekeli ukukhonza, yintoni ekusenokufuneka ayenze? (b) Sisiphi isimo sengqondo esinokubonakaliswa ngumzalwana owakha waba ngumdala okanye isicaka solungiselelo ngaphambili?

17 Mhlawumbi wakha wangumdala okanye isicaka solungiselelo ngaphambili kodwa akusakhonzi kweso sigxina ngoku. Uyamthanda uYehova yaye uqinisekile ukuba naye usakukhathalele. (1 Pet. 5:6, 7) Ngaba waxelelwa ukuba ufanele uphucule kwiinkalo ezithile? Kulungele ukuvuma isiphoso uze ngoncedo lukaThixo uphucule. Kulumkele ukuba nengqumbo. Bonakalisa ubulumko, uze ujonge izinto ngendlela efanelekileyo. Omnye umdala owakha waphulukana namalungelo akhe emva kokukhonza kangangeminyaka eliqela wathi: “Andizange ndiyeke ukuya rhoqo kwiintlanganiso, entsimini nokufunda iBhayibhile njengoko ndandisenza xa ndandingumdala. Ndafunda ukuba nomonde kuba ndandicinga ukuba ndiya kuphinda ndiwafumane amalungelo enkonzo emva konyaka omnye okanye emibini, kodwa kwadlula phantse iminyaka esixhenxe ngaphambi kokuba ndiphinde ndikhonze njengomdala. Ebudeni belo xesha ndakhuthazwa ukuba ndingatyhafi ndize ndiqhubeke ndizabalazela ukufumana amalungelo enkonzo, yaye oko kwandinceda kakhulu.”

18 Ukuba ungumzalwana okule meko, musa ukudimazeka. Cinga ngendlela uYehova akusikelela ngayo entsimini nasentsatsheni yakho. Yakha intsapho yakho ngokomoya, tyelela abagulayo uze ukhuthaze abapholileyo. Ngaphezu kwayo yonke into, lixabise ilungelo onalo lokudumisa uThixo nelokuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani njengomnye wamaNgqina kaYehova. *INdu. 145:1, 2; Isa. 43:10-12.

Hlolisisa Iimeko Zakho Kwakhona

19, 20. (a) Yintoni akhuthazwa ukuba ayenze onke amadoda abhaptiziweyo? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?

19 Bafuneka kakhulu namhlanje abaveleli abangakumbi nezicaka zolungiselelo. Ngoko sikhuthaza onke amadoda abhaptiziweyo ukuba ahlolisise iimeko zawo kwakhona aze azibuze, ‘Ukuba andisosicaka solungiselelo okanye umdala, siyintoni isizathu soko?’ Vumela umoya kaThixo ukuba ukuncede ube nesimo sengqondo esifanelekileyo ngalo mba.

20 Onke amalungu ebandla anokungenelwa ngenxa yomoya wokuzincama oboniswa ngabanye. Xa sibonakalisa ububele size sizincame, siyavuya kuba sikhonza abanye yaye sihlwayelela umoya. Noko ke, njengokuba inqaku elilandelayo liza kubonisa, asifanele siwenze buhlungu umoya oyingcwele kaThixo. Sinokukuphepha njani oku?

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 18 Funda IMboniselo ka-Agasti 15, 2009, iphepha 30-32.

Ubuya Kuphendula Uthini?

• Isiprofeto esikuMika 5:5 sisiqinisekisa ngantoni?

• Chaza oko kuthethwa kukuba nomoya wokuzincama.

• Umntu unokuwuhlakulela njani umnqweno wokukhonza abanye?

• Ibaluleke kangakanani intsebenziswano yentsapho yendoda ukuze ikufanelekele ukukhonza njengesicaka solungiselelo okanye umdala?

[Imibuzo YeSifundo]

[Imifanekiso ekwiphepha 25]

Yintoni onokuyenza ukuze uzabalazele ukufumana amalungelo enkonzo?