Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Hlala Uqinile Ngokomoya Ngoxa Unyamekela Isalamane Sakho Esigulayo

Hlala Uqinile Ngokomoya Ngoxa Unyamekela Isalamane Sakho Esigulayo

Hlala Uqinile Ngokomoya Ngoxa Unyamekela Isalamane Sakho Esigulayo

ELINYE iNgqina elibizwa ngokuba nguKim kwafunyaniswa ukuba linomhlaza emva kokuba kufunyenwe iqhuma (tumor) kufuphi nethambo lalo lomnqonqo. * Umyeni walo uSteve uthi, “UKim wenziwa utyando laza lasuswa elo qhuma waza emva koko wanyangwa ngeradiotherapy nechemotherapy. Ezi ndlela zonyango zamenza wabuthathaka kakhulu. Kwakunzima nokuba ahambahambe.”

Ngaba unokuyithelekelela indlela awayenxunguphele ngayo uSteve njengoko wayebona iqabane lakhe alithandayo lilwisana nesi sifo siqobayo? Mhlawumbi unesalamane esisondeleyo esithezw’ amandla kukugula okanye kukwaluphala. (INtshu. 12:1-7) Ukuba kunjalo, uyayiqonda into yokuba ukuze ukwazi ukusinyamekela kakuhle kufuneka uzinyamekele nawe. Xa unokuba buthathaka ngokomoya, unokungonwabi kuze oko kuchaphazele nempilo yakho ngaloo ndlela ungakwazi ukunikel’ inkxaso kwisalamane sakho. Unokuzinyamekela njani iimbopheleleko zakho zokomoya ngoxa unyamekela isalamane sakho esigulayo okanye esalupheleyo? Yintoni enokwenziwa ngamanye amalungu ebandla lamaKristu ukuze abonakalise uvelwano kubantu abagulayo?

Hlala Ulungelelene—Njani?

Ukuze uhlale womelele ngokomoya yaye usempilweni ngoxa unyamekela isalamane sakho esigulayo, kufuneka uzivumelanise neemeko yaye ulisebenzise kakuhle ixesha lakho namandla akho. IMizekeliso 11:2 ithi: “Bunabathozamileyo ubulumko.” Ngokwalo mongo, ‘ukuthozama’ kuthetha ukuwaqonda amandla onawo. Ukuze uqiniseke ukuba akuzibhokoxi ngokungaphaya kwamandla akho, kufuneka uhlole ucwangciso lwakho neembopheleleko onazo.

USteve wabonakalisa ubulumko nokuthozama ngokuhlola kwakhona iimbopheleleko zakhe. Wayephangela, engumnxibelelanisi wequmrhu labadala nomveleli wenkonzo kwibandla lamaNgqina kaYehova akhonza kulo eIreland. Wayelilungu leKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele kummandla ahlala kuwo. USteve uthi: “UKim akazange akhalaze athi ndichitha ixesha elininzi ndinyamekela ezi mbopheleleko. Kodwa ndaqonda ukuba ndiyazibulala ngomsebenzi.” USteve wayilungisa njani le ngxaki? Uthi: “Emva kokucingisisa nokuthandaza ngale meko, ndagqiba kwelokuba ndiyeke ukukhonza njengomnxibelelanisi. Ndaqhubeka ndingumdala kodwa eminye yemisebenzi endandiyenza ndayidlulisela kwabanye yaye loo nto yandinceda ukuba ndikwazi ukunyamekela uKim nokuchitha ixesha kunye naye.”

Ekuhambeni kwexesha uKim wachacha. USteve noKim baphinda bahlola iimeko zabo, yaye uSteve wakwazi ukuphinda enze imisebenzi awayefudula eyenza ebandleni, ibe inkosikazi yakhe yamxhasa kweso sigqibo. USteve uthi: “Ngexesha lokugula kwenkosikazi yam, sobabini sasisenza kuphela oko sasinokukwenza. Ndimbulela kakhulu uYehova ngokusixhasa kwakhe yaye ndiyayibulela nenkosikazi yam ngokundixhasa, ingakhalazi nangona inempilo ebuthathaka.”

Kwakhona cinga ngamava kaJerry ongumveleli ohambahambayo nenkosikazi yakhe uMaria. Kwafuneka benze uhlengahlengiso kusukelo ababezibekele lona ukuze bakwazi ukunyamekela abazali babo abalupheleyo. UMaria uthi: “Mna nomyeni wam sasizimisele ukuba ngabathunywa bevangeli kwintsimi ekwelinye ilizwe. Kodwa ke, uJerry nguye kuphela umntwana kokwabo yaye abazali bakhe babefuna ukunyanyekelwa. Ngoko ke, sagqiba kwelokuba sihlale eIreland ukuze sikwazi ukubanyamekela. Loo nto yasinceda ukuba sikwazi ukuba kunye noyise kaJerry xa wayesesibhedlele ngaphambi kokuba afe. Ngoku siyakwazi ukuqhagamshelana nonina kaJerry yonke imihla yaye siyakwazi ukuya kuye nanini na efuna uncedo. Abazalwana bebandla akhonza kulo unina kaJerry baluncedo kakhulu, bayamxhasa yaye loo nto iyasinceda ukuba sikwazi ukuqhubeka nomsebenzi wokuhambahamba.”

Indlela Abanokunceda Ngayo Abanye

Xa wayethetha ngamalungiselelo enkxaso yabahlolokazi abalupheleyo ebandleni, umpostile uPawulos wathi: “Ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, ngokukodwa amalungu endlu yakhe, ngokuqinisekileyo ulukhanyele ukholo yaye mbi ngaphezu kongakholwayo.” UPawulos wakhumbuza loo maKristu ukuba ukuze inkonzo yawo ‘yamkeleke emehlweni kaThixo’ kufuneka anyamekele oomawokhulu bawo ngemali. (1 Tim. 5:4, 8) Noko ke, namanye amalungu ebandla afanele abancede.

Ngokomzekelo, cinga ngesibini esikhulileyo esihlala eSweden, uHakan noInger. UHakan uthi: “Xa kwafunyaniswa ukuba inkosikazi yam inomhlaza, sothuka kakhulu sobabini. UInger wayefudula ephile qete yaye omelele. Kodwa ngoku kwafuneka siquqe esibhedlele yonke imihla ukuze afumane unyango yaye olo nyango lwalumthez’ amandla. Ngalo lonke eli xesha uInger wayehleli esekhaya yaye kwafuneka ndihlale naye ukuze ndimnyamekele.” Amalungu ebandla amnceda njani uHakan noInger?

Abadala bebandla balungiselela ukuba baphulaphule iintlanganiso zamaKristu ngefowuni. Kanti abazalwana noodade babesoloko bebatyelela okanye beqhagamshelana nabo ngefowuni. Babebabhalela neeleta namakhadi. UHakan uthi: “Sayixabisa gqitha inkxaso yabazalwana noncedo lukaYehova. Oku kwasinceda ukuba sihlale somelele ngokomoya. Okuvuyisayo kukuba, uInger uphilile ngoku yaye siyakwazi ukuya kwiintlanganiso zamaKristu kwiHolo yoBukumkani.” Xa amalungu ebandla esenza konke okusemandleni ukuze ancede abagulayo nabalupheleyo, azingqina ‘engabazalwana abazalelwe ixesha lokubandezeleka.’—IMize. 17:17.

UYehova Uyayixabisa Imigudu Oyenzayo

Umntu onyamekela isalamane esigulayo unokudinwa kakhulu. Sekunjalo, uKumkani uDavide wabhala wathi: “Unoyolo nabani na onikela ingqalelo kwisisweli,” njengokunyamekela umntu ofuna uncedo kuba egula.—INdu. 41:1.

Yintoni enokwenza abo banyamekela abantu abagulayo okanye ababandezelekileyo babe noyolo? IMizekeliso 19:17 ithi: “Obabala isisweli uboleka uYehova, yaye impatho yakhe uya kumbuyekeza ngayo.” UThixo oyinyaniso unomdla ngokukhethekileyo kubakhonzi bakhe abanyanisekileyo abagulayo yaye uyamsikelela lowo ubonakalisa ububele kubo. Umdumisi uDavide wavuma wathi: “UYehova uya kumxhasa [loo mntu] emandlalweni wokugula; wonke umandlalo wakhe uya kuwutshintsha ngokuqinisekileyo ebudeni bokugula kwakhe.” (INdu. 41:3) Sinokuqiniseka ukuba xa naye lowo ubebonakalise uthando kumntu ogulayo, etyhubela ebunzimeni okanye esihlelwa yintlekele, uYehova uya kumnceda.

Kuvuyisa ngokwenene ukwazi ukuba uYehova uThixo uyasibona yaye uyakholiswa sithi xa sinyamekela izalamane zethu ezigulayo! Nangona ukunikela uncedo olunjalo kufuna umgudu, iZibhalo ziyasiqinisekisa ukuba “uThixo uyakholiswa yimibingelelo enjalo.”—Heb. 13:16.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 2 Asingomagama abo la.

[Imifanekiso ekwiphepha 18]

Hlala ulungelelene ngokomoya uze ulwamkele uncedo lwabanye