Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IHaran—Isixeko Samandulo Ekwakuphithizela Kuso

IHaran—Isixeko Samandulo Ekwakuphithizela Kuso

IHaran—Isixeko Samandulo Ekwakuphithizela Kuso

KUBANTU abaqhelileyo ukufunda iZibhalo, xa kuthethwa ngeHaran kuthi qatha usolusapho othembekileyo uAbraham. Xa wayesuka eUre nenkosikazi yakhe uSara, noyise uTera nomtshana wakhe uLote besinge kwilizwe lakwaKanan, waya kufika kwaHaran. UAbraham wafika apho waqokelela izinto ezininzi eziphathekayo. Emva kokufa kukayise, uAbraham waqhubeka nohambo lwakhe esinge kwilizwe uThixo oyinyaniso awayemthembise lona. (Gen. 11:31, 32; 12:4, 5; IZe. 7:2-4) Kamva, uAbraham wathumela oyena mkhonzi wakhe mdala kwaHaran okanye kummandla okufuphi nalapho ukuba aye kufunela uIsake umfazi. Nomzukulwana ka-Abraham uYakobi wahlala apho kangangeminyaka eliqela.—Gen. 24:1-4, 10; 27:42-45; 28:1, 2, 10.

Xa uKumkani uSenaribhe waseAsiriya wayesongela uKumkani uHezekiya wakwaYuda, wakhankanya iHaran phakathi ‘kweentlanga’ ezoyiswa ngookumkani baseAsiriya. Xa kuthethwa ‘ngeHaran’ apha akubhekiselwa kweso sixeko kuphela kodwa kubhekiselwa nakwizithili ezazikufuphi nalapho. (2 Kum. 19:11, 12) Kwisiprofeto sikaHezekile kuthiwa iHaran yayiphakathi kwezixeko eziphambili ezazisenza urhwebo neTire, nto leyo engqina ukuba iHaran yayiliziko eliphambili kwezorhwebo.—Hez. 27:1, 2, 23.

Namhlanje, iHaran yidolophana encinane ekufuphi neŞanlıurfa, kwimpuma yeTurkey. Kodwa ngaxa lithile, kwisixeko samandulo sakwaHaran kwakuphithizela. IHaran sesinye sezixeko zamandulo esisabizwa ngegama esibizwa ngalo eBhayibhileni. Igama laso lesiAsiriya elithi Harranu lisenokuba lithetha “Indlela” okanye “Indlela Yeenkamela,” nto leyo ebonisa ukuba iindlela ezinkulu ezazisetyenziswa ngabarhwebi ababesiya kwizixeko ezikhulu yayinqumla kwaHaran. Ngokutsho kwemibhalo eyavunjululwa kwaHaran, unina kaKumkani uNabonidus waseBhabhiloni wayengumbingelelikazi omkhulu kwitempile kaSin, uthixo wenyanga wakwaHaran. Kuthiwa uNabonidus wayihlaziya le tempile. Emva koko, kwakutshintshatshintshana abalawuli abahlukahlukeneyo kwaHaran.

Namhlanje, isixeko sakwaHaran sahluke ngokupheleleyo kwinto esasiyiyo mandulo. IHaran yamandulo yayisisixeko esihle nesidumileyo. Noko ke, iHaran yanamhlanje yindawo nje enezindlu ezinamaphahla angqukuva. Ijikelezwe ngamabhodlo ezakhiwo zamandulo ezazizihle ngexesha lazo. Kwihlabathi elitsha likaThixo, abantu abaninzi ababefudula behlala kwaHaran—kuquka uAbraham, uSara noLote—baya kuvuswa. Mhlawumbi baya kusixelela okungakumbi ngeHaran, isixeko samandulo ekwakuphithizela kuso.

[Umfanekiso okwiphepha 20]

Amabhodlo akwaHaran

[Umfanekiso okwiphepha 20]

Izindlu ezinamaphahla angqukuva

[Umfanekiso okwiphepha 20]

Umfanekiso weHaran yanamhlanje