Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ekubeni uYehova eluchasile unqulo-zithixo, kwakutheni ukuze angamohlwayi uAron ngokwenza ithole legolide?

Xa uAron wenza ithole legolide, njengoko kuchazwe kwiEksodus isahluko 32, waphula umthetho kaThixo ophathelele unqulo-zithixo. (Eks. 20:3-5) Ngenxa yoko, ‘UYehova waba nomsindo omkhulu kuAron, ukusa kwinqanaba lokuba ambhubhise; uMoses wenza isikhungo nangaye uAron ngeso sihlandlo.’ (Dut. 9:19, 20) Ngaba isikhungo esenziwa nguMoses olilungisa ngenxa ka-Aron saba ‘namandla amakhulu’? (Yak. 5:16) Ewe. Kubonakala ngathi uYehova wawuphendula umthandazo kaMoses kuba ngenxa yeso sikhungo nangenxa yezinye izizathu ezibini, akazange amohlwaye uAron.

Esinye isizathu kubonakala ngathi sasiphathelele ukuthembeka kuka-Aron. Xa uMoses wayethunywe kuFaro nokuba aye kukhupha amaSirayeli eYiputa, uYehova wanyula uAron ukuba ahambe noMoses aze abe sisithethi sakhe. (Eks. 4:10-16) La madoda mabini athobela aza aya phambi kokumkani waseYiputa izihlandlo ezininzi, enyamezela ubuntamo-lukhuni bukaFaro. Ngenxa yoko ngoxa uAron wayeseYiputa, wakhonza uYehova ngokunyaniseka.—Eks. 4:21.

Kwakhona cinga ngento eyabangela ukuba uAron enze ithole legolide. UMoses wayekwiNtaba yeSinayi kangangeentsuku ezingama-40. Xa ‘abantu bebona ukuba lide eli xesha uMoses engade ehle entabeni,’ bacenga uAron ukuba abenzele ithole legolide. UAron wavuma waza wabenzela umfanekiso wethole legolide. (Eks. 32:1-6) Noko ke, izinto awazenzayo uAron kamva zibonisa ukuba wayengahambisani nolo nqulo-zithixo. Kubonakala ngathi woyisakala kukucengwa. Ngokomzekelo xa uMoses wayetshayela unqulo-zithixo, bonke oonyana bakaLevi—kuquka uAron—bema baqina ngakwicala likaYehova. Amawaka amathathu awayephambili kolo nqulo-zithixo abulawa.—Eks. 32:25-29.

Emva koko uMoses wathi ebantwini: ‘Nenze isono esikhulu.’ (Eks. 32:30) Ngaloo ndlela, yayingengoAron kuphela owayenetyala. Yena kunye nabanye abantu bangenelwa kakhulu kwinceba kaYehova.

Emva kweso siganeko sethole legolide, uYehova wayalela ukuba uAron amiselwe njengombingeleli omkhulu. UThixo wathi kuMoses: “Uze umambese uAron izambatho ezingcwele, umthambise, umngcwalise, ukuze akhonze njengombingeleli kum.” (Eks. 40:12, 13) Kucacile ukuba uYehova wamxolela uAron ngobuthathaka bakhe. UAron wayeluxhasa ngokunyanisekileyo unqulo lokwenyaniso, wayengengomnquli-zithixo onemvukelo.